Yizani, Nindilandele 2024
EyeKhala 22–28: “Tyalani Eli Lizwi Ezintliziyweni Zenu.” Alma 32–35


“EyeKhala 22–28: “Tyalani Eli Lizwi Ezintliziyweni Zenu.’ Alma 32–35,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: INcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“EyeKhala 22–28. Alma 32–35,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2023)

Umfanekiso
imbewu esandleni somntwana

EyeKhala 22–28: “Tyalani Eli Lizwi Ezintliziyweni Zenu”

Alma 32–35

KumaZoramayithi, umthandazo wawuquka ukuma apho wonke umntu wayenokubona kwaye aphinde amazwi angenanto, nokuzanelisa. AmaZoramayithi ayeswele ukholo kuYesu Krestu—aye abukhanyela ubukho baKhe—kwaye atshutshisa amahlwempu (bona Alma 31:9–25). Ngokuchaseneyo, uAlma noAmyuleki bafundisa ukuba umthandazo unento enininzi yokwenza noko kwenzeka ezintliziyweni zethu kunoko kwenzeka eqongeni lasesidlangalaleni. Yaye ukuba asibonisi mfesane kubantu abasweleyo, umthandazo wethu, “ulilize, kwaye … awuloncedo” (Alma 34:28). Okona kubalulekileyo, sithandaza kuba sinokholo kuYesu Krestu, obonelela ngentlawulelo yaKhe “elingenasiphelo kwaye nelingunaphakade” (Alma 34:10). Ukholo olunjalo, uAlma wacacisa, luzalwa yintobeko “nomnqweno wokukholwa” (Alma 32:27). Ngokuhamba kwexesha, ngokondliwa okuthe rhoqo, ilizwi likaThixo limilisela iingcambu ezintliziyweni zethu de libe lona liba “ngumthi ohlumela kubomi obungunaphakade.”(Alma 32:41).

Izimvo zokufunda eKhaya naseBandleni.

Alma 32:17–43

Ndibonisa ukholo kuYesu Krestu ngokutyala nokondla ilizwi laKhe entliziyweni yam.

Njengoko ufunda u Alma 32:17–43, qaphela amazwi namabinzana akuncedayo ukusebenzisa ukholo kuYesu Krestu. Yintoni oyifundayo malunga nokuba luyintoni na ukholo nokuba yintoni olungeyiyo?

Enye indlela yokufunda u Alma 32–34 kukuzoba imifanekiso ebonisa izigaba ezahlukeneyo zokukhula kwembewu. Emva koko leyibhelisha umfanekiso ngamnye ngamazwi asuka ku Alma 32:28–43 akunceda ukuba uqonde indlela yokutyala nokondla ilizwi likaThixo entliziyweni yakho.

Bona kananjalo uRussell M. Nelson, “UKrestu Uvukile; Ukholo kuYe Luya Kususa Iintaba,” Liyahona, Canzibe 2021, 101–4.

Alma 32:26–43

Ndingakwazi ukuzazela ngokwam.

KumaZoramayithi awayengekaqiniseki ngobungqina buka-Alma bukaKrestu, u-Alma wacebisa “niwalinge”. (bona Alma 32:27). Ukulinga kufuna umnqweno, umdla, isenzo, nokholo oluncinane—yaye zingakhokelela kwizinto ezimangalisayo! Cinga ngokulinga okubonileyo okanye othathe inxaxheba kuko. Ngokuka Alma 32:26–36, loluphi uhlobo lokulinga olungakhokelela ekukholweni kuYesu Krestu?

Uye ‘walinga’ njani phezu kwelizwi likaThixo waza wazi ukuba “ilizwi lilungile”? (Alma 32:28).

Alma 33:2–11; 34:17–29

Ndingamnqula uThixo ngokuthandaza, nangaliphi na ixesha nakuyiphi na indawo.

Ingcebiso ka-Alma no-Amuleki ngonqulo nomthandazo yayenzelwe ukulungisa okona kungaqondi okuthile kumaZoramayithi ayenako. Cinga ngokuzidwelisa zona (bona Alma 31:13–23). Ecaleni kolu luhlu, unokwenza uluhlu lweenyaniso ngomthandazo ku Alma 33:2–11 no 34:17–29 Izinto ozifunda kule miqolo ziya kuyichaphazela njani indlela othandaza ngayo nonqula ngayo?

Alma 34:9–16

Umfanekiso
seminary icon
Ndiyamdinga uYesu Krestu neNtlawulo yaKhe.

Qaphela ukuba mangaphi amaxesha uAmyuleki asebenzise amagama engenasiphelo ne naphakade ukuchaza idini lentlawulelo loMsindisi Alma 34:9–14. Kutheni kubalulekile ukwazi ukuba iNtlawulelo yoMsindisi ayinasiphelo kwaye ingunaphakade? Khangela amagama namabinzana kule miqolo echaza kananjalo iNtlawulelolo yoMsindisi: AmaHebhere 10:10; 2 Nifayi 9:21; Mozaya 3:13.

Kwanaxa siwazi amandla kaYesu okusindisa akanasiphelo kwaye angunaphakade, maxa wambi sinokuthandabuza ukuba ayasebenza kuthi—okanye kumntu owone ngokuchasene nathi. Umdala uDavid A. Bednar wakhe wathetha ngabantu “ababonakala benokholo kuMsindisi, kodwa abakholelwa ukuba iintsikelelo zaKhe azithembisileyo ziyafumaneka kubo” (“If Ye Had Known Me,” Liahona, EyeNkanga. 2016, 104). Yintoni enokusithintela ekwamkeleni ngokupheleleyo amandla oMsindisi? Cingisisa ukuba ungazi njani ukuba iNtlawulelo kaYesu Krestu ayinasiphelo kwaye ingunaphakade.

Ukucingisisa ukuba uyidinga kangakanani iNtlawulelo yoMsindisi, kunokunceda ukucinga ngento oyidingayo yonke imihla. Zibuze, “Bungaba njani ubomi bam ngaphandle koku?” Ngoko, njengokuba ufunda u Alma 34:9–16, cingisisa ukuba bebunokuba njani ubomi bakho ngaphandle kukaYesu Krestu. Ungafumana ezinye iimbono ku 2 Nifayi 9: 9–9. Ungamshwankathela njani u Alma 34:9–10 kwisivakalisi esinye.

Alma 34:30–41

“Ngoku lilixa nomhla wosindiso lwenu.”

Khawucinge ukuba ufuna ukuthatha inxaxheba kugqatso lweembaleki okanye kumdlalo womculo. Bekuya kwenzeka ntoni ukuba ubunokulinda de kube lusuku lomsitho ukuze ulungiselele? Lo mzekelo unxulumana njani nezilumkiso zika-Amyuleki ku Alma 34:32–35? Buyintoni ubungozi bokulibazisa imigudu yethu yokuguquka nokutshintsha?

Umqolo kananjalo unomyalezo wabantu abanokuba nexhala lokuba sele belibazisile ixesha elide kwaye selidlulile ixesha lokuguquka. Ungathi uyintoni lo myalezo?

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

Izimvo Zokufundisa Abantwana

Alma 32:1–16

INkosi ingandifundisa njengoko ndikhetha ukuthobeka.

  • UAlma noAmyuleki baba nempumelelo ekufundiseni amaZoramayithi awayethobekile. Kuthetha ukuthini ukuthobeka? Nceda abantwana bakho bafumane inkcazelo yokuthobeka kwi IsiKhokelo kwiZibhalo Yeyiphi eminye imikhondo ngentsingiselo yala mazwi esinokuyifumana ku Alma 32:13–16? Cela abantwana bakho bagqibezele isivakalisi esifana nesithi “Ndithobekile xa ndi .”

Alma 32:28–43

Ubungqina bam ngoYesu Krestu buyakhula njengokuba ndibondla.

  • Imbewu, imithi, neziqhamo zizinto eziqhelekileyo ezinokunceda abantwana baqonde imigaqo engabonakaliyo njengokholo nobungqina. Vumela abantwana bakho babambe imbewu ngelixa ufunda u Alma 32:28. Emva koko ungabacela ukuba bakuncede ucinge ngeendlela ukukhulisa ubungqina bukaYesu Krestu kufana nokutyala nokondla imbewu. Mhlawumbi ungatyala imbewu yakho uze uthethe ngoko kufunekayo ukuze imbewu—okanye ubungqina—bukhule.

  • Umfanekiso womthi uhamba nolu lwandlalo; ungawusebenzisa ukubonisa amazwi ka-Alma ku Alma 32:28–43. Okanye usapho lwakho lunokuthatha uhambo lukhangele izityalo kumanqanaba ahlukeneyo okukhula kwaye bafunde imiqolo ku Alma 32 ethelekisa isityalo esikhulayo nokholo lwethu. Okanye mhlawumbi abantwana bakho bangazoba umthi ebhodini kwaye bongeze igqabi okanye isiqhamo ngalo lonke ixesha becinga ngento abanokuyenza ukunceda ubungqina babo bukaYesu Krestu bukhule.

  • Usenokuvumela abantwana bakho bazame ukutyhala imbewu (emela ilizwi likaThixo) etyeni (emela intliziyo enekratshi) nakumhlaba othambileyo (omela intliziyo ethobekileyo). Fundani kunye Alma 32: 27– 28. Thetha malunga nokuba kuthetha ukuthini “ukunika indawo” (umqolo 27) yelizwi likaThixo ezintliziyweni zethu.

Zoba imifanekiso Abanye abantu bafunda ngcono xa bezoba umfanekiso wento abayifundayo. Abantwana banokonwabela ukuzoba imbewu ekhulayo ibe ngumthi njengoko befunda u Alma 32

Alma 33:2–11; 34:17–29

Ndingathandaza kuBawo oseZulwini nangaliphi na ixesha, ngayo nantoni na.

  • Nceda abantwana bakho bafumane amabinzana achaza iindawo esinokuthandaza kuzo (ku Alma 33:4–11) nezinto esinokuthandazela ngazo (ku Alma 34:17–27). Mhlawumbi bangazoba imifanekiso yabo bethandaza kwezi ndawo. Yabelanani ngamava xa uBawo oseZulwini weva imithandazo yenu.   

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
iziqhamo emthini

“Kwaye ngenxa yokuwondla ngelizwi ngenkuthalo yakho nokholo lwakho nomonde wakho, … qaphelani, ethubeni uya kukha isiqhamo sawo esisesona, sixabiseke kakhulu” (Alma 32:42).

Shicilela