ITestamente eNtsha 2023
EyeKhala 3–9. IZenzo 1–5: “Nibe ngaMangqina Am”


“EyeKhala 3–9. IZenzo 1–5: ‘Nibe ngaMangqina Am,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyeKhala 3–9. IZenzo 1–5,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
Isihlwele sabantu elunxwemeni lomlambo kwaye bebhaptizelwa emlanjeni

Day of Pentecost, nguSidney King [UMhla wePentekoste]

EyeKhala 3–9

IZenzo 1–5

“Nibe ngaMangqina Am”

Njengoko ufunda IZenzo 1–5, uMoya oyiNgcwele angakuphembelela ufumane iinyaniso ezifanele ubomi bakho. Phawula imiqolo ekuchukumisayo, kwaye ukhangele amathuba okwabelana noko ukufundayo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Wawukhe wazibuza ukuba mhlawumbi uPetros wayecinga ntoni kwaye yintoni awayeyiva xa yena, nabanye abaPostile, “bakuba beqwalasele ezulwini” njengoko uYesu wayenyukela kuYise? (IZenzo 1:10). IBandla elo lalisekwe nguNyana kaThixo ngoku lalikhathalelwe nguPetros. Umsebenzi wokukhokela inzame “yokufundisa zonke iintlanga” ngoku yayiluxanduva lwakhe (Mateyu 28:19). Kodwa ukuba wayeziva engafanelekanga okanye esoyika, akunabungqina esibufumanayo kwincwadi yeZenzo. Into esiyifumanayo yimizekelo yobungqina obungenaloyiko nenguquko, imimangaliso yokuphiliswa, imbonakalo yokomoya, nokukhula okubalulekileyo kweBandla. Eli yayiseliBandla loMsindisi, lisakhokelwa nguYe. Eneneni, incwadi yeZenzo zabaPostile ibingabizwa ngokuba ziZenzo zikaYesu Krestu ngabaPostile baKhe. Ekhokelwa kukugalelwa koMoya, uPetros wayesenguye umbambisi weentlanzi owayengafundanga uYesu awayemfumene elunxwemeni loLwandle lwaseGalili. Kwaye wayengeyiyo lo ndoda ekhathazekileyo eyayikhala esikrakra kwiiveki ezingaphambili ngenxa yokuba wayekhanyele ukuba wayemazi uYesu waseNazarete.

Kwincwadi yeZenzo, uya kufunda izibhengezo ezinamandla ezimalunga noYesu Krestu kunye nangevangeli yaKhe. Kwaye uya kubona ukuba ivangeli ibatshintshela kanjani abantu—kuquka nawe—ekubeni babe ngabafundi abakhaliphileyo uThixo abaziyo ukuba bangaba ngabo.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IZenzo 1:1–8, 15–26; 2:1–42; 4:1–13, 31–33

UYesu Krestu ukhokela iBandla laKhe ngoMoya oyiNgcwele.

Incwadi yeZenzo ishicilela iinzame zabaPostile zokuseka iBandla likaYesu Krestu emveni koNyuko loMsindisi. Nangona uYesu Krestu wayengasekho emhlabeni, Yena wayekhokela iBandla laKhe ngesityhilelo esebenzisa uMoya oyiNgcwele. Cinga ngokuba uMoya oyiNgcwele wayezikhokela njani iinkokheli ezintsha zeBandla likaKrestu njengoko uphonononga le mihlathi ilandelayo: IZenzo 1:1–8, 15–26; 2:1–42; 4:1–13, 31–33.

Njengamalungu eBandla likaKrestu namhlanje, sonke sinoxanduva lokuthatha inxaxheba emsebenzini wosindiso nowokuphakanyiswa—ukuphila ivangeli kaYesu Krestu, ukukhathalela abo basweleyo, ukumema abanye ukuba baze kuKrestu, nokumanya iintsapho ngonaphakade (bona General Handbook1.2). Yintoni oyifundayo kubaPostile bamandulo emalunga nendlela ongathembela ngayo eMoyeni oyiNgcwele ukuba ukhokele iinzame zakho?

Bona kanjanalo IsiKhokelo kwiZibhalo, “UMoya oyiNgcwele.”

IZenzo 2:36–47; 3:12–21

Imigaqo nemimiselo yevangeli indinceda ndize kuKrestu.

Wawukhe weva “uhlabeka entliziyweni [yakho],” njengamaYuda ngomhla wePentekoste? (IZenzo 2:37). Mhlawumbi ubukhe wenza into ethile ozisola ngayo, okanye mhlawumbi ngokulula nje ufuna ukutshintsha ubomi bakho. Yintoni ekumele uyenze xa unezi mvakalelo? Ingcebiso kaPetros kumaYuda iyafumaneka kwiZenzo 2:38. Qaphela ukuba imigaqo yokuqala nemimiselo yevangeli (equka ukholo, inguquko, ubhaptizo, nesipho soMoya oyiNgcwele—okanye oko kubizwa ngamanye amaxesha njengemfundiso kaKrestu) yabachaphazela njani aba baguquki, njengoko kubhaliwe kwiZenzo 2:37–47.

Kusenokwenzeka ukuba sele ubhaptiziwe kwaye usifumene isipho soMoya oyiNgcwele, ngoko ke uqhubeka njani usebenzise imfundiso kaKrestu? Cinga la mazwi aphuma kuMdala Dale G. Renlund: “Sisenokwenziwa ukuba sigqibelele ngokuphindaphindeneyo … ukusebenzisa ukholo [kuKrestu], ukuguquka, ukuthabatha umthendeleko ukuvuselela iminqophiso neentsikelelo zobhaptizo, nokufumana uMoya oyiNgcwele njengeqabane elizingisayo ukuya kwizinga elithile. Njengoko sisenza njalo, siye sifane ngakumbi njengoKrestu kwaye sibanako ukunyamezela kude kube sekupheleni, nako konke oko kufunekayo” (“Latter-day Saints Keep on Trying,” Liyahona, Canzibe 2015, 56).

IZenzo 3:19–21

Yintoni “amathuba okuphumza” “namaxesha okubuyiswa kweento zonke”?

“Amathuba okuphumza” abhekisa kwiMileniyam, xa uYesu Krestu aya kubuyela emhlabeni. “Amaxesha okubuyiswa kweento zonke” abhekisa kuBuyiso lwevangeli, elungiselela ihlabathi iMileniyam.

IZenzo 3; 4:1–31; 5:12–42

Abafundi bakaYesu Krestu baphiwa amandla okwenza imimangaliso egameni laKhe.

Ingqiba elisisiqhwala lalithembele ekufumaneni imali kwabo babeza etempileni. Kodwa izicaka zeNkosi zaminka okungaphezu koko. Njengoko ufunda IZenzo 3; 4:1–31 no-5:12–42, cinga ngendlela ummangaliso owathi walandela wachaphazela ngayo aba bantu:

  • Ingqiba elisisiqhwala

  • UPetros noYohane

  • Amangqina awayesetempileni

  • Ababingeleli abakhulu nabaphathi

  • Abanye abaNgcwele

Umfanekiso
UPetros ephilisa indoda

Such as I Have I Give Thee, nguWalter Rane [Endinako Ndikunika Kona]

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

IZenzo 1:21–26.Ukufunda IZenzo 1:21–26 kunganceda usapho lwakho luxoxe ngeentsikelelo ezivela ekubeni nabaPostile emhlabeni namhlanje. Amalungu osapho angabelana ngeendlela awafumane ngazo ubungqina bokokuba abapostile nabaprofeti banamhlanje babizwe nguThixo. Kutheni ukubanobu bungqina kubalulekile?

IZenzo 2:37.Ingaba ibinzana “bahlabeka entliziyweni” lithetha ukuthini? Ingaba sakhe sayiva nini into ethile ebufana noku? Kutheni kubalulekile ukuthi “Sithini na?” xa sineemvakalelo ezinjalo?

IZenzo 3:1–10.Usapho lwakho lungakonwabela ukulinganisa ingxelo ekule miqolo.   Ingaba indoda leyo yayisetempileni yasikeleleka kanjani ngokwahlukileyo kunoko yayikulindele? Ingaba sizibone njani iintsikelelo zikaBawo oseZulwini zisiza kuthi ngeendlela ezingalindelekanga?

IZenzo 3:12–26; 4:1–21; 5:12–42.Yintoni ekukholisayo malunga nokunyaniseka kukaPetros noYohane? Singakhalipha kanjani kubungqina bethu ngoYesu Krestu? Cinga ngokunceda abantwana abancinane bazilolongele ukwabelana ngobungqina babo.

IZenzo 4:315:4.Singanceda njani usapho, isebe, okanye uluntu lwethu lufane ngakumbi noko kuchazwa kwiZenzo 4:31–37? Kuthetha ntoni ukuba “ntliziyo-nye namphefumlo mnye”? Kungeziphi iindlela ngamanye amaxesha apho “[sigcine] inxenye” yegalelo lethu? Kutheni ukwenza njalo kufana “[nokuxoka] kuThixo”? (IZenzo 5:2, 4). Ingaba ukunganyaniseki kusichaphazela njani ngokwasemoyeni?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

 

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Khetha isihloko. Vumela amalungu osapho athathe amathuba ukukhetha isihloko kwiZenzo 1–5 oluza kusifunda kunye.

Umfanekiso
AbaPostile ngasecaleni kweengelosi ezimbini zikhombe phezulu

The Ascension, nguHarry Anderson [UNyuko]

Shicilela