ITestamente eNtsha 2023
EyeKhala 24–30. IZenzo 16–21: “INkosi isiBizele ukuba siShumayele iiNdaba eziLungileyo”


“EyeKhala 24–30. IZenzo 16–21: ‘INkosi isiBizele ukuba siShumayele iiNdaba eziLungileyo,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyeKhala 24–30. IZenzo 16-21,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
UPawulos efundisa endulini

EyeKhala 24–30

IZenzo 16–21

“INkosi isiBizele ukuba siShumayele iiNdaba eziLungileyo”

Njengoko ufunda ngemizamo kaPawulos yokushumayela ivangeli, uMoya unokuphembelela ngeengcinga okanye ngeemvakalelo. Bhala phantsi ezi mpembelelo, kwaye wenze icebo lokuzenza.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Phakathi kwamazwi okugqibela eNkosi kubaPostile baKhe yayingumyalelo “Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni loYise, loNyana, loMoya oyiNgcwele; nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo” (Mateyu 28:19–20). Ngelixa abaPostile bengakhange bafikelele ncam kuzo zonke izizwe, iZenzo 16–21 zibonisa ukuba uPawulos noogxa bakhe benza inkqubela ebonakalayo ekumiseni iBandla. Bafundisa, babhaptiza, kwaye banikela ngesipho soMoya oyiNgcwele. Benza imimangaliso, bade bavusa nomntu ekufeni, baxela kwangaphambili ngoKreqo olukhulu (iZenzo 20:7–12, 28–31). Kwaye umsebenzi abawuqalayo uyaqhubeka nabaPostile abaphilayo namhlanje, kwakunye nabafundi abazinikeleyo njengawe, abancedisa ukufezekisa ugunyaziso loMsindisi ngeendlela uPawulos awayengazange azicinge. Mhlawumbi uyabazi abantu abangamaziyo uBawo wabo waseZulwini okanye ivangeli yaKhe. Mhlawumbi wakhe waziva ukuba “wacaphuka [kuwe]” ukuba wabelane nabo ngento oyaziyo ngaYe (iZenzo 17:16). Ukuba ulandela umzekelo kaPawulos wokuthobeka kunye nesibindi ekwabelaneni ngevangeli, unokufumana umntu “entliziyo yayivulayo iNkosi” (iZenzo 16:14).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IZenzo 16–21

UMoya uya kundikhokela kwimizamo yam yokwabelana ngevangeli.

UMprofeti Joseph Smith wabhengeza, “Akukho mntu unokushumayela iVangeli ngaphandle koMoya oyiNgcwele” (Teachings of Presidents of the Church: Joseph Smith [2007], 332). Njengoko ufunda iZenzo 16–21, cinga ukuba kutheni intetho yoMprofeti iyinyani. Phawula iindawo apho uMoya wanceda uPawulos namaqabane akhe. Zeziphi iintsikelelo ezazayo njengoko babelandela uMoya? Wawuva nini uMoya ukuchukumisa kwimizamo yakho yokwabelana ngevangeli?

IZenzo 16–21

Ndingayibhengeza ivangeli kuzo zonke iimeko.

Ukuphoswa entolongweni ngenxa yokushumayela ivangeli kunokubonakala njengesizathu esivakalayo sokuyeka ukushumayela. Kodwa kuPawulos noSilas, kwaye kwaba lithuba lokuguqula umgcini-ntolongo (bona iZenzo 16:16–34). Kuzo zonke iZenzo 16–21, khangela eminye imizekelo yolangazelelo lukaPawulos lokwabelana ngobungqina bakhe nawo wonke umntu. Kutheni ucinga ukuba wayenesibindi kwaye engoyiki kangaka? Yintoni oyifunda kumzekelo kaPawulos?

Kukhona imiyalezo emininzi malunga nokwabelana ngevangeli kwiZenzo 16–21. Njengoko ufunda ezi zahluko, khangela eminye esebenza ngokukhethekileyo kuwe.

Umfanekiso
Umntwana ebanjiwe

Omnye nomnye wethu ungumntwana kaThixo.

IZenzo 17:16–34

“Siyinzala kaThixo.”

E-Atene, uPawulos wafumana abantu abanezimvo ezahlukeneyo kunye neembono zonqulo ezahlukeneyo. Babesoloko befuna “nokuva olona daba lutsha,” kwaye oko uPawulos wayebanika kona ngokuqinisekileyo kwakukutsha kubo (bona iZenzo 17:19–21). Babenqula oothixo abaninzi, kuquka nabo babembiza ngokuba “kongaziwayo uThixo” (iZenzo 17:23), kodwa babekholelwa ukuba oothixo yayingamandla, hayi abaphilayo, abantu bobuqu, kwaye ngokuqinisekileyo ayingoBawo wethu. Cinga nzulu ngoko kwathethwa nguPawulos ukuze abancede bazi uThixo. Kuthetha ukuthini kuwe into yokuba “uyinzala kaThixo.” (IZenzo 17:29). Ngokoluvo lwakho, ingaba ukuba ngumntwana kaThixo kohluke kanjani kunokuba ngomnye nje wendalo yaKhe? Ukuyiqonda kwakho le nyaniso kuyiphembelela njani indlela ozibona ngayo wena nabanye?

Ukuba wawume ecaleni kukaPawulos xa wayenikela ubungqina, ngewawaxelela ntoni amaGrike amandulo ngoBawo wethu waseZulwini? Ingaba ukhona umntu omaziyo onokuxhamla ngokuva ubungqina bakho?

Bona kananjalo AbaseRoma 8:16; 1 Yohane 5:2.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano Wangorhatya Wosapho

IZenzo 16–21.Ukomeleza ukuqonda nzulu kosapho lwakho lwe-iZenzo 16–21, ungafunda imaphu esekupheleni kwesi sishwankathelo, ukhangele izixeko apho uPawulos wayeshumayela khona ivangeli kwezi zahluko. Zeziphi izixhobo esinazo namhlanje zokunceda ukuzisa ivangeli kuzo zonke izizwe?

IZenzo 17:10–12; 18:24–28.Singafana njani na nabaNgcwele kule miqolo? Kunokuthetha ntoni “[ulamkela] ilizwi ngentumekelelo yonke”? (IZenzo 17:11). Yintoni esinokuyenza ukuze sibe “nobunkunkqele ezibhalweni”? (IZenzo 18:24).

IZenzo 19:1–7.Le miqolo inokunceda usapho lwakho ukuba lube nengxoxo ngokubaluleka kokubhaptizwa kunye nokuqinisekiswa. Ukuziqonda ngcono iinyaniso ezikwiZenzo 19:1–7, ninokuxoxa ngezinto ezingenamsebenzi ngaphandle kwenye into, njengefowuni engenabhetri. Okanye ungabelana ngale mfundiso ivela kuMprofeti uJoseph Smith: “Ubhaptizo ngamanzi sisiqingatha nje sobhaptizo, kwaye alulungelanga nto ngaphandle kwesinye isiqingatha—oko kukuthi, ubhaptizo loMoya oyiNgcwele” (Teachings: Joseph Smith95). Kutheni ubhaptizo “lungalungelanga nto” ngaphandle kokufumana isipho soMoya oyiNgcwele? (bona 3 Nifayi 27:19–20; Moses 6:59–61).

IZenzo 19:18–20.Njengoko ufunda iZenzo 19:18–20, qaphela ixabiso lezinto abantu ababezimisele ukuzincama ukuze bamkele ivangeli (bona umqolo 19). Ingaba zikhona izinto zehlabathi okanye imisebenzi ekufuneka siyincamile ukuze sifumane iintsikelelo zasezulwini?

IZenzo 20:32–35.Usapho lwakho luye lwanamava nini ngemfundiso kaKrestu yokuba “ukupha kunoyolo ngaphezu kokuphiwa”? (IZenzo 20:35). Ingaba ukhona umntu onokuxhamla kwinkonzo, kwixesha, okanye kwizipho ezinokunikwa lusapho lwakho? Njengosapho, xoxani ngezinye iingcebiso kwaye nenze icebo lokukhonza umntu. Siziva njani xa sikhonza abanye? Kutheni kusikelelekile ukupha kunokwamkela?

 Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Bhala iimvakalelo. “Xa ubhala iimvakalelo zomoya, ubonisa iNkosi ukuba uluxabisile ukhokelo lwaKhe, kwaye Yona iya kusikelela ngakumbi ngesityhilelo rhoqo” (Teaching in the Savior’s Way12; bona kananjalo iphepha 30).

Umfanekiso
Imaphu yeehambo zobufundisi bukaPawulos

Iihambo zobufundisi bomPostile uPawulos.

Shicilela