Yizani, Nindilandele 2024
EyoKwindla 11–17: “UMsebenzi oMangalisayo kwanonguMmangaliso.” 2 Nifayi 26–30


EyoKwindla 11–17:‘UMsebenzi oMangalisayo kwanonguMmangaliso. 2 Nifayi 26–30,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: INcwadi kaMormoni 2024 (2024)

“EyoKwindla 11–17. 2 Nifayi 26–30,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2024)

Umfanekiso
UYesu esolula isandla sakhe kumfazi

He Will Lead Thee by the Hand [Yena Uyakukhokela ngeSandla], nguSandra Rast

EyoKwindla 11–17: “UMsebenzi oMangalisayo kwanonguMmangaliso”

2 Nifayi 26–30

“Ndiprofeta kuni ngokunxulumene nemihla yokugqibela,” uNifayi wabhala (2 Nifayi 26:14). Ngamanye amazwi, wayebhala ngemihla yethu. Yaye kukho isizathu sokukhathazeka ngoko wakubonayo: abantu abawakhanyelayo amandla nemimangaliso kaThixo, umona nembambano egqugqisileyo. Kodwa ukongeza kule mihla yokugqibela “imisebenzi yobumnyama” (2 Nifayi 26:10, 22) ekhokelwa lutshaba, uNifayi kananjalo wathetha “ngomsebenzi omangalisayo kwanongummangaliso” okhokelwa yiNkosi ngokwaYo (2 Nifayi 27:26). Embindini waloo msebenzi kuya kuba yincwadi—incwadi ebhenca ubuxoki bukaSathane; kwaye ehlanganisa amalungisa. Loo ncwadi yiNcwadi kaMormoni, umsebenzi omangalisayo ngumsebenzi weBandla leNkosi kwimihla yokugqibela, kwaye ummangaliso— kukuba uThixo uyasimema sonke, nangona sibuthakathaka, ukuba sithathe inxaxheba ekuhlanganiseni.

Izimvo zokuFunda eKhaya naseBandleni

2 Nifayi 26– 27; 29– 30

UThixo wayilungiselela iNcwadi kaMormoni ukulungiselela imihla yethu.

Ku 2 Nifayi 26–27, uNifayi wacaphula kwisiprofeto sika Isaya sangaphambili (bona Isaya 29) kwaye wasisebenzisa nabantu bakhe noxwebhu lwabo—iNcwadi kaMormoni. Yena wayesazi ngesityhelelo, ngaphambi kokuba iNcwadi kaMormoni ibhalwe ngokupheleleyo, ukuba ngenye imini “iya kuba nexabiso elikhulu kubo abantwana babantu” (2 Nifayi 28:2 Kutheni iNcwadi kaMormoni inexabiso elikhulu kuwe? Cinga ngalo mbuzo njengoko ufunda 2 Nifayi 29–30. Ngowuphi “umsebenzi omangalisayo” (2 Nifayi 27:26) uThixo awufezayo ehlabathini nasebomini bakho ngeNcwadi kaMormoni?

Bona kananjalo Imbali—kaJoseph Smith 1: 62–65.

Umfanekiso
umfanekiso wemfundo yolutsha

2 Nifayi 26:20–33

UYesu Krestu usimema sonke ukuba size kuYe.

Kukho imigaqo emininzi yokucingwa ku 2 Nifayi 26: 23–24. Ngokomzekelo, usenokucinga malunga noko uYesu Krestu akwenzileyo “ibe luncedo lwehlabathi”—nangenxa yakho. Yena “[utsalela] bonke abantu”—nawe “kuYe” njani? Uziva uphefumlelwe ukuba wenze ntoni ukuphendula kwiimbonakaliso zaKhe zothando?

Qhubeka ufunda kwaye ukhangela iinyaniso ngoMsindisi kwimiqolo 25–33. Qaphela ngokukodwa izimemo zaKhe. Ungawushwankathela njani umyalezo kaYesu Krestu kuwe ngesivakalisi esinye?  

Bona kananjalo 3 Nifayi 18:30–32; Dallin H. Oaks, “Yintoni uMsindisi Wethu Asenzele Yona?,” Liyahona, UCanzibe 2021, 75–77.

Musa ukoyika ukuthula. Imibuzo emihle ithatha ixesha ukuyiphendula. Ifuna ukukhangelwa, ukucinga, nempefumlelo. Ixesha olichitha ulindele iimpendulo kumbuzo linokuba lixesha elingcwele lokucingisisa. Phepha isilingo sokuphelisa elixesha ngokukhawuleza ngokudlulela kwenye into.

2 Nifayi 28

USathane ufuna ukukhohlisa.

Uninzi lobuxoki bukaSathana namaqhinga atyhiliwe ku 2 Nifayi 28. Wakhangele kwimiqolo 6, 8, 21–23, 29. Kutheni udinga ukwazi ngobuxoki bukaSathane? Yintoni oza kuyenza xa utshaba luzama ukukhohlisa?

Ezidwelisiweyo apha ngezantsi zizibhalo ezigatyayo ubuxoki bukaSathana. Jonga ukuba ungayitshatisa na imfundiso eyinyani kulemiqolo kunye nemfundiso yobuxoki uNifayi asilumkisa ngayo ku 2 Nifayi 28:

2 Nifayi 28:27–31; 29

UThixo uyaqhubeka ukunika isityhilelo ukukhokela abantwana baKhe.

NjengabaNgcwele beMihla yokuGqibela, sisikelelwe ngobuninzi belizwi likaThixo. Kwaye nangona kunjalo, njengoko uNifayi wayelumkisile, kufuneka singaze sizive ukuba “sifumene ngokwaneleyo!” Njengoko ufunda izilumkiso ku 2 Nifayi 28:27–31 no 2 Nephi 29, cinga ngemibuzo efana nale:

  • INkosi ifuna ndizive njani kwaye ndiphendule njani kwilizwi laYo?

  • Kutheni abantu ngamanye amaxesha “benomsindo” ngokufumana inyaniso engakumbi evela kuThixo? (2 Nifayi 28:28). Ngaba ndikhe ndizive ngolu hlobo? Ukuba kunjalo, ndingatshintsha njani?

  • Kuthetha ukuthini ukwamkela ilizwi likaThixo? Ndingambonisa njani Yena ukuba ndifuna ukwamkela ngakumbi ilizwi laKhe?

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lweLiyahona neencwadi Okwenzele Ukomeleza uLutsha.

Izimvo zokuFundisa Abantwana

2 Nifayi 26:23–28, 33

UYesu Krestu ufuna wonke umntu eze kuYe.

  • Ukufundisa abantwana bakho ngezimemo zoMsindisi kule miqolo, unokuthetha nabo malunga namaxesha abamemele ngawo abantu kwisiganeko esikhethekileyo, esifana netheko lomhla wokuzalwa. Emva koko ningafunda 2 Nifayi 26:23–28 kunye kwaye nifumanise ukuba uYesu usimemela ukuba senze ntoni na. Abantwana bakho bangathanda ukwenza ikhadi elimema umntu ukuba eze kuYesu Krestu. Bakhuthaze ukuba basebenzise ibinzana elivela kule miqolo kwisimemo sabo.

  • Umzobo osekupheleni kolu lwandlalo ubonisa abantu abaneemvelaphi ezininzi. Mhlawumbi abantwana bakho banokujonga lo mfanekiso njengokuba ufunda 2 Nifayi 26: 33. Ungaphinda ibinzana elithi “uYesu uya bamema bonke ukuba beze kuYe]” njengoko abantwana bakho bekhomba umntu ngamnye osemfanekisweni—kwaye emva koko kubo. Siza kanjani kuYesu Krestu?

2 Nifayi 28:2; 29:7–11; 30:3–6

INcwadi kaMormoni iyintsikelelo.

  • Ukunceda abantwana bakho bazive ukuba iNcwadi kaMormoni “[yeye]xabiso elikhulu” (2 Nifayi 28:2), ungasonga ikopi njengesipho kwaye ubavumele baqikelele ukuba yintoni na engaphakathi. Bangakhangela imikhondo ku 2 Nifayi 30:3–6. Xelela abantwana bakho ukuba kutheni iNcwadi kaMormoni inexabiso elikhulu kuwe, kwaye ubavumele babelane ngeemvakalelo zabo nabo.

  • Cinga ngokucela abantwana bakho ukuba bacinge ukuba umhlobo uthi, “Andidingi ukufunda iNcwadi kaMormoni. Sele ndiyifundile iBhayibhile.” Singathini kumhlobo wethu? Fundani kunye 2 Nifayi 29:7–11 ukuze nifunde ukuba kutheni uThixo efuna sibe nazo zombini iincwadi.

2 Nifayi 28:30–31

UBawo oseZulwini uyandifundisa kancinci kancinci.

  • Mhlawumbi unokucinga ngesifundo sento esiya kunceda abantwana bakho baqonde oko kuthethwa kukufunda “umgca phezu komgca.” Ngokomzekelo, banokudibanisa iphazili okanye bakhe into ngeebhloko, isiqwenga esinye ngexesha. Okanye usenokubafundisa ubuchule inyathelo ngenyathelo, njengokubopha isaphetha okanye ukuzoba umfanekiso. Ningafunda emva koko 2 Nifayi 28:30 kwaye nixoxe ngendlela uBawo oseZulwini asifundisa ngayo inyaniso ibenye ngexesha.

  • Enye ingcamango ingakukukhetha ibinzana elisuka ku 2 Nifayi 28:30 kwaye nitshintshisane ngokulibhala, igama elinye ngexesha. Oku kufana njani nendlela uThixo asinika ngayo inyaniso? Kutheni uThixo esityhilela inyaniso “umgca phezu komgca, umthetho phezu komthetho, kancinane apha kancinane phaya” endaweni yazo zonke ngaxeshanye? Singambonisa njani uThixo ukuba sifuna ukwamkela ngakumbi inyani evela kuYe?

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
UYesu Krestu phakathi kwesihlwele

Christ in the Midst [UKrestu esaZulwini], nguJudith A. Mehr

Shicilela