Yizani, Nindilandele 2024
EyoMdumba 26–EyoKwindla 3: “Igama Lakhe Liya Kubizwa … iNkosana yoXolo.” 2 Nifayi 11–19


“EyoMdumba 26–EyoKwindla 3: ‘Igama Lakhe Liya Kubizwa … iNkosana yoXolo.’ 2 Nifayi 11–19,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: iNcwadi kaMormoni 2024 (2024)

“EyoMdumba 26–EyoKwindla 3. 2 Nifayi 11–19,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2024)

Umfanekiso
UIsaya ebhala kwimisongo

EyoMdumba 26–EyoKwindla 3: “Igama Lakhe Liya Kubizwa … iNkosana yoXolo”

2 Nifayi 11–19

Ukukrola kumacwecwe esinyithi akukho lula, kwaye nendawo kumacwecwe amancinane kaNifayi yayinqongophele. Ke kwakutheni ukuze uNifayi enze umgudu wokukhuphela isixa esikhulu semibhalo ka-Isaya kuxwebhu lwakhe? Wakwenza oko kuba wayefuna sikholwe kuYesu Krestu. “Umphefumlo wam uyavuyiswa,” wabhala, “kukubonisa kubo abantu bam ngenyaniso yokuza kukaKrestu” (2 Nifayi 11:4). UNifayi wayekubonile okuya kwenzeka kubantu bakhe kwizizukulwana ezizayo. Wabona ukuba, ngaphandle kweentsikelelo zabo ezinkulu, baya kuba nekratshi, iingxabano, nobuhlabathi (bona 1 Nifayi 12; 15:4–6). Yena kananjalo wabona iingxaki ezifanayo kwimihla yethu (bona 1 Nifayi 14). Imibhalo ka-Isaya yalumkisa ngobungendawo obunjalo. Kodwa kananjalo banika uNifayi ithemba lekamva elizukileyo—isiphelo sobungendawo, ukuhlanganiswa kwabathembekileyo, kwaye “nokukhanya okukhulu” kwabo “babehamba ebumnyameni” (2 Nifayi 19:2). Konke oku kwakuya kwenzeka ngenxa yokuba “[kwazalwa] umntwana” owayenokuphelisa yonke imbambano—“iNkosana yoXolo” (2 Nifayi 19:6).

Izimvo zokuFunda eKhaya naseBandleni

Ndingaziqonda njani ngcono iimfundiso zika-Isaya?

UNifayi wavuma ukuba, “Amazwi ka-Isaya akacacanga” (2 Nifayi 25:4). Kodwa kananjalo wanika ingcebiso yokusinceda ukuba sifumane intsingiselo kwimibhalo ka-Isaya:

  • Fanekisa amazwi akhe” nawe (2 Nifayi 11:2). Ubuninzi beemfundiso zika-Isaya zineentsingiselo ezininzi ezahlukahlukeneyo nokusetyenziswa. Ngokomzekelo, xa ufunda ngeendawo zokuhlala ku 2 Nifayi 14:5–6, cinga indlela le miqolo esebenza ngayo ekhayeni lakho. Zibuze, Yintoni uBawo oseZulwini afuna ukuba ndiyifunde?”

  • Khangela iimpawu zikaYesu Krestu (bona 2 Nifayi 11:4). Uninzi lweemfundiso zika-Isaya ngoMsindisi zigqithiswa ngeempawu. Ngokomzekelo, umelwe njani uMsindisi ku 2 Nifayi 19:2? Olu phawu lukufundisa ntoni ngaYe?

  • “Funa “ukuzaliswa ngomoya wobuprofeto” (2 Nifayi 25:4). Njengoko ufunda, thandazela ukhokelo lomoya. Usenokungakwazi ukuqonda yonke into ekuqaleni, kodwa uMoya angakunceda ukuba ufunde into ekufuneka uyazi.

Usenokufumanisa kananjalo kuluncedo ukubhekisela kuncedo lwezifundo kwizibhalo, kuquka nemibhalo esemazantsi, imixholo yesahluko semibhalo, kunye IsiKhokelo kwiZibhalo. INcwadi kaMormoni neTestamente eNdala zeencwadi yemfundiso yabadala zinolwazi olongezelelweyo olunokukunceda ufunde malunga nembali yeemfundiso zika-Isaya.

2 Nifayi 11–19

UIsaya wangqina ngoYesu Krestu.

Ngenxa yokuba uIsaya wasebenzisa intetho yophawu, kunokuba lula ukungabukhathaleli ubungqina bakhe obunamandla obungoYesu Krestu. Khangela uMsindisi ku 2 Nifayi 13:13; 14:4–6; 15:1–7; 16:1–7; 17:14; 18:14–15; 22:2. Le miqolo ikufundisa ntoni ngaYe?

Isiprofeto esiku 2 Nifayi 19:6 sidwelisa eziliqela izibizo zikaKrestu. Uzifezekise njani ezi ndima ebomini bakho?

2 Nifayi 12–13; 15

Abanekratshi nabehlabathi bayakuthotywa.

UNifayi wabona kwangaphambili ukuba ikratshi liya kubangela ukuwa kwabantu bakhe (bona 1 Nifayi 12:19). Ngoko ayimangalisi into yokuba uNifayi abelane nabantu bakhe ngezilumkiso eziphindaphindiweyo zika-Isaya ezichasene nekratshi. Kwi zahluko 12 no 13, khangela amazwi uIsaya awasebenzisileyo ukuchaza ikratshi, anjengo kuziphakamisa no kukhakhamela. Ku 2 Nifayi 15:1–24, khangela ulwimi oluchaza iziphumo zekratshi. Emva koko usenokuzama ukushwankathela oko ukufundileyo ngawakho amazwi. Cinga ngendlela oza kukhetha ngayo ukuthobeka.

Umfanekiso
umfanekiso wemfundo yolutsha

2 Nifayi 12:2–3

Itempile yindlu yeNkosi.

UIsaya wayibiza itempile ngokuthi “yintaba yendlu yeNkosi” (2 Nifayi 12:2). Kutheni intaba iluphawu olulungileyo lwetempile?

Ungamcacisela njani omnye umntu ukuba kutheni sidinga iitempile? Ungafumana ezinye iimpendulo ezinokubakhona ku 2 Nifayi 12:2–3.“” . Ngokusekelwe koko okufundayo, yintoni iNkosi efuna ukuba uyifunde kwaye ube namava kuyo endlwini yaYo engcwele? Ngawaphi amava okhe wabanawo phaya?

Cinga ngokufunda nganye kwaye uzibuze, lo mbuzo undifundisa ntoni ngeendlela zeNkosi? Undinceda njani “ndihambe ngeendlela zakhe”?

2 Nifayi 12–19

UYesu Krestu uyakukhulula abantu baKhe.

Phezu kwabo nje ubungendawo awayebubona, uIsaya wabona ithemba lekamva. Cinga ngokufunda isicatshulwa ngasinye kwezi zilandelayo. Bhala inyani enye okanye ngaphezulu isicatshulwa ngasinye esisifundisa ngayo imini yethu: 2 Nifayi 12:1–5; 14:2–6; 15:20–26; 19:2–8. Kutheni uvakalelwa ukuba ezi zicatshulwa zibalulekile ukuba siziqonde?

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lweLiyahona neencwadi Okwenzele Ukomeleza uLutsha.

Khangela umfuziselo. Kwizibhalo sifumana umfuziselo obonisa indlela iNkosi eyenza ngayo umsebenzi waYo. Ku 2 Nifayi 11–19, ungajonga umfuziselo obonisa indlela iNkosi elumkisa ngayo ngesono kwaye ibaxolele abantu abaguqukayo.

Izimvo zokuFundisa Abantwana

2 Nifayi 12:2–3

Itempile yindlu yeNkosi.

  • UIsaya wachaza itempile “njengentaba yendlu yeNkosi.” Abantwana basenokonwabela ukulinganisa besenyuka intaba njengoko ufunda 2 Nifayi 12:2–3. Bancede bafumane amabinzana kule miqolo echaza ukuba kutheni sineetempile.

  • Ukucacisa ibinzana elithi “siya kuhamba ngomendo wakhe” ku 2 Nifayi 13:3, ungenza indlela emngangathweni, ekhokelela kumfanekiso wetempile. Njengokuba abantwana bakho behamba endleleni, banokuchaza izinto abanokuzenza ukuze bahambe ezindleleni zeNkosi.

  • Mhlawumbi abantwana bakho bangazoba umfanekiso wabo besiya etempileni.

2 Nifayi 11:4–7; 17:14; 19:6

UYesu Krestu nguMsindisi wam.

  • Kukho amagama amaninzi kaYesu Krestu ku 2 Nifayi 11:4–7; 17:14; 19:6. Nceda abantwana bakho bawafumane kwaye bathethe malunga nokuba athetha ukuthini. Ngokomzekelo, “uKrestu” uthetha “umthanjiswa” kwaye “Imanuweli” uthetha “uThixo unathi.” La magama asifundisa ntoni ngoYesu?

  • Siyakuziva njani xa simbona Yena kwakhona?

2 Nifayi 15:20

USathane uzama ukundibhidanisa malunga nokulungileyo nokubi.

  • Bonisa abantwana bakho into ekrakra okanye emuncu, enje ngesilayi selamuni, esisongwe ngephepha leswiti. Fundani kunye 2 Nifayi 15:20. USathane uzama njani ukwenza izinto ezimbi zibonakale zilungile? “You Will Be Freed”. Kutheni uSathana ehombisa isono nje? UYesu Krestu usinceda njani sikuphephe ukukhohliswa nguSathane?

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
Itempile yasePanama kwisixeko sasePanama

Itempile yasePanama kwisixeko sasePanama. “Indlu yeNkosi iyakumiswa ezincotsheni zazo iintaba, … kwaye zonke izizwe ziya kuba ngumsinga ukuya kuyo” (2 Nifayi 12:2).

Shicilela