Yizani, Nindilandele 2024
UTshazimpunzi 1–7: “Zixolelaniseni kunye [noThixo] ngendlela yeNtlawulelo kaKrestu.” Yakobi 1–4


“UTshazimpunzi 1–7: ‘Zixolelaniseni kunye [noThixo] ngendlela yeNtlawulelo kaKrestu.’ Yakobi 1–4,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: INcwadi kaMormoni 2024 (2024)

“UTshazimpunzi 1–7. Yakobi 1–4,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2024)

Umfanekiso
umfazi eguqe ezinyaweni zikaYesu.

Forgiven [UXolelwe], nguGreg K. Olsen. Isetyenziswe ngemvume. www.GregOlsen.com

Yakobi 1–4: “Zixolelaniseni kunye [noThixo] ngendlela yeNtlawulelo kaKrestu”

Yakobi 1–4

AmaNifayithi acingela uNifayi “umkhuseli wawo omkhulu” (bona Yakobi 1:10). Yena wayebakhusele kananjalo ngokuchasene neengozi zomoya, ebalumkisa ngokuchasene nesono kwaye ebabongoza ukuba beze kuKrestu. Ngoku loo msebenzi wawela kuYakobi, lowo uNifayi wayemngcwalisele ukuba abe ngumbingeleli notitshala (bona Yakobi 1:18). UYakobi waziva enoxanduva lokulumkisa ngokukhaliphileyo abo “[babe]qalisa ukwenza isono,” ngelilixaethuthuzela “umphefumlo owonzakeleyo” wabo babenzakeleyo ngenxa yezono zabanye (bona Yakobi 2:5–9). Wayeza kuzenza njani zombini? Wayeza kubakhomba kuYesu Krestu—kuba omabini amaqela ayedinga impiliso yoMsindisi (bona Yakobi 4). Njengomyalezo kaNifayi phambi kwakhe, ubungqina bukaYakobi yayilubizo lokuba “zixolelaniseni kunye [noThixo] ngendlela yentlawulelo kaKrestu” (Yakobi 4:11

Izimvo zokuFunda eKhaya naseBandleni

Yakobi 1:6–8, 15–19 2:1–11

Ndino “myalezo wam ovela eNkosini.”

KuYakobi, ukufundisa ilizwi likaThixo “[kwakungu]myalezo ovela eNkosini,” ngoko wasebenza ngokukhutheleyo ukuba “akhulise umsebenzi [wakhe]” (Yakobi 1:17, 19). Athetha ntoni la mabinzana asetyenziswe nguYakobi kuwe? Cinga ngento eyenziwa yiglasi eyenza nkulu. Ngaba oko kukunika izimvo? Njengokuba ucingisisa Yakobi 1:6–8, 15–19 kwaye 2:1–11, cinga ngemisebenzi iNkosi enokuthi ibe nayo yakho. Yintoni oziva uphefumlelwe ukuba uyenze ukuze “[uyi]khulise” yona?

Yakobi 2:12–21

“Ningayekeli eli kratshi leentliziyo zenu liyitshabalalise imiphefumlo yenu!”

AmaNifayithi ayenengxaki yekratshi nokugxila kubutyebi (bona Yakobi 2:13), kwaye loo ngxaki yayingohlukanga kubo okanye kumhla wabo. Umchasi ukukhuthaza njani namhlanje ukuthanda ubutyebi? Emva kokufunda Yakobi 2:12–21, chaza ngawakho amazwi indlela uThixo afuna ukuba ubujonge ngayo ubutyebi bezinto eziphathekayo.   Yintoni oziva ukhuthazwa ukuba uyenze ngale nto uyifundayo?

Umfanekiso
umfanekiso wemfundo yolutsha

Yakobi 2:22–35; 3:10–12

INkosi iyavuyswa bubunyulu.

Njengoko ufunda kwaye ucingisisa Yakobi 2:22–35; 3:10–12, yintoni oyifumanisayo ekunceda uqonde ukuba kutheni ubunyulu bubaluleke kangaka kuThixo? Yiyiphi eminye yemiphumo emibi yokuziphatha okubi—ngomhla kaYakobi nakowethu? Zeziphi iintsikelelo zokuphila ubomi wobunyulu?

UMdala uDavid A. Bednar wafundisa ukuba siphila “kwihlabathi eliqhubeka lihlekisa ngobungcwele bokuzala” “(We Believe in Being Chaste,” Liyahona, UCanzibe 2013, 41–44). Ubanceda njani abanye baqonde ukuba kutheni uthobela umthetho wobunyulu? Indawo entle yokuqalisa yingcaciso yemilinganiselo kaThixo ngeemvakalelo zesondo neentlobano ku “Your body is sacred” ku For the Strength of Youth: A Guide for Making Choices (amaphepha 22–29). Yintoni enye oyifumanayo kweso sixhobo enokukunceda uchaze ukuba kutheni uphila umthetho wobunyulu?

Umgangatho kaThixo wokucoceka ngokwesondo wahluke njani kweminye imiyalezo onokudibana nayo? Zeziphi iintsikelelo zokuphila ubomi wobunyulu?

Yakobi 4

Ndinokuxolelaniswa naye uThixo ngeNtlawulelo ka Yesu Krestu.

UYakobi wabongoza abantu bakhe ukuba “zixolelaniseni kunye [noThixo] ngendlela yentlawulelo kaKrestu,” (Yakobi 4:11). Enye inkcazelo yoxolelanisa kukubuyisela ubuhlobo okanye imvisiswano. Njengokuba ucingisisa ngobomi bakho, cinga ngexesha apho wawunokuziva ukude kuBawo oseZulwini. Ukunceda njani uMsindisi ukuba ubuyisele obu budlelwane? Sisiphi isiluleko onokusifumana kwesi sahluko esiya kukunceda uxolelanise kunye noThixo? (bona imiqolo 4–14).

Zeziphi ezinye iimbono ezongezelelekileyo ozizuza ezivela ku Mateyu 5:23–24? UMsindisi angakunceda njani ukuba uxolelanise kunye noThixo—nabanye?

Bona kananjalo 2 Nifayi 10:24.

Yakobi 4: 8–18

Ndingabuphepha ubumfama bomoya ngokujolisa kuMsindisi.

Njengoko uYakobi wasebenza ukujikela abantu bakhe ngokupheleleyo eNkosini, wabalumkisa ukuba bangabi zimfama ngokomoya kwaye bangadeli “amazwi okucaca,” evangeli (bona Yakobi 4:13–14). Ngokuka Yakobi 4:8–18, yintoni esinokuyenza ukuze siphephe ubumfama bokomoya?

Xa Yena wayefundisa, uMsindisi wayesebenzisa uthelekiso kubomi bemihla ngemihla. Imizekeliso kaYesu yanceda abantu bafumana iinyaniso zokomoya kumava abo aqhelekileyo. Zama ukwenza okufanayo xa ufundisa. Ngokomzekelo, xa ufundisa Yakobi 4:8–18, ungabuza abafundi ukuba bakhe banalo uhlolo lwelihlo. Ugqirha wahlola njani ukubona kwabo ngokwasemzimbeni? Sinokuyihlolisisa njani imbono yethu yokomoya?

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lweLiyahona neencwadi Okwenzele Ukomeleza uLutsha.

Izimvo zokuFundisa Abantwana

Yakobi 2:8

Uthixo uphilisa umphefumlo owonzakeleyo.

  • Ukuze uncede abantwana bakho baqonde indlela “umphefumlo wonzakeleyo” onokuphiliswa ngayo, ningaxoxa kunye indlela eyenzakala ngayo imizimba yethu nento eyinceda iphile. Mhlawumbi abantwana bakho bangathetha ngamaxesha abanzakala ngawo kwaye nento eyabanceda baphile. Ungababonisa amabhandeji okanye iyeza njengenxalenye yale ncoko. Mhlawumbi ungabelana nabo ngendlela uMsindisi akuncede ngayo xa umoya wakho wawudinga ukuphiliswa.

Yakobi 2:17–19

Ndinokunceda abanye abasweleyo xa ndisabelana nabo.

  • Abanye abantu bexesha likaYakobi babezizityebi kakhulu, kodwa babengafuni ukwabelana nabanye ngezinto ababenazo. Njengokuba ubafundela iimfundiso zikaYakobi ku Yakobi 2:17–19, unganika abantwana bakho imifanekiso okanye izinto abanokuzibamba ezihamba namagama okanye amabinzana kule miqolo. Usenokuchaza ukuba wabelana nabo ngezi zinto; mhlawumbi ungabamema ukuba babelane nawe ngezi zinto okanye omnye nomnye. Thetha ngendlela oziva ngayo xa usabelana. Yeyiphi enye into esingabelana ngayo nabanye ukuze bonwabe?

  • Emva kokufunda kunye Yakobi 2:17, mhlawumbi abantwana bakho bangachaza iintsikelelo ezithile uBawo oseZulwini abelane ngazo kunye nabo. Kutheni Yena efuna sabelane omnye nomnye?

Yakobi 4:6, 10–11

Ndinokulomeleza ukholo lwam kuYesu Krestu.

  • Ukholo lukaYakobi kuKrestu lwalomelele kangangokuba lwalungenako ukushukunyiswa. Ukuze ufundise abantwana bakho indlela yokwakha ukholo olunjalo, unokubabuza ngezinto esizenzayo ukuze senze imizimba yethu yomelele. Yintoni esinokuyenza ukuze senze ukholo lwethu lomelele kuYesu Krestu? Fundani Yakobi 4:6 kunye ukuze uncede abantwana bafumanise into eyenziwa nguYakobi nabantu bakhe ukwenza ukholo lwabo “[lunga]gungqiswa.”

  • Enye indlela yokunceda abantwana bakho baqonde ukuba kuthetha ukuthini “[ukunga]gungqiswa” elukholweni lwabo kukufumana umthi omkhulu kwaye ubacele ukuba bashukumise amasebe ngamanye. Emva koko bavumele bazame ukushukumisa isiqu. Kutheni kunzima ukushukumisa isiqu? Ngawaphi amabinzana ku Yakobi 4:6, 10–11 achaza into esinokuyenza ukwenza ukholo lwethu kuYesu Krestu lungagungqiswa?

    Umfanekiso
    umthi omkhulu epakini

    Njengesiqu somthi, ukholo lwethu kuKrestu luno “[kunga]gungqiswa.”

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
UYakobi ebhala kumacwecwe egolide

I Will Send Their Words Forth (Jacob the Teacher) [Ndiyakuthumela Amazwi abo Phambili (uTitshala uYakobi)], nguElspeth Caitlin Young

Shicilela