Yizani, Nindilandele 2024
EyeKhala 29–EyeThupha 4: “Khangela kuThixo uze uPhile.” Alma 36–38


“EyeKhala 29–EyeThupha 4: ‘Khangela kuThixo uze uPhile.’ Alma 36-38,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: iNcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“EyeKhala 29–EyeThupha 4. Alma 36–38,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2023)

Umfanekiso
umfazi ethandaza

Woman [Umfazi], nguJen Tolman, ayinakukhutshelwa

EyeKhala 29–EyeThupha 4: “Khangela kuThixo uze uPhile”

Alma 36–38

Xa uAlma ebona inkohlakalo emngqongileyo, weva “usizi,” olunzulu “inkxwaleko,” kunye “nentlupheko yomphefumlo,” (Alma 8:14). “Inkohlakalo phakathi kwaba bantu,” watsho malunga namaZoramayithi, “iyawuhlungisa umphefumlo wam” (Alma 31:30). Weva into efanayo emva kokuba ebuyile kubufundisi bakhe kumaZoramayithi—waqaphela ukuba iintliziyo zabaninzi bamaNifayithi “zaqalisa ukuba lukhuni, nokokuba baqalisa ukukhubeka ngenxa yobungqongqo belizwi,” kwaye oku kwayenza intliziyo yakhe “yabalusizi ngokugqithisileyo” (Alma 35:15). Wenza ntoni uAlma ngento awayibonayo nawayivayo? Akazange nje adimazeke okanye agxeke imeko yehlabathi. Endaweni yoko, “wabangela okokuba oonyana bakhe bahlanganiswe kunye,” kwaye wabafundisa “nezinto eziphathelele nasebulungiseni.” (Alma 35:16). Wabafundisa ukuba “ayikho enye indlela okanye uhlobo anokuthi umntu asindiswe ngalo, kuphela kungaye uKrestu. … Qaphela, ububomi nokhanyiselo lwehlabathi. (Alma 38:9).

Iingcebiso zokuFundisa eKhaya naseBandleni

Alma 36; 38:5–6

Ndinokuzalwa ngokukaThixo.

Bambalwa abazakuba namava amangalisayo njengoguquko luka-Alma. Kodwa wonke umntu kufuneka “azalwe ngokukaThixo,” nangona iqhele ukwenzeka ngokuthe ngcembe (Alma 36:23; 38:6). Njengokuba ufunda u Alma 36, cinga malunga nokuba kuthetha ukuthini ukuzalwa ngokukaThixo. Ngokomzekelo, xa sizalwa ngokukaThixo, sivakalelwa njani ngesono? ngoYesu Krestu? Ingaba ukuzalwa ngokukaThixo kukuchaphazela njani oko okwenzayo ekusabeleni kwiimpazamo zakho? Loluphi olunye utshintsho olwenzekayo kwiinkolelo nakwizenzo zakho? Cingisisa ngendlela onamava ngayo ngolu tshintsho.

Bona kananjalo Mozaya 5:7; 27:25–26; Alma 5:14; 22:15; Hilamani 3:35.

Alma 36:12–24; 38:8–9

UYesu Krestu uthabathela indawo yentlungu ngovuyo.

Ngamanye amaxesha abantu bayoyika ukuguquka, bebona inguquko njengesohlwayo esibuhlungu sesono. Ucinga ukuba uAlma angathini ngalo nto? Ukufumana, ungachasanisa indlela ubomi buka-Alma obabuyiyo ngaphambi kokuba aguquke (bona Alma 36:6–17) nenkcazelo yakhe ngaye emva kokuba eguqukile (bona imiqolo 18–27). Ngokuka Alma 36:17–18, wafikelela njani uAlma kolu xolelo?

Alma 37

Izibhalo zigcinelwe “injongo yobulumko.”

Cinga ngommangaliso kunye nentsikelelo ekuyiyo ukuba nezibhalo namhlanje! Njengokuba ufunda u Alma 37, khangela iintsikelelo eziza ngokuba nezibhalo (bona, umzekelo, imiqolo 7–10, 18–19, 44–45).

Ku Alma 37:38–47, uAlma wathelekisa “ilizwi likaKrestu” neLiyahona. Njengoko ucingisisa olu thelekiso, phonononga ngeendlela oye wawuva ngayo ummangaliso namandla eemfundiso zikaKrestu “umhla nomhla.” (Alma 37:40).

Umfanekiso
umfazi efunda izibhalo

Izibhalo zisifundisa indlela yokulandela uThixo.

Alma 37:1–14

Umfanekiso
seminary icon
“Ngezinto ezincinane nezinto ezingenamsebenzi izinto ezinkulu ziyenzeka.”

Ngamanye amaxesha sinokuziva ngathi iingxaki zethu zinkulu kwaye zintsonkothile kangangokuba izisombululo mazibe nkulu kwaye zibenzima. Kodwa oko akuyiyo indlela yeNkosi. Njengoko ufunda ku Alma 37:1–14, cinga ukuba yintoni ekuchazayo ngendlela aWenza ngayo umsebenzi Wakhe. Emva koko ungacingisisa kwaye ubhale phantsi iindlela owubone lo mgaqo usebenza ngayo ebomini bakho.

Ukuba ubuzakufundisa lo mgaqo komnye umntu, yiyiphi imizekelo kwindalo okanye kubomi bemihla ngemihla obunokuyisebenzisa ukubonisa oku?

Zeziphi izinto ezincinane nezingenamsebenzi ezikusondeza kufutshane noBawo Osezulwini kunye noYesu Krestu?

Futhi, ukhetho lwethu lwezinto “ezincinane nezingenamisebenzi” lungenza umahluko omkhulu ebomini bethu. Zibuze imibuzo efana nale: Ingaba ukhetho lwam ngale nto lundichaphazela njani kunye nabantu abandingqongileyo? Zeziphi iinguquko ezincinane nezingenamsebenzi endinokuzenza ezinokukhokelela kuxolo nolonwabo olukhulu?

Sebenzisa izinto ezincinane nezingenamsebenzi. Njengazinto zonke ezininzi ebomini, ukufundisa nokufunda ivangeli kungenziwa ngezinto ezincinane nezingenamzebenzi. Ngokomzekelo, intwanyana yetyuwa okanye isibilisi zingasetyenziswa njani ukufundisa amandla ezinto ezincinane nezingenamsebenzi ? (bona Mateyu 5:13; 13:33).

Alma 37:35–37

“Cebisana neNkosi.”

Ku Alma 37:35–37, khangela izimemo zika-Alma kunyana wakhe uHilamani. Sesiphi kwezi zimemo oziva uchukumiseka ukuba usebenze ngaso? Ngokomzekelo, ungacingisisa ukuba kuthetha ukuthini uku “cebisana neNkosi” (umqolo 37). Ingaba uzame njani ukukwenza oku? Yena ukukhokelele njani wena kokulungileyo?

Alma 38

Ukwabelana ngobungqina bam bukaYesu Krestu bungabanceda abanye beze kuYe.

Amazwi ka-Alma kunyana wakhe uShiblani anika umzekelo omhle wokomeleza nokukhuthaza abantu esibathandayo ekuphileni ivangeli. Ukufunda u Alma 38 kungakunika ezinye iingcebiso zokuncedisa amalungu osapho kunye nabahlobo bafumane ukomelela kuYesu Krestu. Bhala phantsi oko ukufumeneyo.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

Alma 36:6–24

Ukuguquka kundinika uvuyo kuYesu Krestu.

  • Ukunceda abantwana bakho baqonde ukuba ukuguquka kuzisa uvuyo, ungabanika isiqwenga sephepha esinobuso obuswabulukileyo kwelinye icala nobuso obudangeleyo kwelinye. Bacele baphulaphule ngeli xa wena ufunda okanye ushwankathela u Alma 36:13, 17–20 kwaye uphakamise obunye bobuso ukubonisa indlela u-Alma awaziva ngayo. Abantwana abadala bangabhala phantsi amazwi okanye izicatshulwa ezichaza indlela awaziva ngayo. Yintoni eyenza uAlma abebuhlungu, kwaye yintoni eyamphathela uvuyo? Ngoko ungabaxelela ngovuyo oluvayo wena xa uguquka.

Alma 37:6–7

“Ngezinto ezincinane nezinto ezingenamsebenzi izinto ezinkulu ziyenzeka.”

  • Abantwana bakho bangakonwabela ukufumana izinto ezincinane ezenza izinto ezinkulu zenzeke. Izinto ezinje nge bhetri, isitshixo senqwelo-mafutha, okanye nje izinto zokudlala ezibathuthuzelayo zingayimizekelo. Nisenokufunda kunye u Alma 37:6–7 kwaye nicinge ngezinye izinto ezincinane okanye izinto ezingenamsebenzi uThixo afuna sizenze. Zeziphi izinto ezinkulu ezinokwenzeka xa sithobela le mimiselo emincinci okanye elula?

  • Abantwana bakho bangazama futhi ngolu hlobo: qalisa ukugcwalisa ikomityi ngamanzi, ngokweqabaza ngalinye. Oku kunxulumana njani ku Alma 37:6–7? Ngoko ungathetha malunga ne “zinto ezincinane kwaye ezingenamsebenzi” zeNkosi. Njengokufunda izibhalo ntsuku zonke, zifana namaqabaza amanzi awela ekomityini.

  • Nceda abantwana bakho bacinge ngeendlela abangenza ngazo izinto ezinkulu emakhaya, esikolweni, okanye ebandleni.

Alma 37:38–47

Izibhalo zingandinceda ntsuku zonke.

  • Ungabanceda njani abantwana bakho bakhule ekuthandeni ilizwi likaThixo njengoko uAlma wenzayo kuHilamani? Cingisisa ngokubabonisa umfanekiso weLiyahona okanye ubameme ukuba bazobe okokuqala ngelixa besabelana ngoko bakwaziyo ngayo (bona Alma 37:38–47; 1 Nifayi 16:10, 28–29). Ingaba izibhalo zifana njani ne Liyahona?

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
ingelosi ibonakala kuAlma noonyana bakaMozaya

Angel Appears to Alma and the Sons of Mosiah [Ingelosi Ibonakala kuAlma nooNyana bakaMozaya], nguClark Kelley Price

Shicilela