ITestamente eNtsha 2023
EyeDwarha 30–EyeNkanga 5. AmaHebhere 1–6: “UYesu Krestu, ‘IMbangi yoSindiso olunguNaphakade’”


“EyeDwarha 30–EyeNkanga 5. AmaHebhere 1–6: ‘UYesu Krestu, “IMbangi yoSindiso olunguNaphakade,”’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyeDwarha 30–EyeNkanga 5. AmaHebhere 1–6,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
UKrestu eme nentombazana encinane

Balm of Gilead, nguAnnie Henrie [Amafutha Aqholiweyo eGiliyadi]

EyeDwarha 30–EyeNkanga 5

AmaHebhere 1–6

UYesu Krestu, “IMbangi yoSindiso olunguNaphakade”

Ukubhala iimvakalelo zokomoya kukunceda ubone oko uMoya oyiNgcwele afuna ukukufundisa kona. Ukwenza intshukumo kwezo mvakalelo kubonisa ukholo lwakho ukuba loo nkcukumiso iyinyani.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Omnye nomnye wethu kumele ancame into ethile ukuze amkele ivangeli kaYesu Krestu—imikhuba emibi, iinkolelo ezigwenxa, iimbutho ezingekho sempilweni, okanye into eyenye ethile. KwabeeNtlanga kwiintsuku zokuqala zeBandla lamaKrestu, uguquko lwalusoloko luthetha ukushiya oothixo bobuxoki. KumaHebhere (okanye kumaYuda), uguquko lwabonakala, ukuba lwalungekho nzima kakhulu, lwaluntsokothile ngakumbi. Emva kwako konke, iinkolo zabo ababezithanda namasiko abo zazisekelwe phezu konqulo loThixo wokwenene nakwiimfundiso zabaprofeti baKhe, ekwakudala zikhona amawaka ngamawaka weminyaka. Ukanti abaPostile babefundisa ukuba umthetho kaMoses wawuzalisekisiwe kuYesu Krestu kwaye nokokuba umthetho ophakemeyo wawungumgangatho wamakholwa. Ingaba ukwamkela ubuKrestu kwakuya kuthetha ukuba amaHebhere kwakumele anikele ngeenkolo zawo zangaphambili nembali yawo? INcwadi eya kumaHebhere yayifuna ukunceda ukuphendula imibuzo enjalo ngokufundisa ukuba umthetho kaMoses, abaprofeti, nemimiselo yonke ibalulekile, kodwa uYesu Krestu wayemkhulu ngakumbi (bona AmaHebhere 1:1–4; 3:1–6; 7:23–28). Eneneni, zonke ezi zinto zikhomba kwaye zingqina ngoKrestu uNyana kaThixo noMesiya othenjisiweyo lowo amaYuda ayemlindele.

Uguquko, kwezo ntsuku zamandulo nanamhlanje, luthetha ukwenza uYesu Krestu abe ngumbindi wonqulo lwethu nowobomi bethu. Luthetha ukubambelela enyanisweni nokuyekela oko kusiphazamisa kuYe, kuba Yena “uyimbangi yosindiso olungunaphakade kubo bonke abamlulamelayo” (AmaHebhere 5:9).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Ngubani owabhala iNcwadi eya kumaHebhere?

Abanye ababhali bazibuza ukuba uPawulos wayibhala kusini na iNcwadi yamaHebhere. Indlela yokubhala yamaHebhere ihlukile kuleyo yezinye zeencwadi zikaPawulos kwaye iinguqulelo zokuqala zombhalo zazingalikhankanyi igama lombhali. Ngokunjalo, ngenxa yokuba izimvo ezivakaliswa kumaHebhere ziyahambelana nezinye iimfundiso zikaPawulos, abaNgcwele beMihla yokuGqibela, ngokugcina isiko lobuKrestu, ngokubanzi baye bamkela ukuba uPawulos ebuncinaneni wayebandakanyeka ekubhaleni le ncwadi.

Bona kananjalo IsiKhokelo kwiZibhalo, “Iincwadi zikaPawulos.”

AmaHebhere 1–5

UYesu Krestu “ungumbhalo wenkqu” kaBawo oseZulwini.

AmaYuda amaninzi ayekufumana kunzima ukwamkela uYesu Krestu njengoNyana kaThixo. Qaphela indlela iNcwadi yamaHebhere engqina ngayo ngaYe. Umzekelo, njengoko ufunda izahluko ezintlanu zokuqala, usenokwenza uluhlu lwamagama, iindima, iimpawu, nemisebenzi kaYesu Krestu oyifumana ikhankanyiwe. Zikufundisa ntoni ezi zinto malunga noMsindisi? Zikufundisa ntoni malunga noBawo oseZulwini?

Le ngxelo ilandelayo ivela kuMdala Jeffrey R. Holland yongeza ntoni ekuqondeni kwakho yeemfundiso ezikwezi zahluko? “UYesu … weza ezokuphucula ingqiqo yoluntu ngoThixo nokubabongoza ukuba bathande uBawo oseZulwini njengoko Yena eyenze njalo kwaye eya kusoloko ebathanda. … Ngoko ke ukondla abalambileyo, ukuphilisa abagulayo, ukukhalimela uhanahaniso, ukutarhuzela ukholo—lo yayinguKrestu esibonisa indlela kaBawo” (“The Grandeur of God,” Liyahona, Nkanga 2003, 72).

AmaHebhere 2:9–18; 4:12–16; 5:7–8

UYesu Krestu waye wabandazeleka kwizinto zonke ukuze Yena akwazi ukundiqonda kwaye andincede xa ndisokola.

Ukhe uzive ukuba “uyasondela ungenakufihlisa kuyo itrone yobabalo” kwaye ufune inceba? (AmaHebhere 4:16). Umyalezo omnye weNcwadi yamaHebhere ngowokuba nangona kunezono zethu nobuthathaka bethu, uThixo uyasondeleka kwaye inceba yaKhe iyafikeleleka. Yintoni oyifumana ku-AmaHebhere 2:9–18; 4:12–16; 5:7–8 eyomeleza ukuzithemba kwakho ekubeni uYesu Krestu uya kukunceda kunye nemicelingeni yasemhlabeni? Cinga ngokubhala kwincwadana yakho yembali iingcinga neemvakalelo zakho ezimalunga noko uMsindisi akwenzele kona.

Bona kananjalo Mozaya 3:7–11; Alma 7:11–13; 34.

AmaHebhere 3:74:11

Iintsikelelo zikaThixo ziyafumaneka kwabo “bangazenzi lukhuni iintliziyo [zabo].”

Ngokubalisa kwakhona ibali lamaSirayeli amandulo, uPawulos wayethemba ukuba angathundeza amaYuda ukuba aphephe ekwenzeni impazamo ookhokho bawo ebabeyenzile—ukwala iintsikelelo zikaThixo ngenxa yokungakholelwa. (Ungalifunda ibali uPawulos abhekisa kulo kwiNumeri 14:1–12, 26–35.)

Cinga ngokuba AmaHebhere 3:74:11 abenokusebenza njani kuwe. Ukwenza oku, usenokucinga nzulu ngemibuzo efana nale:

  • Ingaba amaSirayeli ayixhokonxa kanjani iNkosi? (bona AmaHebhere 3:8–11). Yintoni iziphumo zokuba nentliziyo elukhuni?

  • Ndakhe ndayivumela nini intliziyo yam ukuba ibelukhuni? Ingaba zikhona na iintsikelelo uThixo afuna ukundipha zona endingazifumaniyo ngenxa yokungabinalo ukholo?

  • Yintoni endingayenza ukuphuhlisa intliziyo ethambileyo netyumkileyo? (bona Etere 4:15; ImiZekeliso 3:5–6; Alma 5:14–15).

Bona kananjalo 1 Nifayi 2:16; 15:6–11; Yakobi 1:7–8; Alma 12:33–36.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

AmaHebhere 1:8–9.Kungeziphi iindlela uYesu Krestu abonise ngazo ukuba Yena uyabuthanda ubulungisa kwaye uyabuzonda ubugwenxa? Ukuba sineminqweno engalunganga, yintoni esingayenza ukuyiguqula?

AmaHebhere 2:1–4.Sikhona na isifundo sento ongasicinga ukunceda usapho lwakho luqonde ukuba kuthetha ukuthini ukubambelela ngokuzinzileyo kwiinyaniso zevangeli “esazivayo”? Usenokubonisa oku ngento enzima ukubambelela kuyo. Ingaba iinzame zethu zokugcina ubungqina bethu zifana njani nokubamba nokubambelela kule nto? Singaqinisekisa njani “izinto esazivayo” ukuba “azimki” kuthi? (umqolo 1).

AmaHebhere 2:9–10.Ukuhlola ngakumbi eli binzana “imbangi yosindiso lwabo,” nisenokuqala ngokuxoxa ngento eyenziwa yimbangi. Luthetha ntoni usindiso? Ufana njani uYesu Krestu nembangi yethu neyosindiso lwethu?

AmaHebhere 5:1–5.Le miqolo inganinceda nibe nengxoxo malunga nokuba kuthetha ntoni ukubizwa nguThixo ngomntu onegunya. Yintoni esingayifunda emzekelweni kaYesu Krestu malunga nokufumana nokuzalisekisa ubizo?

Umfanekiso
UMoses umisela uAron

“Kanjalo akukho mntu uzithabathela ngokwakhe imbeko leyo; oyithabathayo ngobizwe nguThixo, kwanjengoAron” (AmaHebhere 5:4). Moses Calls Aaron to the Ministry [UMoses Ubizela uAron kuBulungiseleli], nguHarry Anderson

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Zama iindlela ezahlukeneyo. Endaweni yokusoloko ufunda izibhalo ngendlela enye, cinga ngeengcinga ezahlukeneyo zokufunda. Ngezinye iingcinga, bona “Iingcinga Zokuphucula Ufundo Lwezibhalo Zosapho Lwakho” esekuqaleni kwesi sixhobo.)

Umfanekiso
UYesu Krestu

Light of the World, nguWalter Rane [UKhanyiselo lweHlabathi]

Shicilela