ITestamente eNtsha 2023
EyeThupha 28–EyoMsintsi 3. 1 AbaseKorinte 8–13: “Nina Ke ninguMzimba kaKrestu”


“EyeThupha 28–EyoMsintsi 3. 1 AbaseKorinte 8–13: ‘Nina Ke ninguMzimba kaKrestu,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyeThupha 28–EyoMsintsi 3. 1 AbaseKorinte 8–13,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
intlanganiso yomthendeleko

EyeThupha 28–EyoMsintsi 3

1 AbaseKorinte 8–13

“Nina Ke ninguMzimba kaKrestu”

Njengoko ufunda ngomthandazo 1 AbaseKorinte 8–13, uMoya OyiNgcwele ungathetha nawe ngeendlela ezingaqondakaliyo (bona 1 OoKumkani 19:11–12). Ukuzishicelela ezi mvakalelo kuya kuinceda ukuba ukhumbule iimvakalelo neengcinga owawunazo ngexesha lofundo lwakho.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ngexesha likaPawulos, iKorinte yayiliziko lezorhwebo elalinobutyebi elalinabahlali ababephuma kubo bonke uBukumkani bamaRoma. Ngeenkcubeko neenkolo ezininzi nezahlukeneyo esixekweni, amalungu eBandla kwelaseKorinte ayesokola nokugcina umanyano, ngoko ke uPawulos wayefuna ukuwanceda afumane umanyano ekukholweni kwawo kuKrestu. Olu manyano kwakumele lube ngaphaya kokuphilisana ngoxolo; uPawulos wayebangaceli ukuba banyamezelane nje iiyantlukwano zabo. Ngokungcono, wayefundisa ukuba xa uzimanya neBandla likaYesu Krestu, “ubhaptizelwa mzimbeni mnye,” kwaye onke amalungu omzimba ayadingeka (1 AbaseKorinte 12:13). Xa ilungu elinye lilahleka, kufana nokulahlekelwa lilungu lomzimba, kwaye isiphumo soko kuba ngumzimba oba buthathaka. Xa ilungu elinye lisokola, kumele sonke sikuve kwaye senze indima yethu ukukuphelisa. Ngolu hlobo lomanyano, iiyantlukwano zethu azivunywa nje qha kodwa ziyaxatyiswa, kuba ngaphandle kwamalungu awaneziphiwo ezahlukeneyo nezakhono, umzimba ubuya kusikelwa umda. Ngoko ke nokuba uziva ngathi ubusoloko usekhaya eBandleni okanye uzifumana uzibuza okokuba ngenene ungowalapha kusini na, umyalezo kaPawulos kuwe ngowokuba umanyano alukuko ukufana. Udinga oogxa bakho babaNgcwele, kwaye noogxa bakho babaNgcwele bayakudinga.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

1 AbaseKorinte 10:1–13

UThixo uyabonelela ngendlela yokubaleka isihendo.

Amava okomoya, nkqu nalawo ayimimangaliso, ayisikhululi esihendweni “ezingezezabantu” (1 AbaseKorinte 10:13). Eso kusenokuba sesinye isizathu sokuba uPawulos abhale ngendlela amaSirayeli ngeentsuku zikaMoses awayesokola ngayo ngesihendo, nkqu nangona ayebone imimangaliso enamandla (bona Eksodus 13:21; 14:13–31). Njengoko ufunda 1 AbaseKorinte 10:1–13, zeziphi izilumkiso kumava wamaSirayeli ezibonakala zisebenza kuwe? Zeziphi iintlobo “zokuphuma” kwisihendo uBawo oseZulwini akubonelele ngazo? (bona kananjalo Alma 13:27–30; 3 Nifayi 18:18–19).

1 AbaseKorinte 10:16–17; 11:16–30

Umthendeleko uyasimanya njengamalungu eBandla likaKrestu.

Nangona umthendeleko ubandakanya nokunikela kwesiqu phakathi kwakho neNkosi, ukwangawo amava owabelana ngawo nabanye. Sonke siphantse sisoloko sithabathe umthendeleko kunye, njengomzimba wabaNgcwele. Funda oko uPawulos wakufundisa ngomthendeleko, kwaye ucinge ngokuba lo mmiselo ungcwele unganceda njani “sibaninzi” ukuba sibe “mnye” kuKrestu (1 AbaseKorinte 10:17). Ingaba ukuthabatha umthendeleko kukunceda njani uzive usondele ngakumbi kuKrestu nakumanye amakholwa? Ingaba le miqolo iziphembelela njani iimvakalelo zakho malunga nomthendeleko nendlela owulungiselela ngayo?

1 AbaseKorinte 11:11

Kwicebo likaThixo, amadoda nabafazi bayadingana.

Kwa–1 AbaseKorinte 11:4–15, uPawulos wayebhekisa kumasiko wenkcubekho esingawalandeliyo namhlanje. Nangona kunjalo, uPawulos wakwafundisa inyaniso ebalulekileyo esebenzayo ngonaphakade, efumaneka kumqolo 11. Ucinga ukuba lo mqolo uthetha ukuthini, kwaye kutheni ubalulekile? UMdala uDavid A. Bednar wafundisa, “Indoda nomfazi benzelwe ukuba bafunde komnye nomnye, bomelezane, basikelelane, kwaye bagcwalisane” (“We Believe in Being Chaste,” Liyahona, Canzibe 2013, 42). Ingaba le nyaniso kumele iwuphembelele njani umtshato? Kumele iyichaphazela njani indlela esikhonza ngayo eBandleni?

1 AbaseKorinte 12–13

Izipho zomoya zinikelwa ukuba zixhamle bonke abantwana bakaBawo oseZulwini.

Uluhlu lwezipho zokomoya kwa-1 AbaseKorinte 12–13 aluphelelanga. Kodwa luyindawo elungileyo yokuqala ukuchonga nokucinga nzulu ngezipho zokomoya uBawo oseZuwlini akuphe zona. Njengoko ufunda uluhlu lukaPawulos lwezipho, usenokongeza ezinye obukhe waziqaphela kwabanye abantu, nakuwe buqu, okanye nakubantu abakwizibhalo ezingcwele. Ukuba unayo intsikelelo kasolusapho, isenokukhankanya ezinye iziphiwo zakho zokomoya. Ingaba ezi zipho zikunceda njani usikelele abanye? Cinga ngokuba ungazifuna njani “ezona zibabalo zilungileyo” (1 AbaseKorinte 12:31).

Bona kananjalo 1 AbaseKorinte 14; Moronayi 10:8–21, 30; IMfundiso neMinqophiso 46:8–26; IziVumo zoKholo 1:7.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

1 AbaseKorinte 9:24–27.Kuba uPawulos wayetheliksa ukuphila ivangeli nokubaleka ugqatso, nisenokuba nogqatso losapho ukubonisa inqaku lakhe. Yipha isithsaba nakubanina ogqiba ugqatso, kwaye nixoxe ngokuba bonke abo bakhutheleyo ekulandeleni uYesu Krestu kobu bomi baya kuphumelela kanjani ibhaso “elingonakalanga” (1 AbaseKorinte 9:25; bona kananjalo 2 Timoti 4:7–8). Yintoni imbaleki eyenzayo ukulungiselela ugqatso? Yintoni esingayenza ukulungiselela ukubuyela kuBawo oseZulwini?

Umfanekiso
iimbaleki ebaleni lokubaleka

UPawulos wathelekisa ukuphila ivangeli nokubaleka ugqatso.

1 AbaseKorinte 12:1–11.Emva kokufunda le miqolo kunye, cinga ngokunika wonke umntu isuntswana lephepha elinegama lelinye ilungu losapho ngaphezulu. Cela wonke ubani ukuba adwelise uluhlu lwezipho zokomoya azibonayo kuloo mntu. Emva koko ningagqithisa amaphepha ngesangqa kude kube nokuba wonke umntu afumane ithuba lokubhala ngezipho zelungu ngalinye losapho.

1 AbaseKorinte 12:3.Kutheni uMoya oyiNgcwele uyimfuneko ekuzuzeni ubungqina bukaYesu Krestu? Yintoni esingayenza ukumema uMoya oyiNgcwele ukuba womeleze ubungqina bethu ngaYe?

1 AbaseKorinte 12:12–27.Imfaniso kaPawulos yomzimba ingaba yindlela ekhumbulekayo yokuxoxa ngomanyano losapho. Umzekelo, amalungu osapho angazama ukuzoba umzimba owenziwe ngamehlo okanye iindlebe qha (bona umqolo 17). Ingaba le miqolo icebisa ntoni malunga nendlela esifanele siphathane ngayo njengamalungu osapho?

1 AbaseKorinte 13:4–8.Inkcazelo kaPawulos yothando lokwenene isenokwenza umxholo ophembelelayo kusapho lwakho. Usenokusikela ilungu ngalinye losapho ukuba lifunde ibinzana kwimiqolo 4–8 kwaye lifundise onke amalungu osapho apheleleyo ngokuba kuthetha ukuthini ukusebenzisa iinkcazelo, imizekelo, namava obuqu. UMsindisi ungumzekelo njani wezii mpawu? Nisekokwenzela ibinzana ngalinye iiposta kunye kwaye nizixhome endlwini yonke. Yiba nobuchule!

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Bonisa isibhalo. Bonisa umqolo owufumana unentsingiselo kwindawo apho amalungu osapho aya kuwubona rhoqo. Mema amanye amalungu osapho anikane amathuba ekhetha isibhalo sokubonisa.

Umfanekiso
intlanganiso yomthendeleko

“Isonka esi sisiqhekezayo, asisibudlelane na bomzimba kaKrestu? Ngokuba thina, sibaninzi nje, sisonka sinye, simzimba mnye” (1 AbaseKorinte 10:16–17).

Shicilela