Yizani, Nindilandele 2024
EyeKhala 15–21: “Ukulunga kweLizwi likaThixo.” Alma 30–31


“EyeKhala 15–21: ‘Ukulunga kweLizwi likaThixo.’ Alma 30–31,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: iNcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“EyeKhala 15–21. Alma 30–31,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2023)

Umfanekiso
UAlma efundisa uKorihor

All Things Denote There Is a God (Alma and Korihor) [Zonke Izinto Zibonisa Okokuba Ukho uThixo] (Alma noKorihor), nguWalter Rane

EyeKhala15–21: “Ukulunga kweLizwi likaThixo”

Alma 30–31

Iingxelo eziku Alma 30–31 zibonisa ngokucacileyo amandla amazwi—obubi nokulungileyo. “Amazwi okunyhwalaza” kunye “amazwi amakhulu okukhukumala” womfundisi wobuxoki ogama linguKorihor agrogrisa ngokuyihlisela “imiphefumlo emininzi ezantsi ekutshatyalalisweni,” (Alma 30:31, 47). Ngokufanayo, iimfundiso zomkreqi womNifayithi ogama linguZoram zakhokelela iqela lonke labantu ukuba liwele “kwiimpazamo eziyingozi,” kwaye “aye azigqwetha iindlela zeNkosi” (Alma 31:9, 11).

Ngokuchaseneyo, uAlma wayenokholo olungashukumiyo lokuba ilizwi likaThixo liya kuba “nesiphumo esinamandla ngaphezu kweengqondo zabantu kunekrele, okanye nantoni na eyenye,” (Alma 31:5). Amazwi kaAlma avakalisa inyaniso yanaphakade kwaye atsalela phezu kwamandla kaYesu Krestu ukuba athulise uKorihor (bona Alma 30:39–50), kwaye amema intsikelelo yaKhe kwabo bahamba naye ukubuyisela amaZoramayithi enyanisweni (bona Alma 31:31–38). Le yimizekelo ebalulekileyo kubalandeli bakaKrestu namhlanje xa izigidimi zobuxoki zixhaphakile. Kodwa singayifumana inyaniso ngokuthemba, njengoko uAlma wenzayo, “ukulunga kwelizwi likaThixo” (Alma 31:5).

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni

Alma 30:6–31

Umfanekiso
umfanekiso weengcinga
Utshaba luzama ukundilahlekisa ngeemfundiso zobuxoki.

Ku Alma 30, uKorihor ubizwa “umchasi-Krestu” (umqolo 6). Umchasi-Krestu nguye nabani na nokuba nantoni na esekuhleni okanye emfihlakalweni echasene noYesu Krestu kunye nevangeli yaKhe. Yeyiphi imiqolo ku Alma 30:6–31 ebonisa ukuba uKorihor uyifanele le nkcazo? Ukufunda ngeemfundiso ezibubuxoki zikaKorihor kunokukunceda ukuba uqaphele kwaye wale iimfundiso ezifanayo. Le misebenzi ilandelayo ingakunceda kwisifundo sakho:

  • Zeziphi izifundo zezinto onokucinga ngazo ukuze uqonde ngcono umahluko phakathi kweemfundiso zoMsindisi nemilinganiso yobuxoki bukaSathana? Eminye imizekelo yimigibe esetyenziselwa ukuloba, imali yomgunyathi, kunye nentengiso yobuxoki. Unokwazi njani ukuba into ibubuxoki? Ungayiqonda njani inyaniso?

  • Cingisisa ngokwenza uluhlu lweemfundiso zobuxoki uKorihor awazifundisayo ku Alma 30:6–31. Zeziphi imfundiso zakhe ezinokuba nomtsalane namhlanje? (bona Alma 30:12–18, 23–28). Yeyiphi ingozi enokubangelwa lulwamkelo lweengcamango ezinjalo? Yeyiphi imiyalezo yobuxoki esentyenziswa lutshaba ukuzama ukukulahlekisa namhlanje?

  • Wenza ntoni uAlma ukulwa iimfundiso zikaKorihor ngenyaniso? (bona Alma 30: 31–54). Unokuyisebenzisa njani le migaqo ifanayo ebomini bakho?

Njengo Alma, abaprofeti nabapostile bale mihla bayasinceda ukuba sazi umahluko phakathi kwenyaniso nobuxoki bukaSathana.  

 

Umfanekiso
UKorihor uthetha no-Alma

Korihor Confronts Alma [UKorihor Ujongana no-Alma], nguRobert T. Barrett

Alma 30:39–46

Zonke izinto zingqina ngoThixo.

Abantu abaninzi namhlanje bakholelwa ukuba akukho Thixo. Yintoni oyifumana ku Alma 30:39–46 ekunceda ukuba wazi ukuba uThixo uyinyani? Yintoni na esithintelayo ukuba simazi? Bobuphi obunye ubungqina akunike bona uThixo bokuba uyaphila?

Alma 30:56–60

Utshaba alubaxhasi abalandeli balo.

Ufunda ntoni ku Alma 30:56–60 malunga nendlela umtyholi abaphatha ngayo abalandeli bakhe? Yintoni onokuyenza ukuze ukhusele ikhaya lakho kwimpembelelo yakhe?

Bona kananjalo Alma 36:3.

Alma 31

Ilizwi likaThixo linamandla okukhokelela abantu ebulungiseni.

Ingxaki yamaZoramayithi ezahlula kumaNifayithi yayinokubonakala kwabanye ngokungathi ifuna isisombululo sezopolitiko okanye somkhosi (bona Alma 31:1–4). Kodwa uAlma waye wafunda ukuthemba “ukulunga kwelizwi likaThixo” (Alma 31:5). Ufunda ntoni ku Alma 31:5 malunga namandla elizwi likaThixo? (bona kananjalo amaHebhere 4:12; 1 Nifayi 15:23–24; 2 Nifayi 31:20; Yakobi 2:8; Hilamani 3:29–30).

Njengoko ufunda Alma 31, zeziphi ezinye iinyaniso zevangeli ozifumana zisebenza kumava obomi bakho? Umzekelo:

  • Ulibone njani ilizwi likaThixo likhokelela abantu ekwenzeni izinto ezilungileyo? (bona umqolo 5).

  • Thelekisa izimo zengqondo, iimvakalelo, kunye nezenzo zika-Alma malunga nabanye (bona imiqolo 34–35) kunye nezo zamaZoramayithi (bona imiqolo 17–28). Ungafana njani ngakumbi no-Alma?

  • Yintoni oyifumanayo ku Alma 31:30–38 enokunceda abantu abalusizi ngenxa yezono zabanye?

Alma 31:5–6

Ngenxa kaYesu Krestu, nabani na unokutshintsha.

Qaphela iqela labantu uAlma wahamba kunye nalo ukuya kufundisa ivangeli kumaZoramayithi (bona Alma 31:6). Ufunda ntoni ngobomi baba bantu ku Mozaya 27:8–37; 28:4; Alma 10:1–6; 11:21–25; 15:3–12. Ngowuphi umyalezo ongakhona kuwe ngamava abo?

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

Alma 30

INcwadi kaMormoni iyandilumkisa ngeemfundiso zobuxoki.

  • Cinga ngokubonisa ezinye izinto (ezifana nemali okanye ukutya) kunye nezinto zokudlala zokulinganisa ezi zinto. Oku kunokukhokelela kwingxoxo emalunga nendlela yokwazi umahluko phakathi kwezinto eziyinyani nezinto ezibubuxoki. Emva koko unganceda abantwana bakho bachonge ku Alma 30:12–18 ubuxoki okanye iimfundiso ezibubuxoki uKorihor awazifundisa ngoThixo. Ku Alma 30:32–35, uAlma wasabela njani kobo buxoki? Yintoni esiyifundayo kumzekelo wakhe?

Alma 30:44

Zonke izinto zingqina ngoThixo.

  • UAlma wathetha ngendlela izinto ezisesibhakabhakeni nasemhlabeni ezingqina ngayo ukuba uThixo uyaphila. Ukuba kunokwenzeka, thatha uhambo ngaphandle nabantwana bakho okanye ume efestileni njengoko ufunda ku Alma 30:44. Bacele ukuba bakhombe izinto abazibonayo ezibanceda bazi ukuba uThixo ukho kwaye uyabathanda. Basenokuzoba imifanekiso yezinto abazibhaqileyo (bona iphepha lomsebenzi yale veki).

  •    

Abantwana bafunda ngokubonwayo. Izinto ezibonwayo ziya kunceda abantwana bakho baqonde ngcono kwaye bazikhumbule ixesha elide izinto abazifundisiweyo. Uninzi lwemisebenzi yabantwana kolu lwandlalo lucebisa okubonwayo ukuze kusetyenziswe. Cingisisa ngokubonisa imifanekiso ekwanjalo kwakhona kwilixa elizayo ukunceda abantwana bakhumbule oko bakufundileyo.

Alma 31:5

Ilizwi likaThixo linamandla.

  • Ungabanceda njani abantwana bakho baqonde ukuba ilizwi likaThixo linamandla ngaphezulu “kwayo nayiphi na into”? (Alma 31:5). Cingisisa ngokubacela ukuba bacinge ngento okanye omnye onamandla, okanye babonise imifanekiso yezinto ezimbalwa ezinamandla Yintoni ezenza zibenamandla? Fundani Alma 31:15 kunye, kwaye ubuze abantwana bakho ukuba bacinga ukuba uthetha ntoni lo mqolo. Yabelana ngamava xa ilizwi likaThixo lathi lanempembelelo enamandla kuwe.

Alma 31:8–35

uBawo Osezulwini uyayiva imithandazo yam.

  • Ngokufutshane shwankathela ibali lika-Alma namaZoramayithi ngokusebenzisa imiqolo Alma31:8–35. Nceda abantwana bakho bachonge izinto ezathethwa ngamaZoramayithi emithandazweni yawo (bona Alma 31:15–18) njengoko zinceda ekwakheni iphongoma lika Rameyamptam ngesakhiwo samatye. Cacisa ukuba le asiyiyo indlela esithandaza ngayo. Njengoko wena nabantwana bakho nithetha ngokuba simelwe ukuba sithandaze kanjani, bavumele basuse izitena okanye amatye ngalinye ngexesha. Mhlawumbi banokubeka ilitye elinye ecaleni komandlalo wabo ukubanceda ukuba bakhumbule ukuthandaza rhoqo kusasa nasebusuku. Basenokukonwabela ukuhombisa ilitye labo.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
UmZoramayithi ethandaza kwiRameyamptam

Iintliziyo zamaZoramayithi “zaziphakamele phezulu ekuzigwagwiseni okukhulu, ngekratshi labo.” (Alma 31:25).

Shicilela