ITestamente eNtsha 2023
EyeThupha 21–27. 1 AbaseKorinte 1–7: “Nibe Ngabalungisiweyo Kunye”


“EyeThupha 21–27. 1 AbaseKorinte 1–7: ‘Nibe Ngabalungisiweyo Kunye’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyeThupha 21–27. 1 AbaseKorinte 1–7,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
IKorinte yamandulo

Corinth, Southern Greece, the Forum and Civic Center, umfanekiso nguBalage Balogh/www.ArchaeologyIllustrated.com [Ekorinte, kwelaseGrike, Ibhunga neZiko loLuntu]

EyeThupha 21–27

1 AbaseKorinte 1–7

“Nibe Ngabalungisiweyo Kunye”

Bhala iimvakalelo zakho xeshikweni ufunda 1 AbaseKorinte 1–7. Ezi mvakalelo zisenokuquka iinkcukumiso zokufunda ingcinga ngakumbi, ukwabelana nabanye ngokuthile okufundayo, okanye ukwenza iinguqu ebomini bakho.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Kwiinyanga ezo uPawulos wayezichithe eKorinte, “nento eninzi yamaKorinte [yakumva] yakholwa, yabhaptizwa”(IZenzo 18:8). Ngoko ke kumele ukuba kwakubuhlungu kuPawulos akuva, nje eminyakeni embalwa kamva, ukuba kwakukhona “izahlukahlukano” “neempikiswano” ngaphakathi kwabaNgcwele basaKorinte kwaye nasekungabikhweni kwakhe baye baqalisa ukumamela “ubulumko beli hlabathi” (1 AbaseKorinte 1:10–11, 20). Kwimpendulo, uPawulos waye wabhala incwadi yembalelwano esiyibiza ngokuba yi-1 AbaseKorinte. Igcwele yimfundiso enzulu, kwaye kwangaxesha nye, uPawulos wayebonakala ephoxekile ekubeni abaNgcwele babengekalungeli ukufumana yonke imfundiso yena awayefuna ukubanika yona. “Nam ke, bazalwane, bendingenakuthetha kuni njengakwabomoya,” yena wakhala, “kuba nisengabenyama” (1 AbaseKorinte 3:1–3). Njengoko silungiselela ukufunda amazwi kaPawulos, kusenokuba luncedo ukuvavanya ukulungela kwethu ukufumana inyaniso—kuquka nokulangazelela kwethu ukumamela uMoya nokuzama ukumanyana kwiintsapho zethu, kunye noogxa bethu babaNgcwele, kwakunye noThixo.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

1 AbaseKorinte 1:10–17; 3:1–11

Amalungu eBandla likaKrestu ayazama ukuba amanyane.

Asizazi zonke iinkcukacha malunga nokungabikho komanyano phakathi kwabaNgcwele bamaKorinte, kodwa siyazi malunga nokungabikho komanyano kobethu ubudlelwane. Cinga ngobudlelwane ebomini bakho obungazuza ngakumbi emanyanweni; emva koko ukhangele oko uPawulos wakufundisayo ku-1 AbaseKorinte 1:10–17; 3:1–11 malunga nokungabikho komanyano phakathi kwabaNgcwele bamaKorinte. Zeziphi iimbono ongazizuza malunga nokuba ungaphuhlisa njani umanyano nabanye?

Bona kananjalo Mozaya 18:21; 4 Nifayi 1:15–17; IMfundiso neMinqophiso 38:23–27; 105:1–5.

1 AbaseKorinte 1:17–312

Ukuphumeza umsebenzi kaThixo, ndidinga ubulumko bukaThixo.

Xeshikweni kulungile—kwaye kukhuthazwa—ukufuna ubulumko naphina apho sinokubufumana khona (bona 2 Nifayi 9:29; IMfundiso neMinqophiso 88:118), uPawulos wanika izilumkiso ezinamandla malunga nobulumko babantu obunesiphene, awabubiza ngokuba “ubulumko beli hlabathi.” Njengoko ufunda 1 AbaseKorinte 1:17–25, cinga nzulu ngokuba eli binzana lisenokuthetha ukuthini. Ucinga ukuba uPawulos wayethetha ukuthini “ngobulumko bukaThixo”? Kutheni sidinga ubulumko bukaThixo ekuphumezeni umsebenzi kaThixo?

Kwiinzame zakho zokuzalisekisa uxanduva lwakho ekuphumezeni umsebenzi kaThixo, ingaba wawukhe weva “unokoyika”, … “nokugubha okukhulu” oko uPawulos wakuvayo xa wayefundisa abaNgcwele bamaKorinte? (1 AbaseKorinte 2:3). Yintoni oyifumana ku-1 AbaseKorinte 2:1–5 ethi ikunike inkalipho? Cinga ngokuba ungabonisa njani ukuba uyathembela “emandleni kaThixo” ukwegqitha “ubulumko babantu.”

Bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 1:17–28.

1 AbaseKorinte 2:9–16

Ndidinga uMoya oyiNgcwele khon’ ukuze ndiqonde izinto zikaThixo.

Ukuba ubufuna ukufunda ngakumbi malunga noomatshini beemoto okanye inzululwazi ngokwakha kwamaxesha akudala, ubuzo kwenza njani? Ngokwa-1 AbaseKorinte 2:9–16, ingaba ukufunda “izinto zikaThixo” kwahluke kanjani ekufundeni “izinto zomntu”? Kutheni kufuneka sibe noMoya oyiNgcwele khon’ ukuze siqonde izinto zikaThixo? Emva kokufunda le miqolo, yintoni oziva ukuba kumele uyenze ukuze uqonde izinto zokomoya ngokupheleleyo? Ingaba amazwi kaPawulos angamnceda njani omnye umntu osokola ngobungqina bakhe?

1 AbaseKorinte 6:13–20

Umzimba wam ungcwele.

Abantu abaninzi eKorinte babeziva ukuba impatho embi ngokwasesondweni yayamkelekile kwaye imizimba yabo yayenzelwe uyolo kuphela nje. Ngamanye amazwi, iKorinte yayingohlukanga kwihlabathi lanamhlanje. Yintoni uPawulos awayifundisayo ku-1 AbaseKorinte 6:13–20 engakunceda uchazele abanye kutheni ufuna ukuphila ubomi obunyulu?

1 AbaseKorinte 7:29–33

Ingaba uPawulos wafundisa ukuba kungcono ukungatshati ukwegqitha ukutshata?

Imiqolo eliqela ku-1 AbaseKorinte 7 ibonakala icebisa ukuba xeshikweni umtshato wamkelekile, ukuhlala ungatshatanga nokuzikhwebula ngokupheleleyo ebudlelwaneni besondo kokona kuthandwayo. Kodwa ngokunjalo UGuqulelo lukaJoseph Smith, 1 AbaseKorinte 7:29–33 (kwisiKhokelo kwiZibhalo) lusinceda siqonde ukuba uPawulos wayebhekisa kwabo babebizelwe ukuba babengabafundisi bevangeli okwesigxina, baqwalasele ukuba babenako ukukhonza uThixo ngokungcono ukuba babehleli bengatshatanga ngexesha lomsebenzi wabo wobufundisi bevangeli. INkosi ifundise ngezicaka zaYo, kuquka noPawulos, ukuba umtshato uyinxalenye yecebo laYo lanaphakade kwaye uyimfuneko ekuphakanyisweni (bona 1 Abasekorinte 11:11; IMfundiso neMinqophiso 131:1–4).

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

1 AbaseKorinte 1:10–17; 3:1–11.Njengoko amalungu osapho lwakho efunda le miqolo, wameme ukuba afumane ingqiqo engawanceda amanyane ngakumbi.

1 AbaseKorinte 3:1–2.Mhlawumbi ningafunda le miqolo ngethuba nisitya ubisi nenyama. Ungathelekisa indlela abantwana abakhula ngayo babengabantu abadala kunye nendlela esikhula ngayo ngokwasemoyeni.

1 AbaseKorinte 3:4–9.UPawulos wathelekisa iinzame zakhe zobufundisi bevangeli nokutyala imbewu. Ingaba ukuthelekisa kwakhe kusifundisa ntoni malunga nokwabelana ngevangeli?

1 AbaseKorinte 6:19–20.Ukuthelekisa imizimba yethu kunye neetempile, njengoko uPawulos wayenzile, kungaba yeyona ndlela isebenzayo yokufundisa ngobungcwele bemizimba yethu. Mhlawumbi ungabonisa ngemifanekiso yeetempile, efana nale ikhapha esi sishwankathelo. Kutheni iitempile zingcwele? Ingaba imizimba yethu ifana njani neetempile? Yintoni esinokuyenza ukuphatha imizimba yethu njengeetempile?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Yiba nomonde nesiqu sakho. UPawulos wafundisa ukuba ubisi luza ngaphambi kwenyama xa sifunda ivangeli (bona 1 AbaseKorinte 3:1–2). Ukuba ufumanisa ukuba ezinye iimfundiso kunzima ukuziqonda okwangoku, yiba nomonde. Yiba nethemba lokuba iimpendulo ziya kuza njengoko unokholo kwaye ufunda ngenkuthalo.

Umfanekiso
iitempile ezine

UPawulos wathelekisa imizimba yethu kunye nobungcwele betempile. Ngokujikeleza ukusuka phezulu ngasekhohlo: ITempile yaseCuritiba Brazil, iTempile yaseMexico City Mexico, iTempile yaseTokyo Japan, iTempile yase-Accra Ghana.

Shicilela