Yizani, Nindilandele 2024
Uguquko yiNjongo Yethu


“Uguquko yiNjongo Yethu,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: iNcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“Uguquko yiNjongo Yethu,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024

Umfanekiso
uyise nabantwana betyisa imvana

Uguquko yiNjongo Yethu

Injongo yalo lonke ufundo kunye nofundiso lwevangeli kukwenza nzulu uguquko lwethu kwaye lusincede sifane noYesu Krestu ngakumbi. Ngesi sizathu, xa sifunda ivangeli, asikhangeli nje kuphela iinkcukacha ezintsha; sifuna ukuba sibe “sisidalwa esitsha” (2 abaseKorinte 5:17). Oku kuthetha ukuthembela kuBawo oseZulwini kunye noYesu Krestu ukuba basincede siguqule iintliziyo zethu, iimbono zethu, izenzo zethu, kunye neemvelo zethu.

Kodwa uhlobo lofundo lwevangeli oluthi lomeleze ukholo lwethu kwaye lukhokelele kummangaliso woguquko alwenzeki lonke ngexesha elinye. Lona lugqithela ngaphaya kwegumbi lokufundela lungene phakathi entliziyweni nasekhayeni lomntu. Lona lufuna iinzame ezingaguqu‑guqukiyo, nezemihla ngemihla zokuqonda kunye nokuphila ivangeli. Uguquko olunyanisekileyo lufuna impembelelo yoMoya oyiNgcwele.

UMoya oyiNgcwele usikhokelela enyanisweni kwaye unika ubungqina ngaloo nyaniso (bona Yohane 16:13). Yena ukhanyisela iingqondo zethu, utyhila ukuqonda kwethu, kwaye uchukumisa iintliziyo zethu ngesityhilelo esivela kuThixo, umthombo wayo yonke inyaniso. UMoya oyiNgcwele uhlambulula iintliziyo zethu. Uphembelela ngaphakathi kuthi umnqweno wokuphila ngokwenyaniso, kwaye Yena uyasisebezela iindlela zokwenza oku. Ngokunyanisekileyo, “uMoya oyiNgcwele … uya ku[si]fundisa zonke izinto” (Yohane 14:26).

Ngezi zizathu, kwiinzame zethu zokuphila, zokufunda, kunye nokufundisa ivangeli, kumele kuqala nokubalulekileyo sifune ubudlelwane boMoya. Le njongo kumele ilawule konke oko sikukhethayo kwaye ikhokele iingcinga zethu kunye nezenzo zethu. Thina kumele sifune konke okumema impembelelo yoMoya kwaye sale konke okuqhubela loo mpembelelo kude—kuba siyazi ukuba sinokufanela ubukho boMoya oyiNgcwele, singakwazi ukufanela ukuphila kubukho bukaBawo oseZulwini kunye noNyana waKhe, uYesu Krestu.

Shicilela