ITestamente eNtsha 2023
EyoMnga 18–24. IKrisimesi: “Iindaba Ezilungileyo zoVuyo oluKhulu”


“EyoMnga 18–24. “IKrisimesi: ‘Iindaba Ezilungileyo zoVuyo oluKhulu,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyoMnga 18–24. IKrisimesi,”Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
usana olutsha

Little Lamb, nguJenedy Paige [IMvana]

EyoMnga 18–24

IKrisimesi

“Iindaba Ezilungileyo zoVuyo oluKhulu”

Cinga ngokuba ukucinga nzulu ngokuzalwa nangomsebenzi kaKrestu kunganceda kuzise umoya woxolo nobungcwele njani kwixesha leKrisimesi.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Kutheni ukuzalwa komntwana kuzisa uvuyo olukhulu kangaka? Mhlawumbi kungenxa yokuba umntwana angaba luphawu lwethemba. Kukhona into ethile ngobomi obutsha kraca obugcwele zizinto ezinokwenzeka esimemela ekucingeni nzulu ngoko kusenokwenzeka ebomini baloo mntwana nangezinto ezimangalisayo yena anokuziphumeza. Oku akuzange kube yinyani ukwedlula ukuzalwa koNyana kaThixo, uYesu Krestu. Akuzange kubenethemba elingakumbi elabekwa emntwaneni, kwaye kwakungazange kubekho mntu owaye wazalwa nesithembiso esikhulu kangaka.

Xa ingelosi yayimema abelusi ukuba bafune usana emkhumbini wesitali, yaye yabanika umyalezo malunga naloo mntwana. Yayingumyalezo wethemba—wokokuba lo mntwana wayeze emhlabeni ukuzalisekisa umsebenzi ongcwele. Abelusi benza umyalezo wabo ukuba “balibhengeza … bathi bonke abo bevayo, bamangaliswa zezo zinto zabe zithethwe kubo ngabalusi. Waya ke uMariya ezigcina zonke ezi zinto eziguquguqula entliziyweni yakhe” (Luka 2:17–19). Mhlawumbi bekuya kuba kuhle ukulandela umzekelo kaMariya kule Krisimesi: ukucinga nzulu entliziyweni yakho izinto ozifunde ngoMsindisi kulo nyaka. Ingaba Yena uwuzalisekise kanjani umsebenzi waKhe wenkululeko kwiingxelo othe wazifunda? Kwaye okubaluleke ngakumbi, ingaba umsebenzi waKhe ubuguqule kanjani ubomi bakho? Ngoko ke usenokuziva uphembelelekile ukuba ulandele umzekelo wabelusi: ingaba uya kwenza “kubhengezwe” njani oko uYesu Krestu akwenzele kona?

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Mateyu 1:18–25; 2:1–12; Luka 1:26–38; 2:1–20

UYesu Krestu wazithoba ukuba azalelwe phakathi kwethu emhlabeni.

Nokuba ubukhe walifunda okanye waliva ibali lokuzalwa kukaYesu Krestu amaxesha amaninzi ngaphambili, lifunde kweli xesha ngale ngcinga engqondweni: “IKrisimesi ayingombhiyozo kuphela wokokuba uYesu weza kanjani emhlabeni kodwa yeyokwazi kwakhona ukuba ungubani Yena—iNkosi noMsindisi wethu, uYesu Krestu—nokokuba kutheni Yena waza” (Craig C. Christensen, “The Fulness of the Story of Christmas” [First Presidency Christmas devotional, Dec. 4, 2016], broadcasts.ChurchofJesusChrist.org).

Yintoni oyaziyo ngoko uYesu Krestu wayenguye ngaphambi kokuba Yena azalwe? (bona, ngokomzekelo, Yohane 17:5; Mozaya 3:5; IMfundiso neMinqophiso 76:13–14, 20–24; Moses 4:2). Olu lwazi luyichaphazela njani indlela oziva ngayo xa ufunda ngokuzalwa kwaKhe?

Yintoni oyaziyo ngokuba kwakutheni uYesu Krestu eze emhlabeni? (bona, ngokomzekelo, Luka 4:16–21; Yohane 3:16–17; 3 Nifayi 27:13–16; IMfundiso neMinqophiso 20:20–28). Olu lwazi luyichaphazela njani indlela oziva ngayo ngoMsindisi? Luyichaphazela kanjani indlela ophila ngayo?

Bona kananjalo 2 AbaseKorinte 8:9; AmaHebhere 2:7–18; 1 Nifayi 11:13–33; Alma 7:10–13.

1 AbaseKorinte 15:21–26; AbaseKolose 1:12–22; 1 Petros 2:21–25

UYesu Krestu wawuzalisekisa umsebenzi waKhe kwaye wenza kwenzeke kum ukuba ndidle ilifa lobomi obungunaphakade.

Nangona ibali lokuzalwa kukaKrestu lalingqongwe ziziganeko zemimangaliso, okwaKhe kwakuya kuba kokunye nje ukuzalwa ukuba kwakungekho ngenxa yomsebenzi omkhulu Yena awaye wawuphumeza kamva ebomini baKhe. Njengoko uMongameli uGordon B. Hinckley wakuvakalisa, “Usana uYesu waseBhetelehem wayeya kuba ngomnye umntwana qha ngaphandle kokuba nguKrestu okhululayo waseGetsemane naseKakayi, nenyaniso ephumeleleyo yoVuko kwabafileyo” (“The Wondrous and True Story of Christmas,” Ensign, EyoMnga 2000, 5).

Umfanekiso
UYesu eguqile kuMyezo waseGetsemane

Gethsemane, nguJ. Kirk Richards [Getsemane]

Ubungqina bomsebenzi wobuthixo woMsindisi nobothando lwaKhe olunamandla ngakubanye buyafumaneka kuyo yonke iTestamente eNtsha. Yeyiphi imihlathi okanye iingxelo ezithi qatha engqondweni yakho? Usenokujonga ngasemva kwesi sixhobo okanye kwincwadana yakho yembali kwaye uhlole kwakhona ezinye iimvakalelo othe wazibhala. Usenokufunda kananjalo 1 AbaseKorinte 15:21–26; AbaseKolose 1:12–22; 1 Petros 2:21–25 kwaye ucinge nzulu ngendlela uMsindisi nomsebenzi waKhe othe wasikelela ngayo ubomi bakho. Yintoni oziva uphembelelekile ukuba uyitshintshe ebomini bakho? Uya kuwasebenzisa njani amandla weNkosi?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Mateyu 1:18–25; 2:1–12; Luka 1:26–38; 2:1–20.Ningakubhiyozela kanjani ukuzalwa kukaYesu Krestu kunye nosapho lwakho? Nazi iingcinga ezimbalwa, okanye ningeza nezenu:

  • Fundani okanye nilinganise kunye iindima zebali lokuZalwa.

  • Yenzani isenzo senkonzo.

  • Cela amalungu osapho ukuba akhangele iinkcukacha kwibali lokuZalwa eziwanika iingcinga ngezihombiso okanye ngemihombiso awangayenza ukuzikhumbuza ngoYesu Krestu.

1 AbaseKorinte 15:21–26; AbaseKolose 1:12–22; 1 Petros 2:21–25.Kutheni sinombulelo wokuba uYesu Krestu wazalwa? Zeziphi izipho Yena asiphe zona? Singambonisa njani Yena umbulelo wethu?

UKrestu Ophilayo: Ubungqina BabaPostile.”Ukuba ufuna ukunceda usapho lwakho luqwalasele kuMsindisi kweli xesha leKrisimesi, mhlawumbi ningachitha ixesha elithile nifunda kunye “UKrestu Ophilayo: Ubungqina babaPostile” (ChurchofJesusChrist.org). Mhlawumbi ningabamba ngentloko imihlathi ephuma ku-“UKrestu Ophilayo” okanye nikhangele iinkcazelo zobomi boMsindisi ezikwiTestamente eNtsha ezixhasa ezi ngxelo zikuyo. Ungamema ilungu ngalinye losapho ukuba libhale ubungqina balo bukaYesu Krestu kwaye, ukuba lichukumiseka njalo, libufundele usapho.

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Khangela uYesu Krestu. Izibhalo zisifundisa ukuba zonke izinto ziyangqina ngoYesu Krestu (bona Moses 6:62–63), ngoko ke kumele simkhangele Yena kwizinto zonke. Njengoko ufunda izibhalo, cinga ngokushicilela okanye ngokuphawula imiqolo ekufundisa ngaYe. Thatha ixesha kwiintsuku ezikhokelela kwiKrisimesi ukhangele izinto ezikungqongileyo ezingqina ngoYesu Krestu.

Umfanekiso
UMariya, uYosefu, nabelusi bengqonge usana uYesu

The Nativity, nguBrian Call [Ukuzalwa]

Shicilela