Yizani, Nindilandele 2024
EyoKwindla 18–24: “Le Yiyo iNdlela.” 2 Nifayi 31–33


EyoKwindla 31–33: ‘Le Yiyo iNdlela.’ 2 Nifayi 31–33,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: INcwadi kaMormoni 2024 (2024)

“EyoKwindla 18–24. 2 Nifayi 31–33,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2024)

Umfanekiso
UYesu efundisa abafundi baKhe

Christ Teaching His Disciples [UKrestu Efundisa Abafundi baKhe], nguJustin Kunz

EyoKwindla 18–24: “Le Yiyo iNdlela”

2 Nifayi 31–33

Phakathi kwamazwi okugqibela kaNifayi abhaliweyo, sifumana esi sibhengezo: “Inkosi indiyalele njalo, kwaye kufuneka ndithobele” (2 Nifayi 33:15 Esi sisishwankathelo esifanelekileyo sobomi bukaNifayi. Yena wazama ukuqonda intando kaThixo kwaye ngenkalipho wayithobela—nokuba oko kwakuthetha ukubeka esichengeni ubomi bakhe ukuze afumane amacwecwe obhedu kuLabhan, ukwakha isikhephe nokuwela ulwandle, okanye ukufundisa ngokuthembeka imfundiso kaKrestu ngokucacileyo nangamandla. UNifayi wayethetha ngokucengayo ngemfuneko yoku “funzela phambili unenzondelelo kuKrestu,” yokulandela “indlela ecutheneyo nemxinwa ekhokelela kubomi obungunaphakade” (2 Nifayi 31:20,18), kuba leyo yindlela awayilandelayo. Yena wayesazi ngokwamava ukuba le ndlela, nangona ibanga ubunzima amaxesha amaninzi, iluvuyo kananjalo, kwaye “ayikho enye indlela nagama linikiweyo ngaphantsi kwezulu elungasindiswa ngalo uluntu ebukumkanini bukaThixo” (2 Nifayi 31:21).

Izimvo zokuFunda eKhaya naseBandleni

2 Nifayi 31

UYesu Krestu nemfundiso yaKhe zezona ndlela ekuphela eziya ebomini obungunaphakade.

Ukuba ubungashwankathela indlela eya ebomini obungunaphakade ngamazwi ambalwa, ungathini? Qaphela indlela uNifayi awayichaza ngayo ku 2 Nifayi 31. Cinga ngokuzoba indlela kwaye ubhale ecaleni kwendlela eminye yemigaqo okanye amanyathelo owafumana kwezi zahluko. Ungongeza kumzobo wakho isishwankathelo sento uNifayi ayifundisileyo ngomgaqo ngamnye.

Njengokuba ufunda 2 Nifayi 31:18–20, vavanya iinzame zakho “zofunzela phambili” kwindlela yevangeli.

Umfanekiso
usapho luthandaza kunye

Ukulandela iimfundiso zikaYesu Krestu kusikhokelela kubomi obungunaphakade.

2 Nifayi 31:4–13

UYesu Krestu wabeka ogqibeleleyo umzekelo wokuthobeka xa Yena wayebhaptizwa.

Nokuba ubhaptizo lwakho lwenzeke izolo okanye kwiminyaka engama-80 eyadlulayo, yayingumzuzu obalulekileyo. Wangena kumnqophiso wanaphakade wokulandela uYesu Krestu. Cinga malunga nobhaptizo lwakho njengoko ufunda ngobhaptizo loMsindisi, ku 2 Nifayi 31:4–13. Ukuphendula imibuzo efana nale kunokunceda:

  • Kwakutheni uYesu abhaptizwe? Kwakutheni ukuze ndikhethe ukubhaptizwa?

  • Ziziphi izithembiso endazenzayo xa ndandibhaptizwa? Ithembisa ntoni iNkosi njengembuyekezo? (bona imiqolo 12–13; bona kananjalo Mozaya 18:10, 13).

  • Ndinokubonisa njani ukuba ndisazimisele ukulandela uYesu Krestu?

2 Nifayi 31:5–13

“Lowo unyamezela kude kube sekupheleni, onjalo uya kusindiswa.”

Njengokuba ufunda 2 Nifayi 31:15–20, “Ndazi njani ukuba ndiyanyamezela kude kube sekupheleni?” Ufunda ntoni kuNifayi ekuncedayo ukuba uphendule lo mbuzo?

Umdala uDale G. Renlund wafundisa: “Ukunyamezela kude kube sekupheleni akulonyathelo elahlukileyo kwimfundiso kaKrestu—ngokungathi sigqibezela amanyathelo amane okuqala size sigobe phantsi, sibambe amazinyo, kwaye silindele ukufa. Hayi, ukunyamezela kude kube sekupheleni kukuphindaphinda amanyathelo ngenkuthalo nangabom” (“Lifelong Conversion” [Brigham Young University devotional, EyoMsintsi 14, 2021], 2, speeches.byu.edu). Ungawaphindaphinda njani amanyathelo kwimfundiso kaKrestu (ukholo, inguquko, ubhaptizo, nokwamkela uMoya oyiNgcwele)?

Umfanekiso
umfanekiso wemfundo yolutsha

2 Nifayi 32; 33:2

Ngamazwi kaKrestu noMoya oyiNgcwele, uThixo uyakundibonisa ukuba mandenze ntoni na.

Ngaba wakha waziva ungaqinisekanga ngamanyathelo alandelayo ebomini bakho? Abantu bakaNifayi babenenkxalabo efanayo (bona 2 Nifayi 32:1). Khangela impendulo kaNifayi ku 2 Nifayi 32:2–9. Ungakuchaza njani ngawakho amazwi oko uNifayi wayekufundisa? Ngawaphi amava akufundise ukuba amazwi kaNifayi ayinyani?

Cinga ngokwenza uludwe lwezigqibo okanye iimeko (ngoku nakwixesha elizayo) apho ufuna khona ukhokelo lukaThixo. Yintoni ongayifunda evela ku 2 Nifayi 32 eyakunceda ukuba uphumelele ekufumaneni impembelelo kuYe? Yintoni enokukhokelela abantu ekubeni “bazenze lukhuni iintliziyo zabo ngokuchasene noMoya oyiNgcwele”? (2 Nifayi 33:2).

Njengokuba ucinga ngengcebiso kaNifayi, cinga ngendlela owafunda ngayo amazwi oMsindisi. Ngaba unokukuchaza njengokutya, ukutya, okanye ukuzondla? Yintoni umahluko, ngokoluvo lwakho? Cinga ngendlela onokwenza ngayo amava akho ngamazwi oMsindisi afane nesidlo. Mhlawumbi ungafumana izimvo kumhlobo okanye ilungu losapho.

Zondleni ngamazwi kaKrestu. Zininzi iindlela zokuzondla ngamazwi kaKrestu, ziquka ukuthandazela impembelelo, ukubuza imibuzo ngaphambi nangexesha lokufunda, ukuchaza amagama, ukucingisisa, ukwenza iireferensi ezinqamlezileyo, ukubhala amanqaku, ukukhangela iinyaniso zevangeli, nokusebenzisa izibhalo ebomini bakho (bona 1 Nifayi 19:23).

Ummema njani uMoya oyiNgcwele ukuba ube liqabane elihlala lihleli ebomini bakho, kunokuba ube ngumndwendweli ngamaxesha athile?

2 Nifayi 33

INcwadi kaMormoni icenga sonke ukuba sikholelwe kuKrestu.

Ku 2 Nifayi 33, njengokuba uNifayi wayequkumbela imibhalo yakhe, wachaza ukuba kwakutheni ebhala kwasekuqaleni. Zeziphi izizathu ozifumana kwesi sahluko? Cingisisa ngamabali neemfundiso ozifundileyo ukuza kuthi ga ngoku ku 1 Nifayi no 2 Nifayi Zeziphi ezikuphembelele kakhulu nokholo lwakho kuKrestu?

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lweLiyahona neencwadi Okwenzele Ukomeleza uLutsha.

Izimvo zokuFundisa Abantwana

2 Nifayi 31:4–13

Xa ndibhaptizwa, ndilandela uYesu Krestu.

  • Kukho umfanekiso kaYesu ebhaptizwa ekupheleni kolu lwandlalo. Mhlawumbi abantwana bakho bangayisebenzisa ukukuxelela into abayaziyo ngesi siganeko (bona kananjalo Mateyu 3:13–17). Kutheni uYesu efuna ukuba sibhaptizwe njengokuba wabhaptizwayo? Abantwana bakho bangamamela izizathu njengokuba nifunda kunye iinxalenye zika 2 Nifayi 31:4–13. Kusenokuba luncedo ukuba umntu osandul’ ukubhaptizwa unokubalisa amava akhe.

2 Nifayi 31

UYesu Krestu wandifundisa indlela yokubuyela kuBawo oseZulwini.

  • Ukunceda abantwana bakho babe nomfanekiso ngqondweni weemfundiso ku 2 Nifayi 31, bangazoba indlela ngomfanekiso kaKrestu ekugqibeleni. Ungabanceda bafumane okanye bazobe imifanekiso emele amanyathelo kulo ndlela, njengokholo kuKrestu, inguquko, ubhaptizo, isipho soMoya oyiNgcwele, kwaye nokunyamezela kude kube sekupheleni. Bangakhomba emifanekisweni njengokuba nifunda 2 Nifayi 31: 17–20 kunye.

2 Nifayi 32:3–5

Ndingazondla ngamazwi kaKrestu.

  • Ukufundisa malunga “nozondleni” ngamazwi kaKrestu, ungacela abantwana bakho ukuba benze umboniso ngendlela abaya kuzondla ngayo ekutyeni abakuthandayo. Ku 2 Nifayi 32:3, uNifayi wathi masizondle ngantoni? Ukuzondla ngelizwi likaThixo kwahluke njani ekulifundeni nje? Mhlawumbi abantwana bakho banokulinganisa umahluko. Yabelana nabo ngeentsikelelo oye wazifumana njengoko uzondla ngezibhalo.

2 Nifayi 32:8–9

UBawo oseZulwini ufuna ndithandaze rhoqo.

  • Emva kokufunda 2 Nifayi 32:8–9, thetha nabantwana bakho ngokuba kutheni uSathana engafuni ukuba sithandaze. Kutheni uThixo efuna “[si]thandaze rhoqo”? Abantwana bakho bangenza uludwe okanye bazobe imifanekiso yeemeko abanokuthandaza kuzo.   ().   INkosi isisikelela njani xa sithandaza rhoqo?

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
UYohane umBhaptizi ebhaptiza uYesu

To Fulfill All Righteousness [Ukuzalisekisa Bonke uBulungisa], nguLiz Lemon Swindle

Shicilela