Yizani, Nindilandele 2024
EyoKwindla 4–10: “Siyagcoba kuKrestu.” 2 Nifayi 20–25


“EyoKwindla 4–10: ‘Siyagcoba kuKrestu.’ 2 Nifayi 20–25,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: INcwadi kaMormoni 2024 (2024)

“EyoKwindla 4–10. 2 Nifayi 20–25,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2024)

Umfanekiso
usapho lufunda

EyoKwindla 4–10: “Siyagcoba kuKrestu”

2 Nifayi 20–25

Imibhalo ka-Isaya iquka izilumkiso ezinamandla, kodwa kananjalo ikwanikezela ithemba novuyo. Esi sesinye isizathu sokuba uNifayi aziquke kuxwebhu lakhe: “Ndibhala amanye kumazwi ka-Isaya,” wathi “Ukuze nabani na … abayakuthi bawabone la mazwi babe nokuziphakamisela phezulu iintliziyo zabo kwaye bagcobele” (2 Nifayi 11:8). Ngandlela ethile, isimemo sokufunda imibhalo ka-Isaya sisimemo sokuba sigcobe. Unokuvuya, njengoko uNifayi wenzayo, kwiziprofeto zika-Isaya ezingokuhlanganiswa kukaSirayeli, ngokuza kukaMesiya, noxolo oluthenjiswe kumalungisa. Unako ukugcoba ukuphila kwimini ekuprofetwe ngayo xa iNkosi ikwenzileyo “ukumisela phezulu ibhanile yezizwe, kwaye iya kudibanisa kunye abagxothiweyo bakaSirayeli” (2 Nifayi 21:12). Xa unxanelwe ubulungisa, unako “ngovuyo ukutsala amanzi aphuma emithonjeni yosindiso” (2 Nifayi 22:3). Ngamanye amazwi, unako “ukugcoba kuKrestu” (2 Nifayi 25:26).

Izimvo zokuFunda eKhaya naseBandleni

2 Nifayi 21–22

Ndingalufumana uxolo kuYesu Krestu.

Abantwana bakaLihayi babenengxaki ngembambano. Le ngxaki yaba mbi ngakumbi kwizizukulwana ezizayo, yakhokelela kuqhekeko, ukuthinjwa, kwintsizi, nakwintshabalalo. Kwaye imbambano iseyingxaki nanamhlanje.

Unako konke oko engqondweni, cinga ngeziprofeto eziku 2 Nifayi 21–22. Qwalasela indlela uMsindisi azizalisekisa ngayo ezi ziprofeto. Sithetha ntoni kuwe isiprofeto sokuba ingcuka iya “kuhlala netakane lemvu”? (2 Nifayi 21:6). Cingisisa ngento onokuyenza ukuze udale uxolo.

2 Nifayi 2:9–12

INkosi ihlanganisa abantu baYo.

UNifayi nosapho lwakhe babengamangqina okusasazwa (bona 2 Nifayi 25:10). Ngoku ungathabatha inxaxheba ekuhlanganisweni kukaSirayeli (bona 2 Nifayi 21:11). Njengoko ufunda 2 Nifayi 21:9–12, cinga ngendlela onokunceda ngayo ukuzalisekisa iziprofeto ezichazwa yile miqolo.

Ngokomzekelo, njengoko ufunda “ngebhanile” eya kuphakanyiswa ukuze kuhlanganiswe abantu bakaThixo, cinga ngendlela oye wambona ngayo uThixo ehlanganisa abantu baKhe, ngokwenyama nangokomoya. Yintoni etsalela abantu eNkosini nakwiBandla laYo?

Yintoni oziva uphembelelwa ukuba uyenze ukunceda uhlanganisa abantu bakaThixo?

2 Nifayi 23–24

Uthando lwehlabathi laseBhabhiloni liya kuwa.

Ubukumkani baseBhabhiloni babusisisongelo esinamandla sezopolitiko nesomkhosi kuSirayeli wamandulo. Kodwa kubantu bakaNifayi— nakuthi namhlanje—esona soyikiso sikhulu koko iBhabhiloni ikumeleyo: kukuthanda ihlabathi nesono. Qwalasela ukuba izilumkiso eziku 2 Nifayi 23–24 ngezazibachaphazele njani abo babesoyika okanye ababencoma okanye abathembe ubutyebi namandla eBhabhiloni (bona, umzekelo 23:6–9, 11, 19–22; 24:10–19). Zeziphi ezinye zezinto ezifanayo esinokuzoyika okanye sizincome okanye sizithembe namhlanje? Ucinga ukuba yintoni umyalezo woMsindisi kuwe kwezi zahluko? Cinga ngendlela onokubonisa ngayo ukuba “uyagcoba kubungangamsha [beNkosi]” (2 Nifayi 23:3).

Umfanekiso
umfanekiso wemfundo yolutsha

2 Nifayi 25:19–29

“Sithetha ngoKrestu … siyagcoba kuKrestu.”

UNifayi wayevulekile ngokwabelana ngeenkolelo zakhe—ingakumbi ngobungqina bakhe ngoYesu Krestu. Kulo lonke ufundo lwakho luka 2 Nifayi 25, cinga ngeminqweno kaNifayi yokuba “aphembelele abantwana [bakhe] … ukuba bakholelwe kuKrestu, nokokuba bazinikele kuThixo” (umqolo 23). Yintoni uNifayi awayefuna bayazi ngoMsindisi? (bona imiqolo 12–13, 16). UNifayi wazama njani ukuphembelela abantu ukuba bakholelwe kuYe? (bona imiqolo 19–29). Phawula izicatshulwa kwesi sahluko ezikuphembelelayo ukuba ukholelwe kwaye ulandele uYesu Krestu.

Abanye bethu banokungaziva benesibindi njengoNifayi ngokuthetha ngoKrestu. Kodwa mhlawumbi ungafumana into ethile kwiimfundiso zikaNifayi ku 2 Nifayi 25:23–26 ezikuphembelela ukuba uthethe ngaYe ngokuphandle. Ngokomzekelo, isibhengezo sikaNifayi “Siyagcoba kuKrestu” singakukhuthaza ukuba ucinge ngendlela uMsindisi aluzisa ngayo uvuyo kuwe—kwaye nokuba unokwabelana njani nabanye ngolo vuyo.

     

Ngaba uziva uphembelelwe ukuba ubaxelele ntoni abanye ngoKrestu? Ukuba ufuna iingcebiso, ungaphanda, “UKrestu Ophilayo: Ubungqina BabaPostile” (iThala leencwadi zeVangeli).  

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lweLiyahona neencwadi Okwenzele Ukomeleza uLutsha.

Izimvo zokuFundisa Abantwana

2 Nifayi 21:1–5

UYesu Krestu uyakugweba ngobulungisa.

  • Ukuze uncede abantwana bakho babe nomfanekiso-ngqondweni wale miqolo, bona ukuba unokufumana umthi ogawuliweyo okanye isebe elikhula emthini (okanye usebenzise umfanekiso ongezantsi). Ukuba “isebe” ku 2 Nifayi 21:1 limele uYesu Krestu, imiqolo 2–5 isifundisa ntoni ngaYe?

Umfanekiso
isityalo esincinane esikhula kwisiphunzi somthi

2 Nifayi 21:6–9

UYesu Krestu uzisa uxolo novuyo.

  • Ufundisa ntoni 2 Nifayi 21:6–9 malunga nento enokwenzeka xa wonke umntu elandela uMsindisi? (bona kananjalo 4 Nifayi 1:15–18). Singalenza njani ikhaya lethu libenje ngakumbi? Abantwana bakho basenokukonwabela ukujonga imifanekiso yezilwanyana ezikhankanywe kwi miqolo 6–7—izilwanyana ezidla ngokuba ziintshaba kodwa ezingayi kulimazana xa uYesu ebuya kwakhona (bona kwiphepha lomsebenzi wale veki). Abantwana bakho basenokuzoba imifanekiso yabo nezilwanyane zihleli ngoxolo noYesu.

2 Nifayi 21:11–12; 22

INkosi ihlanganisa abantu baYo.

  • UIsaya wathi iNkosi iya “kumisela phezulu ibhanile yezizwe” ukunceda abantu bahlanganisane kuYo (bona 2 Nifayi 21:11–12). Nceda abantwana bakho baqonde ukuba ibhanile ifana ne flegi. Mhlawumbi bangakonwabela ukuzoba iflegi yabo. Basenokuquka imifanekiso okanye amagama amele izizathu zokuza kwabo kuYesu Krestu neBandla laKhe. Bavumele bathethe ngeflegi zabo, uze ubancede bacinge ngendlela abanokunceda ngayo abanye “bahlanganisane” kuYesu Krestu.

  • Emva kokufunda 2 Nifayi 22:4–5 kunye, ungathetha nabantwana bakho ngezinye “zezinto ezikhethekileyo” ezenziwe yiNkosi. Zeziphi ezinye “zezenzo zeNkosi phakathi [kwethu]” esinokuzibhengeza?   Ninokutshintshisana ngokugqibezela isivakalisi esifana nesi: “Ndiyakholwa kuKrestu; Yena .” Singabanceda njani abanye abantu ukuba bazi malunga nento asenzele yona uMsindisi?

2 Nifayi 25:26

“Siyagcoba kuKrestu.”

  • Ungabanceda njani abantwana bakho ukuba “bagcobe kuKrestu”?   Abantwana bakho banokukubonisa amaxesha amnandi ebalini. Ngoko, njengokuba nifunda kunye 2 Nifayi 25:26, bangathetha ngokuba kutheni “begcoba kuKrestu.”

Ngqina ngoKrestu Sukucinga ukuba usapho lwakho luyayazi indlela oziva ngayo ngoMsindisi. Baxelele, kwaye uvumele iimvakalelo zakho ngoMsindisi zibe nefuthe kwindlela osebenzisana ngayo nabo.

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
Abafundisi bevangeli befundisa usapho

I’ll Go Where You Want Me to Go[Ndizakuya Apho Ufuna Ndiye Khona], nguRamon Ely Garcia Rivas

Shicilela