ITestamente eNtsha 2023
EyoMsintsi 25–EyeDwarha 1. AmaGalati: “Hambani ngokoMoya”


“EyoMsintsi 25–EyeDwarha 1. “AmaGalati: ‘Hambani ngokoMoya,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyoMsintsi 25–EyeDwarha 1. “AmaGalati,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
UKrestu ezibonakalisa kuPawulos entolongweni

UMsindisi ovuke kwabafileyo wandwendwela uPawulos entolongweni (bona IZenzo 23:11). UYesu Krestu angasikhulula “kwidyokhwe yobukhoboka” (AmaGalati 5:1).

EyoMsintsi 25–EyeDwarha 1

AmaGalati

“Hambani ngokoMoya”

Njengoko ufunda amaGalati, bhala phantsi iimvakalelo ozifumanayo. Ukwenza njalo kuya kukunceda uzikhumbule kwaye uzicinge nzulu kwixesha elizayo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ivangeli kaYesu Krestu inikela ngenkululeko ebukhobokeni bokomoya. Kodwa ngamanye amaxesha abantu abathe babanamava wenkululeko yevangeli baye baphambuke kwaye “nithanda ukubuya nikhonze ubukhoboka” (AmaGalati 4:9). Yiyo le nto abanye babaNgcwele bamaGalati ababeyenza—babejika enkululweni uKrestu awayebanika yona (bona AmaGalati 1:6). Incwadi kaPawulos kumaGalati, ngoko ke, yayisisimemo esingxamisekileyo sokubuyela “enkululekweni, athe uKrestu wasikhululela kuyo” (AmaGalati 5:1). Esi simemo sesinye nathi esidinga ukusiva nokusithobela kuba xeshikweni iimeko zitshintsha, umzabalazo phakathi kwenkululeko nobukhoboka uyaqhubeka. Njengoko uPawulos wafundisa, akonelanga ukuba “sabizelwa enkululekweni” (AmaGalati 5:13); kufuneka “sime ngoko” kuyo (AmaGalati 5:1) ngokuthembela kuKrestu.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

AmaGalati 1–5

Umthetho kaKrestu uyandikhulula.

UPawulos wabhalela abaNgcwele bamaGalati xa wayeve ukuba babephambukiswa ziimfundiso zobuxoku (bona AmaGalati 1:6–9). Enye yezi mfundiso yayileyo yokuba ukuze basindiswe, abeeNtlanga ababemkele ivangeli kwakufuneka bolusiwe kwaye bagcine amanye amasiko womthetho kaMoses (bona AmaGalati 2). UPawulos wayewabiza la masiko “idyokhwe yobukhoboka” (AmaGalati 5:1). Njengoko ufunda ingcebiso kaPawulos kwabaseGalati, khangela imigaqo engakunceda uqonde ukuba inkululeko yokwenene iyintoni na. Usenokucinga nzulu ngamasiko agwenxa okanye ezinye iidyokhwe zobukhoboka ekunokwenzeka ukuba zikhona ebomini bakho. Ingaba kukhona nantoni na ekuthintela ekubeni ubenamava wenkululeko leyo ivangeli inikela ngayo? Ingaba uYesu Krestu nevangeli yaKhe “bakukhulule” kanjani? (AmaGalati 5:1).

Bona kananjalo 2 Nifayi 2:27; 9:10–12.

AmaGalati 3

Ndiyindlalifa kwiintsikelelo ezazithenjiswe u-Abraham.

Abanye babaNgcwele bamaGalati babexhalabiswe kukuba ngenxa yokuba babengeyiyo inzala yoqobo (“imbewu”) ka-Abraham, babengenakufumana iintsikelelo ezazithenjiswe ku-Abraham, kuquka nokuphakanyiswa. Ngokubhalwe ku-AmaGalati 3:7–9, 13–14, 27–29, yintoni eyenza umntu alungele ukuba “yimbewu ka-Abraham”?

Ukufunda malunga neentsikelelo ezazithenjiswe ku-Abraham nangeentsikelelo esinokuzixhamla njengembewu yakhe, bona IsiKhokelo kwiZibhalo, “UMnqophiso ka-Abraham,” topics.ChurchofJesusChrist.org. Kutheni iintsikelelo ezazithenjiswe u-Abraham zibalulekile kuwe?

AmaGalati 3:6–25

U-Abraham wayenayo ivangeli kaYesu Krestu.

UMprofeti uJoseph Smith wachaza oku: “Asinako ukukholelwa ukuba abamandulo kuwo onke amaxesha akudala babengazi nto ngenkqubo yasezulwini njengoko uninzi lucinga njalo, kuba bonke abo bakhe basindiswa, babesindiswe ngamandla weli cebo likhulu lenkululeko, ngokunjalo nangaphambili kokuza kukaKrestu ukusukela ngoko. … U-Abraham wayenikela ngedini, nangona kwakunjalo, wayenayo iVangeli ishunyayelwa kuye” (“The Elders of the Church in Kirtland to Their Brethren Abroad,” The Evening and the Morning Star, Mar. 1834, 143, JosephSmithPapers.org). Kutheni ucinga ukuba kwakubalulekile kwabaNgcwele ngexesha likaPawulos ukuba bakwazi okokuba u-Abraham nabanye abaprofeti bamandulo babenayo ivangeli kaYesu Krestu? Kutheni kubalulekile kuwe ukuba ukwazi oku? (Bona Hilamani 8:13–20; Moses 5:58–59; 6:50–66.)

 

AmaGalati 5:13–26; 6:7–10

Ukuba “ndihamba ngokoMoya,” ndiya kufumana “isiqhamo soMoya.”

Ukufunda le miqolo kungakunceda uzigocagoce ukuba uhamba ngokupheleleyo kangakanani eMoyeni. Ingaba uyasiva na isiqhamo soMoya esikhankanywe kwimiqolo 22–23? Zeziphi ezinye iziqhamo, okanye iziphumo, zokuphila ngokomoya othe wazibona? Cinga nzulu ngoko ekufuneka ukwenzile ukuze ulime esi siqhamo ngokupheleleyo ngakumbi? Ingaba ukulima esi siqhamo kusenokuphucula njani ubudlelwane obubalulekileyo ebomini bakho?

Umfanekiso
ama-apile emthini

Kufuneka ndifune “isiqhamo soMoya” ebomini bam.

Ukuba uyazama ukuhamba eMoyeni kodwa iinzame zakho azibonakali zivelisa isiqhamo esithenjisiweyo, funda AmaGalati 6:7–10. Ngowuphi umyalezo ova ukuba iNkosi ikuphethele wona kule miqolo?

Bona kananjalo Alma 32:28, 41–43; IMfundiso neMinqophiso 64:32–34.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

AmaGalati 3:11.Kuthetha ukuthini “ukuphila ngokholo”? Ingaba siphila kanjani ngokholo njengosapho?

AmaGalati 4:1–7.Usenokwazisa AmaGalati 4 ngokuxoxa ngeyaantlukwano eziphakathi kwezicaka zekumkani nabantwana bayo. Ngawaphi amathuba okanye amandla umntwana wekumkani anawo elowo usisicaka anganawo? Cingani ngale nto njengoko nifunda kunye imiqolo 1–7. Yintoni esifundisa yona le miqolo malunga nobudlelwane bethu noBawo oseZulwini?

AmaGalati 5:16–26.Cinga ngokuxoxa ngeyaantlukwano phakathi “kwemisebenzi yenyama” “nesiqhamo soMoya.” Ukongeza ulonwabo oluthile kwingxoxo yenu, usapho lwakho lusenokubeka amagama kwiziqhamo ezahlukeneyo ngamagama uPawulos awawasebenzisa ekuchazeni isiqhamo soMoya. Emva koko ilungu ngalinye losapho lingakhetha esinye, lisichaze, kwaye lithethe ngomnye umntu ongumzekelo weso siqhamo. Oku kusenokukhokela kwingxoxo emalunga neendlela usapho lwakho olungamemela uMoya ekhayeni lenu neyokulima esi siqhamo. Emva kwengxoxo, nisekonwabela isidlo sesaladi yeziqhamo kunye.

AmaGalati 6:1–2.Kusenokubakhona amaxesha apho omnye umntu kusapho lwakho “anokuqutyulwa sisiphoso.” Yeyiphi ingcebiso eniyifumana ku-AmaGalati 6:1–2 emalunga noko kumele nikwenze kwimeko enjalo?

AmaGalati 6:7–10.Ukuba usapho lwalukhe lwatyala into ethile kunye, nisenokusebenzisa loo mava ukubonisa umgaqo othi “into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona” (umqolo 7). Okanye ungabuza amalungu osapho ngeziqhamo zawo okanye ngemifuno awayithandayo kwaye athethe ngoko kufunekayo ukuze kukhuliswe eso sityalo esivelisa oko kutya. (Bona umfanekiso osekupheleni kwesi sishwankathelo.) Nisenokuthetha ngeentsikelelo usapho lwenu oluthemba ukuzifumana nangendlela “yokuvuna” ezo ntsikelelo.

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

 

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Nceda usapho lwakho lufanekise izibhalo ezingcwele nabo buqu. UNifayi wathi, “ndazifanekisa zonke izibhalo kunye nathi, ukuze zibe luncedo nemfundiso kuthi” (1 Nifayi 19:23). Ukunceda usapho lwakho ukuba lwenze oku, ungabamemela ukuba bacinge nzulu ngamaxesha apho babekhe beva isiqhamo soMoya esichazwa ku-AmaGalati 5:22–23. (Bona Teaching in the Savior’s Way21.)

Umfanekiso
amapere emthini

UPawulos wafundisa ukuba xa sihamba ngokoMoya, siya kuva “isiqhamo soMoya” ebomini bethu.

Shicilela