Yizani, Nindilandele 2024
UCanzibe 27–EyeSilimela 2: “Babizwa Ngokuba bangaBantu bakaThixo.” Mozaya 25–28


“UCanzibe 27–EyeSilimela 2: ‘Babizwa Ngokuba bangaBantu bakaThixo.’ Mozaya 25–28,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: iNcwadi kaMormoni 2024 (2024)

“UCanzibe 27–EyeSilimela 2. Mozaya 25–28,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2024)

Umfanekiso
ingelosi ibonakala ku-Alma noonyana bakaMozaya

Conversion of Alma the Younger [UkuGuquka kuka-Alma Omncinane], nguGary L. Kapp

UCanzibe 27–EyeSilimela 2: “Babizwa Ngokuba bangaBantu bakaThixo”

Mozaya 25–28

Emva kwezizukulwana ezithathu zokuhlala kumazwe ahlukeneyo, amaNifayithi ayengabantu abanye kwakhona. Abantu bakaLimhayi, abantu baka-Alma, nabantu bakaMozaya—kwanabantu baseZarahemla, ababengeyonzala kaNifayi—ngoku bonke “babebalelwa namaNifayithi” (Mozaya 25:13). Uninzi lwabo kananjalo lwafuna ukuba ngamalungu eBandla leNkosi, njengoko abantu baka-Alma bafunayo. Ngoko bonke abo “ababenqwenela ukuthabathela kubo igama likaKrestu” baye babhaptizwa “kwaye babizwa ngokuba bangabantu bakaThixo” (Mozaya 25:23–24). Emva kweminyaka yempixano nokuthinjwa, kwabonakala sengathi amaNifayithi ayakugqibela evuyela isigaba sexesha loxolo.

Kodwa kungegqithanga xesha lingakanani, abangakholwayo baqalisa ukutshutshisa Abangcwele. Eyona nto yabangela ubuhlungu apha yaba kukuba uninzi lwabangakholwayo yayingabantwana bamalungisa— “isizukulwana esisakhulayo” (Mozaya 26:1), ukuquka oonyana bakaMozaya nonyana omnye kaAlma. Ingxelo isixelela ngotyelelo olungummangaliso lwengelosi. Kodwa ummangaliso wokwenene weli bali awupheleli nje ekubonakaleni kweengelosi koonyana abanxaxhayo. Inguquko ngummangaliso ekufuneka, ngandlela ithile okanye enye, yenzeke kuthi sonke.

Izimvo zokuFunda eKhaya naseBandleni

Mozaya 26:1–6

Ndinganceda abanye beze kuYesu Krestu.

Inguquko yeyobuqu—ayinakudluliselwa njengelifa kubantwana bakabani. Njengoko ufunda ku Mozaya 26:1–6, cingisisa ngezizathu ezinokubakho “isizukulwana esisakhulayo” sawa, kwaye phawula imiphumo yokungakholwa kwaso. Usenokucinga ngabantu onqwenela ukubazisa kuKrestu. Kuso sonke isifundo sakho sika Mozaya 25–28, uMoya unokusebeza izinto onokuzenza ukubanceda bakhulise ukholo kuYesu Krestu.

Mozaya 26:6–39

Izicaka ezinyanisekileyo zikaThixo zifuna ukwenza intando yaKhe.

Ngamanye amaxesha sinokucinga ukuba inkokeli yeBandla enje ngoAlma ihlala isazi kakuhle into emayiyenze. Ku Mozaya 26 sifunda ngengxaki eBandleni uAlma awayengazanga wajongana nayo. Wenza ntoni uAlma kule meko? (bona Mozaya 26:13–14, 33–34, 38–39). Amava ka-Alma acebisa ntoni malunga nendlela wena ungajongana neengxaki ezinzima kusapho lwakho okanye kwinkonzo yakho eBandleni?

iNkosi yamfundisa ntoni uAlma ku (bona Mozaya 26: 15–32? Qaphela ukuba ezinye zeempendulo zeNkosi zazingaphenduli ngokuthe ngqo kumbuzo ka-Alma. Oku kucebisa ntoni ngomthandazo nokufumana isityhilelo sobuqu?

Imigaqo ingunaphakade. Cingisisa ngendlela amabali neemfundiso ezikwizibhalo ezisebenza ngayo ebomini bakho. Ngokomzekelo, ungazibuza, “Ngawaphi amava endibenawo afana naka-Alma?” okanye “Zeziphi iinyaniso ezifundiswa ngu-Alma ezinokundiceda?”

Mozaya 26:15–31

UThixo undixolela ngesisa xa ndiguquka kwaye ndixolela abanye.

Uguquko noxolelo yimixholo ehlala ihleli ku Mozaya 26–27. Khangela amagama namabinzana afundisa ngoguquko noxolelo ku Mozaya 26:22–24, 29–31; 27:23–37.

Abanye abantu basenokuzibuza inoba uThixo ubaxolela ngokwenene. Ucinga ukuba uAlma uMdala angacebisa njani ilungu leBandla eZarahemla elalinaloo nkxalabo? Wafunda ntoni uAlma eNkosini ku Mozaya 26:15–31 enokunceda eli lungu leBandla? (bona kananjalo Moronayi 6:8; IMfundiso neMinqophiso 19:16–18; 58:42–43).

Umfanekiso
umfanekiso wemfundo yolutsha

Mozaya 27:8–3728:1–4

NgoYesu Krestu, ndingaguquka ndibe ngcono.

Kwakucacile ukuba uAlma Omncinane wayedinga ukuzalwa kwakhona ngokwasemoyeni. Yena noonyana bakaMozaya “babe ngabona boni babekhohlakele kakhulu” (Mozaya 28:4). Kodwa ngokufutshane emva kwenguquko yakhe, uAlma wangqina ukuba inguquko ibalulekile—kumntu wonke: “Musa ukumangala,” watsho, “ukuba lonke uluntu … kufuneka luzalwe kwakhona” (Mozaya 27:25; ugxininiso longeziwe).

Njengoko ufunda ngamava kaAlma ku Mozaya 27:8–37, cinga ngokuzifaka kwibali lakhe. Ngaba unokucinga ngezinto malunga nawe ekufuneka uzitshintshile? Ngubani, njengoyise ka-Alma, osenukuba uyakuthandazela “ngokholo olukhulu”? Ngawaphi amava akuncedileyo “ukukuqinisekisa [wena] ngamandla kwaye negunya likaThixo”? (Mozaya 27:14). Zeziphi “izinto ezinkulu” iNkosi ezenzele wena okanye usapho lwakho ofanele “ukuzikhumbula”? (Mozaya 27:16). Ufunda ntoni kumazwi ka-Alma Omncinane nezenzo malunga nokuba kuthetha ukuthini ukuzalwa ngokutsha? Yeyiphi imizekelo oyibonileyo?

Thatha umzuzwana ubhale ezinye zeendlela uMsindisi akunceda utshintshe—okanye uzalwe ngokutsha—nokuba amava akho awabalulekanga okanye ngequbuliso njengaka-Alma.     Ngubani onokuzuza ngokuva ngamava akho?

Mozaya 27:8–24

UThixo uyayiva imithandazo yam kwaye uya kuyiphendula ngokwentando nexesha laKhe.

Mhlawumbi ubukwimeko ka-Alma uMdala kunye nelungu losapho elenza ukhetho olutshabalalisayo. Yintoni oyifumana ku Mozaya 27:8–24 ethi ikunike ithemba? Le miqolo inokuba nefuthe njani kwimithandazo yakho yabanye?

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lweLiyahona neencwadi Okwenzele Ukomeleza uLutsha.

Izimvo zokuFundisa Abantwana

Mozaya 26:30–31

INkosi ifuna ukuba ndixolele.

  • Ukunceda abantwana bakho bafumanise into eyafundiswa yiNkosi ku-Alma ngoxolelo, ungabamema ukuba bafunde Mozaya 26:29–31 kwaye babale ukuba igama elithi “xolela” livela kangaphi. Le miqolo ifundisa ntoni ngokuxolela abanye?  

  • Ukugxininisa umzekelo woMsindisi woxolelo, unokubonisa umfanekiso waKhe emnqamlezweni kwaye nifunde kunye ku Luka 23:33–34. UYesu wacela ukuba enze ntoni uBawo oseZulwini kubantu ababembethelele emnqamlezweni? Emva kwale ngxoxo, abantwana bakho banokulinganisa umdlalo wokuxolelana.

  • Ngamanye amaxesha kuba nzima ukuzixolela xa senze iimpazamo. Anokunceda njani amazwi kaThixo ku-Alma? Abantwana bakho banokwenza ngathi bathetha nomntu ocinga ukuba uThixo akanakuze abaxolele. Mema abantwana bakho ukuba bafumane into ku Mozaya 26:22– 23, 29–30 enokumnceda loo mntu.

Mozaya 27:8–37

UYesu Krestu uyandinceda ndifane naYe ngakumbi.

  • Inguquko ka-Alma Omncinane noonyana bakaMozaya kunokubabonisa abantwana bakho ukuba, ngamandla oMsindisi, nabani na unokutshintsha.   Nika ugxininiso olukhethekileyo ku mqolo 24, ukufundisa ukuba uAlma waguquka kwaye uYesu Krestu wamnceda ukuba atshintshe. Vumela abantwana bakho balinganise ibali ukuba bayathanda.

Umfanekiso
UAlma Omncinane ethwalelwe endlwini kayise.

His Father Rejoiced [uYise Wakhe Wavuya]nguWalter Rane

Mozaya 27:8–24

Ndingathandaza kwaye ndizile ukutya ukuze uThixo asikelele abantu endibathandayo.

  • Fundani kunye Mozaya 27:8–24, kwaye ubuze abantwana bakho ukuba bachonge into eyenziwa ngu-Alma nabantu bakhe ukunceda uAlma Omncinane. Ngaba wakhe wazila ukutya kwaye wathandazela umntu othile? Yabelana ngamava akho nabantwana bakho, kwaye ubavumele babelane nangawabo.

  • Ngaba wena okanye abantwana bakho niyamazi umntu odinga uncedo lukaThixo? Nilandela umzekelo ka-Alma, mhlawumbi ningathandazela loo mntu kwaye, ukuba abantwana bakho bayakwazi, nimzilele.

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
ingelosi ivela kuAlma Omncinane

Illustration of an angel appearing to Alma the Younger [Umfanekiso wengelosi ivela kuAlma Omncinane], nguKevin Keele

Shicilela