Yizani, Nindilandele 2024
EyeSilimela 17–23: “UYesu Krestu Uya Kuza Akhulule Abantu baKhe.” Alma 8–12


“EyeSilimela 17–23: ‘UYesu Krestu Uya Kuza Akhulule Abantu baKhe.’ Alma 8–12,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: INcwadi kaMormoni 2024 (2024)

“EyeSilimela 17–23. Alma 8–12,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2024)

Umfanekiso
UAlma eshumayela

Teaching True Doctrine [Ukufundisa iMfundiso eyiNyaniso], nguMichael T. Malm

EyeSilimela 17–23: UYesu Krestu Uya Kuza Akhulule Abantu baKhe

Alma 8–12

Umsebenzi kaThixo awuyi kusilela. Kodwa iinzame zethu zokunceda ngomsebenzi waKhe ngamanye amaxesha zikhangeleka ngathi ziyasilela—ubuncinane, sisenokungaziboni kwangoko iziphumo esinethemba lazo. Ngamanye amaxesha sinokuziva sifana no-Alma xa yena wayeshumayela ivangeli eAmoniha—waliwa, watshicelwa, kwaye wakhutshelwa ngaphandle. Kanti xa ingelosi yathi yamyalela ukuba abuyele emva kwaye azame kwakhona, uAlma ngenkalipho “wabuyela ngokukhawuleza” (Alma 8:18), kwaye uThixo wayilungisa indlela phambi kwakhe. Akazange Yena abonelele uAlma kuphela ngokutya nendawo yokuhlala, kodwa Yena kanannjalo walungisa uAmyuleki, owaba ngumsebenzi kunye naye, umkhuseli obukhali wevangeli, nomhlobo othembekileyo. Xa sijongana nemiqobo nokudana njekokuba sikhonza ebukumkanini beNkosi, singakhumbula ukuba uThixo wamxhasa kwaye wamkhokela njani uAlma, kwaye sinokuthemba ukuba uThixo uya kusixhasa kwaye asikhokele nathi, nakwiimeko ezinzima.

Izimvo zokuFunda eKhaya naseBandleni

Umfanekiso
umfanekiso wemfundo yolutsha

Alma 8

Iinzame zam zokwabelana ngevangeli kaYesu Krestu zifuna umonde.

Wakhe wazama ukwabelana nomnye umntu ngevangeli likaYesu Krestu, kodwa isimemo sakho saliwa? UAlma wayiva naye loo nto. Ufunda ntoni kuye ku Alma 8:13–16 ngokwabelana ngevangeli ngaphandle kwemiceli-mingeni nenkcaso? Qhubeka ufunda kwi miqolo 17–32, kwaye ujonge amabinzana akuphembelela ukuba uqhubeke nokwabelana ngevangeli nokuba kubonakala sengathi akukho mpumelelo.

AbaProfeti nabapostile bangamangqina akhethekileyo kaKrestu, ke ngoko banengcebiso eziphenjelelweyo zokwabelana malunga nokungqina ngaYe.   Yintoni oyifumanayo apho enokunceda umntu oqalisa ukuziva etyhafile ekwabeleni nabanye ngevangeli ?

Ungayishwankathela njani yonke into oyifundileyo apha ukuba ibe yingxelo enye okanye ezimbini ezikhuthazayo malunga nokwabelana ngevangeli. Cinga ngokwenza ipowusta okanye imeme enokukukhuthaza (nabanye) ukuba uhlale uzama.

 

Alma 9:14–23

Iintsikelelo zikaThixo ziza noxanduva olukhulu.

Xa ufunda ngendlela amaNifayithi eAmoniha aziphatha ngayo izicaka zeNkosi, kulula ukulibala ukuba babekhe bayiphila ivangeli kwaye “babengabantu beNkosi abathandwa kakhulu” (Alma 9:20). Njengoko ufunda ngeentsikelelo ezinkulu uThixo awazinika abantu bakaNifayi (bona ngakumbi Alma 9:14–23), cingisisa ngeentsikelelo ezinkulu akunike zona. Loluphi uxanduva oluza nezintsikelelo? Wenza ntoni ukuze uhlale unyansekile kolu xanduva?

Bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 50:24; 82:3; 93:39.

Alma 11–12

Icebo likaThixo licebo lenkululeko.

Ku Alma 11–12, uAlma no-Amyuleki babhekisa kwicebo likaThixo njengecebo lenkululeko. Njengoko ufunda ezi zahluko, cingisisa ukuba kutheni igama elithi inkululeko lisetyenziswe ukuchaza icebo likaThixo. Cinga ngokubhala isishwankathelo esifutshane sento uAlma no-Amyuleki abayifundisayo malunga nale miba ilandelayo yecebo:

  • Ukuwa

  • UMKhululi

  • Uguquko

  • Ukufa

  • Uvuko ekufeni

  • Umgwebo

Qaphela isiphumo amazwi ka-Amyuleki abanaso ebantwini (bona Alma 11:46). Kukuchaphazela njani ukwazi ngecebo likaThixo?

 

Alma 12:8–18

Ukuba andiyenzi lukhuni intliziyo yam, ndingafumana ngakumbi ilizwi likaThixo.

Abantu abathile banokuzibuza ukuba kutheni uBawo oseZulwini engayenzi yonke into yaziwe kuthi. Ku Alma 12:9–14, uAlma wachaza esinye isizathu. Le mibuzo inokukunceda ucingisise ngoko yena wakufundisayo:

  • Kuthetha ukuthini ukwenza lukhuni intliziyo yakho? Ziyintoni iziphumo zokuba nentliziyo elukhuni? (bona kananjalo Alma 8:9–11; 9:5, 30–31; kunye 10:6, 25).

  • Yintoni onokuyenza ukuze uguqulele intliziyo yakho kuThixo? (bona Yeremiya 24:7; Alma 16:16; Hilamani 3:35).

  • Yintoni onokuyenza ukuze uqiniseke ukuba ilizwi likaThixo “liyafunyanwa [kuwe]”? (Alma 12:13). Xa unelizwi likaThixo ngaphakathi kuwe, iba yintoni impembelelo elinayo “kumazwi” akho “imisebenzi” yakho kwakunye “neengcinga” zakho? (Alma 12:14).

Amava ka-Amyuleki akufundisa ntoni malunga neentsikelelo zokuba nentliziyo ethambileyo? (bona Alma 10:1–11).

 

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lweLiyahona neencwadi Okwenzele Ukomeleza uLutsha.

Izimvo zokuFundisa Abantwana

Alma 8–10

Ndingabelana ngevangeli kaYesu Krestu.

  • Iphepha lomsebenzi wale veki linokukunceda ushwankathele iziganeko eziku Alma 8–10 zabantwana bakho. Ungafuna ukubanceda ukuba bafumane imigaqo eyenza uAlma no-Amyuleki babe ngabafundisi abalungileyo. Ngokomzekelo, abazange banikezele (bona Alma 8:8–13), bangqina ngoKrestu (bona Alma 9:26–27), kwaye basebenza kunye (bona Alma 10:12).

  •   Bameme ukuba badwelise izimvo abazifumanayo nabantu abanokuthi babelane nabo ngevangeli. Usenokubavumela badlale indima yoko banokukutsho okanye abanokuyenza.

Khuthaza ukuthatha inxaxheba. Njengoko ulungiselela ukufundisa, kunokuba ucwangcise izinto ozakuzibuza, khawuzibuze, “Baza kwenza ntoni abantwana ukuze bafunde?” Abantwana bayakufunda ngcono kwaye bakhumbule ixesha elide xa bethatha inxaxheba.

Alma 11–12

Icebo likaThixo licebo lenkululeko.

  • Mhlawumbi abantwana bakho bangazoba umfanekiso omele imigaqo yecebo lenkululeko, njengoKuwa kuka-Adam no-Eva, iNtlawulelo kaYesu Krestu, inguquko, ukufa, ukuvuka ekufeni, nomgwebo. Emva koko ungabanceda batshatise imifanekiso yabo nemiqolo ku Alma 11–12 efundisa ngale migaqo.

Alma 8:18–22

Ndingaba ngumhlobo olungileyo.

  • Ungamema umntwana omnye azenze uAmyuleki kwaye omnye azenze uAlma njengokuba ubalisa ibali ku Alma 8:18–22. Wayengumhlobo olungileyo njani u-Amyuleki ku-Alma? Emva koko abantwana bakho bangabelana ngendlela umntu abe ngumhlobo kubo nendlela loo mava abenza baziva ngayo.

  • Mhlawumbi ungenza iphazili yobuhlobo: fumana okanye uzobe umfanekiso omele ubuhlobo kwaye ulisike libe sisiqwenga sephazili. Ngasemva kwisiqwenga ngasinye, bhala into esinokuyenza ukuze sibe ngumhlobo olungileyo, kuquka nezinto ezenziwa ngu-Alma no-Amyuleki. Abantwana bakho banokutshintshana ngokukhetha isiqwenga baze basifake kwiphazili njengokuba ufunda okubhalwe ngasemva. Ngubani ofuna ubuhlobo bethu?

Umfanekiso
abantombazana amabini ehleka

Sinokuba ngabahlobo abalungileyo kwabanye.

Alma 11:43–44

Ngenxa kaYesu Krestu, ndiya kuvuswa kwabafileyo.

  • Cinga ngesifundo sezinto esifana nesi onokuthi ufundise ngaso uVuko ekufeni: isandla sakho sinokumela umoya wakho, kwaye iglavu inokumela umzimba wakho. Khupha isandla sakho kwiglavu ukubonisa ukuba umoya nemizimba yethu uyakwahlulwa ekufeni. Emva koko buyisela isandla sakho kwiglavu ukubonisa ukuba imimoya nemizimba yethu iyakudityaniswa kwakhona kuVuko ekufeni. Vumela abantwana bakho batshintshane ngokunxiba iglavu nokuyisusa njengoko ubafundela ku Alma 11:43. Bonisa umfanekiso woMsindisi ovusiweyo, kwaye ungqine ukuba uYesu Krestu wenza ukuba kwenzeke ukuba wonke umntu avuke ekufeni.

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
UAlma esitya kunye no-Amyuleki

Illustration of Alma eating with Amulek [Umfanekiso ka-Alma esitya no-Amyuleki], nguDan Burr

Shicilela