ITestamente eNtsha 2023
EyeKhala 10–16. IZenzo 6–9: “Ufuna Ukuba Ndenze Ntoni Na?”


“EyeKhala 10–16. IZenzo 6–9: ‘Ufuna Ukuba Ndenze Ntoni Na?,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyeKhala 10–16. iZenzo 6–9,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
UPawulos ewele phantsi

Conversion on the Way to Damascus [UGuguquo eNdleleni eya eDamasko], nguMichelangelo Merisi da Caravaggio

EyeKhala 10–16

IZenzo 6–9

“Ufuna Ukuba Ndenze Ntoni Na?”

Qala ngokufunda iZenzo 6–9. Amacebiso akwesi sishwankathelo anokukunceda uchonge eminye yemigaqo ebalulekileyo kwezi zahluko, nangona unokufumana eminye kolwakho ufundo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ukuba nabani na wayebonakala ngathi akafanelekanga ukuguquka, kusenokwenzeka ukuba yayinguSawule—umFarisi owayedume ngokutshutshisa amaKrestu. Ngoko ke xa iNkosi yaxelela umfundi ogama linguHananiya ukuba afune uSawule aze amsikelele, kuyaqondakala ukuba u-Ananiyas wayethandabuza. “Nkosi,” watsho “ndivile ngabaninzi ngale ndoda, ukuba zinkulu kwazo izinto ezimbi ezenze kwabangcwele bakho” (iZenzo 9:13). Kodwa iNkosi yayiyazi intliziyo kaSawule namandla akhe, kwaye Yona yayinomsebenzi engqondweni ngoSawule: “Usisitya esinyuliweyo ndim, sokuphatha igama lam emehlweni eeNtlanga, nookumkani, kwanoonyana bakaSirayeli” (iZenzo 9:15). Wathobela ke uHananiya; wathi akufumana owayesakuba ngumtshutshisi, wambiza ngokuba “Sawule Mzalwana” (iZenzo 9:17). Ukuba uSawule wayenokutshintsha ngokupheleleyo aze uHananiya amamkele ngokukhululekileyo ngolo hlobo, ingaba sifanele sicinge nabani na njengomntu ekungalindelekanga ukuba angatshintsha—kuquka nathi buqu?

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

iZenzo 6–8

Intliziyo yam kufuneka “ithi tye emehlweni kaThixo.”

Ibandla elikhulayo kwakuthetha imfuneko ekhulayo yabafundi bokuncedisa ebukumkanini. Ngokwe-iZenzo 6:1–5, zeziphi iimpawu abaPostile abaliShumi elineSibini ababezifuna kwabo babeza kusebenza kunye nabo? Njengoko ufunda iZenzo 6–8, qaphela ukuba ezi mpawu, kunye nezinye, zabonakaliswa njani kubantu abanjengoStefano noFilipu. Yintoni eyayisilela kuSimon, kwaye yintoni esinokuyifunda kuye ngokulungela ukutshintsha?

Ingaba ikhona into oziva uphenjelelwa ukuba uyitshintshe ukuze uqinisekise ukuba intliziyo yakho “ithi tye emehlweni kaThixo”? (iZenzo 8:21–22). Ukwenza olu tshintsho kunokukusikelela njani njengoko ukhonza uThixo?

iZenzo 6–7

Ukuchasana uMoya oyiNgcwele kungakhokelela ekwaleni uMsindisi kunye nezicaka zaKhe.

Iinkokheli zamaYuda zazinoxanduva lokulungiselela abantu ngokuza koMesiya. Ukanti basilela ukumqonda uMesiya kwaye bamala Yena. Kwenzeka njani oku? Inxalenye yempendulo inokufumaneka kumazwi kaStefano: “Nihleli nibambene noMoya oyiNgcwele” (iZenzo 7:51). Ucinga ukuba kuthetha ntoni ukuchasana noMoya oyiNgcwele? Kutheni ukuchasana noMoya oyiNgcwele kukhokelela ekwaleni uMsindisi nezicaka zaKhe?

Njengoko ufunda iZenzo 6–7, khangela eminye imiyalezo uStefano awayeyifundisa amaYuda. Kokuphi ukuziphatha awayelumkisa ngako? Ingaba ubona ukuziphatha okufanayo kuwe? Amazwi kaStefano akufundisa ntoni malunga neziphumo zokuchasa uMoya oyiNgcwele? Ungaziva ntununtunu ngakumbi njani kwaye uphendule kwiimpembelelo zoMoya oyiNgcwele ebomini bakho?

IZenzo 8:26–39

UMoya oyiNgcwele uya kundinceda ndikhokelele abanye kuYesu Krestu.

Ufunda ntoni ngokwabelana ngevangeli kwingxelo ekwi-iZenzo 8:26–39? UMoya oyiNgcwele wamnceda njani uFilipu? Ukwabelana nabanye ngevangeli kufana njani nokuba sisikhokelo? (bona iZenzo 8:31).

UMdala Ulisses Soares wathi eli bali “lisisikhumbuzo somyalelo wobuthixo ekufuneka sonke siwufunde kwaye sifundisane ivangeli kaYesu Krestu. … Ngamanye amaxesha sifana nomTopiya—sidinga uncedo lomfundisi othembekileyo kunye ophenjelelweyo; kwaye ngamanye amaxesha sifana noFilipu—kufuneka sifundise kwaye someleze abanye kuguquko lwabo” (“How Can I Understand?,” Liahona, Canzibe 2019, 6). Cinga ngokuba uMoya oyiNgcwele ungakunceda njani ukuba ube ngumfundi kunye nomfundisi ongcono wevangeli.

IZenzo 9

Xa ndizithoba kwintando yeNkosi, ndinokuba sisixhobo ezandleni zaYo.

Uguquko lukaSawule lubonakala lusisaquphe kakhulu; wahamba ngokukhawuleza ekuvaleleni amaKrestu ukuya ekushumayeleni ngoKrestu kwizindlu zesikhungu. Njengoko ufunda ibali lakhe, cinga nzulu ngesizathu sokuba azimisele ukutshintsha. (Ukufunda inkcazo kaSawule ngoguquko lwakhe, bona iZenzo 22:1–16 kunye no-26:9–18. Qaphela ukuba kwezi ngxelo, uSawule uhamba ngegama likaPawulos [bona iZenzo 13:9].)

Ngelixa kuyinyani ukuba amava kaSawule awaqhelekanga—kubantu abaninzi, uguquko luyinkqubo ende kakhulu—ingaba ikhona into onokuyifunda kuSawule malunga noguquko? Ufunda ntoni kwindlela uHananiya nabanye abafundi abasabela ngayo kuguquko lukaSawule? Uya kwenza ntoni ukusebenzisa ezi zifundo kubomi bakho? Ungaqala ngokubuza ngomthandazo, njengoSawule, “Ufuna ukuba ndenze ntoni na?”

Njengoko ufunda iZenzo 9:36–42, cinga ngendlela uTabhita awayesisixhobo ngayo ezandleni zikaThixo. Yintoni ekuchukumisayo ngomzekelo wakhe?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano Wangorhatya Wosapho

IZenzo 6:8; 7:51–60.Thelekisa iingxelo zikaStefano kwiZenzo 6:8 neZenzo 7:51–60 kunye neengxelo zoMsindisi kuLuka 23:1–46. UStefano wawulandela njani umzekelo woMsindisi?

IZenzo 7:51–60.UMoya oyiNgcwele wamsikelela njani uStefano xa wayetshutshiswa? Sakhe sawafumana nini amandla kuMoya oyiNgcwele ngamaxesha anzima?

IZenzo 9:5.Uviko yayingumkhonto obukhali owawusetyenziselwa ukuqhuba izilwanyana. Amaxesha amaninzi izilwanyana zazidla ngokukhabela emva xa zihlatywa, nto leyo eyayibangela ukuba umkhonto uzike nangakumbi enyameni yesilwanyana. Ingasebenza njani le mfaniso ngamanye amaxesha kuthi? Yintoni esinokuyenza ukwamkela ngcono ukulungiswa yiNkosi?

Umfanekiso
UPetros uvusa uTabhita ekufeni

Tabhitha Arise [Tabhita Vuka], nguSandy Freckleton Gagon

IZenzo 9:32–43.Cinga ngokumema amalungu osapho lwakho ukuba azobe imifanekiso yamabali akwiiZenzo 9:32–43. Yintoni esiyifundayo malunga nobufundi bokwenene kula mabali?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Fanekisa izibhalo nobomi bakho. Njengoko ufunda, cinga ngendlela amabali kunye neemfundiso kwizibhalo ezisebenza ngayo ebomini bakho. Umzekelo, ngawaphi amathuba onawo okukhonza abanye, njengoko wenzayo uTabhita kwiZenzo 9:36–39?

Umfanekiso
UStefano exulutywa ngamatye ekufeni

“Ayemgibisela ngamatye uStefano, yena ebiza esithi, Nkosi Yesu, wamkele umoya wam.”

Shicilela