Yizani, Nindilandele 2024
EyeKhala 8–14: “Abazange baKreqe.” Alma 23–29


“EyeKhala 8–14: “Abazange baKreqe.” Alma 23–29,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: INcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“EyeKhala 8–14. Alma 23–29,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2023)

Umfanekiso
Ama-Antayi-Nifayi-Lihayi engcwaba izikhali zawo

Anti-Nephi-Lehies Bury Their Weapons of War [Ama-Antayi-Nifayi-Lihayi Engcwaba Izikhali Zawo Zemfazwe], nguJody Livingston

EyeKhala 8–14: “Abazange baKreqe”

Alma 23–29

Ngaba ngamanye amaxesha uyazibuza ukuba abantu banako ngokwenene ukutshintsha? Mhlawumbi unexhala lokuba unokuloyisa kusini na ukhetho olubi olwenzileyo okanye imikhwa emibi oye wayiphuhlisa, okanye unokuba nexhala elifanayo malunga nabo obathandayo. Ukuba kunjalo, ibali lama-Anti-Nifayi-Lihayi linokukunceda. Aba bantu babeziintshaba ezifungelweyo zamaNifayithi. Xa oonyana bakaMozaya bagqiba ekubeni bashumayele ivangeli kuwo, amaNifayithi “abahleka abagxeka.” Ukubulala amaLeymenayithi kwabonakala njengesisombululo esivakalayo kunokuwaguqula. (Bona Alma 26:23–25.)

Kodwa amaLeymenayithi aye aguquka—ngamandla aguqulayo kaYesu Krestu. Bona babekhe baziwa “[nje]abantu abandlongo-ndlongo, nabaqaqadekileyo” (Alma 17:14, kodwa bona “[bo]hlulwa ngenzondelelo yabo kuThixo” (Alma 27:27). Enyanisweni, “abazange bakreqe” (Alma 23:6).

Mhlawumbi uneengcinga okanye izenzo ekufuneka uzitshintshe okanye “izikhali … zemvukelo” ukuzibeka phantsi (Alma 23:7). Okanye mhlawumbi kufuneka ube nenzondelelo ngakumbi kuThixo. Nokuba loluphi utshintsho oludingayo, uAlma 23–29 unokunika ithemba lokuba ngamandla entlawulelo kaYesu Krestu, utshintsho oluhlala ixesha elide lunokwenzeka.

Izimvo zokufunda eKhaya naseBandleni.

Alma 23– 25; 27

Umfanekiso
seminary icon
Inguquko yam kuYesu Krestu nevangeli yaKhe iyakubuguqula ubomi bam.

AmaLeymenayithi babengabonakali njengabatyunjwa abefanele inguquko,ukanti uninzi lwawo lwabanamava otshintsho olungummangaliso ngenxa kaYesu Krestu. La maLeymenayithi aguqukayo azibiza ngokuba ngama-Antayi-Nifayi-Lihayi.

Ukufunda u Alma 23–25; 27 kunokukukhuthaza ukuba ucingisise ngenguko yakho. Khangela indlela ama-Anti-Nifayi-Lihayi aguquka ngayo—indlela awaguqukela ngayo “eNkosini” (Alma 23:6). Le miqolo elandelayo inokukwenza uqalise:

Zeziphi iindlela uYesu Krestu nevangeli yaKhe akutshintshe ngayo? Wakhe waziva usondele nini kuYe? Ungazixelela njani ukuba uguqukela kuYesu Krestu? Yintoni elandelayo uMoya akuphembelela ukuba uyenze?

Alma 24:7–19; 26:17–22

Ngokuba UThixo enenceba, Uyandixolela xa ndiguquka.

Utshintsho olwathi lwenzeka kuma-Anti-Nifayi-Lihayi lwalungaphezulu nje kokuguquka kwendlela yokuziphatha—yayiyinguqulelo yentliziyo ezalwa lukholo kuYesu Krestu nenguquko enyanisekileyo. Mhlawumbi unokufumana inyaniso ngenguquko kumqolo ngamnye ku Alma 24:7–19. Le miqolo ifundisa ntoni ngenceba kaThixo kwabo baguqukayo? Zeziphi iinyaniso ezongezelelekileyo ozifundayo ku Alma 26:17–22?

Cingisisa ngendlela uThixo ayibonakalise ngayo inceba yakhe ebomini bakho. Ungawubonisa njani umbulelo wakho kuYe?

Alma 26; 29

Ukwabelana ngevangeli kuzisa uvuyo kum.

Igama elithi uvuyo livela izihlandlo ezingama-24 ku Alma 23–29, lisenza ezi zahluko zibe yindawo elungileyo yokufunda ukuba ungafumana njani uvuyo ekuphileni—nokwabelana—ivangeli yoMsindisi. Cinga ngokufunda u Alma 26:12–22, 35–37; no 29:1–17, ukhangela izizathu zokuba kutheni uAmon, oonyana bakaMozaya, noAlma bavuya. Yintoni oyifundayo kwezi zicatshulwa enokukhokelela kulonwabo olungakumbi ebomini bakho?

Umdala uMarcus B. Nash wafundisa: “Ukwabelana ngevangeli kuvuselela uvuyo nethemba emiphefumlweni yabo bobabini ophayo nomamkeli. … Ukwabelana ngevangeli luvuyo phezu kovuyo, ithemba phezu kwethemba” (“Hold Up Your Light,” Liahona, EyeNkanga. 2021, 71). Ngawaphi amava okhe waba nawo usabelana ngevangeli nabanye? Yeyiphi imingeni othi ujongane nayo xa ufuna ukwabelana ngevangeli? UBawo oseZulwini angakunceda njani ukuba woyise le mingeni?

Ngomyalelo wesiprofeto ngendlela yokwabelana ngevangeli—kwaye ufumane uvuyo ekuyenzeni—cinga ngokufunda umyalezo kaMongameli Dallin H. Oaks “Sharing the Restored Gospel,” (Liahona, EyeNkanga. 2016, 57–60). Ngawaphi amacebiso owafumana kumyalezo wakhe?

Cingisisa ngokwenza uluhlu lwezinto ongabelana ngazo nomhlobo ngeNcwadi kaMormoni. Cinga ngokwabelana ngeNcwadi kaMormoni usebenzisa usetyenziso lweNcwadi kaMormoni.

Jonga iiphatheni kunye nemixholo. Xa sifunda izibhalo, sinokufumana iinyaniso ezixabisekileyo ngokukhangela amagama aphindaphindiweyo, amabinzana okanye izimvo. Ezo zimvo ziphindaphindiweyo zinokunxulunyaniswa okanye zidityaniswe nezibhalo zakho ukuze kube lula ukuzibona.

Alma 26:5–7

Ndingafumana ukhuselo kuYesu Krestu nakwivangeli yaKhe.

Ngexesha lokuvuna, iinkozo zihlala ziqokelelwa zibe ziinyanda ezibizwa ngokuba zizithungu kwaye zibekwe kwiindawo, ngamanye amaxesha ezibizwa ngokuba ngoovimba. Ku Alma 26:5–7 cingisisa ukuba izithungu, oovimba, noqhwithelo zingamela ntoni na ebomini bakho. Ulufumana njani ukhuselo kuYesu Krestu?

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

Izimvo Zokufundisa Abantwana

Alma 24:6–24

INkosi iyandisikelela xa ndizama ukugcina izithembiso zam kuYe.

  • Mhlawumbi abantwana bakho bangakonwabela ukungcwaba “izixhobo” zabo njengama-Anti-Nifayi-Lehayi. Unokufunda imiqolo embalwa ku Alma 24:6–24 ukufundisa abantwana ngezithembiso ezenziwa ngama-Anti-Nifayi-Lihayi ukulandela uMsindisi. Basenokuthi emva koko bacinge ngento abaya kuyitshintsha ukuze bamlandele Yena, bayibhale kwiphepha lomsebenzi wale veki, baze benze ngathi bemba umngxuma baze bangcwabe isixhobo sabo.

  • Abantwana bakho banokufunda u Alma 24:15–19, bekhangela into eyenziwa ngama-Anti-Nifayi-Lihayi “njengobungqina kuThixo.” Emva koko unokuthetha nabo ngendlela iminqophiso yethu enokuba “bubungqina ngayo kuThixo” (umqolo 18). Vumela abantwana bakho bathethe ngendlela abaya kubonisa ngayo uThixo ukuba bafuna ukumlandela Yena.

Alma 24:7–10; 26:23–34; 27:27–30

Ndiyakwazi ukuguquka.

  • Ukunceda abantwana bakho babone indlela uYesu Krestu anokusinceda ngayo sitshintshe xa siguquka, ungabafundisa ngama-Anti-Nifayi-Lihayi. Ukwenza oku, unokuleyibhelisha izitya ezibini “phambi” kunye “nasemva.” Emva koko abantwana bakho banokufunda u Alma 17:14–15 no 27:27–30, babhale phantsi ukuba ayenjani amaLeymenayithi phambi nasemva kokuba eguqukile, kwaye bawabeke kwisitya esichanekileyo. Ngokuka Alma 24:7–10, yintoni eyabanceda batshintsha? Singawubonisa njani umbulelo wethu kuThixo ngenceba yaKhe?

Alma 26; 29

UYesu Krestu undizisela uvuyo, kwaye ndingabelana ngolu vuyo.

  • Mhlawumbi wena nabantwana bakho ningakonwabela ukuzoba imifanekiso yezinto kwivangeli kaYesu Krestu ezinizisela uvuyo. Yabelana ngomfanekiso wakho nabantwana bakho, kwaye ubakhuthaze ukuba babelane ngomfanekiso wabo nomnye umntu ukuze bancede naye loo mntu azive onwabile.

  • Nceda abantwana bakho bafumane amagama uvuyo kwaye ukugcoba ku Alma 26 no 29. Yintoni eyazisa ku-Amon no-Alma uvuyo okanye yababangela ukuba bagcobe? Lo mbuzo unokukhokelela kwingxoxo malunga novuyo oluza ekuphileni okanye ukwabelana ngevangeli likaYesu Krestu.

Alma 27:20–30

Ndingabancedisa abahlobo bam ukuliphila ivangeli kaYesu Krestu.

  • Abantwana bakho banokufunda u Alma 27:22–23, bejonge into eyenziwa ngamaNifayithi ukunceda ama-Anti-Nifayi-Lihayi ukuba agcine isithembiso sawo sokungaze alwe kwakhona. Sinokubanceda njani abahlobo bethu bagcine izithembiso zabo? Abantwana bakho banokulinganisa iimeko. Ngokomzekelo, sinokuthini kumhlobo ofuna ukuxoka okanye ukuba ngqwabalala?

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
Ama-Antayi-Nifayi-Lihayi engcwaba izikhali zawo

Illustration of the Anti-Nephi-Lehies burying their weapons [Umfanekiso wama-Antayi-Nifayi-Lihayi engcwaba izikhali zawo], nguDan Burr

Shicilela