Yizani, Nindilandele 2024
Ukusebenzisa Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla


“Ukusebenzisa Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: iNcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“Ukusebenzisa Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024

Umfanekiso
usapho lufunda izibhalo

Ukusebenzisa Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla

Senzelwe Bani Esi siXhobo?

Esi sixhobo sesakhe nabani na ofuna ukufunda kwiNcwadi kaMormoni—eyedwa okanye njengosapho, kwaye nasemagumbini eBandla Ukuba ukhe awazifunda izibhalo rhoqo kwixesha elidlulileyo, esi sixhobo singakunceda uqalise. Ukuba sele unaso isimo esilungileyo sokufunda ivangeli, esi sixhobo singakunceda ubenamava anentsingiselo.

Abantu ngabanye neeNtsapho eKhaya

Eyona ndawo efanelekileyo yokufunda ngevangeli kusekhaya. Iititshala zakho ebandleni zingakuxhasa, kwaye ungafumana inkuthazo kumanye amalungu ewadi. Kodwa ukuze uphile ngokwasemoyeni, wena nosapho lwakho nidinga ukondliwa “ngelizwi elilungileyo likaThixo” (Moronayi 6:4).

Sebenzisa esi sixhobo nangayiphi na indlela esiluncedo kuwe. Izishwankathelo zigqamisa imigaqo ebalulekileyo efumaneka kwiNcwadi kaMormoni kwaye zicebisa ngezimvo kunye nemisebenzi yokukuncedisa ufunde izibhalo uwedwa, nosapho lwakho, okanye abahlobo bakho. Njengoko ufunda, landela isikhokelo sikaMoya ukufumana iinyaniso zanaphakade ezinentsingiselo kuwe. Khangela imiyalezo kaThixo kuwe, kwaye ulandele iimpembelelo ozifumanayo

Iititshala naBafundi eBandleni

Xa ufundisa Abantwana Abancinane, ulutsha okanye Isikolo seCawe, iQumrhu lobuBingeleli buka- Aron, okanye ibanga laMantombazane Aselula, uyakhuthazwa ukuba usebenzise ulwandlalo lwesi sixhobo njengoko ulungiselela ukufundisa. Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla yikharikhulam yeklasi yakho yeCawe. Izimvo zokufundisa kwesi sixhobo zisekelwe ukufundisa ekhaya kwaye nasebandleni. Njengoko ulungiselela ukufundisa, qalisa ngokuba nawakho amava kwizibhalo. Olona lulungiselelo lubalulekileyo luyakwenzeka njengoko uphendla izibhalo kwaye ufuna impembelelo kaMoya Oyingcwele. Khangela iinyaniso zanaphakade ezikuncedayo ukuba wenziwe ngakumbi njengoBawo waseZulwini kunye noYesu Krestu. uYizani, Nindilandele angakunceda ukuba uchonge ezinye zezi nyaniso kwaye uqonde imeko yezibhalo.

Uze ukhumbule ukuba ukufunda ivangeli, ngokukuko, kusekelezwe ekhaya kuncediswa liBandla. Ngamanye amazwi, olona xanduva lwakho kukuxhasa abantu obafundisayo kwimigudu yabo yokufunda kwaye bayiphile ivangeli ekhaya. Banike amathuba okwabelana ngamava wabo, iingcingane, kwaye nemibuzo malunga nezicatshulwa zesibhalo. Bameme ukuba babelane ngeenyaniso zanaphakade abazifumeneyo. Oku kubalulekile ngaphezu kokugqiba umyinge othile wento enokwenziwa.

Abantwana

Amalungiselelo okufundisa Abantwana Abancinane aqalisa njengoko uzifundela iNcwadi KaMormoni kunye nosapho lwakho. Njengoko ufunda, vuleleka kwiimvakalelo kunye neengqiqo zikaMoya oyiNgcwele malunga nabantwana kwi gumbi lakho laBantwana Abancinane. Soloko uthandaza, kwaye uMoya uyakukuphembelela ngezimvo zokubanceda bafunde ivangeli ka Yesu Krestu.

Njengoko ulungiselela ukufundisa, ungafumana impembelelo eyongezelelweyo ngokuphonononga izimvo zokufundisa kwesi sixhobo. Ulwandlalo ngalunye ku Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla lunesiqendu esibizwa “Iingcebiso zokuFundisa Abantwana”. Cinga ngezi zimvo njengamacebiso okubanga eyakho impembelelo. Uyabazi abantwana kwiklasi yakho yaBantwana aBancinane—kwaye uzakubazi kangcono ngokuya unxibelelana nabo. UThixo naye Uyabazi, kwaye Uyakukuphembelela ngendlela ezigqibeleleyo zokubafundisa kwaye nokubasikelela.

Kusenokwenzeka ukuba abantwana kwiklasi yakho sele beyenzile eminye yale misebenzi ku Yizani Nindilandele neentsapho zabo. Kulungile. Ukuphindaphinda kulungile. Cinga ngokumema abantwana ukuba babelane omnye nomnye oko bakufunde emakhaya—nangona kufuneka uyile iindlela abantwana abangathatha inxaxheba ngayo nokuba abafundi ekhaya. Abantwana bafunda iinyaniso zevangeli ngempumelelo xa ezi nyaniso ziphindaphindwa kwimisebenzi eyahlukeneyo. Ukuba uyafumana ukuba umsebenzi wokufunda uneziphumo ezihle ebantwaneni, cinga ngokuwuphindaphinda, ingakumbi xa ufundisa abantwana abancinane. Usenokuhlola umsebenzi kwisifundo esigqithileyo.

Ngeenyanga ezineeCawe ezintlanu, ootitshala baBantwana Abancinane bayakhuthazwa ukuba bathathe indawo yolwandlalo olucwangcisiweyo luka Yizani, Nindilandele ngeCawe yesihlanu omnye okanye ngaphezulu yale misebenzi yokufunda ku “Isihlomelo B: EyaBantwana—Ukulungiselela Abantwana Ubomi Bonke kwiNdlela yoMnqophiso kaThixo.”

Iiklasi zolutsha neye Sikolo Secawa Yabadala

Isizathu esinye sokuhlangana kwiklasi yesikolo Secawa kukuba sixhasane kwaye sikhuthazane omnye nomnye njengoko sizama ukulandela uYesu Krestu. Indlela elula yokwenza oku kukubuza umbuzo onje “Yintoni oyifundiswe nguMoya Oyingcwele kule veki njengoko ubufunda iNcwadi kaMormoni no Yizani, Nindilandele?” Iimpendulo kulo mbuzo zingakhokelela kwiingxoxo ezinentsingiselo ezinokulwakha ukholo kuYesu Krestu nevangeli Yakhe.

Kanti ungamemela iingxoxo ezisekwe kwiingcebiso ku Yizani, Nindilandele. Umzekelo, ingcebiso yokufunda ingacebisa ukuphonononga Alma 36 kwaye ukwenza uluhlu lwamagama afundisa ngendima yoMsindisi ngokuzohlwaya. Ungacela amalungu eklasi ukuba abelane kwaye athethe ngamazwi athe awafumana. Okanye nisenokuchitha ixesha nisenza uluhlu kunye njenge klasi.

AmaQumrhu obuBingeleli buka-Aron kunye neeKlasi zamaNtombazana Aselula

Xa kuhlangana amaQumrhu obuBingeleli buka-Aron kunye neeKlasi zamaNtombazana Aselula ngeecawe, eyabo injongo ibuhluka kuneyeklasi yeSikolo seCawa. Ukongeza ekuncediseni omnye nomnye ngokufunda ivangeli kaYesu Krestu, la ma qumrhu futhi ayahlangana ukucebisana ngokuphumelelisa umsebenzi wosindiso nokuphakanyiswa (bona General Handbook: Serving in The Church of Jesus Christ of Latter-day Saints, 1.2). Oku bakwenza phantsi kwesikhokelo sobongameli bee klasi zamaqumrhu.

Ngenxa yesi sizathu, iqumrhu ngalinye okanye intlanganiso yeklasi ifanele ukuqala ngelungu lequmrhu okanye ubongameli beklasi bukhokele ingxoxo ngeenzame zoku, umzekelo, ukuphila ivangeli, ukuvelela abo basweleyo, ukwabelana ngevangeli,okanye ukuthatha inxaxheba etempileni kunye nomsebenzi ngembali yosapho.

Emva kweli xesha lokucebisana kunye, uMfundisi ukhokela iklasi okanye iqumrhu ekufundeni ivangeli kunye. Iinkokheli ezindala okanye amalungu eklasi okanye iqumrhu bangamiselwa ukuba bafundise. Ubongameli beklasi okanye iqumrhu, ngokubonisana neenkokheli, wenza olu lwabiwo.

Abantu ababelwe ukufundisa mabazilungiselele ngokusebenzisa amacebiso okufunda kulwandlalo lweveki ku Yizani, Nindilandele. Kulwandlalo ngalunye, lo mfanekiso ubonisa umsebenzi ofanele ncakasana nolutsha. Nokuba, nawaphina amacebiso kulwandlalo angasetyenziswa njengomsebenzi wokufunda wolutsha.

Isampulu ye agenda yentlanganiso yequmrhu okanye iklasi, bona isihlomelo D.

Shicilela