ITestamente eNtsha 2023
EyeKhala 17–23. IZenzo 10–15: “Laye liKhula liSanda iLizwi likaThixo”


“EyeKhala 17–23. IZenzo 10–15: ‘Laye liKhula liSanda iLizwi likaThixo,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyeKhala 17–23. IZenzo 10–15,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
UPetros uthetha noKorneli

EyeKhala 17–23

IZenzo 10–15

“Laye liKhula liSanda iLizwi likaThixo”

Funda IZenzo 10–15 ngononophelo, uvumele uMoya ixesha lokuba ukuchukumise ngeengcinga nangeemvakalelo. Yintoni ekhoyo ngakuwe onokuyifunda kwezi zahluko?

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ngelixa lobulungiseleli baKhe basemhlabeni, uYesu Krestu wayedla ngokucela umngeni kwizithethe neenkolelo zabantu ezazixatyiswe ixesha elide. Oku akuzange kuphele emveni kokuba Yena wayenyukele ezulwini, njengoko Yena wayeqhubeka ekhokela iBandla laKhe ngesityhilelo. Umzekelo, ngelixa lobomi bukaYesu abafundi baKhe babeshumayela ivangeli koogxa babo bamaYuda kuphela. Kodwa kungekudala emva kokusweleka koMsindisi kwaye uPetros waba yinkokheli yeBandla emhlabeni, uYesu Krestu waye watyhilela uPetros ukuba ixesha lalilungele ukuba ivangeli ishunyayelwe kwabo babengengawo amaYuda. Ingcinga yokwabelana ngevangeli neeNtlanga ayibonakali imangaza namhlanje, ngoko ke sithini isifundo kuthi kule ngxelo? Mhlawumbi esinye isifundo sesokuba kuwo omabini amaBandla, elamandulo nelanamhlanje, uMsindisi onothando uyazikhokela iinkokheli zaKhe ezikhethiweyo (bona Amos 3:7; IMfundiso neMinqophiso 1:38). Isityhilelo esiqhubekayo singumqondiso obalulekileyo weBandla lokwenene neliphilayo likaYesu Krestu. Njengokufana noPetros, kufuneka silangazelele ukwamkela isityhilelo esiqhubekayo kwaye siphile “ngamazwi onke kaThixo” (Luka 4:4), kuquka “konke akutyhilileyo [Yena], konke akutyhila ngoku,” nazo “izinto ezininzi ezinkulu nezibalulekileyo” Yena asaya kuzityhila “ngokuphathelele eBukumkanini bukaThixo” (IziVumo zoKholo 1:9).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IZenzo 10

“UThixo akamkhethi wabuso bamntu.”

Kwizizukulwana ngezizukulwana, amaYuda ayekholelwa ukuba “yimbewu ka-Abraham,” okanye inzala ngqo ka-Abraham, kwakuthetha ukuba umntu wayesamkelwa kwaye akhethwe nguThixo (bona Luka 3:8). Ayecinga ukuba wonke omnye ubani yiNtlanga “engcolileyo” eyayingamkelwanga nguThixo. KwiZenzo 10, yintoni iNkosi eyayifundisa uPetros malunga nalowo “wamkelekile kuye”? (IZenzo 10:35). Bobuphi ubungqina obufumana kwesi sahluko bokokuba ubomi bukaKorneli babumkelekile eNkosini? Cinga nzulu ngokuba ingxelo “UThixo akamkhethi wabuso bamntu” ithetha ukuthini (umqolo 34; bona kananjalo 1 Nifayi 17:35). Kutheni kubalulekile kuwe ukwazi le nyaniso?

Njengokufana namaYuda awayejongela phantsi abo babengeyiyo imbewu kaAbraham, ingaba ukhe uzibambe usenza iingcinga ezingenabubele okanye ezingenalwazi malunga nomntu owahlukileyo kuwe? Ungaloyisa njani olu tyekelo? Kusenokunikisa umdla ukuzama umsebenzi olula nje kwezi ntsuku zimbalwa zilandelayo: Nanini na xa usebenzisana nomnye umntu, zama ukucingela kuwe, “Lo mntu ngumntwana kaThixo.” Njengoko usenza oku, zeziphi iinguqu ozibonayo kwindlela ocinga ngayo kwaye nosebenzisana ngayo nabanye?

Bona kananjalo 1 Samuweli 16:7; 2 Nifayi 26:13, 33.

IZenzo 10; 11:1–18; 15

UBawo oseZulwini undifundisa umgca phezu komgca ngesityhilelo.

Xa uPetros wayebona umbono ochazwa kwiZenzo 10, waye wasokola ekuqaleni ukuba awuqonde kwaye “wayethingaza ngaphakathi kuye ukuba ungaba uyintoni” (umqolo 17). Kanti iNkosi yaye yanika uPetros ukuqonda okukhulu njengoko wayekufuna. Njengoko ufunda IZenzo 10, 11 no-15, qaphela indlela ukuqonda kukaPetros wombono wakhe okwaye kwanzulu ngayo ekuhambeni kwexesha. Ingaba wena wawufune kwaye wawukufumene njani ukuqonda okukhulu kuThixo xa wawunemibuzo?

IZenzo 10, 11, no-15 zibalisa ngamaxesha apho iNkosi yayiyalela izicaka zaYo ngesityhilelo. Kusenokunceda ukuba ubhale oko ukufundayo malunga nesityhilelo njengoko ufunda ezi zahluko. Ngeziphi iindlela apho uMoya uthetha nawe ngazo?

 

IZenzo 11:26

NdingumKrestu kuba ndiyakholelwa kwaye ndiyamlandela uYesu Krestu.

Yintoni ebalulekileyo ngomntu obizwa ngomKrestu? (bona IZenzo 11:26). Kuthetha ukuthini kuwe ukwaziwa njengomKrestu? Cinga ngokubaluleka kwamagama. Umzekelo, igama losapho lwakho lithetha ukuthini kuwe? Kutheni igama leBandla libalulekile kuwe? (bona IMfundiso neMinqophiso 115:4). Kuthetha ukuthini kuwe ukuthabathela kuwe igama likaYesu Krestu ngomnqophiso? (bona IMfundiso neMinqophiso 20:77).

Bona kananjalo Mozaya 5:7–15; Alma 46:13–15; 3 Nifayi 27:3–8; Russell M. Nelson, “IGama eliChanekileyo leBandla,” Liyahona, Nkanga 2018, 87–90.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

IZenzo 10:17, 20.Ingaba sakhe sabanawo amava okomoya saze kamva sathandabuza oko sasikuvile okanye sasikufundile? Zeziphi iingcebiso esinganikana zona ezingasinceda ukuba soyise iintandabuzo zethu?  

IZenzo 10:34–35.Ungalufundisa njani usapho lwakho ukuba “uThixo akamkhethi wabuso bamntu”? (IZenzo 10:34) Mhlawumbi ungabonisa imifanekiso yabantu abaphuma kwiimvelaphi ezahlukeneyo neenkcubeko ezahlukeneyo xeshikweni usapho lwakho lufunda le miqolo. Ingaba iinyaniso ezikule miqolo kumele ziphembelele njani izenzo zethu?

IZenzo 12:1–17.Usapho lwakho lungalinganisa ingxelo kaPetros ephoselwa entolongweni namalungu eBandla ehlangene kunye emthandazela. Besikhe sasikelelwa nini ngumthandazo? Ingaba kukhona namnye na esiva sichukumiseka ukuba simthandazele, umntu ofana nenkokheli yeBandla okanye umntu esimthandayo? Kuthetha ukuthini ukuthandaza “ngenyameko”? (IZenzo 12:5; bona kananjalo Alma 34:27).

Umfanekiso
UPetros ekhululwa entolongweni

Peter Delivered from Prison, nguA. L. Noakes [UPetros eKhululwa eNtolongweni]

IZenzo 14.Njengoko nifunda esi sahluko kunye, amanye amalungu osapho asenokuphawula iintsikelelo ezithe zeza kubafundi neBandla. Amanye amalungu osapho angaphawula inkcaso okanye izilingo abafundi ababejongene nazo. Kutheni uThixo evumela izinto ezinzima ukuba zenzeke kubantu abalungileyo?

IZenzo 15:1–21.Le miqolo ichaza ukungavisisani eBandleni malunga nokuba abaguquki babedinga ukugcina umthetho kaMoses, owawuquka ulwaluko. Yintoni abaPostile abayenzayo malunga noku kungavisisani? Singafunda ntoni kulo mzekelo malunga nokuba iinkokheli zeBandla ziwukhokela njani umsebenzi weBandla?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

 

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Zoba umfanekiso. Imifanekiso ingawanceda amalungu osapho abe nomfanekiso weemfundiso namabali wezibhalo ezingcwele. Usenokumema amalungu osapho ukuba azobe imifanekiso yoko akufundayo, efana nombono kaPetros okwiZenzo 10.

Umfanekiso
UPetros noKorneli

Amava kaPetros noKorneli abonisa ukuba “uThixo akamkhethi wabuso bamntu” (IZenzo 10:34)

Shicilela