Yizani, Nindilandele 2024
Tshazimpuzi 22–28: “Bazale Luthando kuThixo nakuBantu Bonke.” Mozaya 1–3


“Tshazimpuzi 22–28: ‘Bazale Luthando kuThixo nakuBantu Bonke.’ Mozaya 1–3,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: INcwadi kaMormoni 2024 (2024)

“Tshazimpuzi 22–28. Mozaya 1–3,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2024)

Umfanekiso
UKumkani uBhenjamin efundisa abantu bakhe

Receiving the Teachings of King Benjamin [Ukwamkela iiMfundiso zikaKumkani uBhenjamin] l, nguMaria Alejandra Gil

Tshazimpuzi 22–28: “Bazale Luthando kuThixo nakuBantu Bonke”

Mozaya 1–3

Xa usiva igama elithi kumkani, unokucinga ngezithsaba, izicaka, neetrone. Ku Mozaya 1–3, uya kufunda ngohlobo oluhlukileyo lokumkani. Kunokuba aphile ngokubulaleka kwabantu bakhe, uKumkani uBhenjamin “usebenzile ngezandla [zakhe]” (Mozaya 2:14). Endaweni yokuba abanye bakhonze yena, yena wakhonza abantu bakhe “ngawo onke amandlakazi, ingqondo nokomelela ethe iNkosi [yamnika] [yena]” (Mozaya 2:11). Lo kumkani wayengafuni abantu bakhe bamnqule; kunoko, yena wabafundisa ukuba banqule uKumkani wabo oseZulwini, uYesu Krestu. UKumkani uBhenjamin waqonda ukuba “yiNkosi enaMandla Onke elawulayo” (Mozaya 3:5), “uya kwehla evala ezulwini” kwaye “uya kuya phambili phakathi kwabantu, … ukuze usindiso lufike kubo abantwana babantu kwa nangalo ukholo egameni lakhe” (Mozaya 3:5, 9).

Izimvo zokuFunda eKhaya naseBandleni

Mozaya 1:1–7

“Phengulula [izibhalo ezingcwele] ngenkuthalo.”

Kule miqolo, qaphela indlela iimbali ezingcwele zabasikelela ngayo abantu bakaKumkani uBhenjamin. Ubomi bakho bungcono njani kuba unezibhalo?

Umfanekiso
umfanekiso wemfundo yolutsha

Mozaya 2:10–26

Xa ndikhonza abanye, ndikwakhonza uThixo.

Ucinga ukuba uKumkani uBhenjamin wayenokuthini xa wawunokumbuza ukuba kwakutheni ekhonza “ngamandlakazi, ngengqondo nokomelela kwakhe”? (Mozaya 2:11). Cingisisa oku njengoko ufunda Mozaya 2:10–26. Yintoni eyafundiswa ngukumkani uBhenjamin ekuphembelelayo ukuba ukhonze abanye ngendlela enentsingiselo ngakumbi? Ngokomzekelo, kuthetha ukuthini kuwe into yokwazi ukuba xa ukhonza abanye abantu, ukhonza uThixo? (bona Mozaya 2:17). Funa impembelelo malunga nendlela onokukhonza ngayo omnye umntu kule veki.

Naxa sisazi ukuba sifanele sikhonze abanye, ngamanye amaxesha siye sidibane nemiceli-mingeni. Enye indlela yokufunda Mozaya 2:10–26 kukwenza uluhlu lweenyaniso uKumkani uBhenjamin azifundisayo ezingakunceda ukuba woyise imiceli-mingeni enokuthi ikuthintele ekukhonzeni. Ngawaphi amava akubonisileyo ukuba oko uKumkani uBhenjamin wakufundisayo kuyinyani?

Bona kanajalo Mateyu 25:50

Umfanekiso
abafazi ababini bewolana

Xa ndikhonza abanye, ndikwakhonza uThixo.

Mozaya 2:38–41

Ulonwabo luvela ekugcineni imithetho kaThixo.

Unokuluchaza njani ulonwabo olufumaneka ngokuthobela uThixo? Ingaba akhona nawaphi na amabinzana ku Mozaya 2:38–41 anokukunceda uchaze ukuba kutheni ugcina imithetho yaKhe?

Mozaya 3:1–20

Ndingaba ngcwele ngeNtlawulelo kaYesu Krestu.

Ukumkani uBhenjamin, njengabo bonke abaprofeti, wangqina ngoYesu Krestu ukuze abantu bakhe “babe nokufumana ukuxolelwa kwezono zabo, kwaye bagcobe ngovuyo olugqithisileyo” (Mozaya 3:13). Nantsi eminye imibuzo onokuyicingisisa njengoko ufunda ngobungqina bukaKumkani uBhenjamin ngoMsindisi ku Mozaya 3:1–20:

  • Yintoni endiyifundayo kule miqolo malunga noMsindisi nangomsebenzi waKhe?

  • Yintoni endiyifunda ku Mozaya 3:18–19 malunga nokuba kuthetha ukuthini ukuba ngcwele?

  • Undincede njani uYesu Krestu ukuba ndoyise isono, ndiguqule indalo yam, kwaye ndibe ngakumbi njengongcwele?

Mozaya 3:5–21

“INkosi enaMandla Onke … uya kwehla evela ezulwini.”

Amandla ombane akunika ntoni onokukwazi ukuyenza? Ubomi bakho bebuya kwahluka njani ngaphandle kwawo? Le mibuzo inokukunceda ucingisise nzulu ngakumbi amandla anokuthi uMsindisi awazise ebomini bakho.

Ingelosi eyabonakala kuKumkani uBhenjamin yabhekisa kuYesu Krestu njenge “Nkosi enaMandla Onke,” isibizo esigxininisa ukuba Yena unawo amandla onke. Yintoni oyifunda ku Mozaya 3:5–21 malunga nendlela uMsindisi asebenzisa ngayo loo mandla? Uwabone njani amandla oMsindisi ebomini bakho nakubomi babantu abakungqongileyo? Amandla aKhe akwenza ukuba wenze ntoni kwaye ube yintoni? Ubomi bakho bebuya kwahluka njani ngaphandle kwawo?

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lweLiyahona neencwadi Okwenzele Ukomeleza uLutsha.

Izimvo zokuFundisa Abantwana

Mozaya 2:11–18

Xa ndikhonza abanye, ndikwakhonza uThixo.

  • Iphepha lomsebenzi wale veki linesithsaba esilula esinokwenziwa ngabantwana bakho. Mhlawumbi bangathanda ukutshintshisana ngokuma esitulweni bazenze uKumkani uBhenjamin ngelilixa usabelana ngezinto ezithile uKumkani uBhenjamin awazifundisa abantu bakhe, ezifumaneka ku Mozaya 2–3.  

  • UMozaya 2:17 inokuba ngumqolo olungileyo wokuba abantwana bakho bawufunde. Ungabanceda baphinde amagama ambalwa ngexesha. Okanye ungawubhala phantsi umqolo, namagama amanye alahlekileyo, kwaye ucele abantwana bakho ukuba bakhangele amagama angekhoyo. Emva koko unokuthetha nabantwana bakho ngesizathu sokuba uThixo efuna sikhonzane.

  • Unganceda abantwana bakho baphande Mozaya 2:11–18 ukufumanisa ukuba uKumkani uBhenjamin wenza ntoni ukukhonza abanye. Emva koko abantwana bakho banokubhala kwimicu yamaphepha iindlela abanokukhonza ngazo amalungu osapho. Beka amaphepha kwisikhongozeli, njengengxowa okanye ijagi, ukuze abantwana bakho bachole ibe nye usuku ngalunye kwaye benze eso senzo senkonzo komnye umntu.

Abantwana bayaxhamla kuphindaphindo. Musa ukoyika ukuphindaphinda imisebenzi izihlandlo ezininzi, ingakumbi kubantwana abancinane. Ukuphindaphinda kuya kunceda abantwana bakhumbule oko bakufundileyo.

Umfanekiso
Abantwana besonga isiqwenga selaphu

UKumkani uBhenjamin wafundisa ukuba singakhonza uThixo ngokukhonza abanye.

Mozaya 2:19–25

Zonke iintsikelelo zam ziphuma kuBawo oseZulwini.

  • Inkonzo kaKumkani uBhenjamin kubantu bakhe yaphenjelelwa ngumbulelo wakhe onzulu kuThixo. Uyakuziphembelela njani iimvakalelo ezifanayo ebantwaneni bakho? Ninokufunda kunye Mozaya 2:21 kwaye niqale uluhlu lweentsikelelo uBawo oseZulwini aninike zona. Emva koko mhlawumbi unokongeza kuluhlu lwezinye iintsikelelo abantwana abacinga ngazo.

  • Nanku umdlalo onokuwudlala ukunceda abantwana bakho babone iintsikelelo zikaBawo oseZulwini. Abantwana banokudlulisa umfanekiso woMsindisi njengoko becula okanye bephulaphula ingoma ngombulelo. Yeka ukucula okanye uyeke umculo ngamaxesha athile, kwaye umeme nabani na ophethe umfanekiso ukuba athethe ngentsikelelo abanombulelo ngayo. Ngokuka Mozaya 2:22–24, singabonisa njani ukuba sinombulelo ngeentsikelelo zethu?

Mozaya 3:5–10, 19

UYesu Krestu uyakundinceda ndifane naYe ngakumbi.

  • Ingelosi yaxelela uKumkani uBhenjamin iinyaniso ezibalulekileyo malunga nobomi nobufundisi bukaYesu Krestu. Mhlawumbi wena nabantwana bakho ninokukhangela imifanekiso yezinye zeziganeko ezikhankanywe ku Mozaya 3:5–10 (bona, umzekelo, INcwadi yoMsebenzi yoBugcisa beVangeli, amanani 30, 41, 42, 5759). Njengokuba ufunda Mozaya 3:5–10, abantwana bakho banokuphakamisa izandla xa besiva into ethile kwibinzana elibonakala komnye wemifanekiso.

  • Ngaba abantwana bakho bakhe bancedisa ekuphekeni ukutya besebenzisa iresiphi? Mhlawumbi ungathetha nga loo mava kwaye usebenzise Mozaya 3:19 ukuza “neresiphi” yendlela thina esinokufana ngayo noYesu Krestu. Usinceda njani uYesu ukuba sibe njengaYe?

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
UKumkani uBhenjamin eshumayeza abantu bakhe

King Benjamin’s Address [Intetha kaKumkani uBhenjamin], nguJeremy Winborg

Shicilela