Yizani, Nindilandele 2024
EyeNkanga 25–EyoMnga 1: “NgoKholo Zonke Izinto Zizalisekisiwe.” Etere 12–15


“EyeNkanga 25–EyoMnga 1: ‘NgoKholo Zonke Izinto Zizalisekisiwe’ Etere 12-15,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: INcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“EyeNkanga 25–EyoMnga 1. Etere 12–15,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2023)

Umfanekiso
UEtere engena emqolombeni

Ether Hiding in the Cavity of a Rock [UEtere Uzifihla emQolombeni weLiwa], nguGary Ernest Smith

EyeNkanga 25–EyoMnga 1: “NgoKholo Zonke Izinto Zizalisekisiwe”

Etere 12–15

Iziprofeto zikaEtere kumaYeredayithi “ezinkulu nezimangalisayo” (Etere 12:5). Yena “wabaxelela ngazo zonke izinto, ukususela ekuqalekeni komntu” (Etere 13:2). Yena wayibona kwangaphambili “imihla kaKrestu” neYerusalem eNtsha yemihla yokugqibela (Etere 13:4). Kwaye wathetha “ngethemba lehlabathi elilunge kunene, ewe, kwanayo indawo ngakuso esokunene isandla sikaThixo” (Etere 12:4). Kodwa amaYeredayithi awala amazwi akhe, ngesizathu esifanayo abantu basoloko besala iziprofeto zezicaka zikaThixo namhlanje—“ngenxa yokuba [abaziboni].” (Etere 12:5). Kufuna ukholo ukukholelwa kwizithembiso okanye kwizilumkiso ngezinto esingaziboniyo, kanye njengokuba kwakufuna ukholo kuEtere ukuprofeta “izinto ezinkulu nezimangalisayo ” kubantu abangakholwayo. Kwathatha ukholo kuMoronayi ukuthemba ukuba iNkosi ingathatha “ubuthathaka ekubhaleni” kwaye ibuguqule bube ngamandla (bona Etere 12:23–27). Lolu hlobo lokholo olusenza “[sibe no]kuqiniseka nokuzinza, [si]soloko [si]phuphuma yimisebenzi emihle, [si]khokelelwa ekubeni [si]mzukise uThixo.” (Etere 12:4). Kwaye lolu hlobo lokholo okuthi ngalo “zonke izinto zizalisekisiwe” (Etere 12:3).

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni.

Etere 12

Ukholo kuYesu Krestu lunokukhokelela kwimimangaliso.

Kuqhelekile namhlanje, njengokuba kwakunjalo ngomhla kaEtere, ukuba abantu bafune ukubona ubungqina ngaphambi kokukholelwa kuThixo nakumandla aKhe. Ufunda ntoni ku Etere 12:5–6 ngale ngcinga?

Njengoko ufunda u Etere 12, unokuqaphela ngalo lonke ixesha ufumana igama elithi “ukholo.” Qwalasela oko umzekelo ngamnye okufundisayo ngokholo. Imibuzo efana nale inokunceda: Luyintoni ukholo? Kuthetha ukuthini ukusebenzisa ukholo? Zeziphi iziqhamo zokholo kuYesu Krestu? Unako kananjalo ukubhala iingcinga zakho malunga namangqina owafumeneyo “emva kokuvavanywa kokholo lwenu.” (Etere 12:6).

Bona kananjalo uRussell M. Nelson, “UKrestu Uvukile; Ukholo kuYe Luya Kususa Iintaba,” Liyahona, Canzibe 2021, 101–4.

Vumela abanye babelane, kwaye ngamanye amaxesha bafundise. Abantu bafunda ngcono xa befumana amathuba okwabelana nabanye ngoko bakufundayo okanye kwanokufundisa ngendlela ecwangcisiweyo. Nokuba kusekhaya okanye ebandleni, cinga ngokuvumela abanye, kuquka ulutsha, ukuba bafundise inxalenye yesifundo.

Etere 12:1–9, 28, 32

UYesu Krestu usinika “ithemba elilunge kakhulu ngakumbi.”

Ukongeza kwiimbono ezinzulu malunga nokholo, Etere 12 ikwanokuthetha kananjalo okuninzi malunga nethemba. Vumela le mibuzo ikhokele isifundo sakho:

  • Zeziphi izizathu zokuba uEtere abe “nethemba lehlabathi elilunge kunene”? (bona Etere 12:2–5

  • Yintoni injongo ye-ankile? Ithemba lenza ntoni emphefumlweni wakho efana nento eyenziwa yiankile kwisikhephe? (bona Etere 12:4).

  • Yintoni esifanele ukuba sibe nethemba layo? (bona Etere 12:4; Moronayi 7:41).

  • Ivangeli kaYesu Krestu ikunike njani “ithemba elilunge kakhulu ngakumbi”? (Etere 12:32).

Bona kananjalo Moronayi 7:40–41

Etere 12:23–29

Umfanekiso
umfanekiso weengcinga
UYesu Krestu angaguqula ubuthathaka bam bube ngamandla.

Xa sifunda imibhalo enamandla kaMoronayi, kulula ukulibala ukuba wayenexhala “lobuthathaka ekubhaleni” kwaye esoyika ukuba abantu bangawahlekisa amazwi akhe (bona Etere 12:23–25 Ukuba ukhe waziva uxhalabile ngobuthathaka bakho, funda ngemizabalazo kaMoronayi—nempendulo yoMsindisi—ku Etere 12:23–29. Ungacingisisa kananjalo amaxesha apho uYesu Krestu wakuncedayo waqaphela ubuthathaka bakho kwaye wakwenza womelela—nokuba Yena akazange abususe ngokupheleleyo. Kananjalo cinga ngobuthathaka osokolwiswa bubo ngoku. Udinga ukuba wenze ntoni ukuze ufumane isithembiso soMsindisi “ukwenza izinto ezibuthathaka zisuke zomelele”? (Etere 12:27).

Cinga ngokuphengulula le miqolo ilandelayo ukuze ubone ukuba abanye kwizibhalo bawafumana njani amandla ngobabalo lukaYesu Krestu:

  

Etere 13:13–22; 14–15

Ukwala abaprofeti beNkosi kusibeka engozini yokomoya.

Ukuba ngukumkani wamaYeredayithi, ngokwembali, yayisisikhundla esiyingozi. Oku kwakuyinyaniso ngakumbi kuKoriyantamri, njengoko “amadoda anamandlakazi, … babezungula ukumtshabalalisa” (Etere 13:15–16). Ku Etere 13:15–22, qaphela into eyenziwa nguKoriyantamri ukuzikhusela noko umprofeti uEtere wamcebisa ukuba akwenze endaweni yoko. Njengokuba ufunda incwadi kaEtere eseleyo, cingisisa ngeziphumo zokwala abaprofeti. Kwenzeka ntoni ebantwini xa “uMoya weNkosi [upheza] ukuzama-zamana kunye nabo”? (Etere 15:19). Yintoni iNkosi enokufuna ukuba uyifunde kwezi ngxelo? Cinga ngento oya kuyenza ukulandela abaprofeti baKhe.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

Etere 12:6–22

Ukholo kukukholelwa kwizinto endingenako ukuzibona.

  • Cinga ngokunceda abantwana bakho baphinde kunye nawe “Ukholo luzizinto esinethemba lazo kwaye ezingabonwayo” ku Etere 12:6. Basenokukonwabela ukujonga imifanekiso ebonisa imizekelo yokholo Ether 12:13–15, 19–21. Vumela abantwana bakho bacacise oko bakwaziyo ngebali ngalinye. Nantsi eminye imibuzo enokukunceda uxoxe ngale mizekelo yokholo:

    • Babenethemba lantoni aba bantu?

    • Ukholo lwabo lwavavanywa njani?

    • Kwenzeka ntoni ngenxa yokholo lwabo?

    Ungabelana kananjalo ngamava akho okusebenzisa ukholo.

Etere 12:4, 32

Ithemba linjenge ankile emphefumlweni wam.

  • Ukuze uqonde into u Etere 12:4 ayifundisayo ngethemba, wena nabantwana bakho ninokukhangela umfanekiso wesikhephe ne-ankile. Kutheni izikhephe zifuna iiankile? Kuno kwenzeka ntoni kwisikhephe esingenayo i-ankile? Njengoko nifunda u Etere 12: 12 kunye, thethani ngendlela ithemba elisinceda ngayo njengendlela i-ankile enceda ngayo isikhephe. Mema abantwana bakho ukuba bazobe imifanekiso yesikhephe ne-ankile ukuze bafundise abanye ngethemba.

  • Ukuba abantwana bakho badinga inkcazelo yethemba, bancede bayifumane kwisiKhokelo seZibhalo,“Themba” (Ithala leVangeli). Ngokwale nkcazelo neka Etere 12:4, 32, yintoni esifanele sibe nethemba layo? (bona kananjalo Moroni 7:40–42). Nceda abantwana bakho bacinge ngamanye amagama ethemba, kunye namagama athetha ngokuchaseneyo nethemba. Ninokwabelana omnye nomnye ngeenyaniso zevangeli ezininika ithemba.

Etere 12:23–29

UYesu Krestu unokundinceda ndomelele ngokomoya.

  • Abantwana ngamanye amaxesha bajongana neemeko apho baziva bebuthathaka, kanye njengokuba uMoronayi wenzayo. Nceda abantwana bakho bafumanise ukuba kutheni uMoronayi waziva ngolu hlobo ku Etere 12:23–25, kwaye ubabuze ukuba bakhe baba neemvakalelo ezifanayo na. Emva koko bacele ukuba bafunde imiqolo 26–27 ukufumanisa ukuba iNkosi yamnceda njani uMoronayi.

  • Mhlawumbi abantwana bakho banokuzoba umfanekiso wento ebuthathaka neyomeleleyo. Emva koko bangongeza kumzobo wabo amagama namabinzana aphuma ku Etere 12:23–29 abafundisa ngendlela uMsindisi anokujika ngayo ubuthathaka bethu bube kukomelela. Khuthaza abantwana bakho ukuba bacinge ngobuthathaka abanabo kwaye emva koko bafune uncedo loMsindisi ukuze bomelele. Unako kanjalo ukwabelana ngamava xa uMsindisi wakunceda ukuba womelele ngokwaneleyo ukuba wenze into enzima.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
UEtere eguqe ngamadolo ekuvuleni komqolomba

Marvelous Were the Prophecies of Ether [IZiprofeto zikaEtere zaziMangalisa], nguWalter Rane

Shicilela