“UYesu Krestu waThiya Igama iBandla laKhe,” Umhlobo, Dwarha 2021.
UMyalezo wangeNyanga Umhlobo, EyeDwarha 2021
UYesu Krestu waThiya Igama iBandla laKhe
UYesu Krestu waxelela uJoseph Smith ukuba makalithiye ntoni iBandla. Yena wathi liya kubizwa “IBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela.”
Amagama Yesu Krestu ayeyona nxalenye ebalulekileyo yegama leBandla. Kuba iliBandla likaYesu Krestu, lithiywe ngegama laKhe.
Abangcwele beMihla yokuGqibela kuthetha amalungu eBandla namhlanje.
Abaprofeti nabapostile bafundise ukuba ukusebenzisa igama elichanekileyo leBandla kubalulekile. Kunceda abanye bazi ukuba siyakholelwa kuYesu Krestu.
Xa abanye bendibuza ukuba ndikholelwani, ndingathi, “Ndikholelwa kuYesu Krestu. Mna ndingoweBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela.”
Iphepha lokufakela Imibala
NdiyaKholelwa kuYesu Krestu
Cofa kumfanekiso ukuze ukhuphele.
Umzobo ngu-Apryl Stott
Yintoni ekunceda ufunde malunga ngoYesu?
© 2021 yiIntellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe e-USA. Isivumelo sesiNgesi: 6/19. Isivumelo senguqulelo: 6/19. Inguqulelo yeMonthly Friend Message, October 2021. Xhosa 17474 774