Yizani, Nindilandele 2024
EyoMdumba 12–18: “Sihlale Ngohlobo loLonwabo.” 2 Nifayi 3–5


EyoMdumba 12–18: ‘Sihlale Ngohlobo loLonwabo.’ 2 Nifayi 3–5,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: INcwadi kaMormoni 2024 (2024)

“EyoMdumba 12–18. 2 Nifayi 3–5,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2024)

Umfanekiso
UNifayi nenkosikazi yakhe

EyoMdumba 12–18: “Sihlale Ngohlobo loLonwabo”

2 Nifayi 3–5

Ukufunda u1 Nifayi, usenokufumana imvakalelo yokuba uNifayi wayemkhulu ngandlela ithile kunobomi. “[E]mkhulu ngomzimba,” ngokubini ngokwasenyameni nasemoyeni (1 Nifayi 2:16), wayebonakala engashukunyiswa zizilingo awayejamelene nazo. Okanye ubuncinci yiloo nto esinokuyicingela. Ngelixa ukholo lukaNifayi lwaluphawuleka, amazwi akhe athambileyo ku 2 Nifayi 4 atyhila ukuba kwanabona bantu bathembekileyo ngamanye amaxesha baziva “lusizi” kwaye “ngokulula [bakhathazwe]” zizilingo. Apha sibona umntu ozamayo, ofuna ukuvuya, kodwa “intliziyo [yakhe] iyancwina ngenxa yezono [zakhe].” Singazinxulumanisa noku nokuzimisela okunethemba okulandelayo: “Nangona kunjalo, ndiyamazi endithembele kuye.” (bona 2 Nifayi 4:15–19

Ngelixa uNifayi nabantu bakhe bafunda ukuphila “ngohlobo lolonwabo” (2 Nifayi 5:27), bafunda kananjalo ukuba ulonwabo aluzi lula okanye ngaphandle kwamaxesha osizi. Ekugqibeleni luvela ekuthembeni eNkosini, “oliliwa lobulungisa [bethu]” (2 Nifayi 4:35).

Izimvo zokuFunda eKhaya naseBandleni

Umfanekiso
umfanekiso wemfundo yolutsha

2 Nifayi 3:6–24

UJoseph Smith wamiselwa kwangaphambili ukuba abuyisele ivangeli.

ULihayi wabelana kunye nonyana wakhe uYosefu isiprofeto esinikwe nguYosefu waseYiputa. Isiprofeto sasimalunga “[ne]mboni ekhethekileyo,” uJoseph Smith. Imiqolo 6–24 ithi uJoseph Smith uyakukwenza ntoni ukusikelela abantu bakaThixo? Cinga ngendlela umsebenzi kaJoseph Smith ube “lixabiso elikhulu” ngayo kuwe?   Cinga ngemibuzo efana nale, kwaye ucinge ngokubhala iimpendulo zakho:

  • Wazi ntoni ngoBawo oseZulwini noYesu Krestu ngenxa yoko wakufundisayo uJoseph Smith?

  • Bahluke njani ubomi bakho ngenxa yento eyabuyisiwe yiNkosi ngoJoseph Smith?

  • Ubomi bakho bebuya kuba njani ukuba uBuyiselo bebungenzekanga?

Inxalenye ebalulekileyo yomsebenzi kaJoseph Smith yayikukuzisa ngaphambili iNcwadi kaMormoni. Ufunda ntoni kwesi sahluko malunga nokuba kutheni iNcwadi kaMormoni ibalulekile? Ngokukodwa, ungakhangela izizathu kwimiqolo 7, 11–13, 18–24.

Bona kananjalo Uguqulelo lukaJoseph Smith, Genesis 50:24–38 (kwisihlomelo seBhayibhile).

Umfanekiso
uMprofeti uJoseph Smith

Prophet of the Lord [UMprofeti weNkosi], nguDavid Lindsley

2 Nifayi 4:15–35

“Owu Nkosi, ndithembele kuwe.”

UNifayi wathi uya “[ku]bhala izinto zomphefumlo wam,” (umqolo 15 Njengokuba ufunda oko wakubhalayo ku 2 Nifayi 4:15–35 zibuze, “Ziintoni izinto zomphefumlo wam?” Cinga ngokuzibhala phantsi, njengoko uNifayi wenzayo, kwaye wabelane ngazo nabantu obathandayo.

Ukubona indlela uNifayi awafumana ngayo ukuthuthuzeleka xa wayeziva esongamelwe kwaye exhalabile kungakunceda xa uneemvakalelo ezifanayo. Jonga kwimiqolo 15–35 izicatshulwa ezikuzisela intuthuzelo. Ngaba ukho omnye umntu omaziyo onokufumana intuthuzelo kwezi zicatshulwa?

 

2 Nifayi 5

Ndingafumana ulonwabo ekuphileni ivangeli kaYesu Krestu.

Ucinga ukuba kuthetha ukuthini ukonwaba? UNifayi wabhala ukuba abantu bakhe baphila “ngohlobo lolonwabo” (2 Nifayi 5:27). Ungakhangela ukhetho uNifayi nabantu bakhe abalwenzayo olwabanceda ukuba bonwabe (bona, ngokomzekelo 2 Nifayi 5:6, 10–17). Yintoni enokukunceda wakhe ubomi bolonwabo njengabantu bakaNifayi?

1 Nifayi 5:20–21

Sasithini isiqalekiso esafika phezu kwamaLeymenayithi?

Ngomhla kaNifayi isiqalekiso samaLemayithi yayikukuba babe “sikelw[e] ngaphandle kobukho beNkosi … ngenxa yobugwenxa babo” (2 Nifayi 5:20–21). Oku kwakuthetha ukuba umoya weNkosi wawurhoxisiwe kubomi babo. Xa amaLeymenayithi kamva amkela ivangeli kaYesu Krestu, ”isiqalekiso sikaThixo asaphinda sibalandele” (Alma 23:18).

INcwadi kaMormoni kananjalo ithi uphawu lwesikhumba esimnyama lweza phezu kwamaLeymenayithi emva kokuba amaNifayithi ohluliwe kuwo. Ubume nenkangeleko yolu phawu aziqondwa ngokupheleleyo. Uphawu ekuqaleni lwalusahlula amaLeymenayithi kumaNifayithi. Kamva, njengoko amaNifayithi namaLeymenayithi elowo agqitha kumamaxesha enkohlakalo nobulungisa, uphawu luye alwanxulumana.

Abaprofeti baqinisekisa kumhla wethu ukuba ulusu olumnyama alulophawu lobuthixo lokungathandwa okanye isiqalekiso. UMongameli uRussell M. Nelson wabhengeza: “Ndiyaniqinisekisa ukuba ukuma kwakho phambi koThixo akuxhomekekanga kwibala lolusu lwakho. Ukuthandwa okanye nokungathandwa nguThixo kuxhomekeke ekuzinikeleni kwakho kuThixo nemithetho yaKhe hayi ibala lolusu lwakho” (“Let God Prevail [Vumela uThixo oYise] ,” Liyahona, EyeNkanga. 2020, 94).

Njengoko uNifayi wafundisa, iNkosi “ayaleli namnye oza kuyo, omnyama nomhlophe, umthinjwa kwanokhululekileyo, indoda nomfazi; … bonke bayafana kuThixo” (2 Nifayi 26:33).

 

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lweLiyahona neencwadi Okwenzele Ukomeleza uLutsha.

Izimvo zokuFundisa Abantwana

2 Nifayi 3:6–24

UJoseph Smith wayengumprofeti.

  • Cinga ngendlela ongabafundisa ngayo abantwana bakho ngomsebenzi omkhulu awathi uThixo wawenza ngoJoseph Smith. Ukuqala, unganceda abantwana bakho bafumane igama elithi “imboni” ku 2 Nifayi 3:6 kwaye ucacise ukuba abaprofeti babizwa ngokuba ziimboni kuba uBawo oseZulwini uyabanceda babone izinto esingaziboniyo. Yabelana ngokuba kutheni unombulelo ngokuba nemboni ekhokela iBandla.

  • Yona Incwadi yoBugcisa yeVangeli inemifanekiso eliqela onokuyisebenzisa ekufundiseni ngomsebenzi uThixo awawenzayo ngoJoseph Smith (bona imifanekiso 89–95). Vumela abantwana babelane ngoko bakwaziyo ngemifanekiso. Kutheni uJoseph Smith ebizwa ngokuba “imboni ekhethekileyo”? Wenza ntoni uJoseph Smith “[ye]xabiso elikhulu”? (umqolo 7).

2 Nifayi 4:15–355

Ndiyazithanda “izinto zeNkosi.”

2 Nifayi 5:15–16

Itempile yindlu yeNkosi.

  • Njengoko ufunda 2 Nifayi 5:15–16 kubantwana bakho, bangenza ngathi bancedisa uNifayi ukwakha itempile. Ungababonisa kananjalo imifanekiso yezakhiwo ezahlukeneyo, kuquka itempile. Zahluke njani iitempile kwezinye izakhiwo?  

Nawuphi na umzuzu ungaba ngumzuzu wokufundisa. Sukucinga ngokufundisa usapho lwakho njengento oyenzayo kanye ngeveki ngexesha lesifundo esesikweni. Yicinge njengento oyenzayo ngamaxesha onke.

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
AmaNifayithi esakha itempile

The Temple of Nephi [ITempile kaNifayi], nguMichael T. Malm

Shicilela