Liyahona
UMsebenzi oMkhulu weNkosi neThuba Lethu Elikhulu
EyeKhala 2024


“UMsebenzi oMkhulu weNkosi neThuba lethu Elikhulu,” Liyahona, EyeKhala 2024.

UMyalezo weNyanga weLiyahona, EyeKhala 2024

UMsebenzi oMkhulu weNkosi neThuba Lethu Elikhulu

Xa sithanda, sisabelana, kwaye simema, sisebenzisana neNkosi ekuncedeni umphefumlo ngamnye oxabisekileyo uze kuYe.

Umfanekiso
Abafazi ababini bayathetha njengoko behamba esitratweni

Wonke umprofeti kweli xesha lokugqibela, elikhulu lokuzihlanganisela ufundise amalungu eBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela ukwabelana ngevangeli ebuyisiweyo likaYesu Krestu. Kwixesha lobomi bam, imizekelo emininzi iza engqondweni:

UMongameli David O.McKay (1873-1970), umprofeti wobutsha bam, wabhengeza, “Ilungu ngalinye ngumfundisi wevangeli.”

UMongameli Spencer W. Kimball (1895 - 1985) wafundisa, “Umhla wokuhambisa ivangeli kwiindawo nakubantu abaninzi ulapha kwaye ungoku,” kwaye “kufuneka sandise umgama wethu” ekwabelaneni nabanye ngevangeli.

UMongameli Gordon B. Hinckley (1910–2008) wathi: “Mkhulu umsebenzi wethu, lukhulu uxanduva lwethu ekufumaneni abo sobafundisa. INkosi isinike igunya lokufundisa ivangeli kumntu wonke. Oku kuya kuthatha iinzame [zethu] zingcono kakhulu.”

Kwaye uMongameli Russell M. Nelson uye wafundisa: “Umsebenzi woBufundisi bevangeli yinxalenye ebalulekileyyendibano enkulu kaSirayeli. Loo ndibano ngowona msebenzi ubalulekileyo owenziwa emhlabeni namhlanje. Akukhonto nanye enokuthelekiswa nayo ngobukhulu. Akukhonto nanye enokuthelekiswa nayo ngokubaluleka. Abafundisi bevangeli beNkosi—abafundi baKhe—bazibandakanya kowona mngeni mkhulu, eyona imbangi inkulu, owona msebenzi mkhulu emhlabeni namhlanje.”

Ndafikelela ekukwazini oku ngokwam njengomfundisi wevangeli osemtsha kubuFundisi baseBritane. Ndiqinisekile nangakumbi ngawo namhlanje. NjengoMpostile weNkosi uYesu Krestu, ndiyangqina ukuba amathuba akuyo yonke indawo okunceda abanye baze kuKrestu ngokubonisa uthando lwethu, ukwabelana ngeenkolelo zethu, kwaye ukubamema ukuba bazibandakanye nathi ukuze bafumane uvuyo lwevangeli kaYesu Krestu.

UMsebenzi Uqhubela Phambili

Ndibe nenyhweba yokuba kwisabelo kwiSebe laBafundisi beVangeli leBandla xa uhlelo lokuqala lweShumayelani iVangeli Yam lwathi lwaziswa ngo-2004, kwaye kwakhona xa uhlelo lwesibini lukhutshwa ngo-2023. Ndiyakholelwa ukuba incwadana ethi Shumayelani iVangeli Yam iwusikelele umsebenzi wobufundisi bevangeli ngendlela enzulu.

Isicaphulo esitsha sika Shumayelani iVangeli Yam siqulathe yonke into esiyifunde ukususela ngo-2004, umkhombandlela ophefumlelweyo ovela kulo lonke ilungu loBongameli bokuQala kunye neQumrhu labaPostile abaliShumi elineSibini, kunye neenguqu ezenzelwe ukwabelana ngevangeli kwixesha ledijithali. Ezinye zezinguqu zibangele impumelelo ephawulekayo.

Sifumanise ukuba ukwabelana ngevangeli ngendlela elula, eqhelekileyo, nangendalo ngokusebenzisa imigaqo “yothando, yokwabelana, nomema” ibusikelele kakhulu ubukumkani. UYesu Krestu washumayela ngale ndlela ivangeli xa wayephila emhlabeni. Wabelana ngoBomi noThando lwaKhe kwaye wamema wonke umntu ukuba eze kuYe (bona Mateyu 11:28). Ukuthanda, ukwabelana, nokumema njengoko Yena ebesenza kuyintsikelelo noxanduva lwelungu ngalinye leBandla.

Qala ngoThando

Emyezweni waseGethsemane nasemnqamlezweni, uYesu Krestu wathabathela kuYe izono zehlabathi kwaye weva lonke usizi “neentlungu, neembandezelo nezihendo zazo zonke iindidi” (Alma 7:11). Oku “kwenza ukuba [Yena], … onguyena mkhulu wabo bonke, angcangcazele ngenxa yentlungu, kwaye ophe kwiintunja zonke“ (IMfundiso neMinqophiso 19:18). NgeNtlawulo yaKhe kunye noVuko Ekufeni, uYesu Krestu wenze usindiso kunye nokuphakanyiswa kube nokwenzeka kubo bonke.

Ukuguqukela kuMsindisi kwaye sicinge ngakho konke asenzele kona kudala intliziyo ezaliswe luthando kuYe. Yena emva koko uguqulela iintliziyo zethu kwabanye kwaye usiyalela ukuba sibathande (bona Yohane 13:34–35) kwaye sabelane ngevangeli yaKhe kunye nabo (bona Mateyu 28:19; Marko 16:15). Ukuba abo sibangqongileyo banokuziva ukuba sibathanda ngenene kwaye sibakhathalele, baya kuzivula iintliziyo zabo kwimiyalezo yethu, njengokuba uKumkani uLamonayi wayivula intliziyo yakhe ukuze amkele ivangeli ngenxa yothando luka-Amon kunye nenkonzo yakhe (bona Alma 17–19).

Xa sisabelana ngevangeli, masiqale ngothando. Njengoko sifikelela kwabanye ngothando—sikhumbula ukuba bangabazalwane noodade bethu kunye nabantwana abathandekayo bakaBawo wethu waseZulwini—amathuba ayakusivelela ukuba sabelane ngento esiyaziyo ukuba iyinyani.

Zibandakanye Ngokuxhina kwaye Yabelana

Akukho namnye owayezinikele ekwabelaneni ngevangeli njengoMongameli M. Russell Ballard (1928–2023). Kwintetho yakhe yokugqibela yenkomfa jikelele, wangqina, “Enye yezinto zizukileyo nezimangalisayo anokuthi nabani na kweli hlabathi azazi (kukuba) uBawo wethu waseZulwini kunye neNkosi uYesu Krestu Bazibonakalisile ngomhla wokugqibela kwaye uJoseph [Smith] uphakanyiselwe ukubuyisela inzaliseko yevangeli yanaphakade kaYesu Krestu.”

Kubo bonke ubomi bakhe, nakuninzi lwehlabathi, uMongameli Ballard waxhinela ukuzinikela ekwabelaneni ngalo myalezo uxabisekileyo kuye wonke umntu. Wasikhuthaza nathi ukuba senze ngokufanayo. Wafundisa ukuba sabelana ngevangeli “ngokuba ngabamelwane abalungileyo kwaye nangokukhathala nokubonisa uthando.” Ngokwenza njalo, “singenza ivangeli ikhazimle ebomini bethu, kwaye … kukhazimle kubanye intskilelelo eziziswa yivangeli.” Thina kananjalo “sinika ubungqina bento e[si] yaziyo nesiyi kholelwayo kunye ne[si]yi vayo.” UMongameli Ballard wafundisa, “Ubungqina obunyulu … bunokuthwalwa ngamandla oMoya oyiNgcwele ezintliziyweni zabanye abavulekele ukuyamkela.”

Ukwabelana ngevangeli ebuyisiweyo kaYesu Krestu yayingowona mnqweno omkhulu wentliziyo kaMongameli Ballard. Sinako ukuba sixhinele ukuzinekela—njengoko wayenjalo—ekwabelaneni ngevangeli ngelizwi nangezenzo. Asinakuze sazi ukuba ngubani phakathi kwethu okhangela ukukhanya kwevangeli kodwa engazi ukuba angakufumana phi (bona IMfundiso neMinqophiso 123:12).

Umfanekiso
Amadoda amabini anyuka izinyuko

Nikezela iziMemo ezisuka eNtliziyweni

Ekuncedeni abanye beze kuKrestu, sibamema ukuba bafumane uvuyo oluziswa nguMsindisi kunye nevangeli yaKhe. Singakwenza oku ngokubamema ukuba beze kumsebenzi othile, bafunde iNcwadi kaMormoni, okanye badibane nabafundisi bevangeli. Kananjalo singadlulisela isimemo esisuka entliziyweni kubo ukuba baye kwintlanganiso yomthendeleko kunye nathi.

Sizimasa intlanganiso yomthendeleko qho ngeveki “ukunqula uThixo kwaye sithabathe umthendeleko ukukhumbula uYesu Krestu nentlawulo yaKhe.” Eli lixesha elifanelekileyo lokuba abantu bave uMoya, basondele kuMsindisi, kwaye bomeleze ukholo lwabo kuYe.

Njengoko sikhangela iindlela zokuthanda, sabelane, nokumema, ucwangciso nemizamo yethu kufuneka ibandakanye ukunceda abantu ukuba baye kwintlanganiso yomthendeleko. Ukuba bayasamkela isimemo sethu kwaye bazimase intlanganiso yomthendeleko, kunokwenzeka nangakumbi ukuba baqhubeke nendlela eya kubhaptizo nenguquko. Ndiyakholwa ngentliziyo yam yonke ukuba impumelelo enkulu iyakuza xa simema abanye ukuba baye kwintlanganiso yomthendeleko kwaye sibancede baqonde iintsikelelo abanokuthi bazifumane ngokwenza njalo.

INkosi Iya kuSiKhokela

Asazi ukuba zeziphi iimpumelelo nemingeni esiya kuba nayo njengoko sithanda, sisabelana, kwaye simema. Oonyana bakaMozaya “babheke phambili besuke kwisixeko baye kwesinye, nakwenye indlu yokunqula ukuya kwenye, … phakathi kwamaLaymenayithi, ukuba bashumayele kwaye bafundise ilizwi likaThixo phakathi kwawo; baza njalo baqalisa ukuba nempumelelo enkulu.“ Ngemigudu yabo, “abangamawaka baziswa kulwazi lweNkosi,” kwaye abaninzi “aguquka … (yaye) akazange akreqe” (Alma 23:4–6).

Nangona oku kungasayi kuhlala kungamava ethu, iNkosi ithembisile ukuba iyakusebenza kunye nathi kuba yonke imiphefumlo ixabisekile kuYo. Njengokuba sibeka ithemba lethu eNkosini kwaye sizibandakanya enkonzweni yaKhe, Yena uyakusikhokela kwindlela yokwabelana nabanye ngevangeli yaKhe ngokubathanda, sabelane ngobomi bethu nangobungqina kunye nabo, kwaye sibameme ukuba bazimanye nathi ekumlandeleni Yena.

“Luya kuba lukhulu uvuyo [lwethu]” (IMfundiso neMinqophiso 18:15) xa sithabatha amathuba asingqongileyo ukuze sincede iNkosi uYesu Krestu kumsebenzi waYo omkhulu wokuzisa imiphefumlo kuYo.

Inqaku

  1. Teachings of Presidents of the Church: David O. McKay (2003), xxii.

  2. Teachings of Presidents of the Church: Spencer W. Kimball (2006), 261, 262.

  3. Gordon B. Hinckley, “Find the Lambs, Feed the Sheep,” Liahona, EyeKhala 1999, 121. Le ntetho yanikezelwa ngeyoMdumba 21, 1999, ngexesha losasazo lwesathelayithi oluvela kuMnquba waseSalt Lake.

  4. Russell M. Nelson, “The Everlasting Covenant,” Liyahona, EyeDwarha. 2022, 9.

  5. M. Russell Ballard, “Praise to the Man,” Liahona, EyeNkanga. 2023, 74.

  6. M. Russell Ballard, “The Essential Role of Member Missionary Work,” Liahona, uCanzibe 2003, 40.

  7. M. Russell Ballard, “Remember What Matters Most,” Liahona, uCanzibe 2023, 107.

  8. Shumayelani iVangeli Yam: ISikhokelo eKwabelaneni ngeVangeli kaYesu Krestu (2023), 88.

  9. Bona Shumayelani iVangeli Yam, 172.

Shicilela