ITestamente eNtsha 2023
EyeKhala 31–EyeThupha 6. IZenzo 22–28: “UMkhonzi neNgqina”


“EyeKhala 31–EyeThupha 6. IZenzo 22–28: ‘UMkhonzi neNgqina,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyeKhala 31–EyeThupha 6. IZenzo 22–28,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
UPawulos entolongweni

EyeKhala 31–EyeThupha 6

IZenzo 22–28

“UMkhonzi neNgqina”

Iimvakalelo eziphuma kuMoya oyiNgcwele zihlala rhoqo zizolile kwaye ngamanye amaxesha ziba zezethutyana. Ukubhala iimvakalelo zakho kukuvumela ukuba uzicinge nzulu ngakumbi. Njengoko ufunda IZenzo 22–28, bhala phantsi iingcinga zakho neemvakalelo eziza kuwe, kwaye uthathe ixesha ukuzicinga nzulu.

Bhala Iimvakalelo Zakho

“Xa sisemsebenzini weNkosi,” uMongameli Thomas S. Monson wathembisa, “sinelungelo loncedo lweNkosi” (“To Learn, to Do, to Be,” Liahona, Nov. 2008, 62). Ngokunjalo, asinalungelo lendlela emthebelele nomrhozo ongapheliyo wempumelelo. Ngobungqina boku, kufuneka sijonge ubomi boMpostile uPawulos. Umsebenzi wakhe owawuvela kuMsindisi wawungowokuba “aphathe igama lam emehlweni eeNtlanga, nookumkani, kwanoonyana bakaSirayeli” (IZenzo 9:15). Kwizahluko 22–28 zeZenzo, sibona uPawulos ezalisekisa lo msebenzi kwaye equbisana nenkcaso enkulu—amatyathanga, ukuphoselwa entolongweni, ukuxhatshazwa ngokwasenyameni, ukophuka komkhumbe, nkqu nokuhlaselwa yinyoka. Kodwa sikwabona nokuba uYesu “wema ngakuye, wathi, Yomelela, Pawulos” (IZenzo 23:11). Amava kaPawulos asisikhumbuzo esiphembelelayo sokokuba ubizo lweNkosi “lokubhengeza ivangeli [yaKhe] ngesandi sokugcoba” luza nesi sithembiso: “Phakamisani iintliziyo zenu kwaye nivuye, kuba ndiphakathi kwenu” (IMfundiso neMinqophiso 29:4–5; bona kananjalo Mateyu 28:19–20).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IZenzo 22:1–21; 26:1–29

Abafundi bakaYesu Krestu babelana ngobungqina babo ngokukhaliphileyo.

Xa uPawulos wayenika ngobungqina obunamandla obubhalwe kwiZenzo 22 no-26, wayebanjiwe ngamajoni wamaRoma elibanjwa. Abantu awayethetha nabo babenamandla okumgwebela ekufeni. Ngokunjalo waye wakhetha ukwabelana ngokukhaliphileyo ngobungqina bukaYesu Krestu “nombono wasemazulwini” (IZenzo 26:19) awayewufumene. Yintoni ekuchukumisayo malunga namazwi akhe? Cinga ngamathuba onawo okwabelana ngobungqina bakho. Umzekelo, ingaba abahlobo bakho bayayazi ukuba uziva kanjani ngoYesu Krestu? Okanye wagqibela nini ukuxelela usapho lwakho indlela owafumana ngayo ubungqina bakho bevangeli?

Xa uJoseph Smith omncinane kwakuhlekiswa ngaye ngenxa yokuba wayebalisa ngoMbono wokuQala, waye waphenjelelwa yindlela uPawulos awayengqina ngayo ngombono wakhe (bona IMbali—kaJoseph Smith 1:24–25). Ubungakushwankathela njani oko uJoseph Smith awakufunda kuPawulos? Yintoni oyifunda kula mangqina amabini kaYesu Krestu?

 

IZenzo 23:10–11; 27:13–25, 40–44

INkosi ima ngakwabo bazama ukuyikhonza Yona.

Njengoko ubulungiseleli bukaPawulos bubonakalisa ngokucacileyo, ubunzima ebomini bethu abunguwo umqondiso wokuba uThixo akasivumeli okanye umsebenzi esiwenzayo. Eneneni, ngamanye amaxesha kukobu bunzima apho siye sive inkxaso yaKhe ngokunamandla ngakumbi. Kusenokunika umdla ukuba uhlole oko ukufundileyo kamvanje malunga nobulungiseleli bukaPawulos kwaye wenze uluhlu lwezinye izinto athe wazinyamezela (bona, umzekelo, IZenzo 14:19–20; 16:19–27; 21:31–34; 23:10–11; 27:13–25, 40–44). Ingaba iNkosi yema kanjani ngakuye? Ingaba Yona ime kanjani ngakuwe?

IZenzo 24:24–27; 26:1–3, 24–2927

Kukhona ukhuseleko noxolo ekunyamekeleni amazwi wezicaka zikaThixo.

Kulungiselelo lwakhe lonke, uPawulos waye wanika ubungqina obunamandla bukaYesu Krestu nangevangeli yaKhe. Abantu abaninzi babamkela ubungqina bakhe, kodwa hayi wonke umntu. Njengoko ufunda IZenzo 24:24–27 ne-IZenzo 26:1–3, 24–29, khangela amagama okanye amabinzana awabonisa ukuba abaphathi bamaRoma abalandelayo kwaYuda bazithatha njani iimfundiso zikaPawulos:

  • UFelikis

  • UFesto

  • UKumkani Agripa

Xeshikweni wayesingise eRoma ukuyo kulingwa nguKesare, uPawulos waye waprofeta ukuba “inkxwaleko nokonakala okukhulu” kwakuya kuza emkhumbini nakubakhweli bawo (IZenzo 27:10). Funda isahluko 27 ukufumanisa ukuba oogxa bakhe babakhweli bazithatha njani izilumkiso zakhe. Ingaba kukhona izifundo ozifumanele zona emaveni wabo?

Ingaba wawukhe waziphatha ngale ndlela efana neyabanye baba bantu xa ubuve iimfundiso zeenkokheli zeBandla? Zeziphi ezinye iziphumo ezinokwenzeka xa uziphatha ngezi ndlela? Yintoni oyifundayo kwezi ngxelo malunga nokumamela ingcebiso yeNkosi ephuma kwizicaka zaYo?

Bona kananjalo 2 Nifayi 33:1–2; “Follow the Living Prophet,” Teachings of Presidents of the Church: Ezra Taft Benson (2014), 147–55.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

IZenzo 24:16.Ngaphambi kwenguquko yakhe, uPawulos wayenembali ende yezikhubekiso ngakuThixo. Kodwa ngenxa yokuba wayelangazelela ukuguquka, wayenakho ukutsho, “Ke kaloku, kule nto nam ngokwam ndiyazama, ukuba ngamaxesha onke ndingabi nasazela sikhubekisa nganto ngakuThixo nangakubantu” (bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 135:4–5). Singasikhulula kanjani isazela sethu kwizikhubekiso ngakuThixo nangakubantu?

IZenzo 26:16–18.Kule miqolo, yintoni iNkosi eyayibizele uPawulos ukuba ayenze? Ngawaphi amathuba esinawo okuba senze izinto ezifana noku?

IZenzo 28:1–9.Ingaba ukhona umntu othanda iinyoka kusapho lwakho? Usenokucela loo mntu okanye elinye ilungu losapho ukuba abalise ngamabali awafumaneka kwiZenzo 28:1–9. Abantwana bakho banokonwabela ukuzoba imifanekiso yala mabali okanye bayilinganise ngemidlalo. Zeziphi izifundo esingazifunda kwezi ngxelo? Esinye sisenokuba iNkosi izalisekisa izithembiso zaYo kwizicaka zaYo. Umzekelo, usenokuthelekisa izithembiso ezenzwa kuMarko 16:18 kunye neenzalisekiso zazo ezisemaveni kaPawulos. Usenokufumana nakwintetho yakamva nje yenkomfa yajikelele isithembiso esenziwe sezinye sezicaka zeNkosi—mhlawumbi eso sinentsingiselo kusapho lwakho—kwaye usibonise ekhayeni lakho. Singalubonisa njani ukholo lwethu lokokuba esi sithembiso siya kuzalisekiswa?

Umfanekiso
Inyoka ebulalayo

UThixo waye wakhusela uPawulos xa wayelunywe yinyoka ebulalayo.

IZenzo 28:22–24.NjengeBandla ngemihla kaPawulos (lalibizwa “ihlelo” kumqolo 22), iBandla nalo namhlanje “liyachaswa.” Xa abantu babethetha ngokuchasene noMsindisi neBandla laKhe, uPawulos waphendula kanjani? Yintoni esinokuyifunda kumava kaPawulos?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

 

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Qwalasela kwimigaqo eya kusikelela usapho lwakho. Njengoko ufunda izibhalo ezingcwele, zibuze oku, “Yintoni endiyifumana apha eya kubanentsingiselo ngakumbi kusapho lwam?” (Bona Teaching in the Savior’s Way17.)

Umfanekiso
UPawulos phambi koKumkani Agripa

UPawulos phambi koKumkani Agripa. Valiant in the Testimony of Jesus Christ, nguDaniel A. Lewis [Ukukhalipha kuBungqina bukaYesu Krestu]

Shicilela