ITestamente eNtsha 2023
EyoMnga 25–31. IsiTyhilelo 15–22: “Lowo Weyisayo uya kuZidla iLifa iZinto Zonke”


“EyoMnga 25–31. IsiTyhilelo 15–22: ‘Lowo Weyisayo uya kuZidla iLifa iZinto Zonke,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyoMnga 25–31. IsiTyhilelo 15–22,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
UYesu Krestu ubulisa abantu eKubuyeni kwaKhe kweSibini

The City Eternal, nguKeith Larson [UMzi waNaphakade]

EyoMnga 25–31

IsiTyhilelo 15–22

“Lowo Weyisayo uya kuZidla iLifa iZinto Zonke”

Ngamanye amaxesha owona mqobo mkhulu ekufundeni kukuzicingela kwethu ukuba asidingi kufunda—ukuba sesiyazi. Njengoko ufunda izibhalo, vuleleka ekuqondeni okutsha iNkosi efuna ukunika zona.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Njengoko usenokukhumbula, incwadi yesiTyhilelo iqala ngoMsindisi ezibhengeza Yena ukuba “usisiqalo nesiphelo” (IsiTyhilelo 1:8). Ngokufanelekileyo, iphela ngamazwi afanayo: “Mna … ndisisiqalo nesiphelo” (IsiTyhilelo 22:13). Kuthetha ukuthini oko? Isiqalo nesiphelo santoni? Incwadi yesiTyhilelo ngokunamandla ingqina ukuba uYesu Krestu usisiqalo nesiphelo sento yonke—sothotho lwezihlo ezinkulu, nezikhukulayo zokuphila koluntu nezosindiso. Yena “uyiMvana exheliweyo kusukela ekusekweni kwehlabathi” (IsiTyhilelo 13:8). Kwaye Yena unguKumkani wookumkani ozisa isiphelo sobungendawo, sosizi, nkqu nesokufa kwaye ungenisa “izulu elitsha nomhlaba omtsha” (IsiTyhilelo 21:1).

Kanti ngaphambi kokufika kwezulu elitsha nomhlaba omtsha, kuninzi ekumele sikoyise: izibetho, iimfazwe, ubungendawo obugqubayo—konke oku IsiTyhilelo sikuchaza ngokucace gca. Kodwa uYesu Krestu ukunye nathi nakule indima. Yena “ulikhwezi eliqaqambileyo lokusa” elikhanya esibhakabhakeni esimnyama njengesithembiso sokuba ukusa kuyeza kamsinya (IsiTyhilelo 22:16). Kwaye kuyeza kamsinya. Yena uyeza. Nkqu njengoko Yena esimema, “Yizani kum” (Mateyu 11:28), naYe uyeza kuthi. “Ndiyeza kamsinya,” Yena uyabhengeza. Kwaye kunye nethemba nokholo oluhlanjululwe kwimililo yobunzima bemihla yokugqibela, siyaphendula, “Ewe, yiza, Nkosi Yesu” (IsiTyhilelo 22:20).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IsiTyhilelo 16–18; 21–22

INkosi iyandimema ukuba ndibaleke eBhabheli kwaye ndidle ilifa “umzi ongcwele.”

Emva kokubona intshababalo nobunzithinzithi bemihla yokugqibela, uYohane wabona umhla wekamva ongashwankathelwa kwisibhengezo seNkosi “Yabona, izinto zonke ndizenza ntsha” (IsiTyhilelo 21:5). Enye indlela yokuqonda ukuba kuthetha ukuthini oko kukuthelekisa umehluko wenkcazelo kaYohane yeBhabheli, umqondiso wezehlabathi nobungendawo (bona IsiTyhilelo 16–18), kunye nenkcazelo yakhe yeYerusalem entsha, engumqondiso wobuqaqawuli beselestiyali kubukho bukaThixo (bona IsiTyhilelo 21–22). Itshathi engezantsi inokunceda:

IBhabheli

IYerusalem eNtsha

IBhabheli

IsiTyhilelo 16:3–6

IYerusalem eNtsha

IsiTyhilelo 21:6; 22:1–2, 17

IBhabheli

IsiTyhilelo16:10; 18:23

IYerusalem eNtsha

IsiTyhilelo 21:23–24; 22:5

IBhabheli

IsiTyhilelo 17:1–5

IYerusalem eNtsha

IsiTyhilelo 21:2

IBhabheli

IsiTyhilelo 18:11, 15

IYerusalem eNtsha

IsiTyhilelo 21:4

IBhabheli

IsiTyhilelo 18:12–14

IYerusalem eNtsha

IsiTyhilelo 21:18–21; 22:1–2

Yeyiphi eminye imehluko oyibonayo?

Usenokucinga nzulu ngokuba kuthetha ukuthini kuwe “ukuphuma kuyo” iBhabheli (IsiTyhilelo 18:4). Yintoni oyifumana kwi-IsiTyhilelo 21–22 ekuphembelela ukuba wenze njalo?

Umfanekiso
UYesu nabantu abasekukhanyeni ngasekunene kwaKhe nabantu abasebumnyameni ngasekhohlo kwakhe

The Last Judgement, nguJohn Scott [UMgwebo wokuGqibela]

IsiTyhilelo 20:12–15; 21:1–4

Bonke abantwana bakaThixo baya kugwetywa ngokubhaliweyo kwincwadi yobomi.

Cinga ngombhali enikela ngokubhala incwadi ngobomi bakho. Zeziphi iinkcukacha okanye amava ongafuna ukuba abandakanywe? Ukuba ubusazi ukuba izenzo zakho zekamva beziya kushicilelwa, ubuza kujongana nobomi bakho ngokwahlukileyo njani? Cinga ngale nto njengoko ufunda IsiTyhilelo 20:12–15. Yintoni othemba ukuba iya kubhalwa ngawe kwincwadi yobomi? Ingaba ubuyo kuyichaza njani indima yoMsindisi kwincwadi yobomi bakho? Ngokoluvo lwakho, kutheni kubalulekile ukuba ibizwe ngokuba “yincwadi yobomi yeMvana”? (IsiTyhilelo 21:27).

Ukuba ingcinga yokuma phambi koThixo ugwetywe ayikonelisi, cinga ngokufunda IsiTyhilelo 21:1–4. Ebhekisa kule miqolo, uMdala uDieter F. Uchtdorf wathi:

“Lo Mhla woMgwebo uya kuba ngumhla wenceba nothando—umhla apho xa iintliziyo ezaphukileyo ziphiliswa, xa iinyembezi zentlungu ziguqulwa ngeenyembezi zombulelo, xa konke kuya kwenziwa kulunge. Ewe, kuya kubakho usizi olunzulu ngenxa yesono. Ewe, kuya kubakho ukuzisola nkqu nokubandezeleka ngenxa yeempazamo zethu, nobudenge bethu, nobulukhuni bethu obasibangela ukuba siphulukane namathuba ekamva elikhulu ngakumbi.

“Kodwa ndinokuzithemba kokuba asiyi kwaneliseka ngomgwebo kaThixo qha; siya kumangazwa kwaye sigutyungelwe lubabalo lwaKhe olungapheliyo, inceba, isisa, nothando ngakuthi, thina bantwana baKhe” (“O How Great the Plan of Our God!,” Liahona, Nkanga 2016, 21).

Ingaba ezi nyaniso ziyichaphazela kanjani indlela obona ngayo uMgwebo wokuGqibela? Yintoni ezi nyaniso ezikuphembelela ukuba uyitshintshe ebomini bakho?

Bona kananjalo IsiKhokelo kwiZibhalo, “Incwadi yobomi.”

IsiTyhilelo 22:18–19

Ingaba le miqolo ithetha ukuba akunakubakho zibhalo zongezelelweyo ngaphandle kweBhayibhile?

Abanye abantu bacaphula IsiTyhilelo 22:18–19 njengesizathu sokwala iNcwadi kaMormoni nezinye izibhalo zemihla yokugqibela.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

IsiTyhilelo 15:2–4.Njengoko usapho lwakho luxoxa ngale miqolo, ebhekisa “kwingoma kaMoses” “nengoma yeMvana,” nisekufunda ingoma kaMoses ku-Eksodus 15:1–19, kunye nezinye iingoma ezikhankanywa kwizibhalo, ezifana neMfundiso neMinqophiso 84:98–102. Kutheni abo “bavela beloyisile irhamncwa” (IsiTyhilelo 15:2) basenokuziva ngathi bangacula iingoma ezifana nezi? Mhlawumbi usapho lwakho lungacula iculo okanye ingoma yabantwana yodumiso.

IsiTyhilelo 19:7–9.Mhlawumbi nisengajonga imifanekiso yomtshato kwimbali yosapho lwenu okanye nithethe ngexesha apho usapho lwenu lwaluzimase umsitho womtshato. Kutheni umtshato uluthelekiso olulungileyo kumnqophiso weNkosi neBandla laYo? (Bona kananjalo Mateyu 22:1–14.)

IsiTyhilelo 20:2–3.Ingaba 1 Nifayi 22:26 usinceda njani siqonde ukuba kusenokuthetha ukuthini kuSathana ukuba “akhonkxwe”?

IsiTyhilelo 22:1–4. Kusenokuthetha ukuthini ukuba negama loMsindisi “lisemabunzini [ethu]”? (IsiTyhilelo 22:4; bona kananjalo Eksodus 28:36–38; Mozaya 5:7–9; Alma 5:14; Moronayi 4:3; IMfundiso neMinqophiso 109:22;

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Landelela izimemo zokwenza intshukumo. “Xa ulandelela isimemo sokwenza intshukumo, ubonisa [amalungu osapho lwakho] ukuba uyawakhathalela kunye nangendlela ivangeli esikelela ngayo ubomi bawo. Kwaye uwanika amathuba wokwabelana ngamava wawo” (Teaching in the Savior’s Way, 35).

Umfanekiso
UYesu Krestu uqabele ihashe esehla ezulwini eKubuyeni kwaKhe kweSibini

UKrestu ekwiingubo ezibomvu ehleli phezu kwehashe elimhlophe.

Shicilela