ITestamente eNtsha 2023
EyeThupha 7–13. AbaseRoma 1–6: “Amandla kaThixo okuSindisa”


“EyeThupha 7–13. AbaseRoma 1–6: ‘Amandla kaThixo okuSindisa,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyeThupha 7–13. AbaseRoma 1–6,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
UPawulos ebhala incwadi

EyeThupha 7–13

AbaseRoma 1–6

“Amandla kaThixo okuSindisa”

Ukubhala iimpembelelo kuya kukunceda ukhumbule oko ukufundiswa nguMoya . Cinga kananjalo ngokubhala indlela oziva ngayo malunga nezi mpembelelo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ngexesha uPawulos wayebhala incwadi yakhe kumalungu eBandla laseRoma, awayengamaqela awohlukeneyo amaYuda neeNtlanga, iBandla likaYesu Krestu lalikhule kakhulu ngaphaya kweqaqobana lamakholwa asuka eGalili. Malunga neminyaka engama-20 emva koVuko loMsindisi, kwakukho amabandla amaKrestu phantse naphina apho abaPostile babekwazi ukufikelela khona—kuquka neRoma, ikomkhulu lobukumkani obunamandla. Kodwa, xa kuthelekiswa nobukhulu bobukumkani bamaRoma, iBandla lalilincinane kwaye lalisoloko lisisisulu sokutshutshiswa. Kwiimeko ezinjalo, abanye babenokuziva “beneentloni ngazo iindaba ezilungileyo zikaKrestu”—kodwa, ngokuqinisekileyo, hayi uPawulos. Wayeyazi kwaye wangqina ukuba amandla ayinyani, “amandla kaThixo okusindisa,” afumaneka kwivangeli kaYesu Krestu (AbaseRoma 1:16).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Zintoni iiNcwandi, kwaye zilungelelaniswa njani?

Iincwadi ziileta ezibhalwe ziinkokheli zeBandla zisiya kubaNgcwele kwiindawo ezahlukeneyo zehlabathi. UmPostile uPawuos wabhala uninzi lweencwadi kwiTestamente eNtsha—eziqala ngamaRoma ziphele ngamaHebhere. Iincwadi zakhe zilungelelaniswe ngobude, ngaphandle kwamaHebhere (bona IsiKhokelo kwiZibhalo, “ “Iincwadi zikaPawulos”). Nangona AbaseRoma iyincwadi yokuqala kwiTestamente eNtsha, eneneni yabhalwa ngasekupheleni kohambo lukaPawulos lobufundisi.

AbaseRoma 1–6

“Olilungisa ke uya kudla ubomi ngokokholo.”

Ezi nkcazelo zilandelayo zinokukunceda uqonde ngcono iNcwadi eya kwabaseRoma:

Umthetho.Xa uPawulos wayebhala “ngomthetho,” wayebhekisa kumthetho kaMoses. Igama “imisebenzi” kwimibhalo kaPawulos yayibhekisa kwizenzo zangaphandle ezinxulumene nomthetho kaMoses. Cinga ngomthetho kaMoses kunye nemisebenzi efunekayo phantsi kwawo nendlela ohluke ngayo “kumthetho wokholo” ochazwe ku-AbaseRoma 3:23–31.

Ulwaluko, nokungaluki.Mandulo, ulwaluko lwalungumqondiso okanye uphawu lomnqophiso uThixo awawenza noAbraham. UPawulos wayesebenzisa igama elithi “ulwaluko” ebhekisa kumaYuda (abantu bomnqophiso) kunye “nokungaluki” ebhekisa kwiiNtlanga. Cinga nzulu ukuba AbaseRoma 2:25–29 afundisa ntoni malunga nokuba kuthetha ukuthini ngokwenene ukuba ngabantu bakaThixo bomnqophiso. Qaphela ukuba ulwaluko aluselulo uphawu lomnqophiso kaThixo nabantu baKhe (bona iZenzo 15:23–29).

Ukugwetyelwa, ukuzigwebela, sigwetyelwe.La magama abhekisa kuxolelo, okanye ukuxolelwa kwesono. Xa sizigwebele, sixolelwe, sibhengezwe singenatyala, kwaye sikhululwe kwisohlwayo sanaphakade sezono zethu. Xa ubona la magama, qaphela oko kwafundiswa nguPawulos malunga nokwenza ugwetyelo lube nokwenzeka (bona kananjalo IsiKhokelo kwiZibhalo, “Ugwetyelo, Ukuzigweba,” scriptures.ChurchofJesusChrist.org. KwabaseRoma, amagama awafana nokuthi “ilungisa” kunye “ubulungisa” anokubonwa njengezithethantonye zamagama awafana “ukuzigwebela” kunye “ukugwetyelwa.”

Ubabalo.Ubabalo “luncedo … lobuthixo okanye amandla, anikwa ngenceba nothando lukaYesu Krestu.” Ngobabalo, bonke abantu baya kuvuswa kwaye bafumane ukungafi. Ukongeza, “ubabalo ngamandla avumelayo avumela amadoda nabafazi ukuba babambe ubomi obungunaphakade kunye nokuphakanyiswa emva kokuba bechithe eyona migudu yabo mihle.” Asizuzi lubabalo ngemizamo yethu; endaweni yoko, lubabalo olusinika “ukomelela noncedo lokwenza imisebenzi elungileyo esingenakukwazi ukuyigcina” (Bible Dictionary, “Grace”; bona kananjalo 2 Nifayi 25:23. Njengoko ufunda AbaseRoma, bhala phantsi oko ukufundayo ngobabalo loMsindisi.

AbaseRoma 2:17–29

Izenzo zam kufuneka zibonise kwaye zonyuse uguquko lwam.

Amanye kumaKrestu angamaYuda aseRoma kubonakala ukuba ayesakholelwa ukuba amatiletile nezithethe zomthetho kaMoses zazizisa usindiso. Oku kunokubonakala ngathi yingxaki engasasebenziyo kuba singaphili ngomthetho kaMoses. Kodwa njengoko ufunda imibhalo kaPawulos, ngakumbi AbaseRoma 2:17–29, cinga ngemizamo yakho yokuphila ivangeli. Ingaba imiboniso yakho yangaphandle, njengokuthatha umthendeleko okanye ukuya etempileni, kwenza nzulu uguquko lwakho kwaye kuqinisa ukholo lwakho kuKrestu? (bona Alma 25:15–16). Ingaba ikhona into ekufuneka uyitshintshile ukuze izenzo zakho zangaphandle zikhokelele kutshintsho lwentliziyo?

AbaseRoma 3:10–315

NgoYesu Krestu, ndingaxolelwa izono zam.

Abanye abantu banokuziva betyhafiswa sisibhengezo sikaPawulos esithi “akukho lungisa, hayi, nalinye” (AbaseRoma 3:10). Kodwa kukho nemiyalezo ethembisayo kwabaseRoma. Yikhangele kwizahluko 3 kunye no-5, kwaye ucinge ukuba kutheni ukukhumbula ukuba “bonile bonke, basilela eluzukweni lukaThixo” (AbaseRoma 3:23) kulinyathelo elibalulekileyo eliya ekufundeni “ukugcoba ethembeni” ngoYesu Krestu (AbaseRoma 5:2).

AbaseRoma 6

UYesu Krestu undimema ukuba “sihambe sinobomi obutsha.”

UPawulos wafundisa ukuba ivangeli kaYesu Krestu kufuneka itshintshe indlela esiphila ngayo. Zeziphi iintetho eziku-AbaseRoma 6 ezichaza indlela ekuncede ngayo ukulandela uMsindisi “sihambe sinobomi obutsha”? (umqolo 4).

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

AbaseRoma 1:16–17.Sinokubonisa njani ukuba “asinazintloni ngazo iindaba ezilungileyo zikaKristu”?

AbaseRoma 3:23–28.Njengoko nifunda le miqolo, nisenokuxoxa ngomahluko phakathi “kokuzuza” ubabalo lukaThixo, esingenakuze sikwenze, nokulufumana, ekufuneka sikwenzile. Siluve nini ubabalo lukaThixo? Singalufumana njani ngokupheleleyo?

AbaseRoma 5:3–5.Zeziphi iimbandezelo esiye sahlangabezana nazo? Ezi mbandezelo zisincede njani ukuba sibe nomonde, amava, kunye nethemba?

AbaseRoma 6:3–6.Wathini uPawulos kule miqolo malunga nomfuziselo wobhaptizo? Mhlawumbi usapho lwakho lungaceba ukuya kubhaptizo oluzayo. Okanye umntu okusapho lwakho angabelana ngemifanekiso okanye iinkumbulo zobhaptizo lwakhe. Ukwenza nokugcina iminqophiso yethu yobhaptizo kusinceda njani ukuba “sihambe sinobomi obutsha”?

Umfanekiso
umntu ebhaptiza omnye echibini

UBhaptizo lufuzisela ukuqala ubomi obutsha njengomfundi kaKrestu.

 Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Buza imibuzo njengoko ufunda. Njengoko ufunda izibhalo, imibuzo isenokufika engqondweni yakho. Cinga nzulu ngale mibuzo kwaye ukhangele iimpendulo. Umzekelo, kwAbaseRoma 1–6 ungakhangela iimpendulo kumbuzo othi “Yintoni ubabalo?”

Umfanekiso
UKrestu ephakamisa intombazana emlanjeni

Be Not Afraid [Musani Ukoyika], nguGreg K. Olsen

Shicilela