ITestamente eNtsha 2023
Isihlomelo: Ukulungiselela Abantwana Bakho Ubomi Bonke kwiNdlela yoMnqophiso kaThixo


“Isihlomelo: Ukulungiselela Abantwana Bakho Ubomi Bonke kwiNdlela yoMnqophiso kaThixo,” Yizani, Nindilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“Isihlomelo,” Yizani, Nindilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023

Isihlomelo

Ukulungiselela Abantwana Bakho Ubomi Bonke kwiNdlela yoMnqophiso kaThixo

Ngenxa yokuba Yena ekuthanda, ekuthembile, kwaye ewazi amandla akho aleleyo, uBawo oseZulwini ukunike ithuba lokunceda abantwana bakho bangene kwaye baqhubele phambili kwindlela yaKhe yomnqophiso, indlela eya kubomi banaphakade (bona IMfundiso neMinqophiso 68:25–28). Oku kuquka ukubanceda balungiselele ukwenza kwaye bagcine iminqophiso engcwele, efana nomnqophiso wobhaptizo neminqophiso eyenziwa etempileni. Ngale minqophiso, abantwana bakho bayakuzibophelela kuMsindisi, uYesu Krestu.

Zininzi iindlela zokulungiselela abantwana bakho olu hambo kwindlela yomnqophiso, kwaye uBawo oseZulwini uya kukunceda ufumane eyona ndlela ingcono yokubanceda. Njengoko ufuna impembelelo, gcina engqondweni ukuba asikuko konke ukufunda okwenzekayo ngexesha lezifundo ezicwangcisiweyo. Enyanisweni, enye into eyenza ukufunda ekhaya kube namandla kangaka lithuba lokufunda ngomzekelo nangexesha elincinane elilula—uhlobo olwenzeka ngokwemvelo kubomi bemihla ngemihla. Njengokuba ukulandela indlela yomnqophiso kuyinkqubo engaguqukiyo, yobomi bonke, kukwanjalo nokufunda ngendlela yomnqophiso. (Bona “Ikhaya noSapho,” Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi [2022], 30–31.)

Umfanekiso
umama kunye nomntwana

Zininzi iindlela zokulungiselela abantwana bakho kuhambo lwabo kwindlela yomnqophiso kaThixo.

Ngezantsi kukho iimbono ezinokukhokelela kwimpembelelo engakumbi. Ungafumana iimbono ezongezelelweyo zokufundisa abantwana abakwiminyaka yaBaqalayo ku “Ukulungiselela Abantwana Ubomi Bonke kwiNdlela yoMnqophiso kaThixo” ku Come, Follow Me—For Primary.

Ubhapatizo noQinisekiso

UNifayi wafundisa ukuba “isango [thina] esinokungena ngalo” indlela yomnqophiso “yinguquko nobhaptizo ngamanzi” (2 Nifayi 31:17). Iinzame zakho zokunceda abantwana bakho balungiselele ubhaptizo noqinisekiso zinokumilisela iinyawo zabo kuloo ndlela. Ezi nzame ziqala ngokufundisa ngokholo kuYesu Krestu kwa nenguquko. Ziquka kananjalo nokufundisa ngendlela esihlaziya ngayo iminqophiso yethu yobhaptizo ngokuthatha inxaxheba kumthendeleko qho ngeveki.

Nazi ezinye izixhobo ezinokukunceda: 2 Nifayi 31; Gospel Topics, “uBhaptizo,” topics.ChurchofJesusChrist.org.

  • Nanini na xa unamava omeleza ukholo lwakho kuBawo oseZulwini kunye noYesu Krestu, yabelana ngawo nomntwana wakho. Mncede aqonde ukuba ukholo yinto enokomelela kwaye enokukhula yomelele ngokomelela ubomi bonke. Ziziphi ezinye izinto anokuzenza umntwana wakho ukuphuhlisa ukholo olomeleleyo kuKrestu ngaphambi kokuba abhaptizwe?

  • Xa umntwana wakho esenza ukhetho olungalunganga, thetha ngovuyo ngesipho senguquko. Kwaye xa wena wenze ukhetho olungalunganga, yabelana ngovuyo oluza xa uguquka. Ngqina ukuba ngenxa yokuba uYesu Krestu wabandezeleka kwaye wafela izono zethu, Yena wasinika amandla okutshintsha. Xa umntwana wakho efuna ukuxolelwa, mxolele ngokukhululekileyo nangovuyo.

  • Xelela umntwana wakho ngobhaptizo lwakho. Bonisa imifanekiso kwaye wabelane ngeenkumbulo. Thetha ngendlela owaziva ngayo, ukuba iminqophiso yakho yobhaptizo ikuncede njani ukuba ufikelele ekwazini uYesu Krestu ngcono, kwaye iqhubekeka njani ukusikelela ubomi bakho. Khuthaza umntwana wakho ukuba abuze imibuzo.

  • Xa kukho ubhaptizo kusapho lwakho okanye kwisebe lakho, thatha umntwana wakho ayokubona. Thethani kunye ngoko wena nomntwana wakho enikubonileyo kwaye nakuvayo. Ukuba kunokwenzeka, thetha nomntu obhaptizwayo uze umbuze imibuzo enjengale: “Usenze njani esi sigqibo? Uzilungiselele njani?”

  • Nanini na ubona umntwana wakho esenza into athembise ukuyenza, mncome ngokunyanisekileyo. Khankanya nokuba ukugcina izibophelelo kuyasinceda ukuba silungiselele ukugcina iminqophiso esiyenzayo xa sibhaptizwa. Simthembisa ntoni uThixo xa sibhaptizwa? Usithembisa ntoni Yena? (bona Mozaya 18:8–10, 13).

  • Xa wena nomntwana wakho ninamava angcwele kunye (njengasecaweni, ngelixa nifunda izibhalo, okanye ngelixa nikhonza omnye umntu), mxelele ngeemvakalelo zomoya okanye iimpembelelo onazo. Mema umntwana wakho ukuba achaze indlela aziva ngayo. Qaphela iindlela ezahlukeneyo onokuthetha ngazo uMoya ebantwini, kuquka neendlela Yena athetha ngazo nawe buqu. Nceda umntwana wakho aqaphele amathutyana apho anokuba namava empembelelo yoMoya oyiNgcwele.

  •   Thethani kunye ngeendlela ezahlukeneyo izicaka zeNkosi eziliva ngayo ilizwi laKhe. Mema umntwana wakho azobe umfanekiso okanye enze umboniso bhanya-bhanya malunga nendlela aliva ngayo ilizwi loMsindisi.

  • Thetha ngokuba ukuba lilungu leBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela kukusikelele njani. Usondele njani kuBawo oseZulwini noYesu Krestu njengokuba uthe wakhonza abanye nanjengoko abanye bathe bakukhonza? Nceda umntwana wakho acinge ngeendlela zokukhonza nokomeleza abanye njengelungu leBandla.

  • Yenza umthendeleko ube sisiganeko esingcwele nesilulonwabo kusapho lwakho. Nceda umntwana wakho acwangcwise iindlela zokugqalisela kuYesu Krestu ngexesha lomthendeleko. Siya kubonisa njani ukuba umthendeleko ungcwele kuthi?

  • Incwadi ethi Umhlobo isoloko iquka amanqaku, amabali, nemisebenzi yokunceda abantwana balungiselele ubhaptizo noqinisekiso. Vumela umntwana wakho azikhethele ezithile azokuzifunda kwaye nokuzonwabela kunye nawe.  

    Umfanekiso
    inkwenkwe ibhaptizwa

    UNifayi wafundisa ukuba “isango [thina] esinokungena ngalo” indlela yomnqophiso “yinguquko nobhaptizo ngamanzi” (2 Nifayi 31:17).

Ukufundisa Abantwana Bakho ngoBubingeleli

Ububingeleli ligunya namandla kaThixo athi ngawo asikelele abantwana baKhe. Ububingeleli bukaThixo busemhlabeni namhlanje kwiBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela. Onke amalungu eBandla agcina iminqophiso yawo asikelelwa ngamandla kaThixo obubingeleli emakhayeni awo ukuze azomeleze wona kunye neentsapho zawo. ChurchofJesusChrist.org). La mandla ayakunceda amalungu ekwenzeni umsebenzi kaThixo wosindiso nowokuphakamisa kubomi bawo bobuqu kunye neentsapho zabo.

Sifumana imimiselo ngegunya lobubingeleli. Xa amadoda nabafazi bekhonza kubizo lweBandla, bakwenza oko ngegunya lobubingeleli, phantsi kwesikhokelo sabo baphethe izitshixo zobubingeleli. Bonke abantwana bakaBawo oseZulwini—oonyana baKhe neentombi zaKhe—baya kusikelelwa njengokuba besiya ekuqondeni ngcono ububingeleli.

 

  • Yenza imimiselo yobubingeleli ibe yinxalenye yobomi bosapho lwakho. Umzekelo, nceda umntwana wakho ukuba alungiselele umthendeleko ngokomoya kwiveki nganye. Khuthaza umntwana wakho ukuba afune iintsikelelo zobubingeleli xa egula okanye efuna intuthuzelo okanye ulwalathiso. Mayibe sisiqhelo ukuchaphazela iindlela iNkosi esikelela ngayo usapho lwakho ngamandla obubingeleli.

  • Njengoko nifunda izibhalo kunye, khangelani amathuba okuxoxa ngendlela uThixo abasikelela ngayo abantu ngamandla aKhe. Yabelana ngamava akho xa uThixo ekusikelele ngobubingeleli baKhe.  

  • Funda ngomnombo wegunya lobubingeleli lomntu othile kusapho lwakho. (Abaphethe uBubingeleli bukaMelkitsedeke banokufumana ikopi yomgca wabo wegunya ngokuthumela i-imeyile ku LineofAuthority@ChurchofJesusChrist.org LineofAuthority@ChurchofJesusChrist.org  ChurchofJesusChrist.org.) Thetha ngokuba kutheni kubalulekile ukwazi ukuba igunya lobubingeleli liphuma kuYesu Krestu ngokwaKhe. Kutheni Yena esabelana nathi ngalo?

  • Fundisa umntwana wakho ukuba emva kobhaptizo, angafumana amandla obubingeleli ngokugcina umnqophiso wobhaptizo.   Xelela umntwana wakho ukuba imimiselo yobubingeleli iwazise njani amandla kaThixo ebomini bakho. Ukufumana uluhlu lwezinye zeendlela esisikelelwa ngazo ngamandla obubingeleli, bona General Handbook, 3.5.

  • Xoxa ngombuzo othi “Sinjani isicaka seNkosi?” Fundani kunye IMfundiso neMinqophiso 121:36–42, kwaye nikhangele iimpendulo. Nanini na ubona umntwana wakho (okanye omnye umntu) esebenzisa omnye wemigaqo okanye iimpawu ezikule miqolo, yilathe.

  • Xa wena okanye umntwana wakho usebenzisa izitshixo ukuvula ucango okanye udumise imoto, thatha umzuzwana uthelekise ezo zitshixo kwizitshixo eziphethwe ziinkokeli zababingeleli.   Izitshixo zobubingeleli “zisivulela” okanye “zisiqalela” ntoni thina?   ChurchofJesusChrist.org.

  • Xa ubekelwa ubizo bucala, mema umntwana wakho ukuba abekho, ukuba kunokwenzeka. Vumela umntwana wakho akubone uzalisekisa ubizo lwakho Ungakhangela iindlela ezifanelekileyo anokukunceda ngazo. Chaza ukuba uwava njani amandla eNkosi kubizo lwakho.

Ukuya eTempileni—uBhaptizo noQinisekiso lwaBafileyo

Iitempile ziyinxalenye yecebo likaBawo oseZulwini ngabantwana baKhe. Ezitempileni, senza iminqophiso engcwalisekileyo kunye noBawo oseZulwini njengokuba sithatha inxaxheba kwimimiselo engcwalisekileyo, yonke eyalatha kuYesu Krestu. UBawo oseZulwini ulungiselele indlela yabo bonke abantwana baKhe ukuba benze iminqophiso kwaye bathabathe inxaxheba kwimimiselo, kuquka nabo bangakhange bayifumane kobu bomi. Ekuqaleni konyaka agqiba ngawo iminyaka eli -12, umntwana wakho umdala ngokwaneleyo ukuba angabhaptizelwa aze aqinisekiswe etempileni esenzela izinyanya ezingasekhoyo.

  temples.ChurchofJesusChrist.org.

  • Yiya etempileni kangangoko iimeko zakho zikuvumela. Thetha nomntwana wakho malunga nokuba kutheni usiya kwaye itempile ikunceda njani ukuba uzive ukufutshane noBawo oseZulwini noYesu Krestu.

  • Hlolani kwaye nixoxe ngemibuzo yemvume yokungena etempileni kunye. Thetha nomntwana wakho malunga nokwenzeka kudliwano-ndlebe lwemvume yokungena etempileni. Yabelana ngokuba kutheni ukuba nemvume yokungena etempileni kubalulekile kuwe.

  • Fundani kunye Malaki 4:6. Thethani ngokuba iintliziyo zenu zingaguqukela njani kooyihlo. Funda ngakumbi malunga nezinyanya zakho ngokujonga kunye imbali yosapho lwakho kwi- FamilySearch.org FamilySearch.org. Khangela izinyanya ezifuna ukubhaptizwa nokuqinisekiswa. Umcebisi wembali yosapho nowetempile wesebe angakunceda.

  •     ChurchofJesusChrist.org.)

Ukufumana Intsikelelo kaSolusapho

Intsikelelo kasolusapho inokuba ngumthombo wesikhokelo, intuthuzelo, nempembelelo. Iqulethe ingcebiso yobuqu evela kuBawo oseZulwini eza kuthi kwaye isinceda ukuba siqonde ubuni bethu banaphakade kunye nenjongo yethu. Nceda umntwana wakho alungiselele ukufumana intsikelelo kasolusapho ngokumfundisa ukubaluleka nobungcwele beentsikelelo zikasolusapho.

  topics.ChurchofJesusChrist.org.

  • Yabelana nomntwana wakho ngamava akho okufumana intsikelelo kasolusapho. Ungabelana ngezinto ezifana nendlela olungiselele ngayo ukuyifumana, indlela ekuncede ngayo ukuba usondele kufuphi kuThixo, kunye nendlela oyisebenzisa ngayo intsikelelo ebomini bakho. Ungamema kananjalo umntwana wakho ukuba athethe namanye amalungu osapho afumene iintsikelelo zabo zikasolusapho.

  •    

  • Ukuba unezinyanya ezifumene iintsikelelo zikasolusapho, kungayinkuthazo ukufunda ezinye zazo kunye nomntwana wakho. Ukucela iintsikelelo zookhokho abangasekhoyo, ngena ku-ChurchofJesusChrist.org ChurchofJesusChrist.org, cofa uphawu lweakhawunti olukwikona ephezulu ngasekunene kwisikrini, kwaye ukhethe “Intsikelelo kaSolusapho.”

  • Emva kokuba umntwana wakho efumene intsikelelo kasolusapho, mema nawaphina amalungu osapho awayekhona ukuba abhale iimvakalelo zawo kwaye abelane ngazo nomntwana wakho.

Ukuya eTempileni—iSipho Esisesakho

UThixo ufuna ukunika, okanye ukusikelela, bonke abantwana baKhe “ngamandla avela phezulu” (IMfundiso neMinqophiso 95:8). Siya etempileni ukuze sifumane isipho esisesethu kube kanye kuphela, kodwa iminqophiso esiyenzayo noThixo kunye namandla omoya Yena asinika wona njengenxalenye yesipho esisesethu singasisikelela yonke imihla yobomi bethu.

  temples.ChurchofJesusChrist.org 

  • Bonisa umfanekiso wetempile kwikhaya lakho. Xelela umntwana wakho malunga neemvakalelo ozifumanayo etempileni. Thetha rhoqo ngothando lwakho lweNkosi nendlu yaYo neminqophiso oyenzileyo pha.

  •   temples.ChurchofJesusChrist.org.   Vumela umntwana wakho ukuba abuze nayiphi na imibuzo anayo ngetempile.  

  • Njengokuba wena kunye nomntwana wakho nithatha inxaxheba okanye nibone eminye imimiselo (efana nomthendeleko okanye intsikelelo yempiliso), thathani umzuzwana nixoxe ngomfuziselo obandakanyekayo kulo mmiselo. Imela ntoni imifuziselo? Ingqina njani ngoYesu Krestu? Oku kunganceda umntwana wakho ukuba alungiselele ukucinga ngentsingiselo yomfuziselo wemimiselo yasetempileni, engqina kananjalo ngoYesu Krestu.

  • Nceda umntwana wakho aqaphele indlela awugcina ngayo umnqophiso wobhaptizo ochazwe ku Mozaya 18:8–10, 13 Kananjalo nceda umntwana wakho abone indlela iNkosi emsikelela ngayo. Yakha ukuzithemba komntwana wakho kumandla akhe okugcina iminqophiso.

  • Thetha ngokuphandle kwaye rhoqo malunga nendlela iminqophiso yakho yetempile ekhokela ngayo ukhetho lwakho kwaye ikuncede ukhule kufutshane noYesu Krestu.  

UkuKhonza Ebufundisini

Umdala uDavid A. Bednar wafundisa: “Eyona nto ibalulekileyo ongayenza ukulungiselela ubizo lokukhonza kukuba ube ngumfundisi wevangeli kwangaphambi kokuba uye ebufundisini. … Umba ayikokuya ebufundisini; endaweni yoko, umba kukuba ngumfundisi wevangeli kwaye sisebenze ubomi bethu bonke ngentliziyo yethu yonke, ngamandlakazi, ngengqondo nangokomelela. … Ulungiselela umsebenzi wokufundisa ivangeli ubomi bakho bonke” (“Becoming a Missionary,” Liahona, EyeNkanga 2005, 45–46). Amava umntwana wakho anawo okuba ngumfundisi wevangeli ayakumsikelela ngonaphakade, hayi nje ixesha anokuthi akhonze njengomfundisi wevangeli.

  ChurchofJesusChrist.org.

  • Bonisa indlela yokwabelana ngevangeli ngeendlela zendalo. Soloko uphaphamele amathuba okwabelana nabanye ngeemvakalelo zakho ngoBawo oseZulwini noMsindisi neentsikelelo ozifumanayo njengelungu leBandla laKhe. Mema abanye ukuba bangene nosapho lwakho kwimisebenzi enxulumene neBandla kunye nosapho.

  • Khangela amathuba okuba usapho lwakho lusebenzisane nabafundisi bevangeli. Bameme ukuba bafundise abahlobo bakho, okanye ubavumele bafundise abantu ekhayeni lakho. Buza abafundisi bevangeli ngamava abawafumanayo nangendlela inkonzo yomsebenzi wobuvangeli ebanceda ngayo basondele kufuphi kuYesu Krestu. Kananjalo buza ukuba yintoni abayenzileyo (okanye abanqwenela ukuba ngebabeyenzile) ukulungiselela ukuba ngabafundisi bevangeli.

  • Ukuba usebenze ebufundisini, thetha ngokuphandle kwaye rhoqo malunga namava akho. Okanye umeme abahlobo okanye amalungu osapho abasebenze ebufundisini ukuba bathethe ngawabo. Ungathetha kananjalo ngeendlela owabelane ngazo nabanye ngevangeli ebomini bakho bonke. Nceda umntwana wakho acinge ngeendlela anokwabelana ngazo ngevangeli.

  • Nika umntwana wakho amathuba okufundisa usapho lwakho imigaqo yevangeli. Umntwana wakho kananjalo usenokuziqhelanisa ngokwabelana nabanye ngeenkolelo zakhe. Umzekelo, ningaxoxa ngemibuzo efana nale, “Singayazisa njani iNcwadi kaMormoni kumntu ongazange eve ngayo?” okanye “Singayichaza njani imfuneko yoMsindisi kumntu ongengomKrestu?”

  • Nceda umntwana wakho akhululeke ukuthetha nabantu. Ziziphi iindlela ezilungileyo zokuqalisa incoko? Khuthaza umntwana wakho ukuba afunde indlela yokuphulaphula oko abanye bakutshoyo, ukuqonda okusezintliziyweni zabo, kwaye babelane ngeenyaniso zevangeli ezinokusikelela ubomi babo.

  • Khangela amathuba okuba umntwana wakho afunde ngezinye iinkcubeko neenkolo. Mncede aqaphele kwaye ahlonele imigaqo elungileyo neyinyaniso kwiinkolelo zabanye.

Ukuya eTempileni—Utywino

Etempileni, indoda nomfazi banokutshata ngonaphakade. Oku kwenzeka kummiselo ekuthiwa lutywino. Nangona lo mmiselo usenokuba usekude ngeminyaka emininzi kunyana okanye intombi yakho, izinto ezincinci, ezilula, nezingaguquguqukiyo enizenzayo kunye ebudeni baloo minyaka zinokumnceda alungiselele le ntsikelelo imangalisayo.

  topics.ChurchofJesusChrist.org.

  • Fundani kunye “USapho: Isibhengezo kwiHlabathi” ku ChurchofJesusChrist.org ChurchofJesusChrist.org. Esi sibhengezo sisifundisa ntoni ngolonwabo kubomi bentsapho nangomtshato ophumelelayo? Kunye nomntwana wakho, khetha omnye wemigaqo edweliswe kwisibhengezo uwufunde. Usenokukhangela izibhalo ezinxulumene naloo mgaqo kwi IsiKhokelo kwiZibhalo. Unokuzibekela kananjalo iinjongo zokusebenzisa lo mgaqo ngokuzele ngakumbi kusapho lwakho. Njengoko nisebenzela kwiinjongo zenu, xoxani kunye ngendlela imiphumela yokuphila lo mgaqo ebuchaphazela ngayo ubomi bosapho.

  •     Thetha ngendlela oziphatha ngayo izinto ngokwahlukeneyo xa ufuna zihlale ixesha elide. Oku kucebisa ntoni ngendlela esifanele siwuphathe ngayo umtshato nobudlelwane bosapho? Yintoni enye esiyifunda kumyalezo kaMongameli Uchtdorf malunga nendlela uMsindisi anokusinceda ngayo ukwakha imitshato nentsapho eziluqilima?

  • Ukuba utshatile, thetha ngokuphandle nomntwana wakho ngezinto enivakalelwa kukuba nizenza kakuhle njengesibini, izinto enizifundayo, neendlela enizama ukuziphucula ngazo. Ukuba wena neqabane lakho nitywinwe etempileni, bonisa umntwana wakho ngomzekelo ukuba nizama kanjani ukugcina iminqophiso yenu omnye nomnye kunye neNkosi. Xelela umntwana wakho ukuba uzama njani ukwenza uBawo waseZulwini noMsindisi umbindi wobudlelwane bakho kwaye Bona baninceda njani.

  • Xa kufuneka kwenziwe izigqibo zosapho, yiba namabhunga entsapho neengxoxo. Qinisekisa ukuba zonke izimvo zamalungu osapho ziyaviwa kwaye zixatyisiwe. Sebenzisa ezi ngxoxo njengethuba lokumisela unxibelelwano olunempilo kunye nobubele kubudlelwane bosapho, nkqu naxa ingenguye wonke ubani obona izinto ngokufanayo.

  • Xa kukho ukungavisisani okanye ingxabano kusapho, bonakalisa umonde novelwano. Nceda umntwana wakho abone indlela ukusingatha ingxabano ngeendlela ezinobuKrestu enokumnceda ngayo alungiselele umtshato owonwabileyo. Fundani kunye IMfundiso neMinqophiso 121:41–42, kwaye nithethe ngendlela imigaqo ekule miqolo engasetyenziswa ngayo emtshatweni.

Shicilela