Yizani, Nindilandele 2024
Tshazimpuzi 29–UCanzibe 5: “Inguqu Enzulu.” Mozaya 4–6


“Tshazimpuzi 29–UCanzibe 5: ‘Inguqu Enzulu.’ Mozaya 4–6,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: iNcwadi kaMormoni 2024 (2024)

“UTshazimpuzi 29–UCanzibe 5. Mozaya 4–6,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2024)

Umfanekiso
UKumkani uBhenjamin efundisa abantu bakhe

In the Service of Your God [KwiNkonzo yoThixo waKho], nguWalter Rane

Tshazimpuzi 29–UCanzibe 5: “Inguqu Enzulu”

Mozaya 4–6

Ngaba wakhe wamva umntu ethetha kwaye waziva uphenjelelwa ukuba utshintshe ubomi bakho? Mhlawumbi, ngenxa yoko wakuvayo, wagqiba kwelokuba uphile ngokwahlukileyo—nokuba kungokuhlukileyo kakhulu. Intshumayelo kaKumkani uBhenjamin yayilolo hlobo lwentshumayelo, kwaye iinyaniso awazifundisayo zazinolo hlobo lwempembelelo ebantwini ababeziva. UKumkani uBhenjamin wabelana nabantu bakhe oko ingelosi yamfundisa kona—ukuba iintsikelelo ezimangalisayo zazinokwenzeka “ngegazi elihlawulelayo likaKrestu” (Mozaya 4:2). Ngenxa yomyalezo wakhe, batshintsha yonke indlela ababezijonga ngayo (bona Mozaya 4:2), uMoya watshintsha iminqweno yabo (bona Mozaya 5:2), kwaye banqophisana noThixo okokuba baya kuhlala besenza intando yaKhe (bona Mozaya 5:5). Le yindlela amazwi kaKumkani uBhenjamin abachapazela ngayo abantu bakhe. Azakukuchaphazela njani wena?

Izimvo zokuFunda eKhaya naseBandleni

Mozaya 4

NgoYesu Krestu, ndingafumana kwaye ndigcine uxolelo lwezono zam.

Ngamanye amaxesha, nokuba sele uziva ukuba uxolelwe izono zakho, kunokuba nzima ukugcina loo mvakalelo kwaye uqhubeke kwindlela yobulungisa. UKumkani uBhenjamin wafundisa abantu bakhe ukuba bangalufumana njani kwaye balugcine njani uxolelo lwezono. Njengokuba ufunda isahluko 4 sikaMozaya, cinga ngokubuza imibuzo efana nale:

Imiqolo 1–8.Ziziphi iimeko apho uThixo anika uxolelo lwezono zakho? Yintoni oyifundayo ngaYe kule miqolo ekuphembelela ukuba uguquke? Unokwazi njani ukuba uguqukile?

Imiqolo 11–16.Ngokwa le miqolo, kwenzeka ntoni kubomi bethu ukuba senza izinto ezichazwe ku mqolo 11? Ngaba wena, okanye umntu omthandayo, unamava ngolu tshintsho? Thelekisa olu tshintsho notshintsho oluchazwe ku Mozaya 3:19.

Imiqolo 16–30.Ukwabelana nabanye ngezinto onazo kungakunceda njani ukuba ugcine uxolelo lwezono zakho? Unokuwusebenzisa njani umqolo 27 kwimizamo yakho yokufana noKrestu?

Kungayiphi ingqiqo ukuba sonke singabangqibi? Ngokwa le miqolo, sifanele ukubaphatha njani bonke abantwana bakaThixo? (bona Mozaya 4:26). Ngubani ofuna uncedo lwakho?

Umfanekiso
umfanekiso wemfundo yolutsha

Mozaya 4:5–10

Ndiyakholelwa kwaye ndiyamthemba uThixo.

Isimemo sikaKumkani uBhenjamin sokukholelwa kwaye nokuthemba uThixo sibalulekile namhlanje njengokuba sasinjalo kumaxesha amandulo. Njengoko ufunda Mozaya 4:5–10, khangela iinyaniso ngoThixo ezikunika isizathu sokumthemba. Qaphela izimemo uKumkani uBhenjamin azinikayo kumqolo 10. Kutheni ukuthembela kuThixo kunokwenza kube lula ukwenza oko uKumkani uBhenjamin akumemayo?

Cinga ngokuphanda ezinye zezi zibhalo zongezelelweyo ukwenza uluhlu lweempawu zikaThixo: Yeremiya 32:17; 1 Yohane 4:8; 2 Nifayi 9:17; Alma 32:22; Mormoni 9:9; Etere 3:12; IMfundiso neMinqophiso 19:1–3; 88:41. Unokusebenzisa uluhlu lwakho ukuza neendlela ezahlukeneyo zokugqibezela isivakalisi esinje: “Ngenxa yokuba ndiyazi ukuba uThixo ukho , Ndinokumthemba ukuba Yena anga .”

Ukuthembela kwethu kuThixo kuyanda njengoko sinamava kunye naYe. Ku Mozaya 4:1–3, yintoni eyanceda abantu bakaKumkani uBhenjamin “bafikele kulwazi ngokulunga kukaThixo”? (mqolo 6). Cinga ngamava oke wabanawo noThixo. La mava akufundise ntoni ngaYe? Ngawaphi amanyathelo owathathayo (okanye onokuthi uwathabathe) ukuze wenze nzulu ukholo lwakho okanye ukuthembela kwakho kuThixo?

Yabelanani ngamava angcwele. Amanye amava angcwele kakhulu okanye angobuqu ukuba ungabelana ngawo. Xa umema abanye ukuba babelane ngamava, ungabanyanzeli ukuba babelane ukuba abafuni.

Mozaya 4:29–30

Kumele ndizilumkele iingcinga, amazwi, nezenzo zam.

UThixo akasiniki uluhlu lwaso sonke isono esinokwenzeka. Ngokuka Mozaya 4:29–30, yintoni Ayenzayo endaweni yoko? Cingisisa ngendlela iingcinga, amazwi, nezenzo zakho zikuchaphazela ngayo wena nabanye. Ziluchaphazela njani ulwalamano lwakho noThixo? Wena “[uzi]gada” njani?

Mozaya 5:1–5

UMoya weNkosi unokubangela inguqu enzulu entliziyweni yam.

Kuqhelekile ukuba abantu bathi “Andikwazi ukuguquka. Yindlela nje endiyiyo.” Ngokuchaseneyo, amava abantu bakaKumkani uBhenjamin asibonisa indlela uMoya weNkosi onokuguqula ngayo ngokwenene iintliziyo zethu. Njengoko ufunda ku Mozaya 5:1–5, cinga ngendlela “inguqu enzulu” ekhokelela kwinguquko yenene eyenzeka—okanye enokwenzenka—ebomini bakho. Cinga ngenguqu echubekileyo, kancinci kunye namava “anamandla”. Akunceda njani la mava xa ujamelene nesihendo?

Bona kananjalo Hezekile 36:26–27; Alma 5:14.

Umfanekiso
UKrestu ephilisa umfazi ogulayo

Healing Hands [Izandla Eziphilisayo], nguAdam Abram

Mozaya 5:5–15

Ndithabathela kum igama likaKrestu xa ndisenza iminqophiso kunye naYe.

Ufunda ntoni ku Mozaya 5:7–9 malunga nokuba kuthetha ukuthini ukuthabathela kuwe igama likaKrestu? Imithandazo yomthedeleko (bona Moronayi 4–5) ifundisa ntoni malunga noku? Unokubonisa njani ukuba “ungokaMsindisi”?

Izimvo zokuFundisa Abantwana

Mozaya 4:1–3, 10

Inguquko izisa uvuyo.

  • Ukufundisa ngovuyo lwenguquko, mhlawumbi unganako ukuvumela abantwana bakho ukuba izandla zabo zibencangathi okanye zibemdaka kwaye uqaphele indlela abaziva ngayo emva kokuhlamba. Emva koko unokuthelekisa oko nendlela abantu ku Mozaya 4:1–3 abaziva ngayo ngaphambili nangasemva kokuba izono zabo zixolelwe. Yabelana ngobungqina bakho bamandla oMsindisi okusihlambulula ngokwasemoyeni.

  • Ngaba abantwana bakho bayayazi indlela yokuguquka ngokupheleleyo nangokunyanisekileyo? Bancede bafumane into eyenziwa ngabantu bakaKumkani uBhenjamin ku Mozaya 4:1– 3, 10. Basenokuphinda bahlole “Guquka, Inguquko” kuso IsiKhokelo kwiZibhalo. UYesu Krestu uyenza ibe nokwenzeka njani inguquko?

Mozaya 4:12–26

Ivangeli kaYesu Krestu iyandiphembelela ukuba ndiphathe abanye ngothando nobubele.

  • Ukukhonza abanye kusenza sizive sonwabile. Mhlawumbi abantwana bakho banokuthetha ngexesha abathi ngalo bathanda okanye bakhonza omnye umntu kunye nendlela loo mava abenza baziva ngayo. Ziziphi ezinye zezizathu zokuba abantu bangafuni ukukhonza abanye? Yintoni esinokuyithetha komnye umntu xa simcela ukuba ancede abantu abasweleyo? Khangela izimvo ku Mozaya 4:16–26.

  • Ukumkani uBhenjamin wafundisa ukuba xa siza kuKrestu kwaye sifumane uxolelo lwezono zethu, “sizaliswa luthando lukaThixo” (Mozaya 4:12). Oku kusikhokelela ekubeni sibe nothando nobubele kwabanye. Wena nabantwana bakho ningakhangela ku Mozaya 4:13–16, 26 kwaye nifumane amabinzana achaza indlela esinokukhonza ngayo abanye. Basenokulinganisa ezi zinto okanye bazobe imifanekiso yawoo baze baqikelele amabinzana omnye nomnye. Sinokulubonisa njani uthando nobubele ekhaya, esikolweni, okanye ebandleni?

Umfanekiso
intombazana encinane idlala nosana

UYesu Krestu wasifundisa ukuba sibe nobubele kwabanye.

Mozaya 5:5–15

Njengokuba ndisenza iminqophiso noThixo, ndithabathela kum igama likaKrestu.

  • Abantwana bakho bangakonwabela ukwenza iibheji ezibonisa igama elithi “Yesu Krestu” kwaye bazinxibe ezintliziyweni zabo (bona iphepha lomsebenzi wale veki). Ngelixa besenza njalo, ungabafundela ku Mozaya 5:12 uze uthethe ngendlela ukwenza iminqophiso, okanye izithembiso, noThixo kufana nokuba negama likaKrestu “lihlala libhaliwe ngamaxesha onke ezintliziyweni [zethu].”

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
UKrestu esondla iintaka

In His Constant Care [KwiNkathalo yaKhe Rhoqo]nguGreg K. Olsen

Shicilela