ITestamente eNtsha 2023
EyeThupha 14–20. AbaseRoma 7–16: “Boyise uBubi ngokuLungileyo”


“EyeThupha 14–20. AbaseRoma 7–16: ‘Boyise uBubi ngokuLungileyo,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyeThupha 14–20. AbaseRoma 7–16,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
amabhodlo eRoma yamandulo

EyeThupha 14–20

AbaseRoma 7–16

“Boyise uBubi ngokuLungileyo”

Imbalwa kuphela imigaqo yevangeli kAbaseRoma 7–16 engaqukwa kwesi sishwankathelo, ke ungazibekeli umda kwinto ekubhekiswa kuyo apha. Nika ingqalelo kwimpembelelo oyifumanayo njengoko ufunda.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Njengoko wayevula incwadi yakhe kwabaseRoma, uPawulos wabulisa amalungu eBandla ngokuwabiza ngokuba “abaziintanda zikaThixo” ababebizwa “abangcwele ababiziweyo.” Yena waphawula ukuba“ ukholo lwenu [lwa]luxelwa ehlabathini liphela” (AbaseRoma 1:7–8). Nangona uPawulos wachitha uninzi lwencwadi yakhe elungisa izimvo ezingeyonyani kunye nokuziphatha okungalunganga, kuyabonakala kananjalo ukuba wayefuna nokuqinisekisa aba baguquki bangamaKrestu matsha ukuba ngenene babengabaNgcwele abaziintanda zikaThixo. Ingcebiso yakhe enobubele iyasisikelela sonke thina abasokolayo ukuva uthando lukaThixo kwaye abo ukuba ngoNgcwele kuvala kungenokufikeleleka. Ngovelwano, uPawulos wavuma ukuba ngamanye amaxesha wayeziva “engumntu uludwayi” (AbaseRoma 7:24), kodwa ivangeli kaYesu Krestu yayimnike amandla okoyisa isono (bona uGuqulelo lukaJoseph Smith, AbaseRoma 7:22–27 [IsiKhokelo kwiZibhalo]). Ngaloo mandla, amandla ahlangulayo oMsindisi, sinako “ukoyisa ububi”—bobubini ububi ehlabathini kunye nobubi kuthi—“ngokulungileyo” (AbaseRoma 12:21).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

AbaseRoma 7–8

Abo balandela uMoya banokuba “ziindlalifa kunye noKrestu.”

Kwanasemva kokungena “kubomi obutsha” ngommiselo wobhaptizo (AbaseRoma 6:4), mhlawumbi ukhe waluva olunye longquzulwano lwangaphakathi oluchazwe nguPawulos kAbaseRoma 7—“usilwa” phakathi komntu wemvelo kunye neminqweno yakho yobulungisa (AbaseRoma 7:23). Kodwa uPawulos kananjalo wathetha ngethemba kAbaseRoma 8:23–25. Zeziphi izizathu zeli themba ozifumanayo kwisahluko 8? Usenokujonga kananjalo iintsikelelo eziza ngokuba “uMoya kaThixo ngaphakathi kwenu” (AbaseRoma 8:9). Ungabufuna njani ubuqabane boMoya oyiNgcwele ngokupheleleyo ebomini bakho?

AbaseRoma 8:16–39

Isipho sobuqaqawuli banaphakade sigqwesa izilingo zam emhlabeni.

Kwiminyaka nje embalwa emva kokuba uPawulos ebhale le ncwadi, abaNgcwele eRoma bafumana iintshutshiso ezoyikekayo. Ufumana ntoni kAbaseRoma 8:16–39 engeyayincede aba baNgcwele xa kufika intshutshiso? Angasebenza njani la magama kuwe nakwizilingo ojamelana nazo okwangoku?

Khangela unxibelelwano phakathi kwale miqolo kunye nale ngcebiso evela kuDade Linda S. Reeves: “Andazi ukuba kutheni sinezilingo ezininzi esinazo, kodwa kukuziva kwam ukuba umvuzo mkhulu kakhulu, ungunaphakade kwaye ongapheliyo, uyavuyisa kwaye ungaphaya kokuqonda kwethu ukuba ngalo mhla womvuzo, sinokuziva sisithi kuBawo wethu onenceba nothando, ‘Ingaba yayikuko konke okwakufuneka?’ Ndiyakholelwa ukuba yonke imihla singakhumbula kwaye sibuqonde ubunzulu bolo thando uBawo wethu waseZulwini noMsindisi wethu banalo ngathi, singavuma ukwenza nantoni na ukuba sibuyele kubukho baBo kwakhona, singqongwe luthando lwaBo ngonaphakade. Iya kuba yintoni into ingxaki … ngesibandezeleke ngako apha ukuba, ekugqibeleni, ezo zilingo zezona zinto zisilungiselela ubomi banaphakade kunye nokuphakanyiswa ebukumkanini bukaThixo noBawo noMsindisi wethu?” (“Worthy of Our Promised Blessings,” Liahona, Nkanga. 2015, 11). Thatha isigqibo ngento oza kuyenza “ukukhumbula yonke imihla kunye nokuqaphela” uthando lukaThixo ngawe.

AbaseRoma 8:29–30; 9–11

Wayethetha ukuthini uPawulos ngokuthi “wabamisela ngenxa engaphambili,” “unyulo,” “wabaziyo”?

UPawulos wasebenzisa amagama athi “wabamisela ngenxa engaphambili,” “unyulo,” kunye “wabaziyo” ukufundisa ukuba ngaphambili kobu bomi, uThixo wanyula abanye babantwana baKhe ukuba babe yinxalenye kaSirayeli, abantu baKhe bomnqophiso. Oku kuthetha ukuba babeya kufumana iintsikelelo kunye noxanduva olukhethekileyo ukuze babasikelele bonke abantu behlabathi (bona IsiKhokelo kwiZibhalo, “uNyulo,” scriptures.ChurchofJesusChrist.org). Kanti, uPawulos wagxininisa kAbaseRoma 9–11 ukuba bonke abantwana bakaThixo banokuba ngabantu baKhe bomnqophiso, kwaye sonke sifumana ubomi obungunaphakade ngendlela efanayo—ngokholo kuYesu Krestu nangokuthobela imithetho yaKhe.

Bona kananjalo Abase-Efese 1:3–4; 1 Petros 1:2; Alma 13:1–5.

AbaseRoma 12–16

UPawulos undimema ukuba ndibe ngoNgcwele wokwenene nomlandeli kaYesu Krestu.

Izahluko ezintlanu zokugqibela zabaseRoma ziqulethe uninzi lwemiyalelo eyodwa malunga nokuphila njengabaNgcwele. Enye indlela yokufunda le miyalelo kukujonga izihloko eziphindaphindwayo. Ungayishwankathela njani ingcebiso kaPawulos?

Usenokungakwazi ukuyisebenzisa yonke le ngcebiso ngaxeshanye, kodwa uMoya ungakunceda ufumane umgaqo omnye okanye emibini onokuthi uqalise ukusebenza kuyo namhlanje. Yabelana ngeminqweno yakho noBawo wakho waseZulwini ngomthandazo, kwaye ucele uncedo lwaKhe.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano Wangorhatya Wosapho

AbaseRoma 8:31–39.Sifumana ntoni kAbaseRoma 8:31–39 efundisa indlela uBawo waseZulwini noYesu abavakalelwa ngayo ngathi? Siluve nini uthando lukaThixo?

Ukubonisa imiqolo 38–39, amalungu osapho angafumana imizekelo yezinto, njengathi nothando lukaThixo, ezingenako ukwahlulwa.

Umfanekiso
Utata nentombi bedanisa

UMdala Wilford W. Andersen wafundisa, “Umculo wevangeli [lu]luvo lokomoya oluvuyisayo.”

AbaseRoma 9:31–32.Umyalezo kaMdala Wilford W. Andersen “The Music of the Gospel” (Liahona, Canzibe 2015, 54–56; bona kananjalo umboniso bhanya-bhanya ku-ChurchofJesusChrist.org) unokunceda ukubonisa okufundiswa nguPawulos ngomthetho, nemisebenzi, kunye nangokholo. Emva kokuxoxa ngentetho yakhe, usapho lwakho lungazama ukudanisa kunye ngomculo kwakunye nangaphandle komculo. Ukholo lunokusinceda njani ukuba sive uvuyo lwevangeli?

AbaseRoma 10:17.Bhala iiglasi ezininzi zamanzi ngemithombo yelizwi likaThixo (njengezibhalo, isityhilelo sobuqu, kunye nenkomfa yajikelele). Xoxani ngendlela ilizwi likaThixo elilukhulisa ngayo ukholo lwethu njengoko ugalela iglasi nganye kwiqokobhe esibhalwe “Ukholo.”

AbaseRoma 12.Kuthetha ukuthini ukuzenza “ idini eliphilileyo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo”? (umqolo 1).

AbaseRoma 14:13–21.Usapho lwakho lunokuxhamla ngokufunda ingcebiso kaPawulos malunga nokugweba nokuphikisana ngezinto ezikhethwayo zobuqu. Mhlawumbi ningaxoxa ngeendlela ezifanelekileyo zokuphendula xa abanye abantu, kuquka namalungu osapho, besenza ukhetho olwahlukileyo kolwakho. Sinokwenza njani ukuze “sisukele izinto zoxolo”? (umqolo 19).

 Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Bavumele abantwana bavakalise ubuchule babo. “Xa umema abantwana ukuba badale into enxulumene nomgaqo wevangeli, ubanceda ukuba baqonde umgaqo ngcono. … Vumela ukuba bokhe, bazobe, bafake imibala, babhale kwaye badale” (Teaching in the Savior’s Way25).

Umfanekiso
UKrestu nezandla ezoluliweyo

Abide with Me [Uhlale nam], nguDel Parson

Shicilela