Yizani, Nindilandele 2024
EyeKhala 1–7: “Ndiya Kwenza Isixhobo Ngawe.” Alma 17–22


“EyeKhala 1–7: ‘Ndiya Kwenza Isixhobo Ngawe.’ Alma 17–22,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: iNcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“EyeKhala 1–7. Alma 17–22,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2023)

Umfanekiso
UAmon uthetha noKumkani uLamonayi

Ammon and King Lamoni [uAmon noKumkani uLamonayi], nguScott M. Snow

EyeKhala 1–7: “Ndiya Kwenza Isixhobo Ngawe”

Alma 17–22

Cinga ngazo zonke izizathu ezinokuthi abantu bazinike zokuba bangabelani ngevangeli: “Andazi ngokwaneleyo” okanye “Andiqinisekanga ukuba baya kuba nomdla” okanye mhlawumbi “Ndiyoyika ukuba ndiya kwaliwa.” Mhlawumbi nawe ukhe ucinge ngendlela efanayo ngamaxesha athile. AmaNifayithi ayenesizathu esongezelelweyo okungabelani ngevangeli namaLeymenayithi: ayechazwa njengabantu “abandlongo-ndlongo kwa naba qaqadekileyo abanoburhalarhume; abantu abavuyiswayo kukugebenga amaNifayithi” (Alma 17:14; bona kananjalo Alma 26:23–25). Kodwa oonyana bakaMozaya babenesizathu esinamandla ngakumbi sokuba babeziva kufuneka babelane ngevangeli namaLeymenayithi: “Babenqwenela ukuba usindiso luvakaliswe kuzo zonke izidalwa, kuba babengenakho ukuyithwala into yokuba nawuphi na umphefumlo womntu utshabalale” (Mozaya 28:3). Olu thando olwaphembelela uAmon kunye nabantakwabo kananjalo lunako ukukuphembelela ukuba wabelane ngevangeli nosapho lwakho, abahlobo, kunye nabantu obaqhelileyo—nabo basenokubonakala bengayamkeli.

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni

Alma 17:1–4

Izenzo ezilula, ezingaguqukiyo zokuzinikela kuKrestu ziyandinceda ukuba ndiwamkele amandla aKhe.

Yintoni oyifunda ku Alma 17:1–4 malunga nokuba ungabugcina njani ubungqina bakho kuYesu Krestu bomelele? Benza ntoni oonyana bakaMozaya, kwaye iNkosi yabasikelela njani?

Njengokuba ufunda ngamava oonyana bakaMozaya ku Alma 17–22, qaphela ukuba ulungiselelo lwabo lwasemoyeni lwayichaphazela njani inkonzo yabo phakathi kwamaLeymenayithi, (ngokomzekelo, bona Alma 18:10–18, 34–36; 20:2–5; 22:12–16.) Ngaba uziva uphenjelelwe ukuba wenze ntoni ukulandela umzekelo wabo?

Alma 17:6–12; 19:16–36

Umfanekiso
umfanekiso weengcinga
Ndinokuba sisixhobo ezandleni zikaThixo.

Iingxelo zenguquko esifunda ngazo kwizibhalo zihlala zichukumisa, kodwa embindini wazo sidla ngokufumana abantu ababa nesibindi sokuthetha kwaye babelane ngokholo lwabo kuYesu Krestu. Cinga ngoku njengoko ufunda ngoEyibishi kunye noonyana bakaMozaya kule veki.

Ucinga ukuba kuthetha ukuthini ukuba sisixhobo ezandleni zikaThixo? Kungakunceda ukucinga ngezixhobo okanye izixhobo zomsebenzi onokuzisebenzisa kubomi bakho bemihla ngemihla. Ku Alma 17:6–12, khangela into oonyana bakaMozaya abayenzayo ukuze babe zizixhobo ezandleni zikaThixo. Ungaba sisixhobo esisebenza ngakumbi njani ekuncedeni abanye beze kuKrestu?

Yintoni ekuchukumisayo ngoEyibishi ku Alma 19:16–36? Yintoni oyifunda kuye ngokunceda abanye babe nokholo kuKrestu? Ngokomzekelo, zeziphi izinto ocinga ukuba zingabanceda abo obathandayo ukuba “bakholelwe kuwo amandla kaThixo”? (Alma 19:17).

Zama ukubhala phantsi ezinye izinto onokuzithetha ngoYesu Krestu. Ngokomzekelo, “Kum, uYesu Krestu …” okanye “UMsindisi uyandinceda …”

Sebenzisa izifundo zento. Nanini na abantu bebona okanye bachukumise into ephathelele koko bakufundayo, basenokuyikhumbula ixesha elide. Ukuba ufundisa ngo Alma 17:11, ngokomzekelo, cinga ngokubonisa izixhobo zomculo okanye izixhobo zokubhala ukunceda ukukhuthaza ingxoxo malunga nokuba sisixhobo ezandleni zikaThixo.

Alma 17–19

Xa sibonisa uthando kwabanye, sinokubanceda bamkele ivangeli kaYesu Krestu.

Khangela imiqolo ku Alma 17–19 ebonisa ukuba uthando lika-Amon kumaLeymenayithi lwaziphembelela njani iinzame zakhe zokwabelana ngevangeli kaYesu Krestu. Zeziphi ezinye iinyaniso ngokwabelana ngevangeli ozifundayo kumzekelo wakhe?

Umfanekiso
UAmon esindisa izimvu zikakumkani

Minerva Teichert (1888–1976), Ammon Saves the King’s Flocks [UAmon esindisa izimvu zikaKumkani]1949–1951, ioli kwimasonayithi, 91 cm × 122 cm Iyunivesithi yaseBrigham Young iMuziyam yoBugcisa, 1969.

Alma 19:36

INkosi iya kundinceda ndiguquke.

Emva kokubalisa ngenguquko kaLamonayi nabantu bakhe, uMormoni wayishwankathela ingxelo ngengqwalasela ngoYesu Krestu. Ukufundisa ntoni u Alma 19:36 ngesimilo seNkosi? Yintoni enye efundiswa yingxelo eku Alma 19:16–36 ngaYe? Wakhe wayiva nini ingalo yeNkosi yolulelwe ngakuwe?

Alma 20:23; 22:15–18

Ukwazi uThixo kunexabiso nakuliphi na idini.

Thelekisa into utata kaLamonayi awayezimisele ukuyincama ukuba asindise ubomi bakhe (bona Alma 20:23) ngento kamva awayekulungele ukuyincama ukuze afumane uvuyo lwevangeli nokwazi uThixo (bona Alma 22:15, 18). Cingisisa ngento ozimisele ukuyincama ukuze umazi uThixo ngokupheleleyo.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

Alma 17:2–3

Ubungqina bam bukaYesu Krestu buyakhula xa ndifunda isibhalo, ndithandaza, ndizila nokutya.

  • Imizekelo yoonyana bakaMozaya ingabanceda njani abantwana bakho bakhe ubungqina babo ngoYesu Krestu? Unganceda abantwana bakho bafumane into eyenziwa ngoonyana bakaMozaya ukwakha amandla abo omoya ku Alma 17:2–3. Emva koko banokuzoba imifanekiso okanye bafumane izinto ezimele ezi zinto. Bancede bacebe into abazakuyenza ukomeleza ubungqina babo boMsindisi.

Alma 17–19

Ndingabelana ngevangeli kaYesu Krestu nabanye.

  • Ukufunda ngokuba sisixhobo ezandleni zikaThixo, njengokuba babenjalo oonyana bakaMozaya, wena nabantwana bakho ningajonga isixhobo okanye isixhobo somsebenzi kwaye nithethe malunga nokuba sisetyenziselwa ntoni. Emva koko ninokufunda u Alma 17:11 kwaye nithetha ngokuba kuthetha ukuthini ukuba zizxhobo zikaBawo oseZulwini ukunceda abantu bafunde ngoYesu Krestu.

  • Iphepha lomsebenzi wale veki linemifanekiso emele iinyaniso uAmon awazifundisa uKumkani uLamonayi. Unganceda abantwana bakho bafumane ezi nyaniso ku Alma 18:24–40. Abantwana bakho banokuzenza abafundisi bevangeli kwaye babelane ngoko bakwaziyo ngezi nyaniso.

  • Emva kokuba ufunde ngoEyibishi nabantwana bakho (bona Alma 19:16–20, 28–29), banokuzenza ingathi banguEyibishi ngokubaleka endaweni, benkqonkqoza ezingcangweni, bexela malunga nento eyenzekayo ku Alma 19:1–17. Singafana njani noEyibishi kwaye sabelane ngoko sikwaziyo ngoYesu Krestu kunye nevangeli yaKhe?

Alma 17:21–25; 20:8–27; 22:1–3

Ndinganceda abanye beze kuYesu Krestu ngokubonisa uthando lwam kubo.

  • Ekuqaleni, bobabini uKumkani uLamonayi kunye noyise wakhe bebeneentliziyo ezilukhuni ngakuyo ivangeli. Kamva, iintliziyo zabo zathanjiswa, baza bakholelwa kuYesu Krestu. Kwenzeka njani oku? Nceda abantwana bakho bafumane iimpendulo kulo mbuzo njengoko uphonononga kunye nabo amava ka-Amon. Banokulinganisa ibali lika-Amon ekhonza uKumkani uLamonayi kunye no-Amon ehlangana noyise kaKumkani uLamonayi. Okanye mhlawumbi abantwana bakho bangathanda ukuzoba imifanekiso yeenxalenye ezahlukeneyo zebali baze basebenzise imifanekiso ukubalisa amabali. Wenza ntoni uAmon ukunceda uLamonayi noyise wakhe bavule iintliziyo zabo kwivangeli kaYesu Krestu? (bona Alma 17:21–25; 20:8–27; 22:1–3).

  • Mhlawumbi wena nabantwana bakho ninokucinga ngomntu ofuna ukwazi ngoYesu Krestu. Bancede bacinge ngeendlela abanokuba yimizekelo emihle baze babonise uthando kuloo mntu, njengoko uAmon wenzayo kuLamonayi noyise wakhe.

Ukufumana izimvo ezingaphezulu, jonga imiba yale nyanga yesicaphulo ku Mhlobo.

Umfanekiso
Umfanekiso kaEyibishi

An illustration of Abish [Umfanekiso kaEyibishi], nguDilleen Marsh

Shicilela