Yizani, Nindilandele 2024
EyoMdumba 19–25: “Owu Ukuba Likhulu kweCebo loThixo Wethu!” 2 Nifayi 6–10


EyoMdumba 19–25: “Owu Ukuba Likhulu kweCebo loThixo Wethu!” 2 Nifayi 6–10,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: INcwadi kaMormoni 2024 (2024)

“EyoMdumba 19–25. 2 Nifayi 6–10,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2024)

Umfanekiso
UYesu eThandaza eGetsemane

Makungabi kukuThanda Kwam, Makube kokwaKho, OkweNzekayo, nguHarry Anderson

EyoMdumba 19–25: “Owu Ukuba Likhulu kweCebo loThixo Wethu!”

2 Nifayi 6–10

Kwakusele kuyiminyaka engama-40 ukususela oko usapho lukaLihayi lwayishiyayo iYerusalem. Babekwilizwe elitsha elingaqhelekanga, isiqingatha sehlabathi elikude neYerusalem. ULihayi wayesele efile, kwaye nosapho lwakhe lwalusele luqale into eyayiza kuba yimbambano eyathatha iinkulungwane ezinde phakathi kwamaNifayithi—“[a]babekholelwa kwizilumkiso nezityhilelo zikaThixo;”—namaLeymenayithi, awayengazange akholelwe. (2 Nifayi 5:6 UYakobi, owayengumninawa kaNifayi kwaye ngoku wamiselwa njengomfundisi wamaNifayithi, wayefuna abantu bomnqophiso bazi ukuba uThixo akanakuze abalibale, ngoko ke bangaze bamlibale Yena. Lo ngumyalezo ngokuqinisekileyo esiwufunayo namhlanje (bona IMfundiso neMinqophiso1:15–16). “Masimkhumbule, … kuba asiphoselwanga kude. … Zinentsingiselo izithembiso zeNkosi, “watsho (2 Nifayi 10:20–21). Phakathi kwezo zithembiso, akukho nasinye esikhulu kunesithembiso “[se]ntlawulelo engenamda” sokoyisa ukufa nesihogo. (2 Nifayi 9:7). “Ke ngoko,” uYakobi waqukumbela , “thakazelisani iintliziyo zenu”! (2 Nifayi 10:23).

Izimvo zokuFunda eKhaya naseBandleni

2 Nifayi 6–8

INkosi inenceba kubantu baYo kwaye iya kuzalisekisa iminqophiso yaYo.

Ukunceda abantu bakhe baqonde ukuba babeyinxalenye yendlu kaSirayeli kwaye babengamthemba uThixo nezithembiso zaKhe, uYakobi wacaphula iziprofeto zika-Isaya, ezibhalwe ku 2 Nifayi 6–8. Lo myalezo ngowakho nawe, kuba abaNgcwele beMihla yokuGqibela bayinxalenye kananjalo yabantu bakaThixo bomnqophiso. Njengoko ufunda ezi zahluko, cinga ngemibuzo efana nale ilandelayo:

  • Ndifunda ntoni ngothando olukhululayo loMsindisi ngam? Ngawaphi amagama okanye amabinzana alubonakalisa ngakumbi kakuhle olu thando?

  • Ubanika ntoni uMsindisi abantu abamfunayo Yena?

  • Ndingenza ntoni “ukulinda” ngokuthembeka ngakumbi uMsindisi neentsikelelo zaKhe ezithenjisiweyo?

Umfanekiso
umfanekiso wemfundo yolutsha

2 Nifayi 9:1–26

UYesu Krestu usindisa esonweni nasekufeni

Indlela enye yokukhulisa uxabiso lwakho ngoYesu Krestu kukucinga ngokwakunokwenzeka kuthi ngaphandle kwaKhe. Njengoko ufunda 2 Nifayi 9:1–26, cinga ngokudwelisa okanye ngokuphawula ngombala omnye into eyayinokwenzeka kuthi ngaphandle kweNtlawulelo kaYesu Krestu. Emva koko, kolunye uluhlu okanye umbala, ungachonga into esinokuyifumana ngeNtlawulelo yoMsindisi. Ngokusekelwe koko ukufundayo, ungacacisa njani ukuba kutheni sifuna iNtlawulelo kaYesu Krestu? Yintoni oyifumeneyo ekukhuthaza ukuba udumise “ubulumko bukaThixo, inceba yakhe nobabalo”? (2 Nifayi 9:8).

Ukongeza ekufundiseni oko uYesu Krestu wasisindisayo kuko, uYakobi kananjalo unike nokuqonda ngendlela Yena awakwenza ngayo oko. Cinga ngokubhala oko ukufumanayo ku 2 Nifayi 9:11–15, 20–24.

UYakobi wakhwankqiswa licebo likaThixo lentlawulelo kangangokuba wadanduluka wathi, “Owu ukuba likhulu kwecebo loThixo wethu.” Khangela izikhuzo zakhe ku 2 Nifayi 9 (uninzi lwazo zifumaneka kwimiqolo 8–20). Ufunda ntoni kule miqolo ngecebo likaThixo? Ngawaphi amava akuncede waziva ezinye zeemvakalelo zikaYakobi? Njengenxalenye yonqulo lwakho nofundo, cinga ngokukhangela iculo elinokuvakalisa indlela oziva ngayo ngaYe.

2 Nifayi 9–7

Intlawulelo yoMsindisi engenamda.

Yintoni onokuyenza ukuze uyiqonde ngcono “intlawulelo engenamda” kaYesu Krestu? 2 Nifayi 9:7 Mhlawumbi ungajonga okanye ucinge ngezinto ezibonakala zingenamda ngenani—ingca yasendle, iinkozo zentlabathi elunxwemeni, okanye iinkwenkwezi esibhakabhakeni. Ayinamda njani iNtlawulelo yoMsindisi? Ikwayinto yobuqu njani? Ngawaphi amabinzana ku 2 Nifayi 9 akunceda uzive unombulelo ngento uMsindisi akwenzele yona?

2 Nifayi 9:27–54

Ndingeza kuKrestu kwaye ndilandele icebo likaThixo.

Ku 2 Nifayi 9, uYakobi wasebenzisa amabinzana amabini anamandla nachaseneyo: “icebo lenceba loMdali omkhulu” nelithi “elo cebo lobuqhetseba longendawo” (2 Nifayi 9:6, 28). Mhlawumbi ungazoba indlela kwaye uyibhale lCebo likaBawo oseZulwini Emva koko phengulula 2 Nifayi 9:27–52. Khangela izilumkiso nezimemo ezanikelwa nguYakobi ukusinceda ukuba silandele eli cebo. Bhala okufumanayo ecaleni kwendlela. Uzama njani uSathana ukuba asilahlekise kwicebo likaThixo? Yintoni oziva uphefumlelwe nguMoya ukuba uyenze ekuphenduleni kwezi zilumkiso nezimemo?

2 Nifayi 10:20, 23–25

Idini likaYesu Krestu lingandizisela uvuyo.

Umyalezo kaYakobi yayingowovuyo. “Ndizithetha kuni ezi zinto,” yena watsho, “nibe nokugcoba, kwaye niziphakamisele phezulu iintloko zenu ngonaphakade” (2 Nifayi 9:3). Njengoko ufunda 2 Nifayi 10:20, 23–25, yintoni oyifumanayo evuyisa intliziyo yakho? Uza kwenza ntoni ukuze uzikhumbule ezi zinto xa uziva ungakhuthazekanga?

Bona kananjalo Yohane 16:33; D. Todd Christofferson, “The Joy of the Saints [Uvuyo lwaBangcwele],” Liyahona, Nkanga 2019, 15–18; “”.

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lweLiyahona neencwadi Okwenzele Ukomeleza uLutsha.

Izimvo zokuFundisa Abantwana

2 Nifayi 9:6–10, 19–24

UYesu Krestu unguMsindisi wam.

  • Ungabanceda njani abantwana bakho baqonde kwaye bazive ukuba bafuna uMsindisi uYesu Krestu? Iphepha lomsebenzi wale veki linokunceda. Lisebenzisa isifaniso esilula somngxuma womhadi neleli. Cinga ngokusebenzisa 2 Nifayi 9:21–22 ukuze uthethe nabantwana bakho ngesizathu sokuba unombulelo ngoYesu Krestu.

  • Indlela enye yokunceda abantwana bakho baqonde ukuba kutheni sidinga uMsindisi kukubafundisa ngoKuwa. Ungabonisa umfanekiso ka-Adam no-Eva, njenge Leaving the Garden of Eden [Ukushiya uMyezo wase-Eden] (Ithala leeNcwadi) nomfanekiso kaYesu Krestu emnqamlezweni. Cinga ngokubabuza ukuba bachaze okwenzekayo kumfanekiso ngamnye. Sifana njani no-Adam no-Eva? Mhlawumbi 2 Nifayi 9:6–10 unganceda bona babone oko uYesu Krestu asenzela kona. Cinga ngokumema abantwana ukuba babelane ngeemvakalelo zabo ngoYesu Krestu.  

Fundisa inyaniso ngamabali nemizekelo. Qiniseka ukuba amabali nemizekelo oyisebenzisayo ifundisa inyaniso. Umzekelo, xa usebenzisa iphepha lomsebenzi wale veki, fundisa ukuba uYesu Krestu weza “kumngxuma womhadi” ukusinceda kwinyathelo ngalinye lendlela njengoko sinyuka siphuma.

2 Nifayi 09:20, 28– 28, 42– 43, 49

“Intliziyo yam iyavuyiswa bubulungisa.”

  • Ukukhuthaza abantwana bakho ukuba “[bavuyiswe] bubulungisa” okanye bathobele iNkosi ngovuyo (2 Nifayi 9:49), mhlawumbi ungabelana ngemizekelo apho umntwana enza ukhetho olulungileyo okanye ukhetho olubi. Mema abantwana ukuba baphakame xa ukhetho luzisa ulonwabo kwaye bahlale phantsi xa ukhetho luzisa usizi. Kunini apho siye saziva sonwabile ngenxa yokuba senze ukhetho lokulandela uYesu Krestu?

  • Abantwana bakho kusenokwenzeka banxibelelane nabantu (ukuba abakenzi njalo) abacinga ukuba imiyalelo yeNkosi ibubudenge okanye iphelelwe lixesha. Mhlawumbi wena nabantwana bakho ninokuthetha ngendlela yokucacisa ukuba kutheni sikonwabela ukugcina imiyalelo. Kutheni kubalulekile ukuthembela kwisiluleko sikaThixo kwanokuba asisiqondi ngokupheleleyo? Unokubakhuthaza ukuba bajonge ngaphakathi ku 2 Nifayi 9:20, 28–29, 42–43 ngoncedo lokucinga nokuxoxa ngale mibuzo.

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
UYesu Krestu ephilisa abantu

He Healed Many of Diverse Diseases [Yena Waphilisa Abaninzi Kwizifo Ezininzi], nguJ. Kirk Richards

Shicilela