ITestamente eNtsha 2023
EyeNkanga 20–26. 1 no 2 Petros: “Nigcobe ngoVuyo Olugathethekiyo, oluZukisiweyo”


“EyeNkanga 20–26. 1 no 2 Petros: ‘Nigcobe ngoVuyo Olugathethekiyo, oluZukisiweyo,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyeNkanga 20–26. 1 no 2 Petros,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
UYesu Krestu eshumayela ivangeli kwilizwe loomoya

Christ Preaching in the Spirit World [UYesu Krestu eShumayela kwiLizwe looMoya], nguRobert T. Barrett

EyeNkanga 20–26

1 no 2 Petros

“Nigcobe ngoVuyo Olugathethekiyo, oluZukisiweyo”

Njengoko ufunda iiNcwadi zikaPetros, unokufumana iimvakalelo zokomoya. Zibhale ngokukhawuleza ngelixa “useseMoyeni” (IMfundiso neMinqophiso 76:80) ukuze ubambe ngokuchanekileyo oko ukufundiswa nguThixo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Kungekudala emva koVuko lwaKhe, uMsindisi wenza isiprofeto ekumele ukuba sasiyinkathazo kuPetros. Waxela kwangaphambili ukuba uPetros wayeya kubulawa ngenxa yokholo lwakhe, esiwa “ apho [yena ] angathandiyo … , eqondisa ukuba kukufa kuni na abeya kuzukisa uThixo ngako” (Yohane 21:18–19). Kwiminyaka yakamva, xa uPetros wayebhala iincwadi zakhe, wayesazi ukuba ukufela ukholo kwakhe okwakuprofetwe ngako kwakusondele: “Kukufuphi ukubekwa nxamnye kwalo mnquba wam, njengokuba nayo iNkosi yethu uYesu Krestu yandazisayo” (2 Petros 1:14). Kwaye kanti amazwi kaPetros ayengazaliswanga luloyiko okanye kukuthandabuza. Endaweni yoko, wafundisa abaNgcwele ukuba “bagcobe kakhulu,” nangona “bephakathi kwezilingo ngezilingo.” Wabacebisa ukuba bakhumbule ukuba “ ukucikideka kokholo [lwabo] kuya kukhokela “kwindumiso nembeko nozuko ekutyhilekeni kukaYesu Krestu” kunye “nosindiso lwemiphefumlo [yabo].” (1 Petros 1:6–7, 9). Ukholo lukaPetros kumele ukuba lwaluthuthuzela kwabo baNgcwele bokuqala, njengoko lukhuthaza kubaNgcwele banamhlanje, nabo kanjalo “ngamadlelane ngeentlungu zikaKrestu, nivuye; ukuze, nasekutyhilekeni kobuqaqawuli bakhe, nivuye nigcoba” (1 Petros 4:13).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

1 Petros 1:3–9; 2:19–24; 3:14–17; 4:12–19

Ndingafumana uvuyo ngexesha lesilingo kunye nelokuhlupheka.

Ixesha emva kokuBethelelwa eMnqamlezweni kukaKrestu kwakungeloxesha elilula lokuba ngumKrestu, kwaye incwadi yokuqala kaPetros iyakuvuma oko. Kwizahluko ezine zokuqala, uya kuqaphela amagama kunye namabinzana awachaza ubunzima: ubunzima, izilingo, iintsizi, umlilo okhoyo, kunye neentlungu (bona 1 Petros 1:6; 2:19; 4:12–13). Kodwa uya kuqaphela kananjalo amagama abonakala egcobisa—usenokufuna ukwenza uluhlu loko ukufumanayo. Imizekelo, njengoko ufunda 1 Petros 1:3–9; 2:19–24; 3:14–17; kunye 4:12–19, yintoni ekunika ithemba lokuba ungafumana uvuyo naphakathi kweemeko ezinzima?

Yintoni engecebo losindiso kunye nevangeli kaYesu Krestu ekunika uvuyo?

1 Petros 3:18–20; 4:1–6

Ivangeli iyashunyayelwa kwabafileyo ukuze bagwetywe ngobulungisa.

Ngenye imini umntu ngamnye uya kuma kwindawo yokugwetywa kwaye “baphendula kulowo ulungele ukugweba abaphilileyo nabafileyo” (1 Petros 4:5). Angabagweba njani uThixo abantu bonke ngokufanelekileyo xa amathuba abo okuqonda nokuphila ivangeli ohlukile? Qaphela imfundiso efundiswa nguPetros ku-1 Petros 3:18–20; 4:6 ukuba inceda njani ukuphendula lo mbuzo. Ingaba le miqolo ilomeleza njani ukholo lwakho kwimfaneleko nakubulungisa bukaThixo?

Ukuphonononga le mfundiso ngakumbi, funda IMfundiso neMinqophiso 138, isityhilelo uMongameli uJoseph F. Smith wasifumana njengoko wayecinga nzulu ngale mibhalo kaPetros. Zeziphi iinyaniso ezongezelelekileyo ezafundwa nguMongameli Smith?

2 Petros 1:1–11

Ngamandla kaYesu Krestu, ndinako ukuphuhlisa imvelo yam yobuthixo.

Ingaba ukhe uvakalelwe kukuba akufana noYesu Krestu kunye nokuphuhlisa iimpawu zaKhe akunakwenzeka? UMdala uRobert D. Hales wanika le ngcinga ikhuthazayo ngendlela esinokuthi siphuhlise ngayo iimpawu ezifana nezikaKrestu: “Iimpawu zoMsindisi … ziimpawu ezidibeneyo, zongezwa enye kwenye, ezikhula kuthi ngeendlela zokusebenzisana. Ngamanye amazwi, asinakufumana uphawu olunye olunjengolukaKrestu ngaphandle kokufumana kananjalo nokuphembelela ezinye. Njengoko olunye uphawu luya lomelela, kunjalo ke nangakumbi ngamanye” (“Becoming a Disciple of Our Lord Jesus Christ,” Liahona, Canzibe 2017, 46).

Umfanekiso
ilengalenga elinemifanekiso lokuhombisa elolukwe ngokuntsokothileyo

Uphawu ngalunye olufana nolukaKrestu esiluphuhlisayo lusinceda siluke ilengalenga yokomoya yobufundi.

Njengoko ufunda 2 Petros 1:1–11, cinga nzulu ngeempawu “zemvelo yobuThixo” ezidweliswe kule miqolo. Ngokwamava akho, “zidityanisiwe njani,” njengoko kuchaziwe nguMdala Hales? Zakhana njani? Yintoni enye oyifundayo kule miqolo ngenkqubo yokufana ngakumbi noKrestu?

Usenokucinga nzulu “ngamadinga amakhulukazi anqabileyo” uThixo awanika abaNgcwele baKhe—kuquka nawe (2 Petros 1:4).

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano Wangorhatya Wosapho

1 Petros 2:5–10.Njengoko ufunda le miqolo nosapho lwakho, cinga ngokusebenzisa amatye ukunceda amalungu osapho ukuba nombono weemfundiso zikaPetros zokuba uMsindisi “lilitye lembombo” lethu. Sifana njani “njengamatye aphilileyo [aphilayo]” asetyenziswa nguThixo ukwakha ubukumkani baKhe? Sifunda ntoni kuPetros ngoMsindisi kunye nangendima yethu kubukumkani baKhe? Uthini umyalezo kaPetros kusapho lwakho?

1 Petros 3:8–17.Singahlala njani “nihlale ke nikulungele ukuziphendulela” kwabo basibuza ngokholo lwethu? Usapho lwakho lunokonwabela ukudlala indima apho umntu othile eza kubo ngombuzo malunga nevangeli.

1 Petros 3:18–20; 4:6.Yintoni enokwenziwa lusapho lwakho ukuze nizive niqhagamshelene nezinyanya zenu? Mhlawumbi ninokubhiyozela imihla yokuzalwa yezinyanya ezingasekhoyo ngokulungiselela izidlo ezizithandayo, ukujonga imifanekiso, okanye ukubalisa amabali obomi babo. Ukuba kuyenzeka, ningenza icebo kananjalo lomkwamkelela imimiselo yezinyanya zakho etempileni.

2 Petros 1:16–21.Kule miqolo, uPetros wakhumbuza abaNgcwele ngamava akhe kwiNtaba yoKwenziwa kuMila kuMbi (bona kananjalo Mateyu 17:1–9). Sifunda ntoni kule miqolo malunga neemfundiso zabaprofeti? (bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 1:38). Yintoni esinika ukuzithemba ekulandeleni umprofeti wethu ophilayo namhlanje?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

“Nihlale nikulungele.” Imizuzwana yokufundisa ngokungekho sesikweni ekhaya inokuza kwaye ihambe ngokukhawuleza, ke kubalulekile ukuba uyisebenzise xa ivela. Ungazama njani ukuba “nihlale nikulungele” ukufundisa amalungu osapho lwakho iinyaniso zevangeli kwaye wabelane “ngalo ithemba elingaphakathi kwenu” (1 Petros 3:15) xa imizuzwana yokufundisa ivela? (Bona Teaching in the Savior’s Way,16.)

Umfanekiso
UPetros eshumayela kwiqela labantu

Nangona uPetros wayejongene nentshutshiso kunye nenkcaso eninzi, waye wahlala eqinile kubungqina bakhe ngoKrestu.

Shicilela