ITestamente eNtsha 2023
EyoMsintsi 11–17. 2 AbaseKorinte 1–7: “Manixolelaniswe naye uThixo”


“EyoMsintsi 11–17. 2 AbaseKorinte 1–7: ‘Manixolelaniswe naye uThixo,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyoMsintsi 11–17. 2 Abasekorinte 1–7,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
UYesu Krestu

EyoMsintsi 11–17

2 AbaseKorinte 1–7

“Manixolelaniswe naye uThixo”

Njengoko ufunda iincwadi zembalelwano zikaPawulos kwabaseKorinte, bhala phantsi eminye imigaqo yevangeli oyifumanayo kwaye ucinge nzulu ukuba ungayisebenzisa njani ebomini bakho.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ngamanye amaxesha, ukuba yinkokheli yeBandla kuthetha ukuba utsho izinto ekunzima ukuba uzithethe. Oku kwaku yinyani ngemihla kaPawulos njengokufanayo nanamhlanje. Ngokucacileyo incwadi yembalelwano egqithileyo kaPawulos kwabaseKorinte yayibandakanya ulohlwayo olwabangela iimvakalelo ezibuhlungu. Kwincwadi yembalelwano eyaziwa njenga–2 AbaseKorinte, waye wazama ukuchaza ukuba oko kwakumkhuthaze amazwi akhe arhabaxa: “Kuba ndanibhalela ekubandezelekeni nasekuxinzelekeni okukhulu kwentliziyo yam, ndineenyembezi ezininzi; ndingenzeli ukuze nenziwe buhlungu, ndisenzela ukuze nilwazi uthando endinithanda ngalo ngokugqithisileyo” (2 AbaseKorinte 2:4). Xa ufumana isilungiso esiphuma kwinkokheli, ngokuqinisekileyo kuyanceda ukwazi ukuba kuphenjelelwa luthando lukaKrestu. Kwaye nakuloo maxesha apho lungekhoyo, ukuba siyalangazelela ukubona ngohlobo lothando uPawulos awayeluva, kuba lula ngakumbi ukuphendula ngokufanelekileyo nakwesiphina isikhubekiso. Njengoko uMdala uJeffrey R. Holland ecebisile, “Yiba nobubele kubuthathaka bomntu—kobo bakho nakobo babo ukhonza nabo eBandleni elikhokelwa ngamavolontiya, amadoda nabafazi basemhlabeni. Ngaphandle nje kwimeko yoNyana waKhe kophela oZelweyo owayegqibelele, abantu abangagqibelelanga ngabo kuphela uThixo ekwakumele asebenze nabo” (“Lord, I Believe,” Liyahona, Canzibe 2013, 94).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

2 AbaseKorinte 1:3–7; 4:6–10, 17–18; 7:4–7

Izilingo zam zingaba yintsikelelo.

Ngenxa yento yonke uPawulos awayejongene nayo ebomini bakhe, akumangalisi ukuba wayebhale okuninzi malunga neenjongo nangeentsikelelo zembandezelo. Njengoko ufunda 2 AbaseKorinte 1:3–7; 4:6–10, 17–18; 7:4–7, cinga ngeendlela izilingo zakho zisenokuba yintsikelelo ngazo. Umzekelo, usenokucinga nzulu ngendlela uThixo “[owakuthuthuzelayo] kuyo yonke imbandezelo [yakho]” nokokuba wena ungajika kanjani, “ukubathuthuzela abakwinto yonke eyimbandezelo” (2 AbaseKorinte 1:4). Okanye usenokuqwalasela ekubeni ukukhanya kukaYesu Krestu “kukhanyisele” entliziyweni yakho njani, naxa “ubandezelwa” kwaye “uthingaza” (2 AbaseKorinte 4:6, 8).

Bona kanjalo Mozaya 24:13–17.

2 AbaseKorinte 2:5–11

Uxolelo luyintsikelelo endingayifumana kwaye ndiyinike.

Asazi lukhulu malunga nendoda uPawuols awayebhekisa kuyo kwa-2 AbaseKorinte 2:5–11—qha ngaphandle nje kokuba wayonile (bona imiqolo 5–6) nokokuba uPawulos wayefuna abaNgcwele bayixolele (bona imiqolo 7–8). Kutheni ngamanye amaxesha sisahluleka “kukuzinzisa uthando [lwethu] kuye” lowo esimthandayo othe wasikhubekisa? (umqolo 8). Ingaba ukubamba uxolelo kubenzakalisa kanjani abanye kwakunye nathi buqu? (bona imiqolo 7, 10–11). Ingaba ukubamba uxolelo kunika “ukubonelelwa nguye … uSathana” kanjani? (umqolo 11).

Bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 64:9–11.

2 AbaseKorinte 5:14–21

NgeNtlawulelo kaYesu Krestu, ndingaxolelaniswa noThixo.

Njengokufana nabani na, uPawulos wayesazi ukuba kwakunjani ukuba “sisidalwa esitsha” (2 AbaseKorinte 5:17). Wayesuka ekubeni ngumtshutshisi wamaKrestu waya ekubeni ngumkhuseli ongenaloyiko kaKrestu. Njengoko ufunda 2 AbaseKorinte 5:14–21, cinga ngemibuzo efana nale: Kuthetha ukuthini ukuxolelanisa? Kuthetha ukuthini ukuxolelaniswa noThixo? Cinga nzulu ngoko kusenokwenzeka ukuba kukohlukanisa noThixo. Yintoni ekufuneka uyenzile ukuze uxolelaniswe ngokupheleleyo naYe? Ingaba uMsindisi ukwenza kwenzeke njani oko?

Usenokucinga nzulu ngokuba kuthetha ukuthini ukuba “zizigidimi zikaKrestu” “kulungiselelo loxolelaniso” (imiqolo 18, 20).

Bona kananjalo 2 Nifayi 10:23–25.

2 AbaseKorinte 7:8–11

Usizi lobuThixo lukhokelela enguqukweni.

Asiqhelanga ukulucinga usizi njengento elungileyo, kodwa uPawulos wathetha “ngobuhlungu obungokukaThixo” (2 AbaseKorinte 7:10) njengendima ebalulekileyo yenguquko. Cinga ngoko ukufundayo malunga nobuhlungu obungokukaThixo okuphuma koku kulandelayo: 2 AbaseKorinte 7:8–11; Alma 36:16–21; Mormoni 2:11–15. Wawukhe wabuva nini ubuhlungu obungokukaThixo, kwaye baye baba nasiphumo sini ebomini bakho?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

2 AbaseKorinte 3:1–3.Ingaba amalungu osapho lwakho akhe acela omnye umntu ukuba awabhalele incwadi yentethelelo, efana neyomsebenzi okanye isicelo sesikolo? Wacele ukuba athethe ngala mava. UPawulos wafundisa ukuba ubomi babaNgcwele babufana neencwadi zentethelelo ezenzelwa ivangeli kaYesu Krestu, “ezingabhalwanga nga-inki, ezibhalwe ngoMoya kaThixo ophilileyo.” Njengoko nifunda 2 AbaseKorinte 3:1–3 kunye, xoxani ngokuba imizekelo yethu ifana njani neencwadi zembalelwano ezingathi “ziyaziwa, zileswa ngabantu bonke,” ibonise inyaniso nexabiso levangeli. Mhlawumbi ilungu ngalinye losapho lingabhala “incwadi” echaza ukuba indlela elinye ilungu losapho liye labangumzekelo omhle ngayo womfundi kaYesu Krestu. Asenokufundela usapho iincwadi zawo zembalelwano kwaye azinike loo malungu abhale ngawo. Kutheni kubalulekile ukuba siqonde ukuba ubomi bethu “buziincwadi zikaKrestu”?

2 AbaseKorinte 5:6–7.Kuthetha ukuthini “ukuhamba ngokholo, hayi ngokubona”? Yintoni esiyenzayo ukubonakalisa ukuba siyakholelwa kuMsindisi nangona singamboni Yena?

2 AbaseKorinte 5:17.Ingaba usapho lwakho lungacinga okanye lufumane imizekelo yezinto ngokwendalo ezigqitha kutshintsho olumangazayo ukuze zibe zizidalwa ezitsha? (bona umfanekiso osekupheleni kwesi sishwankathelo). Ivangeli kaYesu Krestu ingasitshintsha kanjani?

2 AbaseKorinte 6:1–10.Ngokuphuma kwa-2 AbaseKorinte 6:1–10, kuthetha ukuthini ukuba “ngabalungiseleli bakaThixo”? (umqolo 4). Zeziphi iimpawu umlungiseleli kaThixo anazo?

2 AbaseKorinte 6:14–18.Singayilandela kanjani ingcebiso kaPawulos yokokuba “phumani phakathi kwabo [bangcolileyo], nizahlule,” xeshikweni sithanda abo basingqongileyo?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Yabelana ngezifundo ezinenjongo. Ezinye iingqiqo zevangeli, ezifana neNtlawulelo, kungabanzima ukuziqonda. Cinga ngokusebenzisa imifanekiso okanye izinto ezinganceda usapho lwakho luqonde imigaqo eniyifumanisa kwizibhalo ezingcwele.

Umfanekiso
umbungu, iqombolokosha, nebhabhathane

Xa siguqukele kwivangeli kaKrestu, utshintsho lwethu luba nzulu kangangokuba uPawulos waluchaza njengokufana nokuba “sisidalwa esitsha” (2 AbaseKorinte 5:17).

Shicilela