Yizani, Nindilandele 2024
EyoKwindla 25–31: “Uya kuVuka … enokuPhilisa emaPhikweni aKhe.” IPasika


EyoKwindla 25–31: ‘Uya kuVuka … enokuPhilisa emaPhikweni aKhe.’ IPasika,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: iNcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“EyoKwindla 25–31. IPasika,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2023)

Umfanekiso
UYesu ovukileyo ekufeni kunye nabaPostile baKhe

Christ and the Apostles [UKrestu nabaPostile], nguDel Parson

EyoKwindla 25–31: “Uya kuVuka … enokuPhilisa emaPhikweni aKhe”

IPasika

AbaPostile bamandulo babekhaliphile kubungqina babo ngoYesu Krestu noVuko ekufeni kwaKhe (bona Izenzo 4:33). Izigidi zabantu zikholelwa kuYesu Krestu kwaye bazama ukumlandela ngenxa yamazwi abo abhalwe eBhayibhileni. Ukanti abanye basenokuzibuza: Ukuba uYesu Krestu unguMsindisi wehlabathi liphela, kutheni ke ukuba amangqina akhe apheleliselwe kwiqaqobana labantu elizinze kwindawo enye encinane?

INcwadi kaMormoni ime njengobungqina obongezelelweyo, obuqinisekisayo bokuba uYesu Krestu unguMsindisi wehlabathi, “ezibonakalisa ngokwakhe kuzo zonke izizwe” (igama lephepha leNcwadi kaMormoni) enikezela ngosindiso kubo bonke abeza kuYe. Ukongezelela, obu bungqina besibini bukwakwenza kucace oko kuthethwa lusindiso. Yiyo loo nto uNifayi, uYakobi, uMormoni, nabo bonke abaprofeti basebenza “ngokukhuthala ukukrola la mazwi emacwecweni”—ukubhengeza kwizizukulwana ezizayo okokuba nabo “babesazi ngoKrestu, kwaye … babenethemba lozuko lwakhe” (Yakobi 4:3–4). Ngeli xesha lePasika, cingisisa ngobungqina obukwiNcwadi kaMormoni bokuba amandla oMsindisi ngokubini ngawehlabathi jikelele kwaye ngawethu—ekhulula ihlabathi liphela kwaye ekhulula nawe.

Izimvo zokuFunda eKhaya naseBandleni

Umfanekiso
umfanekiso weseminari
Ngenxa kaYesu Krestu, ndiya kuvuswa kwabafileyo.

Kulisiko ukuba ngePasika sicingisise ngoVuko ekufeni lukaYesu Krestu, kodwa ngqo ithetha ntoni into yokuvuka ekufeni? Zeziphi iingqiqo ezinikelwa yiNcwadi kaMormoni ngovuko ekufeni? Mhlawumbi kweli xesha lePasika ungadwelisa uluhlu lweenyaniso malunga novuko ekufeni ozifumana ku 2 Nifayi 9:6–15, 22; Alma 11:42–45; 40:21–25; 3 Nifayi 26:4–5.

Kwaye kananjalo ungabhala ngendlela ezi nyaniso zovuko ekufeni ziphembelela ngayo izenzo zakho nendlela ophila ngayo. Ngokomzekelo, cinga indlela ubuya kuzigqibezela ngayo ezi zivakalisi: Ukuba bendingazazi ezi zinto … kwaye Ngenxa yokuba ndiyazazi ezi zinto …

Bona kananjalo Luka 24:36–43Izenzo 24:15; KwabeKorinte I 15:12–23

UYesu Krestu wazithabathela phezu kwaKhe izono zam, neentlungu, nobuthathaka bam.

IBhayibhile ifundisa ngokucacileyo ukuba uYesu Krestu wasihlawulela izono zethu. INcwadi kaMormoni yandisa ukuqonda kwethu kwedini likaKrestu nokubandezeleka ngeendlela ezibalulekileyo. Ungafumana ezinye zezi mfundiso ku Mozaya 3:7; 15:5–9; Alma 7:11–13. Emva kokufunda ezi zicatshulwa, cinga ngokubhala oko ukufumanayo kwi tshati efana nale:

Wabandezeleka ngantoni uMsindisi?

Kwakutheni Yena ukuba abandezeleke?

Ithetha ntoni lento kum?

Nantsi enye indlela yokufunda ezi zicatshulwa: Khangela amaculo oweva ehambelana nemiyalezo ayifundisayo.

Bona kananjalo Isaya 53; AmaHebhere 4:14–16

UYesu Krestu unokundihlambulula kwaye andincede ndigqibelele.

Kunokuthiwa iNcwadi kaMormoni yingxelo yabantu abaguqukayo ngenxa yeNtlawulo kaYesu Krestu. Unokufunda amanye alamava ku Mozaya 5:1–2; 27:8–28; Alma 15:3–12; 24:7–19. Unokucinga nangeminye imizekelo yokuyifunda. Yintoni oyiqaphelayo efanayo kula mava? Nguwuphi umahluko owuqaphelayo? La mava akufundisa ntoni malunga nendlela iNtlawulelo yoMsindisi enokuguqula ngayo?

Bona kananjalo Alma 5:6–14; 13:11–12; 19:1–16; 22:1–16; 36:16–21; Etere 12:27; Moronayi 10:32–33.

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lweLiyahona neencwadi Okwenzele Ukomeleza uLutsha.

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

Ngenxa yokuba le Cawa yiCawe yesihlanu enyangeni, ootitshala basePrayimari bayakhuthazwa ukuba basebenzise imisebenzi yokufunda “kwiSihlomelo B: Ukulungiselela Abantwana uBomi Bonke kwiNdlela yoMnqophiso kaThixo.”

Ngenxa yokuba uYesu Krestu wavuka ekufeni, nam ndiya kuvuswa ekufeni.

  • Utyelelo loMsindisi oVukileyo eMelika bubungqina obunamandla boVuko ekufeni lwaKhe. Khuthaza abantwana bakho ukuba bacinge ukuba ngekwakunjani ukuva amanxeba kaYesu (bona 3 Nifayi 11:14–15) okanye ukuba ngomnye wabantwana awabasikelelayo (bona 3 Nifayi 17:21). Yabelanani omnye nomnye ngeemvakalelo zenu ngoYesu Krestu noVuko ekufeni lwaKhe.

  • Ukunceda abantwana bakho bafumanise oko iNcwadi kaMormoni ikufundisayo ngovuko ekufeni, ungabamema ukuba benze ngathi awazi nto ngako kwaye ubacele ukuba bakucacisele. Bancede bajonge ku 2 Nifayi 9:10–15; Alma 11:41–45; no Alma 40:21–23 ngempendulo kwimibuzo efana nale: Kuthetha ukuthini ukuvuka ekufeni? Ngoobani abaza kuvuswa ekufeni? Bameme kananjalo ukuba banike ubungqina ngoVuko ekufeni koMsindisi njengenxalenye yempendulo yabo.

UYesu Krestu uyayazi indlela yokuthuthuzela mna.

  • UMozaya 3:7 no Alma 7:11 bachaza ezinye zezinto uMsindisi awadlula kuzo njengenxalenye yeNtlawulelo yaKhe. Usenokufundela abantwana bakho enye yale miqolo uze ubacele ukuba baphulaphule amazwi abaxelelayo oko uYesu wabandezeleka ngako ngenxa yethu. Emveni koko unokufunda Alma 7:12 ukufumanisa ukuba kutheni na Yena wabandezeleka. Ngqina ukuba uYesu Krestu waziva zonke iintlungu nezigulo zethu ukuze Yena abe nokusithuthuzela.

  • Ingaba abantwana bakho banalo iculo oknye ingoma abayithandayo ngoYesu Krestu neNtlawulelo yaKhe? Ningayicula kunye–okanye nifunde entsha. Thetha ngamazwi okanye amabinzana kumazwi akufundisa ngentuthuzelo noxolo uMsindisi asinika lona.

Umfanekiso
UKrestu ethandaza kuMyezo waseGetsemane

Gethsemane [eGetsemane], nguMichael T. Malm

UYesu Krestu angandihlambulula kwaye andincede ndiguquke.

  • INcwadi kaMormoni inika imizekelo emininzi yabantu abaguqukayo ngenxa yeNtlawulo kaYesu Krestu. Mhlawumbi abantwana bakho banokukhetha omnye abanokufunda ngawo, njengo-Enoshe (bona Enoshe 1:2–8), u-Alma Omncinane (bona Mozaya 27:8–24), okanye ama-Antayi-Nifayi-Lihayi (bona Alma 24:7–19). Lo mntu okanye iqela laguquka njani ngenxa yeNtlawulelo kaYesu Krestu? Sinokuyilandela njani imizekelo yabo?

  • Wena nabantwana bakho ninokuthelekisa into ethile ecocekileyo nento emdaka kwaye nithethe malunga ngendlela izinto ezimdaka ezicocwa ngayo. Fundani kunye Alma 13:11–13. Wenza ntoni uYesu ukuze sihlanjululwe ezonweni zethu? Oku kusenza sivakalelwe njani ngesono? Isenza ukuba sizive njani ngoMsindisi?

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lwencwadi Umhlobo.

Phila ngokuyifaneleyo inkokhelo yoMoya. UMoya ungumfundisi wenene. Njengokuba ufuna inkokhelo yaKhe kwaye uphila ngokufanelekileyo, Yena uyakunika iingcinga neempembelelo malunga nendlela yokuhlangabeza nezidingo zabantu obafundisayo.

Umfanekiso
UYesu ebulisa AmaNifayithi

Illustration of Christ with the Nephites [Umzekeliso kaKrestu kunye namaNifayithi], nguBen Sowards

Shicilela