Yizani, Nindilandele 2024
EyoMnga 9–15: “Inga uKrestu AngakuPhakamisa.” Moronayi 7–9


“EyoMnga 9–15: ‘Inga uKrestu AngakuPhakamisa.’ Moronayi 7–9,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: iNcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“EyoMnga 9–15. Moronayi 7–9,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2023)

Umfanekiso
UMoronayi ubhala kumacwecwe egolide

Minerva Teichert (1888–1976), Moroni: The Last Nephite [uMoronayi: UmNifayithi wokuGqibela]1949–1951, ioli kwi masonite, 88 cm× 119 cm. Iyunivesithi yaseBrigham Young iMuziyam yoBugcisa, 1969.

EyoMnga 9–15: “Inga uKrestu AngakuPhakamisa”

Moronayi 7–9

Phambi kokuba uMoronayi aqukumbele imbali esiyazi namhlanje njengeNcwadi kaMormoni ngamazwi akhe okugqibela, wabelana ngemiyalezo emithathu evela kuyise, uMormoni: intetho kwabo “bangabalandeli abanoxolo bakaKrestu,” (Moronayi 7:3) kunye neeleta ezimbini zikaMormoni awayezibhalele uMoronayi. Mhlawumbi uMoronayi wayiquka le miyalezo kwiNcwadi kaMormoni kuba wabona kwangaphambili ukufana phakathi kweengozi zomhla wakhe nowethu. Xa la mazwi ayebhaliwe, abantu bamaNifayithi bebonke babemfulathela uMsindisi. Abaninzi babo “babephulukene nothando lwabo, omnye ngakomnye” kwaye bevuyiswa “yiyo yonke into ngaphandle kwa leyo ilungileyo” (Moronayi 9:5, 19). Kwaye ukanti uMormoni wayesasifumana isizathu sokuba nethemba, esifundisa ukuba ithemba alithethi ukungazihoyi okanye ukungabi nabulumko ngeengxaki zehlabathi. Ithemba lithetha ukuba nokholo kuBawo oseZulwini nakuYesu Krestu, onamandla amakhulu kwaye angunaphakade nangaphezu kwezi ngxaki. Lithetha “ukubambelela kuyo yonke into elungileyo” (Moronayi 7:19) Kuthetha ukuvumela iNtlawulelo kaYesu Krestu “nethemba lobuqaqawuli bakhe nelobomi obungunaphakade, ziphumle engqondweni yakho” (Moronayi 9:25).

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni

Moronayi 7:12–20

Ukukhanya kukaKrestu kundinceda ndazi inyaniso kwimpazamo.

Abantu abaninzi bayazibuza, “Ndingazi njani ukuba imvakalelo ivela kuThixo okanye kwiingcinga zam?” okanye “Ngokukhohlisa okungaka namhlanje, ndingayazi njani into elungileyo okanye engalunganga?” Amazwi kaMormoni ku Moronayi 7 asinika imigaqo eliqela esinokuyisebenzisa ukuphendula le mibuzo. Yijonge ngakumbi kwi miqolo 12–20. Ungasebenzisa ezi nyaniso ukukunceda uvavanye imiyalezo odibana nayo kunye namava onawo kule veki.

Moronayi 7:20–48

Ngenxa kaYesu Krestu, ndingakwazi “ukubambelela kuyo yonke into elungileyo.”

UMormoni wabuza umbuzo obonakala ubalulekile kakhulu namhlanje: “Kunokwenzeka njani [ukuba] nibambelele kuyo yonke into elungileyo?” Moronayi 7:20 Emva koko wafundisa ngokholo kuYesu Krestu, ithemba, kunye nothando lwenene. Njengokuba ufunda imiqolo 20–48, khangela indlela nganye uphawu olukunceda ngayo ufumane kwaye “ubambe” ukulunga okuvela kuYesu Krestu. Kutheni ezi mpawu zibalulekile kumfundi kaYesu Krestu?

Bona kananjalo “Mormon’s Teachings about Faith, Hope, and Charity” [Iimfundiso zikaMormoni malunga noKholo, iThemba, kunye noThando Lwenene] (umboniso bhanya-bhanya), Ithala leVangeli.

Moronayi 7:44–48

Umfanekiso
umfanekiso weengcinga
“Uthando lwenene luthando olumsulwa lukaKrestu.”

UMormoni wabona ukuba ukholo lwethu kunye nethemba kuYesu Krestu lusikhokelela ekubeni sibe nothando lwenene. Kodwa luyintoni uthando lwenene? Ungabhala Uthando lwenene lu… emva koko ufunde u Moronayi 7:44–48, ukhangela amagama okanye amabinzana anokugqibezela isivakalisi. Xa ugqibile, cinga ngokubuyisela igama elithi uthando endaweni yalo ngegama lika Yesu Krestu. Kukufundisa ntoni oku ngoMsindisi? UYesu Krestu ulubonakalise njani uthando Lwakhe olumsulwa? Cinga ngemizekelo ekwizibhalo kunye nobomi bakho.

UMongameli Dallin H. Oaks waphawula: “Isizathu sokuba uthando lwenene lusilele kwaye isizathu sokuba uthando lwenene lube lukhulu ngakumbi kunezona zenzo zibalulekileyo zokulunga … kukuba uthando lwenene, ‘uthando olumsulwa lukaKrestu’ [Moronayi 7:47], ayiso senzo kodwa yimeko okanye imeko yokubakho. … Uthando lwenene yinto umntu abayiyo” (“The Challenge to Become,” Ensign, EyeNkanga 2000, 34).   Uthando lwenene lubuchaphazela njani ubufundi bakho? Ingaba wena “unganamathela njani kolo thando lwenene”? (umqolo 46).

Bona kananjalo 1 kwabaseKorinte 13:1–13; Etere 12:33–34.

Sebenzisa izifundo zezinto. Mhlawumbi ukucinga ngesitulo esinemilenze emithathu kungakunceda uqonde ngakumbi malunga nobudlelwane phakathi kokholo, ithemba, kunye nothando lwenene.

Moronayi 9:3–5

Umsindo ukhokelela kwintlungu nasekubandezelweni.

Ngokwahlukileyo kumyalezo kaMormoni wothando ku Moronayi 7:44–48, incwadi yesibini kaMormoni eya kuMoronayi iquka izilumkiso malunga nento abaninzi abasokola ngayo namhlanje—umsindo. Ngokuka Moronayi 9:3–5, zaziyintoni ezinye zeziphumo zomsindo wamaNifayithi? Zeziphi izilumkiso esinokuzifumana kwi miqolo 3–5, 18–20, 23?

Moronayi 9:25–26

Ndinokuba nethemba kuKrestu nokuba iimeko zam zinjani.

Emva kokuchaza inkohlakalo awayeyibonile, uMormoni waxelela unyana wakhe ukuba angabi lusizi. Yintoni ekuchukumisayo ngomyalezo kaMormoni wethemba? Kuthetha ukuthini kuwe ukuba uKrestu “angakuphakamisa [wena]”? Zeziphi iimpawu zikaKrestu nemigaqo yevangeli yaKhe “eziphumla engqondweni yakho” kwaye zikunike ithemba? (Moronayi 9:25).

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

Moronayi 7:33

Ukuba ndinokholo kuYesu Krestu, ndingenza nantoni na afuna ndiyenze.

  • Cinga ngokujonga imifanekiso embalwa kunye ebonisayo umntu ophuma kwizibhalo ophumeza into ebalulekileyo. Ukuba nokholo kuYesu Krestu kwawenza njani umahluko kule mizekelo? Wena nabantwana bakho ninokufunda u Moronayi 7:33, nikhangela into esinokuyenza xa sinokholo kuYesu Krestu. Ninokwabelana nabanye ngamava xa uThixo wanisikelela ngamandla okwenza intando Yakhe.

Moronayi 7:41

Ukukholwa kuYesu Krestu kunokundinika ithemba.

  • Njengokuba ufunda u Moronayi 7:41 ebantwaneni bakho, mhlawumbi bangaphakamisa izandla zabo xa besiva into ethile uMormoni athe masiyithembe. Baxelele ngethemba onalo ngenxa kaYesu Krestu.

  • Wena nabantwana bakho ninokucinga ngomtu onokuba unobunzima kwinto ethile. Mhlawumbi abantwana bakho banokuzobela umntu umfanekiso onokumkhumbuza ukuba abe nethemba kuYesu Krestu.

Moronayi 7:40–41; 9:25–26

Ndinokuba nethemba kuYesu Krestu, nokuba kunovavanyo olunzima.

  • Ukufundisa abantwana bakho ngethemba elikuYesu Krestu, unokuzalisa isitya esicacileyo ngamanzi uze uwise izinto ezimbini kuso—enye edadayo kunye nenye etshonayo. Njengoko nifunda kunye u Mormoni 7:40–41 no 9:25–26, abantwana bakho banokukhangela into ithemba elisenzela yona. Kanti banokuthelekisa into edadayo nomntu onethemba kuKrestu. “U[si]phakamisa” njani xa sijamelene nezilingo ezinzima? Nceda abantwana bakho bacinge ngeendlela abanokugcina uMsindisi neemfundiso Zakhe ezikhuthazayo “ezingqondweni [zabo] ngonaphakade.”

Moronayi 7:45–48

“Uthando lwenene luthando olumsulwa lukaKrestu.”

  • Unokufunda okanye ushwankathele u Moronayi 7:47 kwaye umeme abantwana bakho ukuba bazobe imifanekiso yabo bebonisa uthando komnye umntu. Cebisa ukuba babeke umfanekiso wabo kwindawo eya kubakhumbuza ukuba bathande abanye njengoko uKrestu esenza.

  • Ungabaphembelela njani abantwana bakho ukuba bafune kwaye baphuhlise uthando olumsulwa lukaKrestu ebomini babo? Mhlawumbi unokubanceda bacinge ngeendlela uYesu awabonisa uthando lwenene (bona, ngokomzekelo, Luka 23:34; Yohane 8:1–11; Etere 12:33–34). Sinokuwulandela njani umzekelo waKhe?

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
UYesu Krestu

Portrait of Christ the Savior [Umfanekiso kaKrestu uMsindisi], nguHeinrich Hofmann

Shicilela