Liyahona
UMsindisi wabo Bonke, iVangeli yabo Bonke
EyoKwindla 2024


“UMsindisi wabo Bonke, iVangeli yabo Bonke,” Liyahona, EyoKwindla 2024.

Umyalezo weNyanga Liyahona, EyoKwindla 2024

UMsindisi wabo Bonke, iVangeli yabo Bonke.

Ivangeli, iNtlawulelo, noVuko lukaYesu Krestu lusikelela bonke abantwana bakaThixo.

Umfanekiso
UKrestu nendoda enedumbe.

Christ and the Palsied Man [UKrestu nendoda eneDumbe], nguJ. Kirk Richards, awunakukotshwa.

Ivangeli ebuyisiweyo kaYesu Krestu, okokuqala, phambili, nangonaphakade, ngumthombo wolonwabo oluhlala luhleli, uxolo lokwenene, novuyo kuye wonke umntu kule mihla yokugqibela. Iintsikelelo eziphuma kwivangeli nakwisisa sikaKrestu esingasikelwanga mda azizange zenzelwe kuphela abambalwa abakhethiweyo, mandulo okanye kumaxesha ale mihla.

Nokuba siziva singafanelekanga kangakanani na, kwaye nangona izono ezinokusibhekelisa kuYe okwethutyana, uMsindisi wethu uyasiqinisekisa ukuba “uzolulile izandla zaKhe ku[thi] ebudeni bemini yonke” (Yakobi 6:4), esimema sonke ukuba size kuYe kwaye siluve uthando lwaKhe.

Iintsikelelo zeVangeli yalo Lonke iHlabathi

Ivangeli kaYesu Krestu ”ibuyiselwe kule mihla yokugqibela ukuhlangabezana nee … mfuno zezizwe zonke, izalamane, iilwimi, nabantu emhlabeni.”1 Ivangeli idlula bonke ubuzwe nebala ngeli lixa inqumla yonke imigca yenkcubeko ukufundisa ukuba “bonke bayafana kuThixo” (2 Nifayi 26:332 INcwadi kaMormoni ime njengobungqina obumangalisayo bale nyaniso.

Le ngxelo inkulu ingqina ukuba uKrestu ukhumbula zonke izizwe (bona 2 Nifayi 29:7) kwaye uya kuzibonakalisa “kubo bonke abo bakholelwa kuye, … [kwaye asebenze] imimangaliso emikhulu, imiqondiso, nemimangaliso, phakathi kwabantwana babantu” (2 Nifayi 26:13). Phakathi kwale mingaliso mikhulu, imiqondiso, nemimangaliso lusasazeko lwevangeli. Ngoko ke sithumela abafundisi bevangeli kulo lonke ihlabathi ukungqina ngeendaba zayo ezilungileyo. Kananjalo sabelana ngevangeli nabo basingqungileyo. Ukusetyenziswa kwezitshixo zobubingeleli obubuyiseweyo zabaphilayo nabafileyo kuqinisekisa ukuba ivangeli epheleleyo ekugqibeleni iza kufumaneka kuye wonke unyana nentombi zabazali bethu basezulwini—odlulileyo, owangoku, nozayo.

Intliziyo yale vangeli—umyalezo ongundoqo womprofeti ngamnye nompostile owakhe wabizelwa emsebenzini—kukuba uYesu unguKrestu kwaye nokuba Yena weza kusikelela wonke umntu. Njengamalungu eBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela, sibhengeza ukuba idini lentlawulelo yaKhe yenzelwe lonke ihlabathi.

IsiDingo seNtlawulelo engenaSiphelo neNgonaphade

Njengoko ndijikeleza ihlabathi, Ndibamba udliwano ndlebe noluhlu olubanzi lwamalungu eBandla. Kuyandikhuthaza ukuva indlela abaziva ngazo iintsikelelo zeNtlawulelo kaYesu Krestu kubomi babo, nkqu naxa bevuma isono esithile esikude. Imangalisa kangakanani na ukuba intuthuzelo yokucoca kweNtlawulelo yaKhe isoloko ifumaneka kuthi sonke!

“Kufuneka kubekho intlawulelo eyenziwayo,” uAmyuleki wabhengeza, “kungenjalo lonke uluntu kufuneka ngokungenakuphetshwa lutshabalale.” Besiya kuba njalo ngonaphakade “[si]wile kwaye … [si]lahlekile, … ngaphandle kokuba kwenziwe intlawulelo,” ekufuneka libe “lidini elingenasiphelo nelanaphakade.” Kuba “akunakubakho nto nganeno kwentlawulelo engenamda enokwanela izono zehlabathi” (Alma 34:9, 10, 12).

Umprofeti omkhulu uYakobi kananjalo wafundisa ukuba ngenxa yokuba “ukufa kwehla phezu kwabo bonke abantu … kumele kubekho amandla ovuko” ukusizisa kubukho bukaThixo (2 Nifayi 9:6).

Kunye isono nokufa kuyimfuneko ukuba zoyiswe. Lo yayingumsebenzi woMsindisi, lowo wawugqiba ngenkalipho esenzela bonke abantwana bakaThixo.

Umfanekiso
UKrestu eGetsemane

Gethsemane [Getsemane], ngu J. Kirk Richards, awunakukotshwa.

IDini loMsindisi Wethu

Ngobusuku baKhe bokugqibela kubomi basemhlabeni, uYesu Krestu wangena uMyezo weGetsemane. Apho, waguqa phakathi kweminquma waza waqalisa ukuhla wangena kwintlungu enzulu esingayi kuyazi mna nawe.

Apho, Yena waqalisa ukuthabathela kuYe izono zehlabathi. Yena waziva zonke iintlungu, intliziyo ebuhlungu, nosizi, kwaye Yena wanyamezela lonke unxunguphalo nentlungu efunyanwa nguwe, mna, nawo wonke umphefumlo owakhe waphila okanye oyakuze aphile. Le ntlungu inkulu nengenasiphelo “[ya]bangela [Yena],… onguyena mkhulu kubo bonke, angcangcazele ngenxa yentlungu, kwaye ophe kwiintunja zonke” (IMfundiso neMinqophiso 19:18). NguYe kuphela owayenokukwenza oku.

Kwakungekho omnye olunge ngokwaneleyo

Ukuhlawulela ixabiso lesono.

Nguye kuphela owayenokuvula amasango

Amazulu kwaye asingenise ngaphakathi.3

UYesu ke wathatyathelwa eKalvari, kwaye kwelona xesha libi kwimbali yeli hlabathi, Yena wabethelelwa emnqamlezweni. Akukho namnye owayenakho ukuthabatha ubomi baKhe kuYe. NjengoNyana kaThixo ekuPhela kwamZeleyo, Yena wayenawo amandla phezu kokufa komzimba. Yena wayenokuthandaza kuBawo waKhe, kwaye imikhosi yezithunywa zezulu yayinokuza ukoyisa abathuthumbisi baKhe kwaye ibonise ubukhosi baKhe phezu kwezinto zonke. “Bezingathini na ke oko ukuzaliseka izibhalo ezithi,” uYesu wabuza ekungcatshweni kwakhe, “kumele ukuba kube nje?” (Mateyu 26:54).

Ngenxa yentobeko egqibeleleyo kuBawo waKhe— nothando olugqibeleleyo ngathi—uYesu wabunikezela ubomi baKhe ngokuzithandela kwaye waligqiba idini, ebuyela emva kwixesha naphambili kuwo onke amaphakade.

ULoyiso loMsindisi Wethu

UYesu wayalela abaPostile baKhe ukuba baqhubeke nomsebenzi waKhe emva kokufa kwaKhe. Babezakuwenza njani? Uninzi lwabo babengabalobi nje abalula, kwaye kungekho namnye kubo owayeqeqeshelwe ubulungiseleli kwizindlu zesikhungo. Ngaloo mzuzu , iBandla likaKrestu kwakubonakala ukuba limiselwe ukuphela. Kodwa abaPostile bafumana amandla okuwufunqula umthwalo wobizo lwabo baze bayibumba imbali yehlabathi.

Yintoni eyabangela ukuba amandla eze ukusuka kubuthathaka obunjalo? Inkokheli nomfundi weBandla laseTshetshi uFrederic Farrar wathi: “Kukho inye, kwaye inye kuphela enokwenzeka impendulo—uvuko ekufeni. Lonke olu tshintsho lukhulu kangaka lwalungenxa yamandla ovuko lukaKrestu ekufeni.”4 Njengamangqina eNkosi evukileyo, abaPostile babesazi ukuba akukho nto inokuwunqanda lo msebenzi ekuqhubeleni phambili. Ubungqina babo babungumthombo wamandla agcinayo njengoko iBandla eliqalayo loyisa yonke imiqobo esendleni yayo.

Ngeli xesha lePasika, njengomnye wamangqina aKhe amiselweyo, ndibhengeza ukuba ngaloo ntsasa yangeCawa yayintle, iNkosi uYesu Krestu wavuka ekufeni ukomeleza thina kwaye waqhawulela amakhamandela okufa umntu wonke. UYesu Krestu uyaphila! Ngenxa yaKhe, ukufa ayisosiphelo sethu. UVuko sisipho sikaKrestu sasimahla kunye nesendalo kubo bonke.

Umfanekiso
UKrestu noMariya Magdalina engcwabeni

Christ and Mary at the tomb [uKrestu noMariya eNgcwabeni], nguJoseph Brickey

Yizani kuKrestu

Ivangeli neNtlawulelo kaYesu Krestu yeyabo bonke—oko kuthi, wonke umntu. Indlela ekuphela esifumana ngayo amava eentsikelelo ezipheleleyo zedini lentlawulelo loMsindisi kukuthi ngabanye samkele isimemo saKhe: “Yizani kum” (Mateyu 11:28).

Siza kuKrestu njengokuba sisebenzisa ukholo kuYe kwaye siguquke. Siza kuYe njengokuba sibhaptizwa egameni laKhe kwaye sifumane isipho soMoya oyiNgcwele. Siza kuYe njengokuba sigcina imithetho, sifumane imimiselo, siyihloniphe iminqophiso, samkele amava etempileni, kwaye siphile uhlobo lobomi abalandeli bakaKrestu ababuphilayo.

Ngamanye amaxesha, uya kujongana nokutyhafiswa nokudana. Intliziyo yakho inokwaphukela wena okanye umntu omthandayo. Usenokusindwa zizono zabanye. Iimpazamo ozenzileyo—mhlawumbi ezinobuzaza—zinokubangela woyike ukuba uxolo nolonwabo zikushiye ngonaphakade. Ngamaxesha anjalo, khumbula ukuba uMsindisi akaphakamisi mithwalo yesono kuphela kodwa kananjalo “[wee]va iintlungu neembandezelo, nezihendo zazo zonke iindidi” (Alma 7:11), kuquka nezakho! Ngenxa yezinto athe wadlula kuzo ngenxa yakho, Yena uyazi buqu indlela yokunceda wena njengokuba usamkela isimemo saKhe esitshintsha ubomi: “Yizani kum.”

Bonke baMkelekile

UYesu Krestu ukwenze kwacaca ukuba bonke abantwana bakaBawo waseZulwini banebango elilinganayo kwiintsikelelo zevangeli neNtlawulelo yaKhe. Yena uyasikhumbuza thina ukuba “bonke abantu banelungelo elilodwa omnye njengonye kwaye akukho namnye owalelweyo” (2 Nifayi 26:28).

“Yena umema bonke ukuba beze kuye baze baxhamle kuko ukulunga kwakhe; kwaye akaleli namnye oza kuye omnyama nomhlophe, umthinjwa kwanokhululekileyo, indoda nomfazi;” (2 Nifayi 26:33).

“Uya bamema bonke”—oko kuthetha ukuba thina sonke! Asimelanga kubeka uphawu ngokwembonakalo yangaphandle nomahluko owenziweyo kwiziqu zethu okanye kwabanye. Singaze sinyanyamezele nawuphina umqobo kuthando loMsindisi okanye sicingisise iingcinga zokuba thina okanye abanye bangaphaya kokufikelela kwaKhe. Njengoko nditshilo ngaphambili, “Ayinakwenzeka na[kubani] na into yokuzikela ngaphantsi kokuqaqamba kokukhanya okungenasiphelo kweNtlawulelo kaKrestu.”5

Endaweni yoko, njengoko uSister Holland nam safundisa kwiinyanga ezimbalwa phambi kokuba asweleke, siyalalwe ukuba “sibe nothando lwenene, thando olo lwenene luthando” (2Nifayi 26:30).6 Olu luthando oluboniswa nguMsindisi kuthi, kuba “Ayenzi nayiphina into ngaphandle kokuba ibe luncedo lwehlabathi, kuba iyalithanda ihlabathi, ngokude inikezele ngobomi bayo, ukuze itsalele bonke abantu kuyo” (2Nifayi 26:24).

Ndiyangqina ukuba ivangeli neNtlawulelo kaYesu Krestu yeyabantu bonke. Ndiyathandaza ukuba niya kuzamkela ngovuyo iintsikelelo Yena azizisayo.

Amanqaku

  1. UHoward W. Hunter, “The Gospel—A Global Faith,” Ensign, Eyokwindla 1991, 18.

  2. Bona uHoward W. Hunter, “All Are Alike unto God” (Brigham Young University fireside, EyoMdumba 4, 1979), 1–5, speeches.byu.edu.

  3. There Is a Green Hill Far Away,” Hymns, inombolo 194

  4. UFrederic W. Ferrar, The Life of Christ (1994), 656.

  5. UJeffrey R. Holland, “The Laborers in the Vineyard,” Liyahona, Canzibe 2012, 33.

  6. UJeffrey R. Kwa noPatricia T. Holland, “A Future Filled with Hope” (worldwide devotional for young adults, Jan. 8, 2023), broadcasts.ChurchofJesusChrist.org.

Shicilela