Yizani, Nindilandele 2024
EyeNkanga 4–10: “Ndithetha Nani Ngokungathi Nikhona.” Mormoni 7–9


“EyeNkanga 4–10: ‘Ndithetha Nani Ngokungathi Nikhona.’ Mormoni 7–9,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: iNcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“EyeNkanga 4–10. Mormoni 7–9,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2023)

Umfanekiso
UMoronayi ubhala kumacwecwe egolide

Moroni Writing on Gold Plates [UMoronayi Ebhala kumaCwecwe Egolide], nguDale Kilborn

EyeNkanga 4–10: “Ndithetha Nani Ngokungathi Nikhona”

Mormoni 7–9

UMoronayi wayesazi ukuba kwakuvakala njani ukuba wedwa kwilizwe elikhohlakeleyo—ngakumbi emva kokuba uyise efile edabini kwaye amaNifayithi etshatyalalisiwe. “Mna ndikwasele ndedwa,” yena wabhala “Andinazihlobo nandawo yakuya kuyo” (Mormoni 8:3, 5). Izinto zazinokubonakala zingenathemba, kodwa uMoronayi wafumana ithemba kuYesu Krestu kunye nobungqina bakhe bokuba “iinjongo zanaphakade zeNkosi ziya kuqhubekela phambili” (Mormoni 8:22). Kwaye uMoronayi wayesazi ukuba inxalenye engundoqo yezo njongo zanaphakade yayiza kuba yiNcwadi kaMormoni—uxwebhu awayelugqibezela ngoku ngenkuthalo, uxwebhu olwaluza kuthi ngenye imini luzise abantu abaninzi “kulwazi lukaKrestu” (Mormoni 8:16; 9:36). Ukholo lukaMoronayi kwezi zithembiso lwabangela ukuba akwazi ukubhengeza kubafundi bexesha elizayo bale ncwadi, “ndithetha nani ngokungathi nikhona,” kwaye “ndiyazi okokuba niya kuba nawo amazwi am” (Mormoni 8:35; 9:30). Ngoku sinawo amazwi akhe, kwaye umsebenzi weNkosi uya kuqhubekela phambili, ngokuyinxenye ngenxa yokuba uMormoni noMoronayi bahlala benyanisekile kumsebenzi wabo, naxa babebodwa.

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni

Mormoni 7

“Nikholwa kuKrestu” kwaye “nize namkele ivangeli [yaKhe].”

Emva kokushwankathela uxwebhu lwabantu bakhe, uMormoni wanika umyalezo wakhe wokuqukumbela ku Mormoni 7. Ucinga ukuba kwakutheni akhethe lo myalezo? Kuthetha ukuthini kuwe ukuba “nize namkele ivangeli kaKrestu”? Mormoni 7:8

Mormoni 7:8–10; 8:12–16; 9:31–37

iNcwadi kaMormoni inexabiso elikhulu.

UMongameli uRussell M. Nelson wabuza: “Ukuba ubunokunikwa iidayimani okanye iirubhi okanye iNcwadi kaMormoni, ubuya kukhetha eyiphi? Ngokunyanisekileyo, yeyiphi eyona nto ibaluleke ngakumbi kuwe?   

Yintoni oyifumana ku Mormoni 7:8–10; 8:12–22 no 9:31–37 ekunceda uqonde ukuba kutheni iNcwadi kaMormoni ixabisekile kumhla wethu? Kutheni ixabisekile kuwe? Usenokufumana iimbono ezongezelelweyo ku 1 Nifayi 13:38–41; 2 Nifayi 3:11–12; na kwi IMfundiso neMinqophiso 33:16; 42:12–13.

Umfanekiso
iikopi zeNcwadi kaMormoni kwiilwimi ezahlukeneyo

Imibhalo yabaprofeti beNcwadi kaMormoni isebenza kuthi.

Mormoni 8:1–11

Ndinako ukuyigcina imithetho naxa abanye bengayigcini.

Ngamanye amaxesha unokuziva uwedwa kwiinzame zakho zokugcina imithetho. Yintoni onokuyifunda kumzekelo kaMoronayi enokunceda? (bona Mormoni 8:1–11). Ukuba unokubuza uMoronayi ukuba wahlala njani ethembekile, ucinga ukuba angathini?

Mormoni 8:26–41; 9:1–30

INcwadi kaMormoni yabhalelwa umhla wethu.

UYesu Krestu wabonisa uMoronayi into eyayiza kwenzeka xa iNcwadi kaMormoni yeza ngaphambili (bona Mormoni 8:34–35), nto leyo eyamkhokelela ekubeni anikele izilumkiso ezikhaliphileyo zomhla wethu. Njengokuba ufunda u Mormoni 8:26–41 no 9:1–30, cingisisa ukuba amazwi akhe anokusebenza njani kuwe. Ngokomzekelo, kule miqolo uMoronayi ubuza imibuzo engama-24. Bobuphi ubungqina obubonayo kule mibuzo okokuba uMoronayi wawubona umhla wethu? Inganceda njani iNcwadi kaMormoni kwimiceli-mingeni uMoronayi ayibonileyo kwangaphambili?

Mamela uMoya. Qwalasela iingcinga kunye neemvakalelo zakho, nokuba zibonakala zinganxulumananga noko ukufundayo. Ezo mvakalelo zingazizinto kanye uBawo oseZulwini afuna ukuba uzifunde. Ngokomzekelo, zeziphi iimbono onazo emva kokucingisisa ngemibuzo ayibuzayo uMoronayi ku Mormoni 9:1–30?

Mormoni 9:1–25

Umfanekiso
umfanekiso weengcinga
UYesu Krestu nguThixo wemimangaliso.

UMoronayi wayiqukumbela imibhalo kayise ngomyalezo onamandla kubantu abakwimihla yethu abangakholelwayo kwimimangaliso (bona Mormoni 8:26; 9:1, 10–11). Kutheni uvakalelwa kukuba ukukholelwa kwimimangaliso kuyafuneka namhlanje? Phanda ku Mormoni 9:9–11, 15–27 no Moronayi 7:27–29 kwaye ucingisisa ngemibuzo enje ngale:

  • Yintoni endiyifundayo ngoMsindisi kule miqolo?

  • Yintoni endiyifundayo ngemimangaliso, eyadlulayo neyangoku?

  • Yeyiphi inzuzo yokukholelwa ukuba uYesu Krestu nguThixo wemimangaliso? Ziyintoni iziphumo zokungakholelwa koku?

  • Yeyiphi imimangaliso—emikhulu nemincinane—uMsindisi ayenzileyo ebomini bam? Le mimangaliso indifundisa ntoni ngaYe?

UMongameli uRussell M. Nelson wafundisa: “UMsindisi wethu kunye noMhlanguli wethu, uYesu Krestu, uya kwenza eminye yemisebenzi yaKhe yamandla phakathi kwangoku na xa ethe Wabuya kwakhona. Siya kubona imiqondiso engummangaliso yokuba uThixo uYise kunye noNyana Wakhe, uYesu Krestu, bongamela eli Bandla ngobungangamsha kunye nozuko” (“Revelation for the Church, Revelation for Our Lives,” Liahona, uCancibe 2018, 96). Ucinga ukuba ingaba yintoni eminye yale mimangaliso? Yintoni onokuyenza ukunceda uMsindisi ayizalisekise?

Ufunda ntoni ngokholo kunye nemimangaliso ngokwamava aMalungisa ase Samoa,Tonga, Fiji, naseTahiti xa uMongameli noDade Nelson babewatyelele?

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

Mormoni 7:8–10

INcwadi kaMormoni neBhayibhile zingqina ngoYesu Krestu.

  • Ukugxininisa ubudlelwane obuphakathi kweBhayibile neNcwadi kaMormoni, njengoko uMoronayi wenzayo, unokudlala umdlalo ofana nalo nabantwana bakho: Bacele ukuba bathi “iTestamente Endala, iTestamente Entsha” xa uphakamisa ikopi yeBhayibhile kunye “Enye iTestamente” xa uphakamisa ikopi yeNcwadi kaMormoni. Unokukhetha kwakhona iziganeko ezininzi apho iBhayibhile kunye neNcwadi kaMormoni zingqina ngazo—ezifana nokuzalwa kukaYesu, ukufa, noVuko ekufeni—kwaye umeme abantwana bakho ukuba bafumane imifanekiso yezi ziganeko.

  • Ukunceda abantwana bakho bafunde inqaku lesibhozo lovumo lokholo, ungabhala igama ngalinye emaphepheni ahlukeneyo. Mema abantwana bakho basebenzisana kunye ukubeka amagama ngolandelelwano oluchanekileyo kwaye baphinda-phinde izihlandlo ezininzi.

Mormoni 8:1–7

Ndingayigcina imithetho naxa ndiziva ndindedwa.

  • Umzekelo kaMoronayi ungaphembelela abantwana bakho bathobele imithetho kaThixo naxa beziva bebodwa. Emva kokufunda u Mormoni 8:1–7 kunye nabo, bangabelana ngendlela ababenokuziva ngayo ukuba babenguMoronayi. Kwi miqolo 1, 3 no-4, uMoronayi wayalelwa ukuba enze ntoni, yaye wathobela njani? Singafana njani ngakumbi noMoronayi?

  • Mhlawumbi wena nabantwana bakho ninokuthetha ngeemeko apho kufuneka bakhethe phakathi kokulungileyo nokungalunganga xa kungekho mntu ubajongileyo. Ukuba nokholo kuYesu Krestu kusinceda njani kwezi meko?  

Mormoni 8:24–26; 9:7–26

UYesu Krestu “nguThixo wemimangaliso.”

  • Usenokufuna ukucacisela abantwana bakho ukuba ummanagaliso yinto ayenzayo uThixo ukubonisa amandla aKhe nokusikelela ubomi bethu. Kanti unokufunda amabinzana avela ku Mormoni 9:11–13, 17 achaza eminye yemimangaliso kaThixo, kwaye abantwana bakho banokucinga ngeminye imimangaliso. Thetha ngemimangaliso ayenzileyo uThixo ebomini bakho.

  • Bonisa abantwana bakho iresiphi, kwaye uthethe ngokuba kungenzeka ntoni ukuba ushiye isithako esibalulekileyo. Fundani kunye unode Mormoni 8:24 kunye 9:20–21 ukufumana “izithako” ezinokukhokelela kwimimangaliso evela kuThixo.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
UMoronayi ejonge intshabalalo yamaNifayithi

Moroni Overlooking the Destruction of the Nephites [UMoronayi Ejonge Intshabalalo yamaNifayithi], nguJoseph Brickey

Shicilela