ITestamente eNtsha 2023
EyeNkanga 27–EyoMnga 3. 1–3 Yohane; Yuda: “UThixo uLuthando”


EyeNkanga 27–EyoMnga 3. 1–3 Yohane; Yuda: ‘UThixo uLuthando,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyeNkanga 27–EyoMnga 3. 1–3 Yohane; Yuda,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
UYesu Krestu encumile xeshikweni ahleli nabantwana abancumileyo

Perfect Love, nguDel Parson [UThando Olugqibeleleyo]

EyeNkanga 27–EyoMnga 3

1–3 Yohane; Yuda

“UThixo uLuthando”

Njengoko ufunda iiNcwadi zikaYohane noYuda, funa impembelelo malunga nokuba ungalubonisa kanjani uthando lwakho kuThixo. Bhala ezi mvakalelo kwaye uzisebenzise.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Xa uYohane noYuda babebhala iincwadi zabo, imfundiso eyonakalisayo yayisele iqalile ukukhokelela abaNgcwele abaninzi elukreqweni. Abanye abafundisi bobuxoki babebuza ukuba ngokwenene uYesu Krestu wayezibonakalise kusini na “esenyameni” (bona, umzekelo, 1 Yohane 4:1–3; 2 Yohane 1:7). Yintoni inkokheli yeBandla ebinokuyenza kwimeko enjalo? UMPostile uYohane waphendula ngokwabelana nobungqina bakhe boMsindisi: “Obu bubungqina esibunikayo boko kwakukho kwasekuqalekeni, oko sikuvileyo, oko sikubonileyo ngawethu amehlo, oko sakukhangelayo, zakuphatha izandla zethu, okweLizwi lobomi” (bona 1 Yohane 1:1). Emva koko waze uYohane wafundisa ngothando: Uthando lukaThixo ngakuthi nothando ekumele sibenalo ngakuYe nangakubantwana baKhe bonke. Emva kwako konke, uYohane wayelingqina loko naye. Wayeluvile yena buqu uthando loMsindisi (bona Yohane 13:23; 20:2), kwaye wayefuna abaNgcwele nabo baluve olo thando lunye. Ubungqina neemfundiso zikaYohane ngothando ziyafuneka nanamhlanje, xa ukholo kuYesu Krestu lubuzwa kwaye iimfundiso zobuxoki zizininzi. Ukufunda iincwadi zikaYohane kungasinceda sijongane nobunzima ngenkalipho, kuba “akukho loyiko eluthandweni; lusuka uthando olugqibeleleyo luluphose phandle uloyiko” (1 Yohane 4:18)

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

1 Yohane; 2 Yohane

UThixo ukukukhanya, kwaye uThixo uluthando.

Ukuba ubunokukhetha igama elinye okanye amabini ukuchaza uThixo, ibiya kuba ngawaphi? Kwiincwadi zakhe, uYohane wayesoloko esebenzisa amagama “ukukhanya” “nothando” (bona, umzekelo, 1 Yohane 1:5; 2:8–11; 3:16, 23–24; 4:7–21). Njengoko ufunda iincwadi ezimbini zokuqala zikaYohane, cinga nzulu ngamava uYohane awayenawo kunye nokukhanya nothando loMsindisi. Umzekelo, cinga ngoko uYohane wayekufunde kwiimfundiso zikaYesu kuYohane 3:16–17; 12:35–36, 46; 15:9–14; 19:25–27. Ingaba uyakubona okufanayo phakathi kwezi mfundiso kunye noko 1 Yohane akufundisa malunga nokukhanya nothando lukaThixo? Ngawaphi amava awakufundise ukuba uThixo ukukukhanya nothando?

1 Yohane 2–4; 2 Yohane

“Ukuba sithi sithandane, uThixo uhleli kuthi.”

Uya kufumana kanjalo amagama awafana nala “uhleli” “nohlala” ephindaphindwa kwiincwadi zonke zikaYohane. Khangela la magama, ingakumbi njengoko ufunda 1 Yohane 2–4 no-2 Yohane. Ucinga ukuba kuthetha ukuthini “ukuhlala” okanye “ukuhlala” kuThixo nakwimfundiso yaKhe? (bona 2 Yohane 1:9). Kuthetha ukuthini kuwe ukubanoThixo “ehleli” okanye “ehleli” kuwe?

1 Yohane 2:243:3

Ndingafana noYesu Krestu.

Ingaba imbono yokufana noKrestu ikhe ibonakale ngathi iphakamile kakhulu kuwe? Cinga ngengcebiso ekhuthazayo kaYohane: “Bantwanana, hlalani kuye; ukuze xa athe wabonakalaliswa, sibe ngokungafihlisi … [kwaye] sofana naye” (1 Yohane 2:28; 3:2). Yintoni oyifumana ku-1 Yohane 2:243:3 ethi ikunike ukuzithemba nentuthuzelo njengomfundi kaYesu Krestu? Njengoko ufunda iincwadi zikaYohane, khangela eminye imigaqo okanye ingcebiso engakunceda kwiinzame zakho zokufana noKrestu.

Bona kananjalo Moronayi 7:48; IMfundiso neMinqophiso 88:67–68.

1 Yohane 4:12

Ingaba “akukho namnye … owakha wambona uThixo”?

UGuqulelo lukaJoseph Smith, 1 Yohane 4:12 lucacisa ukuba “akukho namnye owakha wambona uThixo, ngaphandle kwabo bakholwayo” (bona 1 Yohane 4:12; bona futhi Yohane 6:46; 3 Yohane 1:11). Izibhalo zibhala iindawo eziliqela apho xa uThixo uBawo wayezibanakalise Yena buqu kubantu abanyanisekileyo, kuquka noYohane buqu (bona IsiTyhilelo 4; bona kananjalo IZenzo 7:55–56; 1 Nifayi 1:8; IMfundiso neMinqophiso 76:23; IMbali—kaJoseph Smith 1:16–17).

1 Yohane 5

Njengoko ndisebenzisa ukholo kuYesu Krestu kwaye ndizalwa ngokutsha, ndingaloyisa ihlabathi.

Njengoko ufunda 1 Yohane 5, khangela into ekufuneka siyenze ukuze soyise ihlabathi kwaye sizuze ubomi obungunaphakade. Ingaba ukoyisa ihlabathi kusenokukhangeleka njani ebomini bakho?

Yuda 1

“Zakheni elukholweni lwenu olungcwele kanye.”

Yintoni Yuda 1:10–19 ekufundisa yona malunga nabo balwisa uThixo nomsebenzi waKhe? Yintoni oyifunda kwimiqolo 20–25 malunga nokuba kumele ulugcine kanjani ukholo lwakho kuYesu Krestu luluqilima?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

1 Yohane 2:8–11.Ukunceda usapho lwakho lucinge nzulu ngeemfundiso zikaYohane, hlanganelanani kwigumbi elimnyama ukuze amalungu osapho abenokuva umehluko phakathi kokuhamba “ebumnyameni” nokuhamba “ekukhanyeni.” Ingaba inzondo isibangela njani ukuba sihambe ebumnyameni nokuba sikhubeke? Ingaba ukuthandana kuluzisa njani ukhanyiso ebomini bethu?

1 Yohane 3:21–22.Yintoni ekule miqolo ekhulisa “ukuzithemba” esinako kuThixo nasekukwazini kwethu ukufumana iimpendulo kwimithandazo yethu?

Umfanekiso
usapho luguqile kunye emthandazweni

Ukugcina imithetho kaThixo kusinceda soyise ihlabathi.

1 Yohane 5:2–3.Ingaba ikhona imithetho esiyithatha ngokuba “inzima” okanye inzima ukuyilandela? Ingaba uthando lwethu ngakuThixo luyitshintsha njani indlela esiziva ngayo ngemithetho yaKhe?

3 Yohane 1:4.Kuthetha ukuthini “ukuhamba enyanisweni”? Usenokuthatha eli thuba ukuxelela amalungu osapho indlela owabone ngayo ehamba enyanisweni kwaye uthethe ngovuyo oku kuluzisa kuwe. Amalungu osapho asenokonwabela ukubhala malunga okanye ukuzoba iinyaniso awazifundileyo kumzila wamaphepha kwaye azisebenzise ukwenza indlela usapho lwakho olungahamba kuyo kunye.

Yuda 1:3–4.Ingaba bukhona na ubungozi bokomoya obuthe “bathwethwela” ebomini bethu nakusapho lwethu? (Yuda 1:4). Singasilandela kanjani isibongozo sikaYuda sokuba “siluzamele ukholo” nokuba sixhathise obu bungozi? (Yuda 1:3). Yintoni esingayenza ukuqinisekisa ukuba “makwandiswe uthando, noxolo” kusapho lwethu? (Yuda 1:2).

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Fumana uthando lukaThixo. UMongameli uM. Russell Ballard wafundisa, “Ivangeli yivangeli yothando—ukuthanda uThixo kunye nokuthandana” (“God’s Love for His Children ,” Ensign, Canzibe 1988, 59). Njengoko ufunda izibhalo ezingcwele, phawula ubungqina bothando lukaThixo.

Umfanekiso
UKrestu uhamba elunxwemeni lwechibi

Walk with Me, nguGreg K. Olsen [Hamba Nam]

Shicilela