“UYakobi noNifayi baBona uYesu,” Umhlobo, EyoKwindla 2024, 26–27.
Umyalezo wangeNyanga Umhlobo, EyoKwindla 2024
UYakobi noNifayi baBona uYesu
UYakobi wayengumninawa kaNifayi Wazalwa emveni kokuba usapho lwabo lumkile eYerusalem. Uyakobi wafika kwilizwe ledinga engumntwana.
UYakobi noNifayi bobabini babona uYesu Krestu. Babelana ngobungqina babo neentsapho zabo ukuzinceda zifunde ngoYesu.
Bona babelana ngamazwi omprofeti u-Isaya. U-Isaya kananjalo wambona uYesu kwaye wabhala ngokumalunga naYe kwizibhalo. UYakobi noNifayi basebenzisa amazwi ka-Isaya akwizibhalo ukufundisa iintsapho zabo malunga noYesu.
Bafundisa ukuba uYesu wayeza kuza emhlabeni. Yena wayeza kufa kwaye abuye avuke kwakhona. Babelana ngobungqina babo buka Yesu Krestu ukuze iintsapho zabo zibe nokujonga phambili ekuzeni kwaKhe.
Iphepha lokufakela Imibala
UYesu nguMsindisi Wethu.
Umfanekiso ngu-Adam Koford
Uluva nini uthando lukaYesu?
© 2024 yi Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly Friend Message, March 2024. Xhosa. 19287 774