Yizani, Nindilandele 2024
EyeSilimela 10–16: “Ingaba Nilufumene Olu Tshintsho olunaMandlakazi eziNtliziyweni Zenu?” Alma 5–7


“EyeSilimela 10–16: ‘Ingaba Nilufumene Olu Tshintsho olunaMandlakazi eziNtliziyweni Zenu?’ Alma 5–7,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: INcwadi kaMormoni 2024 (2024)

“EyeSilimela 10–16. Alma 5–7,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2024)

Umfanekiso
UAlma Omncinane efundisa amaZoramayithi

UAlma Omncinane efundisa amaZoramayithi

EyeSilimela 10–16: “Ingaba Nilufumene Olu Tshintsho olunaMandlakazi eziNtliziyweni Zenu?”

Alma 5–7

UAlma wayengazi malunga noqhaqho lwanamhlanje olusindisa ubomi lofakelo lwentliziyo, oluthatha indawo yentliziyo eyonakeleyo okanye enesifo ngesempilweni. Kodwa wayesazi ngommangaliso “[wo]tshintsho lwentliziyo,” (Alma 5:26)—leyo apho uMsindisi asinika ubomi obutsha bomoya, njengoku “zalwa kwakhona” (bona Alma 5:14, 49). UAlma wayebona ukuba olu tshintsho lwentliziyo lwaluyinto kanye eyayifunwa ngamaNifayithi amaninzi. Abanye babezizityebi kwaye abanye bengamahlwempu, abanye benekratshi kwaye abanye bethobekile, abanye bengabatshutshisi kwaye abanye becinezelwe yintshutshiso (bona Alma 4:6–15). Kodwa bonke kwakufuneka beze kuYesu Krestu ukuze baphiliswe—kanye njengokuba sisenjenjalo sonke. Nokuba sifuna ukoyisa ikratshi okanye ukunyamezela iimbandezelo, umyalezo kaAlma uyafana: “Yizani kwaye ningoyiki” (Alma 7:15). Vumela uMsindisi atshintshe intliziyo eqaqadekileyo, enesono, okanye enenxeba ibe yethobekileyo, enyulu, nentsha.

Izimvo zokuFunda eKhaya naseBandleni

Alma 5:14–33

Ndimele ndibe namava—kwaye ndiqhubeke ndisiva—utshintsho lwentliziyweni.

UMongameli M. Russell Ballard wathi: “Kufuneka ndithathe ixesha rhoqo ukuze ndizibuze, ‘Ndiqhuba njani?’ … Njengesikhokelo sam ngeli xesha labucala, lokuzivavanya lobuqu, ndithanda ukufunda kwaye ndicingisise ngamazwi afumaneka kwisahluko sesihlanu sika-Alma” (“Return and Receive,” Liyahona, Canzibe 2017, 64).

Cingisisa ngokufunda Alma 5:14–33 ngokungathi ubunodliwano-ndlebe nawe kwaye uvavanya intliziyo yakho. Ungafuna ukubhala iimpendulo zakho kwimibuzo. Yintoni oyifundayo malunga nawe buqu? Uziva uphefumlelwe ukuba wenze ntoni ngenxa yodliwano-ndlebe lwakho?

Umfanekiso
intombazana ethandazayo ngasebhedini

Njengoko siphethukela kuThixo, sinokufumana “utshintsho lwentliziyo.”

Alma 5:44–51

Ndingazuza obam ubungqina boMsindisi neemfundiso zaKhe ngoMoya oyiNgcwele.

Ku Alma 5, xa uAlma wayechaza indlela awabufumana ngayo ubungqina bakhe boMsindisi, akazange awakhankanye amava akhe okubona ingelosi (see Mozaya 27:10–17). Kwenzeka njani ukuba uAlma ayazi ngokwakhe inyaniso? Mhlawumbi ungasebenzisa okufumanayo ku Alma 5:44–51 ukubhala “iresiphi” yokufumana ubungqina bukaYesu Krestu neemfundiso zaKhe. Ziziphi “izithako” (iinyaniso zevangeli) kwaye “imiyalelo” (izinto esinokuzenza ukuza sifune inyaniso) ingaba uAlma wazibandakanya na? Zeziphi “izithako” kwaye “nemiyalelo” onokuzongeza kwiresiphi yakho ngokusuka kumava akho okanye amanye amava akwizibhalo?

Alma 7

“Kuba ndiyabona okokuba nisezindleleni zobulungisa.”

Ngamanye amaxesha sifana nabantu baseZarahemla, ababedinga ukubizelwa enguqukweni (bona Alma 5:32). Ngamanye amaxesha sifana nabantu bakaGidiyon, ababezama ukuhamba “ezindleleni zobulungisa” (Alma 7:19). Ufumana ntoni kumyalezo ka-Alma kuGidiyon (ku Alma 7) efana naleyo wayithethayo eZarahemla (ku Alma 5)? Nguwuphi umahluko owuphawulayo? Khangela izinto uAlma azifundisayo ezinokukunceda uhlale “endleleni ekhokelela ebukumkanini bukaThixo” (Alma 7:19).

Umfanekiso
umfanekiso wemfundo yolutsha

Alma 7:7–16

UMsindisi wathabathela kuYe izono zam, iintlungu, neembandezelo.

Wakhe waziva ngathi akukho mntu ubuqondayo ubunzima okanye imiceli-mngeni yakho? Ukuba kunjalo, iinyaniso ezifundiswa nguAlma zinganceda. Njengoko ufunda, camngca ngoko le miqolo ezikufundisayo ngeenjongo zedini loMsindisi. Unokwena itshati enezihloko ezithi Into uMsindisi awayihlupheka kwaye Kutheni wahlupheka kwaye udwelise oko ukufumana ku Alma 7:7–16 (bona kananjalo Isaya 53:3–5). Ngaba unokucinga ngamaxesha athile Yena awahlupheka ngawo kwezinye zezi zinto? Nantsi eminye imizekelo evela kwizibhalo: Mateyu 4:1–13; 26:55–56; 27:39–44; Marko 14:43–46; Luka 9:58. Ngaba ungongeza nto kuluhlu lwakho kule miqolo?

Yinto enye ukukholelwa ukuba uMsindisi wahluphekela wena. Kodwa ukuhlupheka kwaKhe kwenza njani umahluko kubomi bakho bemihla ngemihla? Nazi ezinye izibhalo ezibonisa indlela uYesu Krestu anokukunceda okanye “akuncedise” : Enoshe 1:5–6; Mozaya 16:7–8; 21:15; 24:14–15; 3 Nifayi 17:6–7; Etere 12:27–29; IMfundiso neMinqophiso 121:7–10. Ufunde ntoni kule miqolo? Zeziphi ezinye iindlela Yena aza kukuncedo lwakho? Walufumana nini uncedo Lwakhe?

Ngqina ngoYesu Krestu. Cinga ngeendlela onokwabelana ngazo ngobungqina bakho boMsindisi nobuThixo baKhe, ufefe, nothando. Ungabakhuthaza abantu obafundisayo ukuba bangqine ngaYe ngokubuza imibuzo ebakhuthaza ukuba babelane ngendlela abaziva ngayo ngaYe.

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lweLiyahona neencwadi Okwenzele Ukomeleza uLutsha.

Izimvo zokuFundisa Abantwana

Alma 5:44–48

Ndingazuza obam ubungqina ngoMoya oyiNgcwele.

  • Ukunceda abantwana bakho bafunde ukukhulisa obabo ubungqina, ungababonisa lo mfanekiso ungezantsi kwaye ubabuze ukuba sizinceda njani izilwanyana ezincinane zikhule. Ungakunxulumanisa oku nokukhathalela ubungqina bethu. Ingaba ubungqina bethu budinga inkathalo enjani? Sinokwazi njani ukuba ziyakhula?

    Umfanekiso
    amakhwenkwe amabini kunye nezilwanyana ezincinane

    Xa sisamkela ivangeli, kufana nokuqala ubomi obutsha.

  • Wabuzuza njani uAlma ubungqina bakhe obuqinileyo bukaYesu Krestu? Unokufunda Alma 5:44–46 kunye nabantwana bakho ukuze nifumane iimpendulo kulo mbuzo. Mhlawumbi abantwana bakho bangabhala phantsi isicwangciso sokwenza into enye kule veki ukomeleza ubungqina babo.

Alma 7:10–13

UMsindisi wathabathela kuYe izono zam, iintlungu, neembandezelo.

  • Ungabanceda njani abantwana bakho baqonde Alma 7:10–13 ukuze bazi ukuba uYesu Krestu ubakhathelele yaye unokubanceda? Mhlawumbi unokubacela ukuba babelane ngamava xa babegula okanye besentlungwini okanye benenye ingxaki eyayibadanisa. Abanye babanceda njani ukuze bazive bebhetele? Nika ubungqina bakho bokuba uMsindisi wahlupheka ngazo ezo zinto naye, kwaye uthethe ngexesha apho Yena wakuthuthuzelayo kwaye wakunceda.

  • Njengokuba wena nabantwana bakho nifunda Alma 7:11–13, khangela izinto uYesu Krestu awahlupheka ngazo ngenxa yethu. Mema abantwana bakho ukuba basebenzise amagama namabinzana abawafumaneyo ukugqibezela esi sivakalisi: “UYesu wahlupheka ukuze Yena andincede.” Kusinceda njani ukwazi ukuba uYesu uyabuqonda ubunzima bethu? Silufumana njani uncedo laKhe? Yabelana ngobungqina bakho ngoYesu Krestu.

Alma 5:14; Alma 7:19–20

Ukulandela uYesu Krestu kundigcina kwindlela ethe tye ndibuyele kuBawo oseZulwini.

  • Vumela abantwana bakho bajonge esipilini njengoko ufunda Alma 5:14 (bona kananjalo iphepha lomsebenzi wale veki). Kuthetha ukuthini ukuba nomfanekiso woMsindisi kwimbonakalo yethu?

  • Ungayisebenzisa njani inkcazelo ka-Alma yendlela ebuyela kuBawo oseZulwini ukunceda abantwana bakho bafunde ukwenza ukhetho olulungileyo? Ungabafundela Alma 7:19–20 kwaye ubavumele badlale ukuhamba “kwiindlela ezimagoso-goso” kwaye bahambe kwindlela ethe tye. Bancede bacinge ngokhetho olusinceda sihlale endleleni nolunye ukhetho olusisusa endleleni. Ninokujonga imifanekiso kaYesu kunye kwaye nithethe ngezinto Yena awazenzayo ukusibonisa indlela ebuyela kuBawo oseZulwini.

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwalenyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
UYesu enxibe ingubo ebomvu

Our Advocate [Ummeli Wethu], nguJay Bryant Ward

Shicilela