ITestamente eNtsha 2023
EyoMsintsi 18–24. 2 AbaseKorinte 8–13: “UThixo uThanda uMphi oChwayitileyo”


EyoMsintsi 18–24. 2 AbaseKorinte 8–13: ‘UThixo uThanda uMphi oChwayitileyo,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyoMsintsi 18–24. 2 AbaseKorinte 8–13,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
UYesu uthetha nomntwana omncinci

EyoMsintsi 18–24

2 AbaseKorinte 8–13

“UThixo uThanda uMphi oChwayitileyo”

Ukubhala iimvakalelo zokomoya kuya kunceda ukhumbule oko ukufundayo ngexesha lokufunda izibhalo. Usenokubhala kwingxelo yemihla ngemihla yokufunda, wenze amanqaku kwimida yezibhalo zakho, wongeze amanqaku kusetyenziso lwakho lweThala Leencwadi, okanye wenze ushicilelo lwesandi lweengcinga zakho.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ubuya kwenza ntoni ukuba ubunokuva ukuba ibandla labaNgcwele komnye ummandla litsala nzima endlaleni? Le yayiyimeko uPawulos awayichazela abaNgcwele baseKorinte ku-2 AbaseKorinte 8–9. Wayenethemba lokucenga abaNgcwele baseKorinte ukuba banikele ngobuninzi babo kubaNgcwele abasweleyo. Kodwa ngaphaya kwesicelo seminikelo, amazwi kaPawulos aqulathe iinyaniso ezinzulu malunga nokunikela: “Elowo makanike njengoko agqibe ngako entliziyweni; makungabi kokuphuma kabuhlungu, nangokunyanzelwa; kuba uThixo uthanda umphi ochwayithileyo” (2 AbaseKorinte 9:7). Kumhla wethu, kusekhona kodwa abaNgcwele kwihlabathi lonke abanemfuno yoncedo. Ngamanye amaxesha eyona nto sinokubenzela yona kukuzila ukutya kunye nokunikela iminikelo yokuzila ukutya. Ngamanye amaxesha, ukunikela kwethu kungangqala ngakumbi kwaye kube ngokobuqu. Nokuba amadini wethu athatha oluphi uhlobo, kufanelekile ukuba sivavanye izizathu zethu zokupha. Ingaba amadini wethu yimbonakaliso yothando? Emva kwako konke, luthando olwenza umphi achwayite.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

2 AbaseKorinte 8:1–15; 9:5–15

Ndingabelana ngokuchwayitileyo ngento endinayo ukusikelela amahlwempu nabasweleyo.

Baninzi kakhulu abantu abasweleyo kwihlabathi liphela. Singawenza njani umahluko? UMdala Jeffrey R. Holland wanika eli cebiso: “Usisityebi okanye ulihlwempu , kufuneka ‘senze konke esinako’ xa abanye beswele [bona Marko 14:6, 8]. … [UThixo] uya kukunceda kwaye akukhokele kwizenzo zenceba zobufundi ukuba ufuna ngesazela uthandaza kwaye ukhangela iindlela zokugcina umthetho asinike wona ngokuphindaphindeneyo.” (“Are We Not All Beggars?,” Liyahona, Nkanga. 2014, 41).

Funda 2 AbaseKorinte 8:1–15; 9:6–15, uphawule imigaqo uPawulos awayeyifundisa malunga nokukhathalela amahlwempu nabasweleyo. Yintoni ekuphembelelayo ngengcebiso kaPawulos? Usenokuthandazela isikhokelo malunga nento onokuyenza ukusikelela umntu osweleyo. Qiniseka ukuba ubhala iimvakalelo ozifumanayo kwaye usebenze phezu kwazo.

Bona kananjalo Mozaya 4:16–27; Alma 34:27–29.

2 AbaseKorinte 11:1–6, 13–15; 13:5–9

“Zilingeni, ukuba niselukholweni olu na.”

Namhlanje, njengakumhla kaPawulos, kukhona abo abakhangela ukusikhokelela kude “ekunyaniseni kuye uKrestu” (2 AbaseKorinte 11:3). Ngeso sizathu, kubalulekile ukwenza into ecetyiswa nguPawulos: “Zilingeni, ukuba niselukholweni olu na” (2 AbaseKorinte 13:5). Ungaqala le nkqubo ngokucinga ngokuba kuthetha ntoni ukuba “niselukholweni.” Wazi njani ukuba uselukholweni? Khangela amathuba okuba uzivavanye.

Njengenxalenye yovavanyo lwakho, usenokucinga nzulu ibinzana elithi “ekunyaniseni kuye uKrestu” (2 AbaseKorinte 11:3). Ubufumene njani ukunyaniseka kuKrestu nakwivangeli yaKhe? Ingenzeka njani ingqondo yakho ukuba “zimke ekunyaniseni”? Sisiphi isiluleko esiluncedo osifumanayo ku-2 AbaseKorinte 11:1–6, 13–15?

Cinga ngale ngcebiso isuka kuMongameli Dieter F. Uchtdorf: “Ukuba ukhe ucinge ukuba ivangeli ayikusebenzeli kakuhle, ndiyakumema ukuba ubuye umva, ujonge ubomi bakho ukusuka kwinqanaba eliphezulu, kwaye wenze lula ukusondela kwakho kubufundi. Gxila kwiimfundiso ezisisiseko, nemigaqo, kunye nokusetyenziswa kwevangeli. Ndiyathembisa ukuba uThixo uya kukukhokela kwaye akusikelele kwindlela yakho eya ebomini obanelisayo, kwaye ivangeli ngokuqinisekileyo iya kukusebenzela ngcono” (“It Works Wonderfully!,” Liahona, Nkanga. 2015, 22).

2 AbaseKorinte 12:5–10

Ubabalo loMsindisi lwanele ukundinceda ukuba ndifumane amandla kubuthathaka bam.

Asazi ukuba laliyintoni “uviko enyameni” kuPawulos, kodwa sonke sineemviko zethu esinqwenela ukuba uThixo azisuse ebomini bethu. Cinga ngeemviko zakho njengoko ufunda 2 AbaseKorinte 12:5–10, kwaye ucinge nzulu ngoko ukufundayo ngoYesu Krestu kule miqolo. Wafundisa ntoni uPawulos kule miqolo malunga nezilingo nobuthathaka? Ithetha ukuthini kuwe into yokuba ngawe olukaThixo “ubabalo lukwanele”?

Bona kananjalo Mozaya 23:21–24; 24:10–15; Etere 12:27; Moronayi 10:32–33.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano Wangorhatya Wosapho

2 AbaseKorinte 8–9.Sifumana ntoni kwezi zahluko esiphembelelayo ukuba sifikelele kumahlwempu nakwabanye abasweleyo? Eli ingalithuba elifanelekileyo lokucwangcisela isenzo senkonzo njengosapho umntu osweleyo.

2 AbaseKorinte 9:6–7.Ingaba usapho lwakho lwazi umntu onokuchazwa “umphi ochwayitileyo”? Singayenza njani inkonzo yethu kwabanye ichwayite ngakumbi? Amalungu osapho amancinci angenza iimbasa ezithi “ndingumphi ochwayitileyo.” Ungawonga ngeembasa kumalungu osapho nanini na uwabona ekhonzana omnye nomnye ngokuchwayita.

2 AbaseKorinte 10:3–7.Ungalufundisa njani usapho lwakho malunga “umkhosi” wethu ochasene nobungwenxa? Ingaba usapho lwakho lungonwabela ukwakha udonga okanye inqaba ngezitulo nangeengubo? Oku kungakhokelela kwingxoxo malunga nendlela yokulahla izinto ezisikhokelela kude noThixo kunye nendlela “iingqiqo zonke sizithimbela ekumlulameleni uKrestu.” Zeziphi “iintonga” zokomoya esizisebenzisa ukulawula iingcinga zethu? (bona Abase-Efese 6:11–18).

2 AbaseKorinte 11:3.Yintoni enokwenziwa lusapho lwakho ukugxila ngakumbi “ekunyaniseni kuye uKrestu”?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Bhala iimvakalelo. UMdala Richard G. Scott wathi: “Ulwazi olubhalwe ngononophelo lulwazi olufumanekayo ngexesha lemfuneko. … [Ukubhala isikhokelo sokomoya] kwandisa amathuba okufumana kwakho ukukhanya okungaphezulu” (“Acquiring Spiritual Knowledge,” Ensign, Nkanga. 1993, 88; bona kananjalo Teaching in the Savior’s Way, 1230).

Umfanekiso
abantu abancinane banceda kwiprojekthi yenkonzo

“Elowo makanike njengoko agqibe ngako entliziyweni; makungabi kokuphuma kabuhlungu, nangokunyanzelwa; kuba uThixo uthanda umphi ochwayithileyo” (2 AbaseKorinte 9:7).

Shicilela