Yizani, Nindilandele 2024
EyeSilimela 24–30: “Ngena ekuPhumleni kweNkosi” Alma 13–16


“EyeSilimela 24–30: ‘Ngena ekuPhumleni kweNkosi.’ Alma 13–16,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: INcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“EyeSilimela 24–30. Alma13–16,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2023)

Umfanekiso
U-Alma no-Amyuleki bephuma entolongweni

Illustration of Alma and Amulek being delivered from prison [Umboniso ka-Alma no-Amyuleki bekhululwa entolongweni], nguAndrew Bosley

EyeSilimela 24–30: “Ngena ekuPhumleni kweNkosi”

Alma 13–16

Kwiindlela ezininzi, ubomi e-Amoniha babulungile kubo bobabini u-Amyuleki noZiyezirom. U-Amyuleki waye “eyindoda engena ludumo luncinane” “enezalamane nezihlobo ezininzi” “nobutyebi obuninzi” (Alma 10:4). UZeyizerom wayeligqwetha eliyincutshe elonwabela “umsebenzi omninzi” (Alma 10:31). Emveni koko u-Alma wafika e-Amoniha nesimemo sokuguquka kwaye “bangene ekuphumleni kweNkosi” (Alma 13:16). Ku-Amyuleki, uZiyezirom, nabanye, ukwamkela esi simemo kwafuna ukuzincama kwaye kwade kwakhokelela kubunzima obunganyamezelekiyo.

Kodwa kanjalo ibali alipheli apho. Ku Alma 13–16, sifunda ukuba ekugqibeleni kwenzekani kwabo bakholelwa “kumandla kaKrestu okusindisa” (Alma 15:6). Ngamanye amaxesha kukho ukuhlangulwa, ngamanye amaxesha ukuphiliswa—kwaye ngamanye amaxesha izinto azibi lula kobu bomi. Kodwa rhoqo, “iNkosi ibamkela [abantu baYo] phezulu kuyo, ebuqaqawulini” (Alma 14:11). Rhoqo, iNkosi inika “amandla ngokokholo [lwethu] [olu]kuye uKrestu” (Alma 14:28). Kwaye rhoqo “[olo]kholo kuyo iNkosi” lusinika “ithemba lokuba [si]yakufumana ubomi obungunaphakade” (Alma 13:29 Njengoko ufunda ezi zahluko, ungathatha intuthuzelo kwezi zithembiso, kwaye usenokuza uqonde ngokungcono oko kwakuthethwa ngu-Alma xa wayethetha “[ngokuphumla] kweNkosi (Alma 13:16).”

Izimvo zokuFunda eKhaya naseBandleni

Alma 13:1–19

Umfanekiso
umfanekiso weseminari
Imimiselo yoBubingeleli neminqophiso indikhomba kuYesu Krestu ukuze ndikhululwe.

Amazwi ka-Alma ku Alma 13 atyhila iinyaniso ezinamandla ngobubingeleli bukaThixo nenjongo yabo—ukusilungiselela ukuba singene “ekuphumleni kweNkosi” okanye ubomi obungunaphakade (Alma 13:16). Mhlawumbi ungabhala phantsi inyaniso ubuncinci ibenye yomqolo ngamnye ku Alma 13:1–19 Nazi ezinye iingcebiso zokwenza uqalise:

Umqolo 1.Ububingeleli bukwabizwa ngokuba “ucwangco loNyana [kaThixo]” (bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 107:1–4).

Umqolo 2.UThixo umisela ababingeleli ukuze bancede abantu bakhangele kuNyana waKhe ukuze bakhululwe.

Yintoni enye oyifumanayo? Uziva njani ngobubungeleli njengokuba ucingisisa ezi nyaniso?

Ngaba wakhe wacinga ngemimiselo yobubingeleli njengesipho esivela kuThixo sokukunceda “ukhangele phambili kuNyana waKhe ukuze [ukhululwe]”? (umqolo 2; bona kananjalo umqolo 16). Mhlawumbi ungenza uluhlu lwemimiselo oyifumeneyo, efana nobhaptizo, uqinisekiso, umthendeleko, ukubekelwa bucala ubizo, intsikelelo yentuthuzelo okanye impiliso, intsikelelo kasolusapho, nemimiselo yetempile. Cingisisa ngamava akho ngemimiselo efana nale. Cingsisa umfuziselo obandakanyekayo noMoya owuvileyo. Ngaba ngamnye kule mimiselo ukwalatha njani kuYesu Krestu ukuze ukhululwe?

Abanye abantu bakholelwa ngempazamo ukuba imimiselo—negunya lobubingeleli lokuyenza yona—aziyomfuneko. Ubuya kusabela njani kuloo mbono?  

Bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 84: 19–22

Umfanekiso
abafana abancinane etafileni yomthendeleko

Imimiselo yoBubingeleli iyasinceda ukuba sijonge kuYesu Krestu ukuze sifumane inkululeko.

Alma 13

INkosi iyandimema ukuba ndingene ekuphumleni kwaYo.

Isimemo “sokungena ekuphumleni kweNkosi” (Alma 13:16) siphindwa rhoqo ku Alma 13. Mhlawumbi unokukhangela umqolo ngamnye apho igama “ekuphumleni” livelayo ucingisise ngoko umqolo ngamnye okufundisayo kuwe ngokuba “ekuphumleni kweNkosi” kungathetha ukuthini. Kohluke njani ekuphumleni ngokwasemzimbeni? Sikufumana njani?

Bona kananjalo Russell M. Nelson, “uKweyisa iHlabathi kwa nokuFumana ukuPhumlaLiyahona EyeNkanga 2022, 95–98.

Alma 14

Ngamaxesha obunzima, kufuneka sithembe iNkosi.

Usenokuzibuza, njengoko abaninzi besenza, kutheni izinto ezimbi zehlela abantu abazama ukuphila ngobulungisa. Usonokungazifumani zonke iimpendulo zalo mbuzo unzima ku Alma 14, kodwa kuninzi esinokukufunda kwindlela u-Alma no-Amyuleki abasabela ngayo kwintlekele. Amazwi nezenzo zabo zikufundisa ntoni ngokuba kutheni iNkosi ngamanye amaxesha ivumela abantu abangamalungisa bahlupheke? Yeyiphi ingcebiso u-Alma no-Amyuleki abangasinika yona xa sijongene nezilingo ezinzima?

Bona kananjalo KwabaseRoma 8:35–391 KaPetros 4:12–14IMfundiso neMinqophiso 122:5–9.

Hlalani nilungile amaxesha onke. Imizuzwana yokufundisa idlula ngokukhawuleza, ngoko yisebenzise xa ivela. Intlekele ehlabathini, ngokomzekelo, inokuba lithuba lokwabelana ngemigaqo esuka ku Alma 14 malunga nokuba kutheni na ngamanye amaxesha iNkosi ivumela abamsulwa ukuba bahlupheke.

Alma 15:16,18

Ukuba ngumfundi kudinga idini.

Kunganika umdla ukwenza uluhlu lwezinto u-Amyuleki azincamayo ukuze amkele ivangeli (bona Alma 10:4–5; 15:16) kwaye uyithelekise noluhlu lwezinto awazizuzayo (bona Alma 15:18; 16:13–15; 34:8). Yintoni ozimisele ukuyenza idini ukuze ube ngumfundi othembekileyo kaYesu Krestu?

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lweLiyahona neencwadi Okwenzele Ukomeleza uLutsha.

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

Ngenxa yokuba le Cawa yiCawe yesihlanu enyangeni, ootitshala basePrayimari bayakhuthazwa ukuba basebenzise imisebenzi yokufunda “kwiSihlomelo B: Ukulungiselela Abantwana uBomi Bonke kwiNdlela yoMnqophiso kaThixo.”

Alma 13:1–2, 16

Amandla obubingeleli ayandinceda ukuba ndisondele kuKrestu.

  • Enye indlela yokunceda abantwana bakho babone ukuba amandla obubingeleli asikhomba njani kuKrestu kubabonisa imifanekiso yeendlela asetyenziswa ngayo amandla obubingeleli (bona INcwadi yoMsebenzi woBugcisa yeVangeli, amanani 103–110). Abantwana bakho bangakunceda ucinge ngeendlela uYesu awawasebenzisa ngayo amandla waKhe (bona, ngokomzekelo, Mateyu 26:26–28; Marko 5:22–24, 35–43; INcwadi yoMsebenzi woBugcisa yeVangeli, amanani. 38–41). Emveni koko ningafunda Alma 13:2 kunye kwaye nithethe ngendlela amandla obubingeleli asinceda ngayo “[sikhangele phambili] kuNyana [kaThixo]” kwaye sibe njengaYe ngakumbi.

    Umfanekiso
    ubhaptizo
    Umfanekiso
    UYesu Emisela abaPostile
  • Kutheni uThixo wasinika imimiselo yobubingeleli? Nceda abantwana bakho bafumane impendulo ku Alma 13:16. Ukuba bafuna uncedo lokwazi ukuba yintoni na ummiselo, kukho uluhlu kwi General Handbook, 18.1 no 18.2. Mhlawumbi wena nabantwana bakho ningathetha ngamava enu ekufumaneni le mimiselo. Isinceda njani ukuba “[sikhangele kuYesu Krestu] ukuze sixolwe izono [zethu]”?  

Alma 13:10–12

UYesu Krestu unokundenza ndicoceke.

  • Emva kokufunda lemiqolo kunye, cinga ngeendlela zokunceda abantwana bakho babe nomfanekiso-ngqondweni wento abayifundisayo. Mhlawumbi ningahlamba into kunye. Siziva njani xa simdaka? Siziva njani xa sibuya sicoceke kwakhona? Ezi mvakalelo zifana njani nendlela esiziva ngayo xa thina sisona kwaye emva koko siguquke kwaye sihlambuluke ngeNtlawulelo yoMsindisi?

Alma 14:18–29

UBawo waseZulwini uyandomeleza njengokuba ndinokholo kuYesu Krestu.

  • Iphepha lomsebenzi wale veki lingakunceda—okanye abantwana bakho—nibalise ibali ku Alma 14:18–29. Gxininisa ukuba u-Alma no-Amyuleki banikwa amandla ngenxa “yokholo [lwabo olwalu] kuKrestu” (Alma 14:26). Ungathetha kananjalo nangexesha xa uThixo wakunika amandla “ngokokholo [lwakho].” Singathembeka njani njengo-Alma no-Amyuleki?

Alma 15:3–12

UYesu Krestu angazitshintsha iintliziyo.

  • Utshintsho lwentliziyo lukaZiyezirom ngoYesu Krestu luyakhuthaza. Cinga ngokuphonononga kunye nabantwana bakho oko bakufundileyo kwiveki ephelileyo ngoZiyezirom. Emveni koko ningafunda kunye Alma 15:3–12 ukufumanisa ukuba watshintsha njani. Sifunda ntoni kumava kaZiyezirom ngamandla eNkosi?

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
U-Alma no-Amyuleki entolongweni

Alma and Amulek in Prison [U-Alma no-Amyuleki eNtolongweni], nguGary L. Kapp

Shicilela