ITestamente eNtsha 2023
EyeDwarha 23–29. 1 no 2 Timoti; Tito; Filemon: “Ube nguMzekelo wabaKholwayo”


“EyeDwarha 23–29. 1 no 2 Tito; Filemon: ‘Ube nguMzekelo wabaKholwayo,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyeDwarha 23–29. 1 no 2 Tito; Filemon,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
abafazi abathathu behamba ngaphandle etempileni

EyeDwarha 23–29

1 no-2 Timoti; Tito; Filemon

“Ube nguMzekelo wabaKholwayo”

Ngamanye amaxesha kuluncedo ukuya kufundo lwakho lwezibhalo unombuzo omnye okanye engakumbi engqondweni yakho. Mema uMoya ukuba akukhokelele kwiimpendulo njengoko ufunda, kwaye ubhale nayiphi na impembelelo oyifumanayo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Kwiincwadi uPawulos awazibhalela uTimoti, Tito, noFilemon, sifumana uthsuphe kwintliziyo yesicaka seNkosi. Njengokungafani neencwadi zikaPawulos eziya kwamanye amabandla, ezi zazibhalelwe abantu ngabanye—abahlobo abasenyongweni bakaPawulos namaqabane akhe emsebenzini kaThixo—kwaye ukuzifunda kufana nokumamela incoko yabo. Sibona uPawulos ekhuthaza uTimoti noTito, iinkokheli ezimbini zamabandla, kwinkonzo yabo eBandleni. Simbona ebongoza umhlobo wakhe uFilemon ukuba axolelanise nogxa wakhe woNgcwele kwaye amphathe njengomzalwane evangelini. Amazwi kaPawulos ayengabhekiswanga kuthi ngqo, kwaye kusenokwenzeka ukuba wayengalindelanga ukuba abantu abaninzi kangaka babeya kuwafunda ngenye imini. Ukanti sizifumanela ingcebiso nenkuthazo kwezi ncwadi, nokuba ubulungiseleli bethu bobuqu buyinina na enkonzweni kaKrestu.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Yayingoobani uTimoti noTito?

UTimoti noTito babekhonze noPawulos kwamanye amahambo wobufundisi bakhe. Ngelixa lenkonzo yabo, baye bazuza imbeko nentembeko kaPawulos. UTimoti kamva waye wabizwa abe yinkokheli yeBandla kwelase-Efese, noTito naye wabizwa wayinkokheli eKrete. Kwezi ncwadi, uPawulos wanika uTimoti noTito umyalelo nenkuthanzo malunga noxanduva lwabo, olwaluquka nokushumayela ivangeli nokubiza amadoda ukuba ancedise njengoobhishophu.

Bona kananjalo IsiKhokelo kwiZibhalo, “Iincwadi zikaPawulos,” “Timoti,” “Tito.”

Umfanekiso
abafundisi bevangeli ababini bethetha nendoda

“Makungabikho namnye ubudelayo ubuncinane bakho; suka ube ngumzekelo wabakholwayo” (1 Timoti 4:12).

1 Timoti 4:10–16

“Ube ngumzekelo wabakholwayo.”

UTimoti wayesemncinane, kodwa uPawulos wayesazi ukuba wayengaba yinkokheli yeBandla enkulu nangona wayesemtsha. Yeyiphi ingcebiso uPawulos awayinika uTimoti ku-1 Timoti 4:10–16? Ingaba le ngcebiso ingakunceda kanjani wena ukhokelele abanye kuMsindisi nakwivangeli yaKhe?

Bona kananjalo Alma 17:11.

2 Timoti

“Kuba uThixo akasinikanga moya wabugwala; wasinika owamandla, nowothando, nowesidima.”

2 Timoti kukholelwa ukuba yayiyincwadi yokugqibela uPawulos awayibhalayo, kwaye kubonakala ngathi wayesazi ukuba ixesha lakhe emhlabeni lalilifutshane (bona 2 Timoti 4:6–8). Kusenokwenzeka ukuba uTimoti wayeziva kanjani, esazi ukuba kungekudala wayengazu kubanaye umcebisi nenkokheli yakhe awayeyithemba? Yintoni uPawulos awayithethayo ukumkhuthaza? Usenokufunda uneyakho imicelimngeni noloyiko lwakho engqondweni yakho. Yeyiphi imiyalezo yethemba neyenkuthazo iNkosi ekuphethele yona ku-2 Timoti?

 

2 Timoti 3

Ukuphila ivangeli kubonelela ngokhuseleko ebungozini bokomoya bemihla yokugqibela.

Siphila “kwimihla yokugqibela” leyo uPawulos wayethethe ngayo, “namaxesha anomngcipheko” sewafikile (2 Timoti 3:1). Njengoko ufunda 2 Timoti 3, bhala phantsi ubunzithinzithi bemihla yokugqibela ekhankanyiweyo (bona kananjalo 1 Timoti 4:1–3):

Ingaba ikhona imizekelo ongayicinga yobu bunzithinzithi emhlabeni okungqongileyo—okanye ebomini bakho? Ingaba obu bunzithinzithi, njengokufana nabantu abachazwa kumqolo 6, “banyebelezela njani [ezindlwini zenu], [banithimbe]”? Yeyiphi ingcebiso oyifumana ku-2 Timoti 3, nakwezinye iindawo kwezi ncwadi, engakugcina wena nosapho lwakho nikhuselekile kubungozi bokomoya? (bona umzekelo, 1 Timoti 1:3–11; 2 Timoti 2:15–16; Tito 2:1–8).

Yayingubani uFilemon?

UFilemon yayingumKrestu owayeguqulwe nguPawulos kwivangeli. UFilemon wayenekhoboka elaligama lingu-Onesimo, okwakubonakala ngathi wabalekela eRoma. Apho u-Onesimo waye wadibana noPawulos waze waguqukela kwivangeli. UPawulos waye wathumela u-Onesimo emva kuFilemon nencwadi eyayikhuthaza uFilemon ukuba afumane u-Onesimo “engasenjengekhoboka, esuke wangaphezu kwekhoboka, engumzalwana oyintanda” (Filemon 1:16).

Filemon

Abafundi bakaYesu Krestu baphathana njengabazalwane noodade.

Njengoko ufunda incwadi kaPawulos kuFilemon, cinga nzulu ngokuba ungayisebenzisa njani ingcebiso yakhe kubudlelwane bakho nabanye. Nantsi eminye imibuzo ngezantsi ongayicinga:

  • Imiqolo 1–7: Ingaba amagama awafana “nomsebenzisani” kunye “nomphumi-mkhosi” acebisa ntoni kuwe ngobudlelwane obuphakathi kwabaNgcwele? Wawukhe waziva nini “uphunyuziwe” ngumzalwane okanye ngudade kuKrestu?

  • Imiqolo 8–16: Kuthetha ukuthini “ukuthethela” “nokubongoza”? Kwakutheni uPawulos akhethe ukubongoza uFilemon kunokuba amthethelele? Yintoni uPawulos awayethembela ukuba yayiya kuphunyezwa ngokuthumela u-Onesimo emva kuFilemon?

  • Umqolo 16: Kuthetha ukuthini ukuba “ngumzalwana [okanye udade] oyintanda … eNkosini”? Ingaba kukhona umntu othile omaziyo odinga ukumfumana ngale ndlela?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

1 Timoti 2:9–10.Kuthetha ukuthini “ukunxiba [okusifaneleyo] … ngemisebenzi elungileyo”? Yeyiphi eminye imisebenzi elungileyo usapho lwethu olungayenza kule veki?   

1 Timoti 4:12.Ukunceda amalungu osapho lwakho ukuba anqwenele ukuba “abe ngumzekelo wabakholwayo,” cinga ngokuwamema ukuba azobe imifanekiso yabantu ababeyimizekelo elungileyo kuwo. Ingaba aba bantu basiphembelele kanjani ukuba silandele uYesu Krestu?  

1 Timoti 6:7–12.Kutheni ucinga ukuba “ukuthanda imali yingcambu yeento zonke ezimbi”? Bobuphi ubungozi bokugxilisa ubomi bethu emalini okanye kwizinto esinazo? Singonela kanjani ngeentsikelelo esinazo?

2 Timoti 3:14–17.Ngokwale miqolo, zeziphi iintsikelelo eziza kwabo bazaziyo kwaye bafunda izibhalo ezingcwele? Mhlawumbi amalungu osapho angabelana ngezibhalo awazifumane ukuba “ziluncedo” ngakumbi.

Filemon 1:17–21.Yintoni uPawulos awayezimesele ukuyenzela u-Onesimo? Ingaba oku kufana njani noko uMsindisi awasenzela ngokuthanda kona? (bona kananjalo 1 Timoti 2:5–6; IMfundiso neMinqophiso 45:3–5). Singayilandela kanjani imizekelo kaPawulos noMsindisi?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

 

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Fundisa imfundiso ecacileyo kunye nelula. Ivangeli intle ngobulula bayo (bona IMfundiso neMinqophiso 133:57). Kunokuba uzame ukonwabisa usapho lwakho ngezifundo ezifuna ulungiselelo oluninzi, zama ukufundisa imfundiso emsulwa nelula (bona 1 Timoti 1:3–7).

Umfanekiso
abantwana ababini befunda izibhalo ezingcwele

“Uzaze kwasebuntwaneni izibhalo ezingcwele, ezinako ukukulumkisela elusindisweni ngokukholwa kuKrestu uYesu” (2 Timoti 3:15).

Shicilela