“UAron uFundisa uKumkani,” UMhlobo, EyeKhala 2024, 26–27.
UMyalezo weNyanga Umhlobo, EyeKhala 2024
UAron uFundisa uKumkani
UAron wayengomnye woonyana baka-Mozaya. Waye ngumfundisi wevangeli. Yena wafundisa ukumkani wamaLeyimenayithi owongamele wonke umhlaba.
U-Aron wambuza ukumkani ukuba uyakholelwa na kuThixo. Ukumkani wathi uyakukholelwa ukuba uAron umxelele ukuba uThixo ngumntu wokwenene. Wacela uAron ukuba amazise banzi ngoThixo.
UAron wafundela ukumkani izibhalo. Yena ufundise ngendalo yomhlaba. Yena ufundise ngecebo likaThixo. Yena wamxelela ukumkani ngoYesu Krestu.
Emva koko, ukumkani wathandaza. Yena wabuza kuThixo ukuba oko kwakuthethwa nguAron kuyinyaniso na. Ukumkani wayifumana impendulo yokuba kwakuyinyani!
Ukumkani wayikholelwa into eyayifundiswa nguAron. Kwaye nabo bonke abasendlini yakhe bakholelwa. Babhaptizwa kwaye bakhetha ukulandela uYesu Krestu.
Iphepha lokufakela Imibala
Ndingalandela uYesu ngokuBonisa uThando
Umfanekiso ngu-Adam Koford
Ulubonisa njani uthando kwabanye?
© 2024 by Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly Friend Message, July 2024.Xhosa.19045 774