ITestamente eNtsha 2023
EyoMsintsi 4–10. 1 AbaseKorinte 14–16: “UThixo Akangowesiphithiphithi, ngoWoxolo”


“EyoMsintsi 4–10. 1 AbaseKorinte 14–16: ‘UThixo Akangowesiphithiphithi, ngoWoxolo,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyoMsintsi 4–10. 1 AbaseKorinte,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
indawo yokubhaptizela yetempile

EyoMsintsi 4–10

1 AbaseKorinte 14–16

“UThixo Akangowesiphithiphithi, ngoWoxolo”

Bhala Iimvakalelo zakho ngelixa ufunda 1 AbaseKorinte 14–16. Thandaza malunga noko ukufundiswe nguMoya, kwaye ubuze uBawo waseZulwini ukuba ingaba ikhona enye into Yena angathanda ukuba uyifunde.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Kuba iBandla kunye neemfundiso zalo zazintsha eKorinte, kuyaqondakala ukuba abaNgcwele baseKorinte bahlangabezana nokudideka. UPawulos wayesele ebafundisile inyaniso esisiseko yevangeli: “Okokuba uKrestu wazifela izono zethu … nokokuba wangcwatywa, nokokuba uvukile ngomhla wesithathu ngokwezibhalo” (1 AbaseKorinte 15:3–4). Kodwa amanye amalungu akhawuleza aqala ukufundisa ukuba “akukho luvuko lwabafileyo” (1 AbaseKorinte 15:12). UPawulos wababongoza ukuba “nizibambe” iinyaniso ababezifundisiwe (1 AbaseKorinte 15:2). Xa sidibana nezimvo eziphikisanayo malunga nenyaniso yevangeli, kulungile ukukhumbula ukuba “UThixo akangowesiphithiphithi, ngowoxolo” (1 AbaseKorinte 14:33). Ukuphulaphula izicaka zeNkosi ezimiselweyo nokubambelela kwiinyaniso ezilula ezizifundisa ngokuphindaphindiweyo kunokusinceda sifumane uxolo kwaye “sime elukholweni” (1 AbaseKorinte 16:13).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

1 AbaseKorinte 14

Ndingasifuna isipho sesiprofeto.

Yintoni isipho sokuprofeta? Ingaba sisakhono sokuxela ikamva kwangaphambili? Ingaba sesabaprofeti kuphela? Okanye nabani na unokusifumana esi sipho?

Cinga nzulu ngale mibuzo njengoko ufunda 1 AbaseKorinte 14:3, 31, 39–40. Ungafunda kananjalo IsiTyhilelo 19:10neSiprofeto, Ukuprofeta” kwisiKhokelo kwiZibhalo (scriptures.ChurchofJesusChrist.org). Ngokusekwe koko ukufundayo, ungasichaza njani isipho sokuprofeta? Wayethetha ukuthini uPawulos xa wayemema abaseKorinte ukuba “kuzondeleleni ukuprofeta”? (1 AbaseKorinte 14:39). Ungasamkela njani esi simemo?

Bona kananjalo Yoweli 2:28–29; Alma 17:3; IMfundiso neMinqophiso 11:23–28.

1 AbaseKorinte 14:34–35

Isebenza njani le ntetho ngabafazi kule miqolo namhlanje?

Ngemihla kaPawulos, kwakulindelwe ngeendlela ezahlukeneyo malunga nendlela abafazi ababethatha inxaxheba ngayo ekuhlaleni, kuquka nemihlangano yebandla. Nokuba iimfundiso ku-1 AbaseKorinte 14:34–35 zazithetha ntoni ngomhla kaPawulos, akufunekanga ziqondwe njengezithetha ukuba abafazi abanako ukuthetha nokukhokela eBandleni namhlanje. UMongameli Russell M. Nelson uthe kubafazi beBandla namhlanje: “Sifuna … ulomelezo lwenu, uguquko lwenu, ukuqiniseka kwenu,, isakhono senu sokukhokela, ubulumko, kunye namazwi enu. Ubukumkani bukaThixo abuphelelanga kwaye abunakuphelela ngaphandle kwabafazi abenza iminqophiso engcwele baze bayigcine, abafazi abanokuthetha ngamandla nangegunya likaThixo!” (“A Plea to My Sisters,” Liyahona, Nkanga. 2015, 96).

1 AbaseKorinte 15:1–34, 53–58

UYesu Krestu wazuza ukoyisa phezu kokufa.

UVuko lukaYesu Krestu lusisiseko kubuKrestu, omnye angathi ngaphandle kwabo akukho buKrestu—ukusebenzisa amazwi kaPawulos, “koba akunto ukushumayela kwethu, loba luyalambatha nokholo lwenu” (1 AbaseKorinte 15:14). Ukanti abanye babaNgcwele baseKorinte babefundisa ukuba aluyi kubakho “uvuko lwabafileyo” (1 AbaseKorinte 15:12). Njengoko ufunda impendulo kaPawulos ku-1 AbaseKorinte 15, thatha umzuzwana ucinge nzulu ngendlela obuya kwahluka ngayo ubomi bakho ukuba ubungakholelwa kuVuko (bona 2 Nifayi 9:6–19; Alma 40:19–23; IMfundiso neMinqophiso 93:33–34). Lithetha ntoni ibinzana elithi kuwe “Ukuba ke uKrestu akavukanga, loba luyinto engeyanto ukholo lwenu” ? (umqolo 17).

Kukwafanelekile kananjalo ukuba uqaphele ukuba uPawulos wabhekisa kubhaptizelo lwabafileyo njengobungqina bokwenene bovuko (bona 1 AbaseKorinte 15:29). Umsebenzi wasetempileni nowembali yosapho uluqinise njani ukholo lwakho kwimfundiso yovuko?

Bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 138:11–37.

1 AbaseKorinte 15:35–54

Imizimba evusiweyo yahlukile kwimizimba efayo.

Wakhe wazibuza ukuba unjani umzimba ovusiweyo? Ngokukwa-1 AbaseKorinte 15:35, abanye baseKorinte babezibuza into efanayo. Funda impendulo kaPawulos kwimiqolo 36–54, kwaye uqaphele amagama namabinzana achaza umahluko phakathi kwemizimba efayo kunye nemizimba evusiweyo. Njengoko usenza, unokuthelekisa imiqolo 40–42 kunye neIMfundiso neMinqophiso 76:50–112. Esi sityhilelo kuMprofeti Joseph Smith songeza ntoni ekuqondeni kwakho? (bona kananjalo uGuqulelo lukaJoseph Smith, 1 AbaseKorinte 15:40. Kutheni ezi nyaniso zixabisekile kuwe?

Bona kananjalo Luka 24:39; Alma 11:43–45; IMfundiso neMinqophiso 88:14–33.

Umfanekiso
ukuphuma kwelanga

“Bubodwa ubuqaqawuli belanga” (1 AbaseKorinte 15:41).

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano Wangorhatya Wosapho

1 AbaseKorinte 15:29.Sifunda kumqolo 29 ukuba amaKrestu amandulo ayethatha inxaxheba kubhaptizelo lwabafileyo, njengokuba sisenza nathi nanamhlanje. Singabachazela njani abanye ukuba kutheni sibhaptizelwa izinyanya zethu? Senza ntoni silusapho ukubonelela ngemiselo yasetempileni kwizinyanya zethu ezingasekhoyo eziyidingayo?

1 AbaseKorinte 15:35–54.Zeziphi izinto okanye imifanekiso onokuyibonisa ukunceda usapho lwakho ukuba luqonde amanye amagama uPawulos awasebenzisileyo ukuchaza indlela imizimba efayo eyahlukileyo ngayo kwimizimba evusiweyo? Umzekelo, ukubonisa umahluko phakathi nokonakaliswa kunye nengenakonakala (bona imiqolo 52–54) ungabonisa isinyithi esinomhlwa nesinyithi esingarusiyo. Okanye unokuthelekisa into ebuthathaka kunye nento enamandla (bona umqolo 43).

1 AbaseKorinte 15:55–57.Ingxoxo ngale miqolo inokuba luncedo ngakumbi ukuba usapho lwakho lwazi umntu oswelekileyo. Amalungu osapho anokunika ubungqina bendlela uYesu Krestu asusa ngayo “ulwamvila lokufa” (umqolo 56).

1 AbaseKorinte 16:13.Ukunceda amalungu osapho lwakho anxulumane nalo mqolo, ungazoba isangqa phantsi kwaye uyalele ilungu losapho ukuba “ame nkqi” ngaphakathi kuso livale amehlo. Emva koko abanye banokuzama ukutyhala okanye ukumtsala kwisangqa. Wenza mahluko mni xa umntu osesangqeni evule amehlo kwaye “angabuka”? Yintoni esinokuyenza ukuze “sime siqinile” xa silingwa ukuba senze ukhetho olubi?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Khangela imifuziselo. Kwizibhalo sifumana imifuziselo ebonisa indlela iNkosi eyenza ngayo umsebenzi waYo. Yeyiphi imifuziselo oyifumanayo ku-1 AbaseKorinte 14 esinceda siqonde indlela yokwakhana?

Umfanekiso
UKrestu ubonakala kuMariya kumyezo wengcwaba

Why Weepest Thou [ULilelani Na], © Simon Dewey 2021. Isetyenziswe ngemvume evela ku-Altus Fine Art/www.altusfineart.com

Shicilela