Yizani, Nindilandele 2024
EyeSilimela 3–9: “Babezinzile kwaye Bengagungqi” Mozaya 29–Alma 4


“EyeSilimela 3–9: “Babezinzile kwaye Bengagungqi” Mozaya 29–Alma 4,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: INcwadi kaMormoni 2024 (2024)

“EyeSilimela 3–9. Mozaya 29–Alma 4,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2024)

Umfanekiso
U-Alma Omncinane eshumayela

Alma the Younger Preaching [UAlma Omncinane Eshumayela], nguGary L. Kapp

EyeSilimela 3–9: “Babezinzile kwaye Bengagungqi”

Mozaya 29Alma 4

Abanye banokusibona isindululo sikaKumkani uMozaya sokutshintsha ookumkani kufakwe abagwebi abanyuliweyo njengohlaziyo olulumkileyo lwezopolitiko. Kodwa kumaNifayithi, ngakumbi lawo ayephila phantsi koKumkani uNowa okhohlakeleyo, olu tshintsho lwalunokubaluleka kwasemoyeni. Babeyibonile indlela ukumkani ongelolungisa awayebaphembelele ngayo abantu bakhe, kwaye “babexhalabile ngokugqithiseleyo” ukukhululeka kuloo mpembelelo. Olu tshintsho lwaluza kubavumela ukuba babe noxanduva lobulungisa babo kwaye “ukuphendula ngezono [zabo]” (Mozaya 29:38).

Kakade, ukuphela kolawulo lookumkani kwakungathethi ukuphela kweengxaki kuluntu lwamaNifayithi. Abantu abanobuqhophololo abafana noNehore no-Amlisayi baphakamisa izimvo ezibubuxoki, abangakholwayo batshutshisa abaNgcwele, kwaye amalungu amaninzi eBandla aba nekratshi kwaye bawa. Kanti “abalandeli abathobekileyo bakaThixo” bahlala “bezinzile kwaye bengagungqi” nangona kwenzeka ntoni ngakubo (Alma 4:15; 1:25).

Izimvo zokuFunda eKhaya naseBandleni

Mozaya 29:11–27Alma 2:1–7

Ndinokuba nempembelelo entle kwindawo endihlala kuyo.

Kwiminyaka emihlanu nje kulawulo lwabagwebi, kwavela ingxaki eyayiza kuvavanya isibhengezo sikaMozaya sokuba ilizwi labantu lalidla ngokukhetha okulungileyo (bona Mozaya 29:26). Funda Alma 2:1–7 ukuze ufumanise ukuba wawuyintoni umba kwaye nento amaNifayithi ayenza ngawo. Ngekwakwenzeke ntoni ukuba “[a]bantu bebandla” babengawavakalisanga amazwi abo? Yintoni enye oyifundayo kule ngxelo ngendlela iNkosi efuna ubandakanyeke ngayo kuluntu lwakho? (bona kananjalo Mozaya 29:26–27).

Yeyiphi imiba ebalulekileyo ejongene noluntu lwakho? Cinga ngendlela wena, njengamaNifayithi, onokuthi uqinisekise ngayo ukuba ilizwi lakho liyabandakanywa “[kwi]lizwi labantu.” Zeziphi ezinye iindlela onokuthi, njengomlandeli kaYesu Krestu, ube nempembelelo entle ngayo kwindawo ohlala kuyo?

Alma 1

Ilizwi likaThixo lingandinceda ndibone imfundiso yobuxoki.

Nangona uNehore wade wavuma ukuba oko wayekufundisa kwakububuxoki, iimfundiso zakhe zaqhubeka ziphembelela amaNifayithi iminyaka emininzi. Kutheni ucinga ukuba abantu babeyithanda into eyayifundiswa nguNehore? Ku Alma 1:2–6, khangela ubuxoki kwiimfundiso zikaNehore—neenyaniso awayezisebenzisa ukubufihla obo buxoki.

UGidiyon wamelana noNehore “ngamazwi kaThixo” (Alma 1:7, 9). Nazi ezinye izibhalo eziphikisa ubuxoki bukaNehore: Mateyu 7:21–23; 2 Nifayi 26:29–31; Mozaya 18:24–26;no Hilamani 12:25–26. Zama ukushwankathela isicatshulwa ngasinye sesibhalo. Yintoni oyifundileyo kubaprofeti abaphilayo ephikisa iimfundiso zobuxoki kumhla wethu?

Alma 1:19–31; 4:6–15

Abafundi bokwenyaniso bakaYesu Krestu “[ng]abalandeli abathobekileyo bakaThixo.”

Izahluko 1 no 4 zika-Alma zichaza amaxesha apho iBandla laphumelela, kodwa amalungu eBandla asabela ngokwahlukileyo kuloo mpumelelo. Umzekelo, thelekisa Alma 1:19–30 kunye Alma 4:6–15 ukubona indlela amalungu eBandla atshintsha ngayo kwiminyaka nje embalwa. Ngokusekelwe koko ukufundileyo, abalandeli bokwenyaniso bakaYesu Krestu bavakalelwa njani ngabantu abaneenkolelo ezahlukeneyo? Sesiphi isimo sengqondo abanaso abalandeli bokwenyaniso bakaKrestu ngobutyebi nempumelelo? Yintoni oziva uphefumlelwe ukuba uyitshintshe malunga nesimo sakho sengqondo?

Fanekisa izibhalo nobomi bakho. Cingisisa ngendlela amabali neemfundiso ozifundayo ezisebenza ngayo ebomini bakho. Ngokomzekelo, ungafumana ukufana phakathi kweengxaki oziqaphelayo namhlanje neengxaki amaNifayithi ayejongene nazo ku Alma 1–4

Umfanekiso
umfanekiso wemfundo yolutsha

Alma 46: 11–20

Umzekelo wam nobungqina bam bungazitshintsha iintliziyo.

Mhlawumbi ungazifanisa nosizi awaluvayo u-Alma xa wayebona okwenzekayo phakathi kwabantu bakhe. Khangela iingxaki awazibonayo ku Alma 4:6–15. Ngaba ukhe waqaphela iingxaki ezifanayo? Mhlawumbi ukhathazekile ngomntu omthandayo osokolayo zezi ngxaki. Ngaba ukhe wazibuza ukuba yintoni onokuyenza ukuze uncede?

Abanye banokuthi u-Alma, njengomgwebi oyintloko, wayengoyena mntu ulungileyo ukusombulula ezi ngxaki. Kodwa u-Alma waziva kwakukho indlela engcono. Njengoko ufunda imiqolo 16–20, yintoni ekuchukumisayo ngendlela yakhe yokunceda abantu bakhe?

U-Alma wayenokholo olukhulu kwilizwi likaThixo “[no]bungqina obumsulwa” (umqolo 19). Yeyiphi imizekelo oyibonileyo yamandla obungqina obumsulwa? Njengokuba ucingisisa ngeendlela ezahlukeneyo onokwabelana ngazo ngobungqina bakho bukaYesu Krestu nevangeli yaKhe, ungaphinda ufunde Alma 4:6–14. Zityhila ntoni izenzo zamalungu eBandla kule miqolo ngobungqina babo ngoYesu Krestu neemfundiso zaKhe? Yintoni oyiphawulayo ngomphumo wezenzo zabo—kubo nakwabanye? Ungacinga kananjalo ngeendlela osikelelwe ngazo bubungqina obumsulwa babanye abantu, nokuba kwabelwana ngabo ngamazwi okanye ngezenzo.

Cinga ngeendlela onokwabelana ngazo ngobungqina bakho bukaYesu Krestu—ngamazwi okanye ngezenzo. Ngubani oya kuzuza kubungqina bakho?

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lweLiyahona neencwadi Okwenzele Ukomeleza uLutsha.

Izimvo zokuFundisa Abantwana

Alma 1:2–9

INkosi ingandinceda ndibone iimfundiso zobuxoki.

  • Enye indlela yokufunda Alma 1:2–4 kunye nabantwana bakho kukubanceda badale imibuzo eyinyani-okanye-ebubuxoki besebenzisa iingxelo ezifundiswe nguNehore, umfundisi wobuxoki. Emva koko unokuthetha nabo ngesizathu sokuba uSathana esoloko edibanisa inyaniso nobuxoki. Nceda abantwana bakho bacinge ngemizekelo ethile. Kwi miqolo 7–9, uGidiyon wamelana njani nobuxoki bukaNehore?  

Alma 1:19–25

Njengelungu leBandla likaYesu Krestu, ndiyabathanda kwaye ndiyabakhonza abanye.

  • Amanye amalungu eBandla leNkosi ngomhla ka-Alma ayenesisa kwaye esipha, kwaye amanye amalungu ayengenabubele kwaye enekratshi. Ukunceda abantwana bakho bafunde kula mava, ningafunda kunye Alma 1:27, 30 kwaye nenze uluhlu lweentlobo zabantu abancedwa ngamalungu eBandla leNkosi. Ngubani esimaziyo onokuthi “[abenentswelo]”(Alma 1:30) yothando lwethu kunye noncedo?  

  • Sifanele senze ntoni xa abantu bengenabubele kuthi? Cinga ngokufunda nabantwana bakho ngendlela abalandeli bakaKrestu ababephathwa ngayo ku Alma 1:19–20. Thethani ngendlela abasabela ngayo kwimiqolo 22 no 25. Mhlawumbi unokuziqhelanisa nendlela yokusabela xa abanye bengenabubele.

Alma 4:8–20

Ubungqina bam bungomeleza abanye.

  • Rhoqo “ubungqina obunyulu” (Alma 4:19) bomntwana bunokuba nempembelelo enamandla kwabanye. Ukunceda abantwana bakho bakufumanise oku, unokufunda kunye nabo Alma 4:8–12, 15, ukubanceda bachonge iingxaki ezazisenzeka eBandleni. Wayenokwenza ntoni uAlma ukusombulula ezi ngxaki? Bancede bafumanise ukuba uAlma wagqiba ekubeni enze ntoni na ku Alma 4:16–20. Mhlawumbi ninokwabelana omnye nomnye ngendlela ubungqina bomnye umntu ngoKrestu obukomeleze ngayo.

  • Ukuba abantwana bakho badinga imizekelo yokuba buyintoni na ubungqina, cinga ngokubonisa umboniso bhanya-bhanya wesithethi kwikomfa yajikelele sinika ubungqina.   Sifunda ntoni ngobungqina kwezi zixhobo? Vumela abantwana bakho baziqhelise ukwabelana ngobungqina babo.

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
AmaNifayithi esilwa nama Amlisayithi

Alma and Amlici [Alma noAmlisayi], nguScott M. Snow

Shicilela